AmaPhupha
Ingcaciso: Ziingcingane okanye yimifanekiso-ngqondweni yomntu ngoxa esebuthongweni. IBhayibhile ibhekisela kumaphupha angokwemvelo, amaphupha avela kuThixo nakumaphupha abandakanya ukuvumisa.—Yobhi 20:8; Num. 12:6; Zek. 10:2.
Ngaba amaphupha anentsingiselo ekhethekileyo kumhla wethu?
Bafunde ntoni abaphengululi ngamaphupha?
IThe World Book Encyclopedia (1984, Umqu. 5, iphe. 279) ithi: “Bonke abantu bayaphupha. Uninzi lwabantu abakhulu luphupha malunga nemizuzu eli-100 ebudeni beeyure ezisibhozo zobuthongo.” Ke amaphupha angamava aqhelekileyo abantu.
UGqr. Allan Hobson, weSikolo Sezamayeza SaseHarvard, wathi: “Zizinto ezikhuthazayo nezingaqondakaliyo ezinokucaciswa nangayiphi na indlela ebikhethwe ligqirha. Kodwa ukutyhilwa kwawo kuxhomekeke kophuphileyo—kungekhona ephupheni ngokwalo.” Xa wawubika oku, umhlathi we-“Science Times” weThe New York Times wahlomela oku: “Kwiziko eliwaxabise gqitha amaphupha, zininzi iindlela zokuphanda ngesigidimi solwazi olungokwengqondo ngephupha, nganye ibonisa iimbono ezingafaniyo eziziingcamango. Umxhasi kaFreud uya kufumana olunye uhlobo lwentsingiselo ephupheni, ngoxa umxhasi kaJung esiya kufumana enye, yaye ugqirha oneembono zeGestalt usaya kufumana eyahluke mpela. . . . Kodwa imbono yokuba amaphupha anentsingiselo engokwengqondo ihlaselwe gqitha zizazinzulu zemithambo-luvo.”—Julayi 10, 1984, iphe. C12.
Ngaba amaphupha abonakala edlulisa ulwazi olukhethekileyo anokuvela kumthombo ongenguye uThixo?
Yer. 29:8, 9: “Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, . . . ukuthi, Mabanganilukuhli abaprofeti benu abaphakathi kwenu, kwanabavumisi benu, ningawaphulaphuli amaphupha enu eniwaphuphayo. Ngokuba baniprofetela ubuxoki egameni lam; andibathumanga; utsho uYehova.”
IHarper’s Bible Dictionary isazisa oku: “AmaBhabhiloni ayekholose ngamaphupha kangangokuba ngobusuku obandulela ukwenziwa kwezigqibo ezibalulekileyo ayelalisa ezitempileni, enethemba lokufumana icebiso. AmaGrike awayenqwenela ukufundisa ngempilo ayelalisa kwizindlu ezingcwele zikaAesculapius [omfuziselo wakhe wawuyinyoka] namaRoma elalisa ezitempileni zikaSerapis [maxa wambi owayenxulunyaniswa nenyoka eyenze isazinge]. AmaYiputa alungiselela iincwadi ezineenkcukacha zokutyhila amaphupha.”—(New York, 1961), Madeleine Miller noJ. Lane Miller, iphe. 141.
Kumaxesha adluleyo, uThixo wayesebenzisa amaphupha ukunikela izilumkiso, uyalelo nesiprofeto, kodwa ngaba usabakhokela ngaloo ndlela abantu bakhe ngoku?
Iimbekiselo ezingokuvela kwamaphupha anjalo kuThixo zifumaneka kuMateyu 2:13, 19, 20; kweyoku-1 yooKumkani 3:5; kwiGenesis 40:1-8.
Heb. 1:1: “UThixo wayethethile nje kudala ngeendawo ezininzi, nangeendlela ezininzi [eziquka amaphupha], koobawo ngabo abaprofeti, uthethe ngale mihla yokugqibela kuthi ngoNyana [uYesu Kristu, omfundiso zakhe zibhalwe eBhayibhileni].”
1 Kor. 13:8: “Nokuba ke ziziprofeto [yaye ngamathub’ athile uThixo wadlulisela ngamaphupha iziprofeto kubakhonzi bakhe], ziya kubhangiswa.”
2 Tim. 3:16, 17: “Sonke isibhalo, siphefumlelwe nguThixo nje, sikwancedela ukufundisa, . . . ukuze umntu kaThixo afaneleke, exhobele wonke umsebenzi olungileyo.”
1 Tim. 4:1: “Ke kaloku uMoya uthi ngokucacileyo inxenye iya kumka elukholweni, ngamaxesha asemva, inyamekele oomoya abalahlekisayo [maxa wambi abadluliswa ngamaphupha], neemfundiso zeedemon.”