‘Ukulungiselela Abendlu Kabani’—Ukujamelana Nocelomngeni Kumazwe Asakhasayo
“NGOKUQINISEKILEYO ukuba nabani na akabalungiseleli abo bangabakhe, yaye ngokukodwa abo bangamalungu endlu yakhe, ulukhanyele ukholo kwaye mbi ngakumbi kunomntu ongenalo ukholo.” Watsho njalo umpostile uPawulos. (1 Timoti 5:8) Ngoxa ubunzima bokukhulisa intsapho buye banda kumazwe afumileyo, ukuyikhulisa kumazwe asakhasayo kudla ngokubangela ucelomngeni olukhulu ngakumbi.
Ngokomzekelo, kubantu abaninzi eAfrika, ukuba neengxaki zemali kuyinto nje eqhelekileyo. Imisebenzi inqabile yaye ukuba iyafumaneka, kusenokufuneka indoda nomfazi basebenzele nje ukuba balale betyile. Iintloko-ntsapho kusenokufuneka zihambe imigama emide zifuna umsebenzi, zishiya amaqabane nabantwana bazo bodwa kangangeenyanga—okanye iminyaka. Kusenokuba nzima kwanokufumana iindawo ezifanelekileyo zokuhlala. Iintsapho ezininzi eAfrika zinkulu; iindawo ezihlala kuzo zidla ngokuba ncinane, yaye azinazo nezinto eziyimfuneko ngokusisiseko. Impilo yazo isoloko inkenenkene.
Ukongezelela, amasiko asekuhlaleni, izithethe zakudala neembono ezithandwayo zisenokuphikisana nomoya weLizwi likaThixo, iBhayibhile. Khawucinge ngesimo sengqondo esesameleyo abanye abanaso ngomtshato nabantwana. Ezinye iintloko-ntsapho zithi imbopheleleko yazo kukuhlawula kuphela irente nemali enyanzeliswayo yesikolo. Abafazi bazo—maxa wambi kwanabantwana bazo abadadlana—basala nomsebenzi wokulungiselela izinto ezisisiseko njengokutya nempahla.
Ngaphezu koko, wambi amadoda athi “imali yam yeyam, kanti neyakho ikwayeyam.” Oku kudla ngokuvus’ umnyele kubafazi abasebenzayo. Elinye ibhinqa laseTanzania lakhalaza lathi: “Imali ichithelwa etywaleni, asikhothi naphantsi thina nabantwana. Sisebenza sonke side sisebenze nangaphezulu, kodwa uyayithabatha yonke imali asixelele ukuba yimali yakhe—uyisebenzele.”
Noko ke, amaKristu, aligqala njengelibalulekileyo iLizwi likaThixo kunezithethe zasekuhlaleni okanye ingcamango ethandwayo. IBhayibhile inikela ulwalathiso oluluncedo ngombandela wokunyamekela intsapho kabani. Ngokomzekelo, ithi “abantwana bafanele bangaqwebeli abazali babo, kodwa abazali bafanele baqwebele abantwana babo.” (2 Korinte 12:14) Ngoko ke, amadoda oyik’ uThixo anako ukusebenza akathi ngenxa yobuvila ayiyekele kubafazi bawo okanye abantwana abadadlana imbopheleleko yokulungiselela intsapho ukutya nempahla; leyo yimbopheleleko yentloko-ntsapho.—1 Korinte 11:3.
Liyinyaniso elokuba, umvuzo wendoda usenokunganeli ukunyamekela zonke izinto ezifunwa yintsapho yayo. Kodwa ukuba umfazi wayo unemali ayizuzayo, indoda engumKristu ayinakucatshukiswa koko. Kunoko, iya kumphatha ‘njengedlelane’ elihloniphekileyo. (Malaki 2:14) Ngaloo ndlela, ayinakuthi ngokungenaluvelwano ithabathe imali ayisebenzele nzima ize iyidyiwaze ingamcingeli nokuba uvakalelwa njani na ngaloo nto. Kunoko, ikunye nomfazi wayo ‘bayacebisana’ baze bafumanise indlela efanelekileyo abangayisebenzisa ngayo imali yabo khon’ ukuze kungenelwe intsapho yonke. (IMizekeliso 13:10) Ukuba kunokwenzeka, indoda inokude imnike umfazi wayo inkululeko yokusebenzisa imali, efanayo naleyo yayifunyanwa ‘ngumfazi onesidima’ ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile. (IMizekeliso 31:10, 11, 16) Ukulandela isiluleko seBhayibhile kwimibandela elolo hlobo kukhuthaza ulonwabo lwentsapho nolwaneliseko.
Ukujamelana Nocelomngeni Lokungaqeshwa
Khawucinge ngengxaki yokungaqeshwa. Xa imisebenzi inqabile yaye nomvuzo uphantsi, iintloko-ntsapho ezininzi zaseAfrika ziye zifune umsebenzi kude namakhaya azo—emigodini, kwimizi-mveliso, ezifama nakwiindawo apho kulinywa amahlathi. Ukuba indoda engumKristu ikule meko, isenokuzifumana ikude kwamanye amaKristu yaye ichanabeke kunxulumano olubi gqitha. (IMizekeliso 18:1; 1 Korinte 15:33) Ngoxa intsapho yayo isenokwenza umgudu wokuziqhelanisa nemeko, isenokutsala nzima kuba kungekho tata ekhaya wokukhokela kwizinto zokomoya okanye ukuyixhasa ngokweemvakalelo. Into eyimpoxo kukuba, ukungabikho ixesha elide kusenokubangela kwale nto bekumele kuyithintele—iingxaki zemali.
Omnye umama uthi: “Umyeni wam waya kumba igolide. Wayecebe ukuba uza kubuya emva kwenyanga okanye ukuba zazinokuba ninzi zazingaba mbini. Zaphela sele zingunyaka! Ndandisele nabantwana abathandathu ukuba ndibanyamekele. Ngaphezu koko kwakumele ndihlawule irente. Ekubeni impilo yam yayinkenenkene, ndandimele ndihlawule amatyala esibhedlele. Sasifuna iimpahla yaye sasimele sitye yonke imihla. Ndandingasebenzi. Kwakunzima. Eyona nto yayinzima yayikukunyamekela abantwana ngokomoya—isifundo sentsapho, iintlanganiso nomsebenzi wokushumayela. Ngenxa yenkxaso kaYehova ngandlel’ ithile sakwazi ukuzenza ezo zinto.”
Kwanabanye oomama baye bakubona kunyanzelekile ukuba bazishiye ngasemva iintsapho zabo ithuba elide ukuze basebenze. Bambi baziphilisa ngokuhamba bethengisa yaye abafane bafumaneke emakhaya. Ngaloo ndlela abantwana abadadlana kufuneka baphumeze indima yobuzali baze balungiselele izidlo, benze imisebenzi yendlu yaye baqeqeshe nabantakwabo abancinane. Izinto zokomoya ziyasilela. Ewe, ubunzima entsatsheni bunokuba bukhulu gqitha!
Kambe ke, xa imeko yezoqoqosho ngokwenene imbi, umzali usenokungabi nayo enye indlela yokulungiselela intsapho yakhe ngaphandle kokuya kufuna umsebenzi kude. Kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile oonyana bakaYakobi kuyabonakala ukuba kwafuneka bazishiye ngasemva iintsapho zabo ukuze baye kunkinkqa eYiputa. (Genesis 42:1-5) Ngoko xa kuvela imeko efanayo namhlanje, iintloko-ntsapho zimele zithelekise iingenelo zezinto eziphathekayo ezifumaneka kumsebenzi okude nokwenzakala ngokomoya nangokweemvakalelo okunokubangelwa kukwahlukana ithuba elide. Iintsapho ezininzi zikhetha ukunyamezela ingxaki yezoqoqosho kunokuba zahlukane ithuba elide. Zinikela ingqalelo kumazwi kaPawulos afumaneka kweyoku-1 kuTimoti 6:8: “Sinesixhaso nesambatho, siya kwaneliswa zezi zinto.”—Thelekisa IMizekeliso 15:17.
Amaxesha amaninzi kunokusetyenziswa ezinye iindlela kunokuhamba. Ngokuthabatha amanyathelo baze babonise ubuchule, bambi baye baziqesha ngokwenza iinkonzo eziluncedo.a (Thelekisa IMizekeliso 31:24.) Okanye kusenokufuneka wamkele imisebenzi engabalulekanga abanye abayijonga njengemisebenzi ephantsi. (Efese 4:28) Umpostile uPawulos ‘wayebulaleka yaye exhamleka ubusuku nemini’ ephepha ukuba luxanduva ngokwasemalini kwabanye. (2 Tesalonika 3:8) Amadoda angamaKristu namhlanje anokulandela kwaloo mzekelo.
Iingxaki Zemfundo
Enye ingxaki ibandakanya imfundo. Kweminye imimandla esesemva, kuyinto eqhelekileyo ngabazali ukuthumela abantwana babo bayokuhlala nezalamane kangangethuba elide ukuze bafumane imfundo efanelekileyo. Ekubeni bohluliwe kubazali babo, abo bantwana badla ngokufumana ubunzima bokuya kwiintlanganiso okanye ukuba nenxaxheba kubulungiseleli basentsimini. Ngenxa yokungafumani uqeqesho olufanelekileyo, kulula ukuba babe ngamaxhoba onxulumano olubi. Ngenxa yoko, abaninzi baye bayishiya indlela yokuphila yobuKristu.
Alithandabuzeki elokuba imfundo yehlabathi ineengenelo zayo. Kodwa iBhayibhile ibeka imfundo yokomoya kweyona ndawo iphambili, yaye uThixo unike abazali imbopheleleko yokulungiselela imfundo elolo hlobo. (Duteronomi 11:18, 19; IMizekeliso 3:13, 14) Noko ke, ukuthumela umntwana kude kangangethuba elide, kunokuyigalel’ amanzi imigudu yomzali yokumkhulisela “kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.”—Efese 6:4.b
Xa imfundo yasekuhlaleni ibonakala isikelwe umda, abazali kusenokufuneka bazifundisele abantwana babo ubugcisa obusisiseko. ‘UMyaleli wethu Ozukileyo,’ uYehova unoncedo asinike lona. (Isaya 30:20) Amabandla amaNgqina kaYehova asekuhlaleni enza amalungiselelo aliqela emfundo. Amabandla amaninzi aqhuba iiklasi zokufundisa ubuchule bokufunda nokubhala. Ngokufanayo iSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo sililungiselelo eliluncedo elinokuphucula ubuchule bomntwana bokufunda nokuthetha ngokucacileyo.
Imbono Elungeleleneyo Yokuba Nabantwana
Ukulungiselela abantwana kunokuba nzima kakhulu xa bebaninzi. Abazali baseAfrika badla ngokuthi bayabathanda abantwana; yiloo nto, besiba nabantwana abaninzi! Nangona abantwana besenokujongwa njengomthombo wokungenisa imali, abazali abaninzi abakwazi ukubalungiselela ngokufanelekileyo abantwana abaninzi.
Kambe ke, iBhayibhile ithi “ilifa likaYehova ngoonyana.” (INdumiso 127:3) Noko ke, phawula ukuba, loo mazwi abhalwa ebudeni bamathuba apho iimeko zazintle kwaSirayeli. Kamva, indlala nemfazwe zakwenza kwanzima kakhulu ukukhulisa abantwana. (IZililo 2:11, 20; 4:10) Ngenxa yobunzima obesameleyo kumazwe amaninzi asakhasayo, amaKristu anembopheleleko afanele acinge nzulu ngenani labantwana anokukwazi ukubondla, abanxibise, abanike ikhusi yaye abaqeqeshe. Zakuba zizibalile iindleko, izibini ezininzi ziye zasityeshela isithethe zaza zaliqingqa inani labantwana ezibafunayo.c—Thelekisa uLuka 14:28.
Ngokucacileyo, la ‘ngamaxesha amanqam ekunzima ukuqhubana nawo.’ (2 Timoti 3:1-5) Njengokuba le nkqubo yezinto ifikelela kuvuthondaba lwesiphelo sayo esingenakuguqulwa, akuthandabuzeki ukuba iingcinezelo kwiintsapho ezikumazwe asakhasayo ziya kwanda. Sekunjalo, ngokunamathela ngokusondeleyo kwimigaqo yeLizwi likaThixo, iintloko-ntsapho zingakwazi ukuzinyamekela ngokuphumelelayo iimfuno zokwenyama nezokomoya zeentsapho zazo, kuba uYehova wenza esi sithembiso kwabo bamkhonza ngokunyaniseka: “Andiyi kuze nangayiphi na indlela ndikushiye.” (Hebhere 13:5) Ewe, kwanakumazwe ahlwempuzekileyo, amaKristu anokuphumelela ekujamelaneni nocelomngeni lokulungiselela abendlu yawo!
[Imibhalo esemazantsi]
a Bona inqaku elithi “Ukuyila Imisebenzi Kumazwe Asakhasayo” kwinkupho kalindixesha wethu oliqabane nalo, uVukani! kaNovemba 8, 1994.
b Ukuze ufumane iinkcukacha ezingakumbi, bona “Imibuzo Evela Kubafundi” kwiMboniselo kaFebruwari 15, 1983.
c Inkcazelo eluncedo yanikelwa kungcelele lwamanqaku awayesithi “Ucwangciso-ntsapho—Luba Ngumbandela Wazwenibanzi,” awapapashwa kuVukani! kaMatshi 8, 1993.