IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w96 11/1 iphe. 7-12
  • Khangela KuYehova Ukuze Ufumane Intuthuzelo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Khangela KuYehova Ukuze Ufumane Intuthuzelo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuzaliseka Kwedinga Lentuthuzelo
  • Umntu Omkhulu Ngakumbi KunoNowa
  • Indawo Esinokufumana Kuyo Intuthuzelo
  • Ngamaxesha Ezilingo Eziqatha
  • Inokufunyanwa Phi Intuthuzelo Yokwenene?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • ‘Thuthuzela Bonke Abazilileyo’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Indlela Asithuthuzela Ngayo UThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2016
  • Thuthuzelwa Ngamandla KaYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
w96 11/1 iphe. 7-12

Khangela KuYehova Ukuze Ufumane Intuthuzelo

“Ngamana ke uThixo onika unyamezelo nentuthuzelo anganinika ukuba phakathi kwenu nibe nesimo sengqondo esifanayo neso wayenaso uKristu Yesu.”—ROMA 15:5.

1. Kutheni usuku ngalunye lushiya abaninzi befuna intuthuzelo?

SUKU ngalunye oludlulayo lushiya abaninzi befuna intuthuzelo. Njengoko umbhali weBhayibhile waphawulayo kwiminyaka engaphezu kwe-1 900 eyadlulayo, “yonke indalo ihleli igcuma kunye kwaye isentlungwini kunye de kube ngoku.” (Roma 8:22) Namhlanje ‘ukugcuma neentlungu’ ziye zanda ngendlela engazange ibonwe. Ukususela ngeMfazwe Yehlabathi I, uluntu beluthwaxwa ngamaxesha amanqam anjengeemfazwe, ulwaphulo-mthetho neentlekele zokwemvelo ngokufuthi ezibangelwa kukuphathwa kakubi komhlaba ngabantu.—ISityhilelo 11:18.

2. (a) Ngubani obekek’ ityala ngokuyintloko ngeengxaki zoluntu? (b) Sisiphi isibakala esisinika intuthuzelo?

2 Yintoni ebangele ukubandezeleka okungaka namhlanje? Ichaza ngokugxothwa kukaSathana ezulwini emva kokuzalwa koBukumkani ngowe-1914, iBhayibhile iyaphendula: “Yeha kuwo umhlaba nakulo ulwandle, ngenxa yokuba uMtyholi uhlile weza kuni, enomsindo omkhulu, esazi ukuba unesihlandlo esifutshane sexesha.” (ISityhilelo 12:12) Ubungqina obucacileyo bokuzaliseka kweso siprofeto buthetha ukuba isiphelo solawulo olungendawo lukaSathana sisemnyango. Hayi indlela ekuthuthuzela ngayo ukwazi ukuba kungekudala ubomi balapha emhlabeni buza kubuyela kwimeko yoxolo eyayikho ngaphambi kokuba uSathana enze abazali bethu bokuqala bavukele!

3. Kwakunini apho uluntu lwalungayifuni nganto intuthuzelo?

3 Ekuqaleni, uMdali womntu walungiselela umyezo omhle njengekhaya lesibini sokuqala esingabantu. Wawumi kummandla owawubizwa ngokuba yiEden, okuthetha ukuthi “Uyolo” okanye “Ubumnandi.” (Genesis 2:8, umbhalo osemazantsi weNW) Ngaphezu koko, uAdam noEva babesempilweni egqibeleleyo, benethemba lokungaze bafe. Cinga nje ngendlela ababenokubuphucula ngayo ubuchule babo—ekulimeni, kubugcisa, ukwakha, umculo. Kwakhona, cinga ngazo zonke izidalwa engebabefunde ngazo njengoko bephumeza uthumo lwabo lokoyisa umhlaba baze bawenze iparadisi. (Genesis 1:28) Ngenene, ubomi buka-Adam noEva ngebabuzele lulonwabo noyolo, kungekhona ukugcuma neentlungu. Kucacile ukuba ngebabengazange bayifune nganto intuthuzelo.

4, 5. (a) Kwakutheni ukuze uAdam noEva bangaluphumeleli uvavanyo lwentobelo? (b) Kwenzeka njani ukuze uluntu kufuneke lufumane intuthuzelo?

4 Noko ke, into ekwakufuneka uAdam noEva bayenze, yayikukuhlakulela uthando noxabiso olunzulu ngoBawo wabo onobubele wasezulwini. Olo thando ngelwalubashukumisele ekubeni bamthobele uThixo phantsi kwazo naziphi na iimeko. (Thelekisa uYohane 14:31.) Okulusizi kukuba bobabini abazali bethu bokuqala abazange bamthobele uYehova, onelungelo lokuba nguMongami wabo. Kunoko, bakhetha ukuzithoba ngaphantsi kolawulo olungendawo lwengelosi enesono, uSathana uMtyholi. NguSathana owahenda uEva ukuba enze isono aze atye kwisiqhamo awayesalelwe. Emva koko uAdam wona xa naye watya kwisiqhamo somthi awayebalumkise ngokucacileyo ngawo uThixo esithi: “Mhlana uthe wawudla, uya kufa.”—Genesis 2:17.

5 Ngaloo ndlela, isibini esinesono saqalisa ukufa. Xa wayedlulisela isigwebo sokufa, uThixo wathetha nala mazwi kuAdam: “Uqalekisiwe umhlaba ngenxa yakho; uya kudla kuwo ubulaleka, yonke imihla yobomi bakho. Uya kukuntshulela imithana enameva neenkunzane, udle umfuno wasendle.” (Genesis 3:17, 18) Ngaloo ndlela uAdam noEva baphulukana nethemba lokwenza umhlaba ube yiparadisi. Bakuba begxothiwe e-Eden, kwafuneka basebenze nzima befuna ukutya kumhlaba oqalekisiweyo. Yakuba inzala yabo isizuze njengelifa isono nemeko yokufa, yayifuna ngokwenene intuthuzelo.—Roma 5:12.

Ukuzaliseka Kwedinga Lentuthuzelo

6. (a) Liliphi idinga elithuthuzelayo elenziwa nguThixo emva kokuwela koluntu esonweni? (b) Sisiphi isiprofeto esiphathelele intuthuzelo esavakaliswa nguLameki?

6 Xa wayewisa isigwebo somphembeleli wemvukelo yomntu, uYehova wazingqina ‘enguThixo onika intuthuzelo.’ (Roma 15:5) Wenjenjalo ngokuthembisa ‘ngembewu’ eyayiya kuhlangula inzala ka-Adam kwimiphumo eyintlekele yemvukelo ka-Adam. (Genesis 3:15) Ekuhambeni kwexesha, uThixo wenza abantu banomfanekiso-ngqondweni woko kuhlangulwa. Ngokomzekelo, waphefumlela uLameki, umzukulwana ka-Adam ngonyana wakhe uSete, ukuba aprofete ngento eyayiya kwenziwa ngunyana wakhe: “Lo uya kusithuthuzela emsebenzini wethu, nasekubulalekeni kwezandla zethu, ngenxa yomhlaba awawuqalekisayo uYehova.” (Genesis 5:29) Ngokuvisisana nesi sithembiso, loo nkwenkwe yabizwa ngokuba nguNowa, gama elo ekuthiwa lithetha “Ukuphumla” okanye “Ukuxolisa.”

7, 8. (a) Yiyiphi imeko eyakhokelela ekubeni uYehova abe buhlungu ngokudala kwakhe umntu, yaye wayenenjongo yokwenza ntoni ngenxa yoko? (b) UNowa waphila njani ngokuvisisana negama lakhe?

7 Ngelo xesha, uSathana wayeziqwebela abalandeli phakathi kwezinye iingelosi zasezulwini. Zazambathisa imizimba yenyama zaza zazithabathela amabhinqa amahle awayeyinzala ka-Adam njengabafazi. Loo maqhina angekho ngokwemvelo alonakalisa ibutho loluntu aza avelisa uhlanga lweeNgxilimbela ezingamoyikiyo uThixo, ezazalisa umhlaba ngogonyamelo. (Genesis 6:1, 2, 4, 11; Yude 6) “Wabona uThixo ukuba ububi babantu bandile ehlabathini . . . Wazohlwaya uYehova, ngokuba emenzile umntu ehlabathini, kwaba buhlungu kuye entliziyweni.”—Genesis 6:5, 6.

8 UYehova wayenenjongo yokulitshabalalisa elo hlabathi lingendawo ngomkhukula womhlaba wonke, kodwa waqala wayalela uNowa ukuba akhe umkhombe wokusindisa ubomi. Ngaloo ndlela, abantu nezilwanyana ezahlukahlukeneyo zasinda. Hayi indlela amele ukuba waxola ngayo uNowa nentsapho yakhe emva koMkhukula njengoko babephuma emkhombeni yaye befumana umhlaba ucociwe! Hayi indlela ekumele ukuba kwakuthuthuzela ngayo ukufumanisa ukuba ukuqalekiswa komhlaba kwakuxolelwe, nto leyo eyenza kwalula ngakumbi ukulima! Ngenene, isiprofeto sikaLameki sangqineka sichanile, yaye uNowa waphila ngokuvisisana negama lakhe. (Genesis 8:21) Njengomkhonzi kaThixo othembekileyo, uNowa wasebenza njengesixhobo sokuzisa umlinganiselo othile ‘wentuthuzelo’ kuluntu. Noko ke, impembelelo engendawo kaSathana neengelosi zakhe eziziidemon ayizange iphele ngoMkhukula, yaye uluntu lusaqhubeka lugcuma ngaphantsi komthwalo wesono, ukugula nokufa.

Umntu Omkhulu Ngakumbi KunoNowa

9. UYesu Kristu uzingqine njani engumncedi nomthuthuzeli wabantu abaguqukileyo?

9 Ekugqibeleni, ekupheleni kweminyaka emalunga nama-4 000 embali yoluntu, iMbewu yesithembiso yafika. Eqhutywa luthando olunzulu ngoluntu, uYehova uThixo wathumela uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo emhlabeni ukuze afe njengentlawulelo yoluntu olunesono. (Yohane 3:16) UYesu Kristu ubenza bafumane isiqabu esikhulu aboni abaguqukayo ababonakalisa ukholo kukufa kwakhe okulidini. Bonke abahlulela ubomi babo kuYehova baze babe ngabafundi ababhaptiziweyo boNyana wakhe bafumana ukuhlaziyeka nentuthuzelo engapheliyo. (Mateyu 11:28-30; 16:24) Nangona bengafezekanga, bafumana uvuyo olunzulu ngokukhonza uThixo benesazela esicocekileyo. Hayi indlela ekubathuthuzela ngayo ukwazi ukuba ngokuqhubeka bebonakalisa ukholo kuYesu, baya kuvuzwa ngobomi obungunaphakade! (Yohane 3:36; Hebhere 5:9) Ukuba benza isono esinzulu ngenxa yobuthathaka, banomncedi, okanye umthuthuzeli, oyiNkosi evusiweyo uYesu Kristu. (1 Yohane 2:1, 2) Ngokusivuma isono esinjalo nangokuthabatha amanyathelo aseZibhalweni okuphepha ukuqhelisela isono, bafumana isiqabu, besazi ukuba ‘uThixo uthembekile yaye ulilungisa ukuba abaxolele isono sabo.’—1 Yohane 1:9; 3:6; IMizekeliso 28:13.

10. Sifunda ntoni kwimimangaliso eyenziwa nguYesu xa wayesemhlabeni?

10 Ngoxa wayesemhlabeni, uYesu wabangela ukuhlaziyeka ngokukhulula abaphethwe ziidemon, ngokuphilisa zonke iintlobo zokugula, nangokubabuyisela ebomini abafi abathandekayo. Liyinyaniso elokuba loo mimangaliso yayiyingenelo yokwexeshana, kuba kamva abo bafumana ezo ntsikelelo baluphala baza bafa. Sekunjalo, uYesu wayesalathisela ingqalelo kwiintsikelelo ezisisigxina awayeza kuzithululela kulo lonke uluntu kwixesha elizayo. Ngoku ekubeni enguKumkani wasezulwini onamandla, kungekudala uza kwenza okungakumbi kunokuzigxotha nje iidemon. Uya kuzifaka enzonzobileni nenkokeli yazo, uSathana, zibe kwimeko yokungasebenzi. Emva koko kuya kuqalisa uLawulo lukaKristu oluzukileyo Lweminyaka Eliwaka.—Luka 8:30, 31; ISityhilelo 20:1, 2, 6.

11. Kwakutheni ukuze uYesu azibize ngokuba ‘yiNkosi yesabatha’?

11 UYesu wathi ‘uyiNkosi yesabatha,’ yaye inkoliso yabantu wayeyiphilisa ngosuku lweSabatha. (Mateyu 12:8-13; Luka 13:14-17; Yohane 5:15, 16; 9:14) Sasiyintoni isizathu? ISabatha yayiyinxalenye yoMthetho kaThixo owawujoliswe kumaSirayeli yaye ngoko wawumi ‘njengesithunzi sezinto ezilungileyo eziza kuza.’ (Hebhere 10:1) Iintsuku zeveki ezintandathu zomsebenzi zisikhumbuza ngeminyaka edluleyo engama-6 000 yobukhoboka bomntu ngaphantsi kolawulo lukaSathana olucinezelayo. Usuku lweSabatha olusekupheleni kweveki lusenza sicinge ngentuthuzelo yokuphumla koluntu ebudeni boLawulo Lweminyaka Eliwaka lukaNowa Omkhulu, uYesu Kristu.—Thelekisa eyesi-2 kaPetros 3:8.

12. Yiyiphi intuthuzelo esinokukhangela phambili kuyo?

12 Esinjani sona isiqabu esiya kufunyanwa ngabalawulwa basemhlabeni bakaKristu, ekugqibeleni, baya kuzifumana bekhululeke ngokupheleleyo kulawulo lukaSathana olungendawo! Baya kufumana intuthuzelo engakumbi njengoko izigulo zabo zomzimba, zokweemvakalelo nezengqondo ziya kube ziphiliswa. (Isaya 65:17) Emva koko, cinga ngochulumanco abaya kuba nalo njengoko beqalisa ukwamkela abantu ababathandayo ababekade befile! Ngokwenza ezi zinto uThixo “uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni [abo].” (ISityhilelo 21:4) Njengoko iingenelo zedini lentlawulelo likaYesu Kristu ziya kube zithululwa ngokuthe ngcembe, abalawulwa abanentobelo boBukumkani bukaThixo baya kufikelela emfezekweni, bakhululeke ngokupheleleyo kuyo yonke imiphumo emibi yesono sika-Adam. (ISityhilelo 22:1-5) Emva koko uSathana uya kukhululwa “kangangethuba elincinane.” (ISityhilelo 20:3, 7) Bonke abantu abaluphakamisayo ulongamo lukaYehova njengolufanelekileyo baya kuvuzwa ngobomi obungunaphakade. Yiba nombono wovuyo nesiqabu esingathethekiyo ‘sokukhululwa ngokupheleleyo ekukhotyokisweni kukonakala.’! Ngoko abantu abathobelayo baya kunandipha ‘inkululeko ezukileyo yabantwana bakaThixo.’—Roma 8:21.

13. Kutheni onke amaKristu okwenyaniso eyifuna intuthuzelo enikelwa nguThixo?

13 Okwangoku, sisezizisulu zokugcuma neentlungu ezifunyanwa ngabo bonke abaphila kwinkqubo kaSathana engendawo. Ukwanda kwezigulo zasemzimbeni nezengqondo kuchaphazela zonke iindidi zabantu, kuquka amaKristu athembekileyo. (Filipi 2:25-27; 1 Tesalonika 5:14) Ukongezelela, njengamaKristu ngokufuthi siye sijamelane nokugculelwa nentshutshiso ephenjelelwa nguSathana kuba ‘sithobela uThixo njengomlawuli kunabantu.’ (IZenzo 5:29) Ngaloo ndlela, ukuba siza kuhlala sisenza ukuthanda kukaThixo side sifike isiphelo sehlabathi likaSathana, kufuneka sifumane intuthuzelo, uncedo namandla avela Kuye.

Indawo Esinokufumana Kuyo Intuthuzelo

14. (a) Sisiphi isithembiso esenziwa nguYesu ngobusuku bangaphambi kokufa kwakhe? (b) Yintoni eyimfuneko ukuze singenelwe ngokuzeleyo kwintuthuzelo yomoya oyingcwele kaThixo?

14 Ngobusuku bangaphambi kokufa kwakhe, uYesu wakwenza kwacaca kubapostile bakhe abathembekileyo ukuba kungekudala wayeza kubashiya aze abuyele kuYise. Oku kwabenza bakhathazeka yaye baba buhlungu. (Yohane 13:33, 36; 14:27-31) Eqonda ukuba bafuna intuthuzelo engakumbi, uYesu wabathembisa: “Ndiza kumcela uBawo ibe uya kuninika omnye umthuthuzeli wokuba kunye nani ngonaphakade.” (Yohane 14:16, umbhalo osemazantsi weNW) UYesu apha wayebhekisela kumoya oyingcwele kaThixo, owathululwa kubafundi bakhe emva kweentsuku ezingama-50 evusiwe.a Phakathi kwezinye izinto, umoya kaThixo wabathuthuzela ebudeni bezilingo ababejamelene nazo waza wabomeleza ukuze baqhubeke besenza ukuthanda kukaThixo. (IZenzo 4:31) Noko ke, olo ncedo alufanele lugqalwe njengento efumaneka ngamabona-ndenzile. Ukuze angenelwe ngokuzeleyo kulo, umKristu ngamnye umele aqhubeke ethandazela uncedo nentuthuzelo enikelwa nguThixo ngomoya wakhe oyingcwele.—Luka 11:13.

15. Ziziphi ezinye zeendlela uYehova asinika ngazo intuthuzelo?

15 Enye indlela uThixo anikela intuthuzelo ngayo kungokusebenzisa iLizwi lakhe, iBhayibhile. UPawulos wabhala: “Zonke izinto ezabhalwa kwixesha langaphambili zabhalelwa uyalelo lwethu, ukuze ngonyamezelo lwethu nangentuthuzelo yeZibhalo sibe nethemba.” (Roma 15:4) Oku kubonisa imfuneko yokuba sihlale sifundisisa yaye sicamngca ngezinto ezibhalwe eBhayibhileni nakwiimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni. Kwakhona kufuneka siye rhoqo kwiintlanganiso zamaKristu, apho kuthethwa amazwi athuthuzelayo aphuma eLizwini likaThixo. Enye yeenjongo eziphambili zeentlanganiso ezinjalo kukuba sikhuthazane.—Hebhere 10:25.

16. Amalungiselelo kaThixo entuthuzelo afanele asishukumisele ekwenzeni ntoni?

16 Ileta kaPawulos eya kwabaseRoma ihlabela mgama ichaza ngemiphumo emihle esiyifumanayo ngokusebenzisa amalungiselelo kaThixo entuthuzelo. UPawulos wabhala: “Ngamana ke uThixo onika unyamezelo nentuthuzelo anganinika ukuba phakathi kwenu nibe nesimo sengqondo esifanayo neso wayenaso uKristu Yesu, ukuze ngamxhelo mnye nimzukise ngamlomo mnye uThixo noYise weNkosi yethu uYesu Kristu.” (Roma 15:5, 6) Ewe, ngokuwasebenzisa ngokuzeleyo amalungiselelo kaThixo entuthuzelo, siya kufana neNkokeli yethu ekhaliphileyo, uYesu Kristu. Oku kuya kusishukumisela ekubeni siqhubeke simzukisa uThixo ngemilomo yethu kumsebenzi wethu wokunikela ubungqina, kwiintlanganiso zethu, kwiincoko zethu namanye amakholwa nasemithandazweni yethu.

Ngamaxesha Ezilingo Eziqatha

17. UYehova wamthuthuzela njani uNyana wakhe, yaye waba yintoni umphumo?

17 UYesu ‘wayekhathazeke gqitha’ yaye ‘ebuhlungu ngokunzulu’ ngobusuku bangaphambi kokufa kwakhe okungcungcuthekisayo. (Mateyu 26:37, 38) Ngoko wathi gu bucala kubafundi bakhe waza wacela uncedo kuYise ngomthandazo. “Waviwa ngokukholekileyo ngenxa yoloyiko lwakhe lobuthixo.” (Hebhere 5:7) IBhayibhile inikela ingxelo yokuba “ingelosi evela ezulwini yabonakala [kuYesu] yaza yamomeleza.” (Luka 22:43) Inkalipho nesibindi esabonakaliswa nguYesu xa wayejamelene nabo babemchasa sibonisa ukuba indlela uThixo awamthuthuzela ngayo uNyana wakhe yaba nempumelelo gqitha.—Yohane 18:3-8, 33-38.

18. (a) Liliphi ixesha elalizaliswe zizilingo kubomi bompostile uPawulos? (b) Sinokuba yintuthuzelo njani kubadala abazibhokoxayo nabanemfesane?

18 Nompostile uPawulos wajamelana nezilingo eziqatha. Ngokomzekelo, ubulungiseleli bakhe base-Efese babuzaliswe ‘ziinyembezi nezilingo ezamehlelayo ngamayelenqe amaYuda.’ (IZenzo 20:17-20) Ekugqibeleni, uPawulos wemka e-Efese emva kokuba abanquli bothixokazi uArtemis benze isaqunge kweso sixeko ngenxa yomsebenzi wakhe wokushumayela. (IZenzo 19:23-29; 20:1) Njengoko uPawulos wayesinge emantla kwisixeko saseTrowa, kwenzeka enye into eyamkhathaza gqitha. Ngaphambi kokuqhambuka kwesaqunge sase-Efese, wayefumene ingxelo eyamenza waphazamiseka. Ibandla elisakhasayo laseKorinte lalithwaxwa ziiyantlukwano, yaye lalinyamezela uhenyuzo. Ngoxa wayese-Efese, uPawulos walibhalela ileta eneziluleko eziqatha ukuze ayilungise loo meko. Kwakungelula kuye ukwenjenjalo. Kwileta yakhe yesibini wathi: “Ndanibhalela ndikwimbandezelo enkulu nokubandezeleka kwentliziyo ngeenyembezi ezininzi.” (2 Korinte 2:4) Ngokufanayo noPawulos, akukho lula ngabadala abanemfesane ukudlulisela iziluleko zokulungisa abanye nezohlwayo, phakathi kwezinye izinto ngenxa yokuba bayaqonda ukuba nabo banabo ubuthathaka. (Galati 6:1) Ngoko, ngamana singaba ngumthombo wentuthuzelo kwabo basikhokelayo ngokukhawuleza sizamkele iziluleko zabo zothando ezisekelwe eBhayibhileni.—Hebhere 13:17.

19. Kwakutheni ukuze uPawulos emke eTrowa aye eMakedoniya, yaye wade wasifumana njani isiqabu?

19 Ngoxa wayese-Efese, uPawulos akazange abhalele abazalwana baseKorinte kuphela kodwa wathumela noTito ukuze abancede, emyalela ukuba amnike ingxelo ngentsabelo yabo kuloo leta. UPawulos wayenethemba lokuba wayeza kudibana noTito eTrowa. Ngoxa wayelapho uPawulos wasikelelwa ngamathuba amahle okwenza abafundi. Kodwa oku akuzange kuliphelise ixhala awayenalo kuba uTito wayengade afike. (2 Korinte 2:12, 13) Ngoko wathabatha uhambo oluya eMakedoniya, ngethemba lokudibana noTito apho. Ixhala awayenalo uPawulos landa ngenxa yokuchaswa ngokukrakra kobulungiseleli bakhe. Uyachaza: “Xa safika kwelaseMakedoniya, inyama yethu ayizange ifumane kukhululeka, kodwa saqhubeka sixhwaleka ngandlela zonke—kwakukho imilo ngaphandle, ngaphakathi iluloyiko. Noko ke uThixo, obathuthuzelayo abo bathe loxe, wasithuthuzela ngobukho bukaTito.” (2 Korinte 7:5, 6) Esinjani isiqabu awasifumanayo xa uTito wade wafika ukuze axelele uPawulos ngendlela abasabela kakuhle ngayo abaseKorinte kwileta yakhe!

20. (a) Njengakwimeko kaPawulos, yiyiphi enye indlela ebalulekileyo asinika intuthuzelo ngayo uYehova? (b) Yintoni eza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo?

20 Amava kaPawulos ayintuthuzelo kubakhonzi bakaThixo banamhlanje, inkoliso yabo ekwajamelene nezilingo ezibenza ‘bathi loxe,’ okanye “badandatheke.” (Phillips) Ewe, ‘uThixo onikela intuthuzelo’ uyazazi iimfuno zethu ezahlukahlukeneyo yaye unokusisebenzisa ukuze sithuthuzelane, kanye njengokuba uPawulos wafumana intuthuzelo kwingxelo kaTito yokuguquka kwesimo sengqondo sabaseKorinte. (2 Korinte 7:11-13) Kwinqaku lethu elilandelayo, siza kuxubusha ngempendulo efudumeleyo kaPawulos eya kwabaseKorinte nendlela enokusinceda ngayo siyisebenzise ngokuzeleyo intuthuzelo enikelwa nguThixo namhlanje.

[Umbhalo osemazantsi]

a Enye yezinto ezibalaseleyo ezenziwa ngumoya kaThixo kumaKristu enkulungwane yokuqala yayikukuwathambisa njengoonyana bakaThixo bokomoya nabazalwana bakaYesu. (2 Korinte 1:21, 22) Oku kufunyanwa ngabafundi bakaKristu abali-144 000 kuphela. (ISityhilelo 14:1, 3) Namhlanje amanye amaKristu amaninzi aye enzelwa ububele bokunikwa ithemba lobomi obungunaphakade kumhlaba oyiparadisi. Nangona engathanjiswanga, nawo afumana uncedo nentuthuzelo yomoya oyingcwele kaThixo.

Ngaba Ungaphendula?

◻ Kwenzeka njani ukuba uluntu lufune intuthuzelo?

◻ UYesu ungqineke njani emkhulu ngakumbi kunoNowa?

◻ Kwakutheni ukuze uYesu azibize ngokuba ‘yiNkosi yesabatha’?

◻ UThixo uyinikela njani intuthuzelo namhlanje?

[Imaphu/Umfanekiso okwiphepha 10]

UPawulos wathuthuzelwa kakhulu yingxelo kaTito ephathelele abaseKorinte

IMAKEDONIYA

IFilipi

IGRISI

IKorinte

IASIYA

ITrowa

IEfese

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share