IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w97 2/15 iphe. 4-7
  • Xa Ukubandezeleka Kuya Kuba Yinto Yezolo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Xa Ukubandezeleka Kuya Kuba Yinto Yezolo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Kutheni Engazange Anyanzelise Ukuba Kwangoko Kwenziwe Ukuthanda Kwakhe?
  • Kutheni Engenzi Abantu Benze Okulungileyo?
  • Kuthekani Ngawo Onke Amaxhoba Amsulwa?
  • Intuthuzelo Yokwenene Kwabo Batsala Nzima?
  • ‘Ukubuyiselwa Kwezinto Zonke’
  • Ithini IBhayibhile?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2017
  • Intuthuzelo Kwabo Babandezelekileyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Kutheni UThixo Evumela Ukubandezeleka?
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
  • Umbuzo 3: Kutheni UThixo Endiyeka Ndibandezeleke?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
w97 2/15 iphe. 4-7

Xa Ukubandezeleka Kuya Kuba Yinto Yezolo

UKUBANDEZELEKA kwakungeyonxalenye yenjongo kaThixo yantlandlolo ngentsapho yoluntu. Akazange akucebe, engazange akufune. Usenokubuza: ‘Ukuba oko kunjalo, kwaqala njani, yaye kutheni uThixo ekuvumele kuqhubeke kude kube ngoku?’—Thelekisa uYakobi 1:13.

Impendulo ifumaneka kwingxelo yamandulo yembali yomntu, iBhayibhile, ngokukodwa kwincwadi yeGenesis. Ithi abazali bethu bokuqala, uAdam noEva, balandela uSathana uMtyholi kwimvukelo yakhe nxamnye noThixo. Izenzo zabo zaphakamisa iimbambano ezibalulekileyo ukuhlasela umthetho osisiseko wendalo nolungelelwano. Xa bazibanga benelungelo lokuzenzela izigqibo ngokulungileyo nokubi bacel’ umngeni ulongamo lukaThixo. Bathandabuza ilungelo lakhe lokulawula nelokuba ngokuphela konelungelo lokwahlukanisa ‘okulungileyo kokubi.’—Genesis 2:15-17; 3:1-5.

Kutheni Engazange Anyanzelise Ukuba Kwangoko Kwenziwe Ukuthanda Kwakhe?

Usenokubuza: ‘Ngoko, kutheni, uThixo engazange anyanzelise ukuba kwangoko kwenziwe ukuthanda kwakhe?’ Kwabaninzi, lo mbandela ubonakala ulula. ‘UThixo unamandla. Wayefanele awasebenzise ukubulala abo bavukeli,’ batsho njalo. (INdumiso 147:5) Kodwa zibuze oku, ‘Ngaba ndibaqhwabel’ izandla bonke abo basebenzisa igunya abanalo ukunyanzelisa ukuthanda kwabo? Ngaba ngokuzenzekelayo akundicaphukisi ukuba uzwilakhe usebenzisa umkhosi wokubulala ukushenxisa abo bazintshaba zakhe?’ Inkoliso yabantu abaqiqayo iyahlasimla kwinto enjalo.

Uthi: ‘Hayi suka, ukuba uThixo usebenzisa elo gunya, akukho mntu ebeya kuyiphikisa into ayenzayo.’ Ngaba uqinisekile? Aliyonyaniso na elokuba abantu bayayithandabuza indlela uThixo alisebenzisa ngayo igunya lakhe? Bafuna ukuqonda isizathu sokuba engalisebenzisi ngamaxesha athile, njengaxa evumela ubungendawo. Yaye bafuna ukuqonda isizathu sokuba alisebenzise ngamanye amaxesha. KwanoAbraham othembekileyo wayenengxaki ngendlela uThixo alisebenzisa ngayo igunya lakhe nxamnye neentshaba Zakhe. Khumbula xa uThixo wagqiba ekubeni atshabalalise iSodom. UAbraham ephazama wayenoloyiko lokuba abantu abalungileyo babeya kufa nababi. Wakhalaza esithi: “Makube lee kuwe ukwenza ngokwendawo enjalo ukubulala olilungisa kunye nongendawo.” (Genesis 18:25) Kwanabantu ababenesimo sengqondo esihle njengoAbraham babefuna isiqinisekiso sokuba igunya elipheleleyo lalingayi kusetyenziswa kakubi.

Kambe ke, uThixo wayenokubabulala ngoko nangoko uAdam, uEva noSathana. Kodwa khawucinge indlela oko okwakunokuzichaphazela ngayo ezinye iingelosi okanye izidalwa ezaziya kubakho, ezazisenokuthi kamva zikwazi oko wakwenzayo. Ngaba oku bekungayi kuzishiya zinemibuzo ezingisileyo ngolawulo lukaThixo? Eneneni, ngaba oko bekungayi kumtyhila uThixo, enguzwilakhe nolawula ngegqudu ngandlel’ ithile, njengoko uNietzsche emchaza njengoThixo okhohlakeleyo otshabalalisa bonke abo bachasene naye?

Kutheni Engenzi Abantu Benze Okulungileyo?

Bambi basenokubuza besithi: ‘Ngaba uThixo akanako ukubenza abantu benze okulungileyo?’ Ngoko, kwakhona cinga ngoku. Kuyo yonke imbali, oorhulumente baye bazama ukwenza abantu bavumelane nendlela abacinga ngayo. Bambi oorhulumente okanye abalawuli ngabanye baye basebenzisa iindlela ezithile ukulawula iingqondo zabantu, mhlawumbi ngokusebenzisa iziyobisi okanye utyando, bephanga amaxhoba abo isipho esingummangaliso sokuzikhethela. Ngaba asikuxabisi ukuba nenkululeko yokuzikhethela indlela yokuziphatha, enoba eso sipho sinokusetyenziswa kakubi? Ngaba siyabathemba nabaphi na oorhulumente okanye abalawuli abazama ukusihlutha oko?

Ngoko ke, yiyiphi enye indlela eyayikho uThixo awayenokulisebenzisa ngayo igunya ngokukhawuleza ukunyanzelisa umthetho? UYehova uThixo wagqiba kwelokuba eyona ndlela ifanelekileyo yokusingatha imvukelo kukunika abo bangayifuniyo imithetho yakhe ithuba elincinane lokuba bakhululeke kulawulo lwakhe. Oku bekuya kuvulela intsapho yoluntu, inzala ka-Adam noEva, ithuba elisikelwe umda lokuba izilawule ngaphandle kokuba phantsi kwemithetho kaThixo. Kwakutheni ukuze enze oku? Kungenxa yokuba wayesazi ukuba, ekuhambeni kwexesha, kwakuya kubakho ubungqina obuninzi obungenakuphikiswa, obubonisa ukuba indlela alawula ngayo isoloko ichanile yaye ibubulungisa, enoba usebenzisa igunya lakhe elingasikelwanga mda ukunyanzelisa ukuthanda kwakhe, yaye nayiphi na imvukelo nxamnye naye kungentsuku zatywala, yayiya kuphumela kwintlekele.—Duteronomi 32:4; Yobhi 34:10-12; Yeremiya 10:23.

Kuthekani Ngawo Onke Amaxhoba Amsulwa?

Usenokubuza: ‘Okwangoku, kuthekani ngawo onke amaxhoba amsulwa? Ngaba ngokwenene amele eve intlungu ukuze kungqineke okuthile ngokuphathelele umthetho?’ Ngoko, uThixo akavumelanga ukuba kubekho ububi kuba efuna ukungqinela umthetho othile ongacacanga. Ngokwahlukileyo koko, ufuna ukumisela okokugqibela inyaniso esisiseko yokuba nguye kuphela umongami yaye ukuthobela imithetho yakhe kunyanzelekile ukuze kuqhubeke kukho uxolo nolonwabo kuyo yonke indalo yakhe.

Enye into ebalulekileyo emele ibe sengqondweni kukuba uThixo uyazi ukuba unako ukuwuphelisa ngokupheleleyo wonke umonakalo onokuziswa bububi kwintsapho yoluntu. Uyazi ukuba kwixesha elizayo intlungu nokubandezeleka kokwexeshana ziya kuba nomphumo oyingenelo. Khawucinge nje ngomama ombambe wamqinisa umntwana wakhe ngoxa ugqirha emhlaba isitofu esibuhlungu esithintela isifo ebesiya kumbulala umntwana. Akukho mama othanda ukuba umntwana wakhe eve intlungu. Akakho ugqirha othanda ukuba umguli akhathazeke. Maxa wambi, umntwana akasiqondi isizathu sokuba ave intlungu, kodwa kamva uya kusiqonda isizathu sokuvunyelwa kwayo.

Intuthuzelo Yokwenene Kwabo Batsala Nzima?

Bambi basenokuvakalelwa kukuba ukwazi kuphela ezi zinto kusenokuba yintuthuzelo encinane kwabo babandezelekileyo. UHans Küng ubika ukuba ukuqiqiswa kwabo babandezelekileyo “akumncedi nakancinane lowo ubandezelekileyo kanye njengokuba kunjalo ngesifundo ngemichiza yokutya kumntu othwaxwa linxele likaKhetsekile.” Ubuza oku: “Ngaba ngokwenene ukubandezeleka kunokulukhuthaza uluntu, olubandezelekileyo?” Ngoko, konke “ukubandezeleka” komntu otyeshela iLizwi likaThixo, iBhayibhile, akukhange kube lukhuthazo kwabo babandezelekileyo. Uluntu olubandezeleke ngolo hlobo luye longezelela kuphela ingxaki ngokubonisa ukuba uThixo wenza umntu ukuba abandezeleke kwanokuba umhlaba wawenzela ukuba ube yintlambo yeenyembezi okanye indawo apho kuvavanywa khona abo baya kuthi ekugqibeleni bazuze ubomi ezulwini. Esinjani sona isinyeliso!

Sekunjalo, iBhayibhile inikela intuthuzelo yokwenene. Ayinikeli kuphela ingcaciso engaguquguqukiyo ngokubakho kokutsala nzima kodwa kwakhona yakha intembelo kwidinga likaThixo eliqinisekileyo lokuba uya kuphelisa wonke umonakalo obangelwe kukubandezeleka kokwexeshana.

‘Ukubuyiselwa Kwezinto Zonke’

Kungekudala ngoku uThixo uza kubuyisela zonke izinto kwindlela awayezimise ngayo ngaphambi kokuba izidalwa zakhe zokuqala ezingabantu zivukele. Ixesha lakhe alimiseleyo lokulawula komntu ngokuzimeleyo sele liza kuphela. Siphila kwixesha aya kuthumela “uYesu, lowo izulu, eneneni, limele limgcine kulo ngokwalo de kube ngamaxesha okubuyiselwa kwezinto zonke awathetha ngazo uThixo ngomlomo wabaprofeti bakhe abangcwele bexesha lakudala.”—IZenzo 3:20, 21.

Uza kwenza ntoni uYesu Kristu? Uza kuphelisa zonke iintshaba zikaThixo emhlabeni. (2 Tesalonika 1:6-10) Le asiyontshabalalo eyenziwa ngokukhawuleza, njengaleyo ebangelwa ngoozwilakhe abangabantu. Ubungqina obuyintabalala obudandalazisa imiphumo eyintlekele yokulawula kakubi komntu buya kubonisa ukuba uThixo unesizathu esipheleleyo sokusebenzisa igunya lakhe elingasikelwanga mda ukunyanzelisa ukuthanda kwakhe ngokukhawuleza. (ISityhilelo 11:17, 18) Ekuqaleni oku kuya kuthetha “imbandezelo” engazange yabonwa ngaphambili, efana kodwa enkulu ngakumbi kunaleyo yoMkhukula womhla kaNowa. (Mateyu 24:21, 29-31, 36-39) Abo basinda kule “mbandezelo enkulu” baya kufumana “amaxesha okuhlaziya” xa bebona ukuzaliseka kwamadinga awanikelwa nguThixo “ngemilomo yabaprofeti bakhe abangcwele.” (IZenzo 3:19; ISityhilelo 7:14-17) Yintoni aye wayithembisa uThixo?

Ngoko, abaprofeti bakaThixo bamandulo bathi kuya kuphela ukubandezeleka okubangelwa yimfazwe nokuphalala kwegazi. Ngokomzekelo, INdumiso 46:9 isixelela oku: “Ulophelisa iimfazwe kude kuse eziphelweni zehlabathi.” Akunakuphinda kubekho maxhoba amsulwa neembacu ezilusizi, abo badlwengulwayo, iziqhwala nababulawa kwiimfazwe zenkohlakalo! Umprofeti uIsaya uthi: “Uhlanga lungaphakamiseli uhlanga ikrele, nezizwe zingaphindi zifunde ukulwa.”—Isaya 2:4.

Kwakhona abaprofeti basixela kwangaphambili isiphelo sokubandezeleka okubangelwa lulwaphulo-mthetho nokungekho sikweni. IMizekeliso 2:21, 22 ithembisa ukuba “abathe tye baya kulima ilizwe” yaye abo babangela intlungu nokubandezeleka ‘baya kuncothulwa kulo.’ Akukho mntu ‘uya kugunyazela umntu kube kubi kuye.’ (INtshumayeli 8:9) Bonke abangendawo baya kushenxiswa ngonaphakade. (INdumiso 37:10, 38) Wonk’ umntu uya kuhlala eluxolweni yaye enqabisekile, ekhululekile kukubandezeleka.—Mika 4:4.

Ukongezelela, abaprofeti kwakhona bathembisa ukuba kuya kuphela ukubandezeleka okubangelwa ziziphene eziphazamisa umzimba neemvakalelo. (Isaya 33:24) UIsaya uthembisa ukuba abaziimfama, abazizithulu, abaziimbedlenge nabo bonke abo bakhathazwa kukugula nezifo baya kuphiliswa. (Isaya 35:5, 6) UThixo uya kuphelisa kwanemiphumo yokufa. UYesu waxela kwangaphambili ukuba “bonke abo bakumangcwaba enkumbulo balive ilizwi lakhe baze baphume.” (Yohane 5:28, 29) Kumbono wakhe ‘ongezulu elitsha nomhlaba omtsha,’ umpostile uYohane waxelelwa ukuba ‘UThixo ngokwakhe . . . uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni alo, yaye ukufa akusayi kubakho, kungayi kubakho nakukhedama nasikhalo nantlungu kwakhona.’ (ISityhilelo 21:1-4) Khawube nomfanekiso-ngqondweni woko! Akukho ntlungu, nyembezi, sikhalo nokufa—kungaphindi kubekho kubandezeleka!

Enoba zinjani iintlekele ezisenokuba zenzeke ebudeni bokunyamezela ububi okomzuzwana ziya kupheliswa. Kwaneenkumbulo zentlungu yoluntu nokubandezeleka—ezazingazange zibe yinjongo kaThixo—ziya kucinywa ngokupheleleyo. UIsaya waprofeta esithi: “Ngokuba zilityelwe iimbandezelo zangaphambili . . . Izinto zokuqala zingakhunjulwa.” (Isaya 65:16, 17) Injongo kaThixo yantlandlolo ngentsapho yoluntu olufezekileyo yokuba luphile eluxolweni ngokupheleleyo nakulonwabo kwiparadesi emhlabeni iya kuzaliseka ngokupheleleyo. (Isaya 45:18) Kuya kubakho intembelo epheleleyo kulongamo lwakhe. Elinjani ilungelo ekulilo ukuphila xa uThixo eya kuphelisa konke ukubandezeleka eluntwini, xa ebonisa ukuba akalohlobo “lomlawuli onguzwilakhe, ibhedengu, umkhohlisi, nombulali,” njengoko uNietzsche emtyhola ngaloo nto, kodwa kunoko usoloko enothando, enobulumko yaye elisebenzisa ngokusesikweni igunya lakhe elipheleleyo!

[Picture On Page 5]

BAMBI ABALAWULI BALAWULA INGQONDO, BEPHANGA AMAXHOBA ABO INKULULEKO YOKUZIKHETHELA

[Inkcazelo]

UPI/Bettmann

[Picture On Page 7]

Xa ukubandezeleka kungasekho, bonke baya kunandipha ubomi ngokupheleleyo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share