Imibuzo Evela Kubafundi
Ngaba kunokutshiwo ukuba indlela yakutshanje eliqondwa ngayo igama elithi ‘isizukulwana’ kuMateyu 24:34 ikhuthaza ingcamango yokuba isiphelo sale nkqubo yezinto sisenokubambezeleka kangangexesha elide?
Ngokuqinisekileyo akunjalo. Kunoko, indlela yakutshanje oqondwa ngayo lo mbandela ifanele isincede sihlale sisilindele ngokuzingisileyo isiphelo. Njani?
Kaloku, njengoko IMboniselo kaNovemba 1, 1995, yacacisayo, uYesu wasebenzisa eli binzana lithi “esi sizukulwana” kubantu abangendawo ababephila ngexesha lakhe. (Mateyu 11:7, 16-19; 12:39, 45; 17:14-17; IZenzo 2:5, 6, 14, 40) Ngenxa yoko, yayingeyonkcazelo yobude obumiselweyo bexesha eliqalisa ngomhla othile.
Eneneni, “Imibuzo Evela Kubafundi” yaloo nkupho yeMboniselo yanikela ingqalelo kwiingongoma ezimbini eziziintloko ezizezi: “Isizukulwana sabantu asinakujongwa njengexesha elineminyaka ethile emiselweyo,” ibe, “Ngokwentelekiso abantu besizukulwana esithile baphila ixesha elifutshane.”
Ngokufuthi igama elithi ‘isizukulwana’ silisebenzisa ngale ndlela. Ngokomzekelo, sisenokuthi, ‘Amajoni esizukulwana sikaNapoléon ayengazi nowathwethwa ngeenqwelo-moya zokulwa neebhombu zeathom.’ Ngaba besiya kuba sibhekisela kumajoni awazalwa ngonyaka omnye noNapoléon kuphela? Ngaba besiya kuba sibhekisela kumajoni aseFransi awafa ngaphambi kokufa kukaNapoléon? Kakade ke akunjalo; yaye ngokusebenzisa igama elithi ‘isizukulwana’ besingayi kuba sizama ukumisela inani elithile leminyaka. Noko ke, besiya kuba sibhekisela kwixesha elifutshane ngokwentelekiso, kungekhona amakhulu eminyaka ukususela kwixesha likaNapoléon ukusa phambili.
Oku kuyafana nendlela esikuqonda ngayo oko uYesu wakutshoyo kwisiprofeto sakhe kwiNtaba yeMinquma. Ukuzaliseka kweenkalo ezahlukeneyo zeso siprofeto kungqina ukuba isiphelo sale nkqubo yezinto sikufutshane. (Mateyu 24:32, 33) Khumbula ukuba ngokutsho kweSityhilelo 12:9, 10, xa kwakusekwa uBukumkani bukaThixo basezulwini ngowe-1914, uSathana waphoswa phantsi kummandla womhlaba. ISityhilelo songezelela sisithi ngoku uSathana uligqabi ngumsindo. Ngoba? Ngenxa yokuba “esazi ukuba unesihlandlo esifutshane sexesha.”—ISityhilelo 12:12.
Ngaloo ndlela kwafaneleka ukuba IMboniselo kaNovemba 1 ibe nomxholwana othi “Hlala Uphaphile!” Isiqendu esilandelayo ngokufanelekileyo sathi: “Akuyomfuneko ukuba sazi amaxesha athe ngqo okwenzeka kweziganeko. Kunoko, simele sigxininise kakhulu ekuhlaleni siphaphile, sihlakulela ukholo oluqinileyo, yaye sizigcine sixakekile enkonzweni kaYehova—kungekhona ekubaleni imihla.” Sandula ke sacaphula amazwi kaYesu athi: “Hlalani nikhangele, hlalani niphaphile, kuba anazi ukuba ixesha elimisiweyo linini na. Kodwa oko ndikutsho kuni ndikutsho kubo bonke, Hlalani nilindile.”—Marko 13:33, 37.