Benza Ukuthanda KukaYehova
Ubawo Okulungeleyo Ukuxolela
LIYE labizwa njengelona bali libalaseleyo lifutshane lakhe labhalwa—yaye ngesizathu esilungileyo. Umzekeliso kaYesu wothando lukabawo ngonyana wakhe olahlekileyo usibonisa indlela abajonga ngayo ngemfesane uThixo aboni abaguqukayo.
Ebelahlekile Waza Wafunyanwa
Indoda ethile yayinoonyana ababini. Omncinane wathi kuyo: ‘Ndifuna impahla ewela kwisabelo sam ngoku, ngaphandle kokukulinda de ufe.’ Lo bawo mhlawumbi emnika isahlulo sesithathu kuko konke awayenako—isabelo esisemthethweni sonyana omncinane kwaba babini. (Duteronomi 21:17) Lo usemtsha wasihlanganisa ngokukhawuleza isabelo sakhe waza wahambela kwilizwe elikude apho wayisebenzisa yonke imali yakhe ephila ubomi boburheletyo.—Luka 15:11-13.
Ngoko kwabakho indlala eqatha. Kungekho apho angabhenela khona, lo mfana wamkela umsebenzi wokuba ngumalusi weehagu—owona msebenzi udelekileyo kumYuda. (Levitikus 11:7, 8) Ukudla kwakunqabile kangangokuba waqalisa ukunqwenela iingxam zekarobhi ezazikukutya kweehagu! Ekugqibeleni, loo mfana wabuyela ezingqondweni. Ezicingela wathi ‘abaqeshwa bakabawo bondliwa bhetele kunam. Ndiya kusuka ndibuyele ekhaya, ndivume izono zam, ndicele ukuba ngomnye wabaqeshwa bakabawo.’a—Luka 15:14-19.
Lo mfana wahamba wabuyela ekhaya. Ngokungathandabuzekiyo inkangeleko yakhe yayiguquke ngokupheleleyo. Sekunjalo, uyise wamazi, “ngoxa wayesekude lee.” Ngenxa yemfesane, wabaleka waya kunyana wakhe, wawela entanyeni yakhe, yaye “wamanga ngofefe.”—Luka 15:20.
Oku kwamkelwa ngokufudumeleyo kwenza kwalula ngalo mfana ukuzityand’ igila. Wathi, “Bawo, ndonile nxamnye nezulu nanxamnye nawe. Andisafanele kubizwa ngokuba ndingunyana wakho. Ndenze ndibe njengomnye wabantu bakho abaqeshiweyo.” Uyise wathi kumakhoboka akhe: “Khawulezani! zisani umwunduzo, owona mhle, nize nimambese ngawo, yaye fakani umsesane esandleni sakhe neembadada ezinyaweni zakhe. Yaye zisani inkonyana eliyinkunzi etyetyisiweyo, nilixhele size sitye kwaye siziyolise, ngenxa yokuba lo nyana wam ebefile waza wabuyela ebomini kwakhona; ebelahlekile waza wafunyanwa.”—Luka 15:21-24.
Kwaqhubeka itheko elikhulu, liquka umculo kunye nomngqungqo. Unyana omkhulu weva lo wele-wele ngoxa wayevela emasimini. Xa weva ukuba umninawa wakhe wayebuyile yaye kwakubhiyozelwa yena, wacaphuka. Wakhalaza kuyise wathi: ‘Ndiye ndalikhoboka lakho iminyaka emininzi, yaye andizange nakanye ndinxaxhe kumyalelo wakho, ukanti mna akuzange nakanye undinike netakane eli ukuze ndiziyolise nabahlobo bam. Kodwa kamsinya nje ekubeni efikile lo nyana wakho owazidla wazigqiba izinto zakho zokuphila, umenzele umbhiyozo.’ Uyise ngobubele waphendula wathi: ‘Mntwana, ubusoloko ulapha kunye nam, yaye zonke izinto ezizezam zezakho. Kodwa besimele nje siziyolise, ngenxa yokuba umntakwenu ebefile waza wabuyela ebomini. Ebelahlekile waza wafunyanwa.’—Luka 15:25-32.
Isifundo Kuthi
Ubawo kumzekeliso kaYesu umela uThixo wethu onenceba uYehova. Njengonyana olahlekileyo, kangangexesha elithile bambi abantu baye bashiya ikhusi eliyindlu kaThixo baza kamva babuyela. Ubajonga njani uYehova abantu abanjalo? Abo babuyela kuYehova beguquke ngokwenene banokuqiniseka ukuba “akaphiki kuphele akawugcini umsindo ngonaphakade.” (INdumiso 103:9) Kumzekeliso, ubawo wabaleka ukuya kwamkela unyana wakhe. Ngokufanayo, uYehova akafuni nje kuphela kodwa uyakuvuyela ukubaxolela aboni abaguquka ngokwenene. “Ukulungele ukuxolela,” yaye ukwenza oko “ngokukhulu.”—INdumiso 86:5; Isaya 55:7; Zekariya 1:3.
Kumzekeliso kaYesu, uthando lokwenene lukabawo lwenza kwaba lula ngonyana ukuba nesibindi sokubuya. Kodwa khawucinge ngoku: Kwakuya kwenzeka ntoni ukuba lo bawo wayeyihlambile le nkwenkwe okanye ngomsindo ayixelele ukuba ingaphinde ibuye? Isimo sengqondo esinjalo kusenokuba sasiya kumphephetha lo mfana.—Thelekisa 2 Korinte 2:6, 7.
Ngoko, ngokusengqiqweni, lo bawo wambekela isiseko unyana wakhe sokubuya xa wayesimka. Maxa wambi, abadala abangamaKristu namhlanje bamele babasuse aboni abangaguqukiyo ebandleni. (1 Korinte 5:11, 13) Ngoxa besenjenjalo, basengaqalisa ukulungiselela indlela yokubuya komoni ngokuthi ngothando bachaze amanyathelo anokuwathabatha xa efuna ukubuyiselwa kwixesha elizayo. Ukukhumbula indlela abaye baphathwa ngayo ngovelwano abaninzi abaye balahleka ngokomoya, kamva iye yabaqhubela ekuthini babuyele kwikhusi likaThixo.—2 Timoti 4:2.
Kwakhona lo bawo wabonisa imfesane xa unyana wakhe wabuyayo. Akuzange kumthabathe xesha lide ukubona inguquko yokwenene yalo mfana. Ngoko, kunokuzixakekisa ngokugocagoca zonke iinkcukacha zokreqo lonyana wakhe, wayemaxhaphetshu ngombandela wokumamkela ibe wabonisa uvuyo olukhulu ekwenzeni oko. AmaKristu anokuwuxelisa lo mzekelo. Afanele avuye xa obelahlekile efunyenwe.—Luka 15:10.
Ukuziphatha kwalo bawo akushiyi mathandabuzo okuba wayekulangazelela ukubuya konyana wakhe owayelahlekile. Kambe ke, le yimbonakaliso encinane yolangazelelo uYehova analo ngabo bonke abathe bashiya indlu yakhe. “Akanqweneli ukuba kutshabalale nabani na kodwa unqwenela ukuba bonke bafikelele enguqukweni.” (2 Petros 3:9) Abo baguqukayo ezonweni zabo banokuqiniseka ukuba baya kusikelelwa ‘ngamaxesha okuhlaziya eza evela kuYehova ngenkqu.’—IZenzo 3:19.
[Imibhalo esemazantsi]
a Nakuba ikhoboka lalijongwa njengomnye wentsapho, umqeshwa wayengumsebenzi wosuku owayenokugxothwa nanini na. Lo mfana waqiqa ngelithi wayekulungele kwanokwamkela esona sikhundla siphantsi endlwini kayise.