IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w97 9/1 iphe. 4-7
  • Imivuzo Yokuhlonela Abazali Abakhulileyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imivuzo Yokuhlonela Abazali Abakhulileyo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukubaxhasa Ngezinto Eziphathekayo
  • Ukubaxhasa Ngokweemvakalelo
  • Ukubaxhasa Ngokomoya
  • Ihambo Entle Isondeza Abantu KuThixo
  • Kutheni Utatomkhulu Nomakhulu Bezokuhlala Nathi?
    Vukani!—1992
  • Ukubeka Abazali Bethu Abalupheleyo
    Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho
  • Kutheni Ndifanele Ndimazi Ngakumbi Umakhulu Notatomkhulu?
    Vukani!—2001
  • Ndinokusondelelana Njani Nomakhulu Notatomkhulu?
    Vukani!—2001
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
w97 9/1 iphe. 4-7

Imivuzo Yokuhlonela Abazali Abakhulileyo

ABANQULI bakaThixo bokwenene bayabahlonela, bababeke, baze babanyamekele abazali babo abakhulileyo ngenxa yokuba bayabathanda. Oko kuyinxalenye yonqulo lwabo. IBhayibhile ithi: “Aba [abantwana okanye abazukulwana] mabafunde kuqala ukuqhelisela uzinikelo lobuthixo kweyabo indlu nokuqhubeka bebahlawula imbuyekezo ebafaneleyo abazali noomawokhulu babo, kuba oku kwamkelekile emehlweni kaThixo.” (1 Timoti 5:4) Enoba uselula okanye ukhulile, kufanelekile ukunikela “imbuyekezo efanelekileyo” kubazali bethu nakoomawokhulu bethu. Ngale ndlela sibonisa uxabiso ngothando lwabo, ukuzibhokoxa kwabo, nokusinyamekela kwabo kangangeminyaka emininzi. Kaloku, ubomi bethu buxhomekeke ebazalini bethu!

Phawula ukuba ukuhlawula imbuyekezo efanelekileyo ebazalini nakoomawokhulu bethu “kwamkelekile emehlweni kaThixo.” Kunxulunyaniswa ‘nozinikelo lwethu lobuthixo.’ Ngaloo ndlela, ngokusisebenzisa esi siluleko, siyavuzwa, sisazi ukuba senza oko kumkholisayo uThixo. Oko kuyasivuyisa.

Kukho uvuyo ekupheni abanye, ngokungakumbi xa sinikela kwabo bebeye banikela kuthi. (IZenzo 20:35) Ngoko, onjani wona umvuzo okhoyo, ekwenzeni ngokuvisisana nomgaqo weBhayibhile othi: “Makavuye uyihlo nonyoko, agcobe umfazi owakuzalayo”!—IMizekeliso 23:25.

Sinokuyinikela njani imbuyekezo efanelekileyo ebazalini nakoomawokhulu bethu? Ngeendlela ezintathu: ngokwezinto eziphathekayo, ngokweemvakalelo, nangokomoya. Ndlela nganye inomvuzo wayo.

Ukubaxhasa Ngezinto Eziphathekayo

Abo bakhonza uThixo bayazi ukuba kubalulekile ukunikela izinto eziphathekayo kumalungu asondeleyo entsapho. Umpostile uPawulos unikela esi siluleko: “Ukuba nabani na akabalungiseleli abo bangabakhe, yaye ngokukodwa abo bangamalungu endlu yakhe, ulukhanyele ukholo kwaye mbi ngakumbi kunomntu ongenalo ukholo.”—1 Timoti 5:8.

UTunji noJoy bahlala eNtshona Afrika. Nangona babengenamali, bakhuthaza abazali abakhulileyo bakaJoy ukuba beze kuhlala nabo. Uyise wayegula yaye ekugqibeleni wafa. UTunji uthi: “Xa uTata wafayo, uMama wamanga umfazi wam waza wathi: ‘Wenze konke obekulindelekile. Ungaziva unetyala ngokufa kukaTata.’ Nangona simkhumbula uTata, siyazi ukuba sasimthengela awona mayeza asemgangathweni yaye sazama nokumenza azive efunwa yaye exatyiswa; senza konke okusemandleni ethu ukuze siphumeze imbopheleleko yethu esiyinikwe nguThixo. Asinasikrokro.”

Kakade ke, asinguye wonke ubani onako ukunceda abanye ngezinto eziphathekayo. Enye indoda ehlala eNigeria yathi: “Ukuba umntu akakwazi ukuzondla, angakwazi njani ukondla omnye umntu?” Kumazwe amaninzi imeko isenokuba mbi ngakumbi kwiminyaka ezayo. Ngokutsho koqikelelo lweZizwe Ezimanyeneyo, kungekudala isiqingatha sabantu abakwinxalenye yeAfrika engaphantsi kweSahara siya kuba sisebugxwayibeni bobuhlwempu.

Ukuba uzifumanisa ukwimeko embi ngokwezoqoqosho, usenokuthuthuzeleka xa usiva ibali lokwenyaniso lomhlolokazi owayeswele. Xa uYesu wayesemhlabeni, wabona umhlolokazi esisa umnikelo omncinane kwindawo yokugcina imali etempileni. Lo mhlolokazi wanikela “iingqekembe ezincinane ezimbini zexabiso elincinane kakhulu.” Sekunjalo, uYesu eyazi imeko yakhe wathi: “Ngokwenyaniso ndiyanixelela ukuba, Lo mhlolokazi, nangona elihlwempu, uphose ngaphezu kokuba bonke benjenjalo. Kuba bonke aba baphose izipho ngokuphuma kwintsalela yabo, kodwa lo mfazi ekusweleni kwakhe uphose zonke izinto zokuphila abenazo.”—Luka 21:1-4.

Ngokufanyo, ukuba senza konke okusemandleni ethu ukunyamekela abazali noomawokhulu bethu ngokwenyama, nangona kusenokuba kuncinane, uYehova uyakubona oko yaye uyakuxabisa. Akalindelanga ukuba senze ngaphezu kwesinokukwenza. Mhlawumbi abazali noomawokhulu bethu baya kuvakalelwa ngaloo ndlela.

Ukubaxhasa Ngokweemvakalelo

Ukulungiselela abazali noomawokhulu bethu kuquka ngaphezu kokubanyamekela ngokwenyama. Sonke sinentswelo engokweemvakalelo. Wonke ubani kuquka abo bakhulileyo, unomnqweno wokuthandwa, nokuziva efunwa ukuze abe lilungu lentsapho elixabisekileyo.

UMary, ohlala eKenya, uye wanyamekela uninazala okhulileyo kangangeminyaka emithathu. UMary uthi: “Ngaphandle kokumlungiselela ngokwezinto zokwenyama, sisoloko sincokola naye. UMama akakwazi ukwenza okuninzi endlwini, kodwa siyancokola yaye singabahlobo abasenyongweni. Maxa wambi sithetha ngoThixo, maxa wambi sithetha ngabantu abasemva ekhaya. Nangona eneminyaka engaphezu kwama-90 ubudala, usakhumbula izinto ezininzi gqitha. Usakhumbula aze athethe ngobomi baxa wayeseyintombazana eselula, kwimihla engaphambi kowe-1914.”

UMary uhlabela mgama esithi: “Akulula ukunyamekela umntu okhulileyo, kodwa ukuhlala naye kuye kwasizisela iingenelo zokwenene. Sinoxolo nemvisiswano entsatsheni yethu. Ukumxhasa kwam kuye kwabangela umoya wokupha kwabanye. Umyeni wam undihlonela ngakumbi. Yaye ukuba uMama uva nabani na ethetha rhabaxa nam, ukhawuleza angenelele aze andikhusele. Akukho mntu unokuze athethe rhabaxa nam ekho!”

Ukubaxhasa Ngokomoya

Njengokuba ukubaxhasa ngezinto eziphathekayo nangokweemvakalelo kusizisa iingenelo kulowo uphayo, kukwanjalo nangokubaxhasa ngokomoya. Umpostile uPawulos wabhalela ibandla lamaKristu laseRoma esithi: “Ndilangazelela ukunibona, ndize ndinikele isiphiwo esithile sokomoya kuni ukuze nenziwe niqine; okanye, kunoko, ukuze kubekho ukwabelana ngokhuthazo phakathi kwenu, nguye ngamnye ngokholo lomnye, kokubini olwenu nolwam.”—Roma 1:11, 12.

Ngendlela efanayo, ngokuphathelele ukubaxhasa ngokomoya abakhulileyo abakhonza uThixo, ngokufuthi kufanelekile ukubakhuthaza. UOsondu, ohlala eNigeria, ukhumbula oku: “Eyona nto yayibangela ukuba ndibe nomdla koomawookhulu bam yayilithuba ababelenza ukuze ndazi ngezinto zexesha elidluleyo. Utatomkhulu, enamehlo azaliswe luvuyo, uye abalise ngommandla awayeshumayela kuwo njengomlungiseleli wexesha elizeleyo ngeminyaka yee-1950 neyee-1960. Uye athelekise indlela eliyiyo ibandla nendlela elaliyiyo xa waba liNgqina. La mava ayandinceda kwinkonzo yam njengovulindlela.”

Bambi ebandleni lobuKristu basenokunceda ekunyamekeleni abakhulileyo. UTunji, ekuthethwe ngaye ngaphimbilana, ucacisa ngokwenzeka ebandleni lakhe: “Omnye umzalwana oselula onguvulindlela owayabelwe ukunikela intetho yesidlangalala waya nolwandlalo kuTata ukuze bayilungiselele bobabini. Umqhubi weSifundo seMboniselo waya kuTata waza wathi: ‘Unamava. Ungandinceda njani ukuze ndiphucule.’ UTata wakwazi ukumnika icebiso elisebenzisekayo loo mdala. Abazalwana babelikhankanya igama likaTata emithandazweni yebandla izihlandlo eziliqela. Konke oku kwakumenza azive efunwa.”

Ihambo Entle Isondeza Abantu KuThixo

Maxa wambi, njengokuba sibonisa intlonelo nothando kubazali bethu nakoomawokhulu bethu, sisondeza abantu kuThixo. Umpostile uPetros wabhala: “Gcinani ihambo yenu intle phakathi kweentlanga, ukuze, kwinto ezithetha ngayo ngokunxamnye nani njengabenzi-bubi, zithi ngenxa yemisebenzi yenu emihle eziye zangamangqina okuzibonela kuyo zimzukise uThixo.”—1 Petros 2:12.

UAndrew, umKristu ongumdala kwiNtshona Afrika, wayehamba umgama oziikhilomitha ezingama-95 kabini ngeveki ukuze anyamekele uyise owayegula, nowayengakholwa. Uyabalisa: “Xa ndaba ngomnye wamaNgqina kaYehova, ubawo wayechasa gqitha. Kodwa xa waphawula indlela endandimnyamekela ngayo ngoxa wayegula, waqhubeka ebongoza abantakwethu noodadewethu esithi, ‘Nimele nithelele umnakwenu kunqulo lwakhe!’ Oko kwabakhuthaza, yaye abantwana bakabawo abasithoba bonke bangamaNgqina kaYehova.”

Ukuhlonela nokunyamekela abazali bethu abakhulileyo kusenokuba lucelomngeni, ngokungakumbi kumaxesha anzima ezoqoqosho. Kodwa njengokuba amaKristu ezabalazela ukwenza oku, afumana imivuzo emininzi. Ngaphezu kwako konke, afumana amava ovuyo ngokunikela, kuquka nolwaneliseko lokwazi ukuba akholisa uYehova uThixo, ‘uYise wabo bonke abantu.’—Efese 4:6.

[Ibhokisi ekwiphepha 6]

Icebiso ElingokobuThixo Kwabo Banyamekelwayo Nakwabo Babanyamekelayo

Yiba Ngokhuthazayo: “Ngamnye wethu makakholise ummelwane wakhe koko kulungileyo ukuze akheke.”—Roma 15:2.

Yima Nkqi: “Masingayeki ukwenza oko kuhle, kuba ngexesha elililo siya kuvuna ukuba asidinwa.”—Galati 6:9.

Yiba Ngothobekileyo: “Ningenzi nanye into ngokusukuzana okanye ngokuzigwagwisa, kodwa ngokuthobeka kwengqondo nibagqala abanye njengabongamileyo kunani.”—Filipi 2:3.

Yiba Ngumenzi Wokulungileyo: “Ngamnye makathi gqolo efuna, kungekhona okwakhe ukulungelwa, kodwa oko komnye umntu.”—1 Korinte 10:24.

Yiba Ngoqondayo: “Ukuba nengqiqo kwenu makwazeke kubantu bonke.”—Filipi 4:5.

Yiba Nemfesane: “Yibani nobubele omnye komnye, ninemfesane yofefe, nixolelana ngesisa.”—Efese 4:32.

[Umfanekiso okwiphepha 7]

Abadala abaselula banokungenelwa kumava abakhulileyo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share