Balumkele Abafundisi Bobuxoki!
“Kuya kubakho abafundisi bobuxoki kwanaphakathi kwenu.”—2 PETROS 2:1.
1. Yintoni uYude awayezimisele ukubhala ngayo, ibe kwakutheni ukuze atshintshe umbandela wakhe?
HAYI indlela okothusa ngayo oko! Abafundisi bobuxoki kwibandla lamaKristu lenkulungwane yokuqala! (Mateyu 7:15; IZenzo 20:29, 30) UYude owayengumninawa kaYesu ngonina wayeyazi le nto. Wathi wayezimisele ukubhalela amanye amakholwa “ngalo usindiso esabelana ngalo,” kodwa wachaza esithi: “Ndikufumanise kuyimfuneko ukunibhalela ndinibongoza ukuba nilulwele nzima ukholo.” Kwakutheni ukuze uYude atshintshe umbandela awayeza kuxubusha ngawo? Uthi kungenxa yokuba “abantu abathile bathwethwele ngaphakathi [kwamabandla] . . . bebujika ububele obungasifanelanga boThixo wethu bube sisingxengxezo sehambo evakalala.”—Yude 3, 4.
2. Kutheni eyesi-2 kaPetros isahluko 2 nekaYude zifana kangaka?
2 Kuyabonakala ukuba, uYude wabhala emva nje kokuba uPetros ebhale incwadi yakhe yesibini. Alithandabuzeki elokuba uYude wayeqhelene nale ncwadi. Ngokuqinisekileyo, wavakalisa iingcamango ezininzi ezifanayo kwincwadi yakhe esisibongozo nenamandla. Ngoko ke, njengoko sihlolisisa eyesi-2 kaPetros isahluko 2, siza kuyiphawula indlela efana ngayo nencwadi kaYude.
Imiphumo Yeemfundiso Zobuxoki
3. Yintoni eyenzeka mandulo athi uPetros iza kwenzeka kwakhona?
3 Emva kokuba uPetros ebongoze abazalwana bakhe ukuba banikele ingqalelo kwisiprofeto, uthi: “Noko ke, kanjalo kwabakho abaprofeti bobuxoki [kuSirayeli wamandulo], njengoko kuya kubakho abafundisi bobuxoki kwanaphakathi kwenu.” (2 Petros 1:14–2:1) Abantu bakaThixo bamandulo babefumana iziprofeto eziyinyaniso, kodwa kwakuye kufuneke bajamelane neemfundiso ezonakeleyo zabaprofeti bobuxoki. (Yeremiya 6:13, 14; 28:1-3, 15) UYeremiya wabhala: “Kubaprofeti baseYerusalem ndibone into ebanga amanwele: Ukukrexeza, nokuhamba ebuxokini.”—Yeremiya 23:14.
4. Kutheni abafundisi bobuxoki befanelwe yintshabalalo?
4 Echaza oko kwakuza kwenziwa ngabaprofeti bobuxoki ebandleni lamaKristu, uPetros uthi: “Bona kanye aba baya kungenisa ngasese amahlelo atshabalalisayo yaye baya kumkhanyela kwanomnini owabathengayo [uYesu Kristu], bezizisela intshabalalo ekhawulezileyo.” (2 Petros 2:1; Yude 4) Ekugqibeleni loo mahlelo enkulungwane yokuqala ayila oko namhlanje sikubiza ngokuba yiNgqobhoko. UPetros ubonisa isizathu sokuba abafundisi bobuxoki beyifanelekele ngokupheleleyo intshabalalo: “Abaninzi baya kulandela izenzo zabo zehambo evakalala, yaye ngenxa yaba kuya kuthethwa ngokutshabhisayo ngendlela yenyaniso.”—2 Petros 2:2.
5. Yintoni ababebekek’ ityala ngayo abafundisi bobuxoki?
5 Khawufan’ ucinge! Ngenxa yempembelelo yabafundisi bobuxoki, abaninzi emabandleni babeza kubandakanyeka kwihambo evakalala. Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ihambo evakalala” lithetha ihambo yokungakhathali, engenakuzeyisa, engenasidima, enoburheletyo nengenazintloni. Ngaphambilana uPetros wayethe amaKristu ‘ayekuphephile nje ukonakala okusehlabathini okungenxa yenkanuko.’ (2 Petros 1:4) Kodwa amanye ayeza kubuyela ekonakaleni, ibe oko kwakuya kubangelwa ubukhulu becala ngabafundisi bobuxoki ababesemabandleni! Ngolo hlobo indlela yenyaniso yayiza kuduma kakubi. Hayi indlela ebuhlungu ngayo loo nto! Ngokuqinisekileyo, lo ngumbandela amele onke amaNgqina kaYehova anikele ingqalelo kuwo. Asifanele silibale ukuba, ngokuxhomekeke kwihambo yethu, sinokuzisa indumiso okanye sizise ugculelo kuYehova uThixo nakubantu bakhe.—IMizekeliso 27:11; Roma 2:24.
Ukusasaza Iimfundiso Zobuxoki
6. Yintoni eshukumisa abafundisi bobuxoki, ibe bazama njani ukufumana oko bakufunayo?
6 Kububulumko ukuba siyiqwalasele indlela abafundisi bobuxoki abazisasaza ngayo iingcamango zabo ezonakeleyo. Okokuqala uPetros uthi bazisasaza bezolile, okanye ngendlela engabonakaliyo nesitheleyo. Walek’ umsundulo ngelithi: “Benenkanuko baya kunixhaphaza ngamazwi alalanisayo.” Yinkanuko yokuzingca eshukumisa abafundisi bobuxoki, njengoko kubethelelwa yinguqulelo yeThe Jerusalem Bible: “Baya kwenza unako-nako wokunenza nibalandele ngeentetho zobuqhetseba.” Ngokufanayo, inguqulelo kaJames Moffatt kule ndinyana ithi: “Ngenkanuko yabo baya kunixhaphaza ngeempikiswano ezinobuqhinga.” (2 Petros 2:1, 3) Izinto ezithethwa ngabafundisi bobuxoki zisenokubonakala zinomtsalane kumntu ongaphaphanga ngokomoya, kodwa amazwi abo alungiselelwe ngobulumko ukuze abantu ‘babalandele,’ ebahendela ekuphumezeni iinjongo zabo bakhohlisi bazingcayo.
7. Yiyiphi intandabulumko eyaba ngundaba-mlonyeni ngenkulungwane yokuqala?
7 Alithandabuzeki elokuba, abafundisi bobuxoki benkulungwane yokuqala babephenjelelwa ziingcamango zehlabathi zaloo mihla. Ngexesha lokubhalwa kwencwadi kaPetros, intandabulumko eyayibizwa ngokuba bubuGnostiki yayisiba ngundaba-mlonyeni. AmaGnostiki ayekholelwa ukuba yonke into yokwenyama ingendawo yaye zizinto ezingokomoya kuphela ezilungileyo. Ngaloo ndlela, amanye awo ayesithi ayibalulekanga into ubani ayenzayo ngomzimba wakhe. Ayephikisa ngelithi, ekuhambeni kwexesha umntu wayeza kuphulukana nalo mzimba. Ngoko ke, agqiba kwelokuba izono zomzimba—kuquka ezokuba neentlobano zesini—azibalulekanga. Kubonakala ukuba, ezo mbono zaqalisa ukuphembelela abanye ababesithi bangamaKristu.
8, 9. (a) Yiyiphi ingqiqo etenxileyo eyachaphazela amanye kumaKristu okuqala? (b) Ngokutsho kukaYude, babesenza ntoni abanye ebandleni?
8 Omnye umphengululi weBhayibhile wathi “eCaweni kwakukho abo babeyonakalisa imfundiso yobabalo,” okanye ‘ububele obungasifanelanga.’ (Efese 1:5-7) Ngokutsho kwakhe, abanye babephikisa besithi: “Nithi [ububele obungasifanelanga] bukaThixo bukhulu kangangokuba bunokuzigubungela zonke izono? . . . Masiqhubeke ke sisona, kuba [ububele obungasifanelanga] bukaThixo bunokuzicima zonke izono. Phofu ke okukhona sisona kokukhona [ububele obungasifanelanga] bukaThixo buya kufumana ithuba elingakumbi lokusebenza.” Ngaba wakha wayiva ingqiqo etenxe ngaphezu kwale?
9 Umpostile uPawulos wayiphikisa ingcamango ephosakeleyo ngokuphathelele inceba kaThixo xa wabuza esithi: “Masiqhubeke na nesono, ukuze ububele obungasifanelanga buphuphume?” Kwakhona wabuza: “Ngaba siya kwenza isono ngenxa yokuba singekho phantsi komthetho kodwa siphantsi kobubele obungasifanelanga?” Kumbuzo ngamnye uPawulos waphendula ngeligxininisayo esithi: “Ngamana kungangaze kwenzeke oko!” (Roma 6:1, 2, 15) Kuyacaca ukuba, njengoko uYude watshoyo, abathile ‘babebujika ububele obungasifanelanga boThixo wethu bube sisingxengxezo sehambo evakalala.’ Noko ke, uPetros uthi kwabo banjalo ‘intshabalalo ayinqwalazi.’—Yude 4; 2 Petros 2:3.
Imizekelo Esisilumkiso
10, 11. Yiyiphi imizekelo emithathu esisilumkiso enikelwa nguPetros?
10 Ukuze abethelele into yokuba uThixo uza kuthabatha amanyathelo nxamnye nabo benza ububi ngabom, uPetros wenza imizekelo emithathu esisilumkiso ngokusuka kwiZibhalo. Okokuqala, uyabhala: “UThixo akazange arhoxe ekohlwayeni iingelosi ezonayo.” UYude uthi, ezi ngelosi ‘azisigcinanga isigxina sazo santlandlolo kodwa zayishiya indawo yazo efanelekileyo yokuhlala’ ezulwini. Zeza emhlabeni ngaphambi koMkhukula zaza zambatha imizimba yenyama ukuze zibe neentlobano zesini neentombi zabantu. Zisohlwaywa ngenxa yehambo yazo engafanelekanga nengeyoyamvelo, zaphoswa “eTartaro,” okanye njengoko ingxelo kaYude isitsho, ‘zabekelwa umgwebo wemini enkulu ngemixokelelwane kanaphakade phantsi kwentsunguzi yobumnyama.’—2 Petros 2:4; Yude 6; Genesis 6:1-3.
11 Okwesibini, uPetros ubhekisa kubantu bomhla kaNowa. (Genesis 7:17-24) Uthi ngomhla kaNowa uThixo “akazange arhoxe ekohlwayeni ihlabathi lamandulo . . . xa wazisa unogumbe phezu kwehlabathi labantu abangenabuthixo.” Ekugqibeleni, uPetros ubhala esithi uThixo wamisela “abantu abangenabuthixo isizekelo ngezinto eziza kuza” ngokuthi “azifinyeze izixeko iSodom neGomora zibe luthuthu.” UYude unikela inkcazelo eyongezelelekileyo yokuba abo bantu “bahenyuza ngokugqithiseleyo baza [balandela] inyama ngokuchasene nemvelo.” (2 Petros 2:5, 6; Yude 7) Amadoda ayenganeli kuba neentlobano zesini ezingekho mthethweni namabhinqa kodwa ayekhanuka inyama yamanye amadoda, ngokunokwenzeka kwanenyama yamarhamncwa anoburhalarhume.—Genesis 19:4, 5; Levitikus 18:22-25.
12. Ngokutsho kukaPetros, ihambo yobulungisa ivuzwa njani?
12 Ukanti kwangaxeshanye, uPetros uthi uYehova ungumvuzi wabo bamkhonza ngokuthembeka. Ngokomzekelo, ubalisa ngendlela uThixo ‘awamgcina ngayo uNowa, umshumayeli wobulungisa, ekhuselekile kunye nabanye abasixhenxe’ xa wayezisa uNogumbe. Kwakhona uchaza nangokuhlangula kukaYehova “uLote olilungisa” ngexesha leSodom, equkumbela ngelithi: “UYehova uyakwazi ukubahlangula esilingweni abantu abanozinikelo lobuthixo, kodwa ukubekela abantu abangengomalungisa imini yomgwebo ukuze banqunyulwe.”—2 Petros 2:5, 7-9.
Izenzo Ezifanele Isohlwayo
13. Ngoobani ngokukhethekileyo ababekelwe umgwebo, yaye ngawaphi amaphupha ekubonakala ukuba bazifica ngawo?
13 UPetros uchaza abo ngokukhethekileyo babekelwe umgwebo kaThixo, esithi “abo balandela inyama ngomnqweno wokuyidyobha yaye bebujongela phantsi ubukhosi.” Sinokuyiva indlela acaphuke ngayo uPetros njengoko esithi: “Benobuganga, besenza unothanda, ababangcangcazeleli abo bazukileyo kodwa bathetha ngokutshabhisayo.” UYude ubhala esithi “aba bantu, abazifica emaphupheni, badyobha inyama . . . bekwathetha ngokutshabhisayo ngabo bazukileyo.” (2 Petros 2:10; Yude 8) Amaphupha abo asenokuquka iminqweno engacocekanga yesini ekhuthaza ukuba bafune ukuzanelisa ngokuziphatha okubi ngokwesini. Noko ke, kungayiphi ingqiqo abathi ‘babujongele phantsi ubukhosi’ yaye bathethe “ngokutshabhisayo ngabo bazukileyo”?
14. Kungayiphi ingqiqo abathi abafundisi bobuxoki ‘babujongele phantsi ubukhosi’ baze bathethe “ngokutshabhisayo ngabo bazukileyo”?
14 Benjenjalo kuba bayalicekisa igunya elimiselwe nguThixo. Abadala abangamaKristu bamela uYehova uThixo noNyana wakhe ozukileyo, ibe ngenxa yoko, banikwe umlinganiselo othile wozuko. Kuyinyaniso ukuba, bayazenza iimpazamo, njengoko wenzayo noPetros, kodwa iZibhalo zibongoza amalungu ebandla ukuba abathobele abo bazukileyo. (Hebhere 13:17) Iintsilelo zabo azisosizathu sakuthetha ngokutshabhisayo ngabo. UPetros uthi iingelosi “azibamangaleli [abafundisi bobuxoki] ngamazwi okutshabhisa,” nangona zikufanelekela gqitha ukwenjenjalo. UPetros uhlabela mgama esithi: “Kodwa aba bantu, njengezilwanyana ezingaqiqiyo ngokwemvelo ezizalelwe ukubanjwa nokutshatyalaliswa, baya kuthi, ngazo izinto abangenalwazi nabathetha ngokutshabhisayo ngazo, batshabalale.”—2 Petros 2:10-13.
“Ngoxa Benamatheko . . . Nani”
15. Ziziphi iindlela ezisetyenziswa ngabafundisi bobuxoki, ibe babahenda phi abanye?
15 Nangona aba bantu bonakeleyo ‘bekugqala kuluyolo ukuphila ngobunewunewu ngexesha lasemini’ yaye ‘bengamabala neziphako,’ bakwazele inkohliso. Benza izinto “ngasese,” besebenzisa “amazwi alalanisayo,” njengoko uPetros etshilo ngaphambilana. (2 Petros 2:1, 3, 13) Ngaloo ndlela basenokungayiceli umngeni ngokungqalileyo imigudu yabadala yokugcina imilinganiselo kaThixo yokuziphatha okanye bakufune ngokuphandle ukuzanelisa ngokwesini. Kunoko, uPetros uthi bazifica “ekuyolisweni ngokungenakuzibamba ziimfundiso zabo ezikhohlisayo ngoxa benamatheko ndawonye nani.” Yaye uYude ubhala athi: “Aba balulwalwa olufihlakele phantsi kwamanzi kumatheko enu othando.” (Yude 12) Ewe, njengoko amawa aziingxondorha angaphantsi kwamanzi enokuwuqhekeza umzantsi wephenyane, aze abangele ukuba oomatiloshe abangalumkanga barhaxwe, abafundisi bobuxoki babebonakalisa abo babengalumkanga ababezenza ngathi bayabathanda ebudeni ‘bamatheko othando.’
16. (a) Ayeyintoni ‘amatheko othando,’ yaye kukwiziphi izihlandlo ezifanayo namhlanje abasenokugqugqisa kuzo abo baziphethe kakubi? (b) Abafundisi bobuxoki bayijolisa koobani ingqalelo yabo, ibe yintoni emele yenziwe ngabo bantu?
16 Kubonakala ukuba la ‘matheko othando’ ayeziimbutho zamaKristu enkulungwane yokuqala xa ayehlanganisana ukuze anandiphe ukutya nonxulumano. NamaNgqina kaYehova namhlanje maxa wambi ayazenza iimbutho zasekuhlaleni, mhlawumbi kwimisitho yomtshato, kwiipikniki, okanye abuthelane ngengokuhlwa ethile. Abo bonakeleyo banokuzisebenzisa njani izihlandlo ezinjalo ukuze bahende amaxhoba? UPetros uyabhala: “Amehlo abo azele lukrexezo . . . , ibe bawexula imiphefumlo engazinzanga.” Bajolisa ‘intliziyo yabo eqeqeshelwe inkanuko’ kwabo bangazinzanga abaye basilela ukuyenza eyabo ngokupheleleyo inyaniso. Ngoko yilumkele kwangoku into eyenzeka ngomhla kaPetros, uze uzikhusele! Yixhathise nayiphi na into engacocekanga, yaye ungakhohliswa ngumtsalane okanye bubuhle bomzimba womntu ozisondeza kuwe eneenjongo zokuziphatha okubi!—2 Petros 2:14.
“Umendo KaBhileham”
17. Wawuyintoni “umendo kaBhileham,” ibe wawachaphazela njani amaSirayeli angama-24 000?
17 Aba bantu “bengqalekiso” banexesha noko beyazi inyaniso. Basenokubonakala besakhuthele ebandleni. Kodwa uPetros uthi: “Bewushiya umendo othe tye, baye balahlekiswa. Baye balandela umendo kaBhileham, unyana kaBhehore, owathanda umvuzo wokwenza ububi.” (2 Petros 2:14, 15) Umendo womprofeti uBhileham yayikukucebisa ikhondo lokuhendela ekuziphatheni okubi ukuze azuze okuthile. Waxelela uKumkani uBhalaki wakwaMowabhi ukuba uThixo wayenokuwaqalekisa amaSirayeli ukuba ayenokuwexulelwa ekuhenyuzeni. Ngenxa yoko, uninzi lwabantu bakaThixo lwahendwa ngamabhinqa akwaMowabhi, ibe abangama-24 000 babulawa ngenxa yehambo yabo yokuziphatha okubi.—Numeri 25:1-9; 31:15, 16; ISityhilelo 2:14.
18. Wayezimisele kangakanani uBhileham, ibe umphumo woko uthetha ntoni kubafundisi bobuxoki?
18 UPetros uthi uBhileham wathintelwa xa idonki yakhe yathetha naye, kodwa uBhileham “wathanda umvuzo wokwenza ububi” kangangokuba kwanaxa oko kwenzekayo, akazange aliyeke ‘ikhondo lakhe lempambano.’ (2 Petros 2:15, 16) Obunjani bona ubungendawo! Yeha kuye nabani na ofana noBhileham ozama ukonakalisa abantu bakaThixo ngokubahendela ekuziphatheni okubi! UBhileham wafa ngenxa yobubi bakhe, nto leyo esibonisa okuya kwenzeka kubo bonke abalandela umendo wakhe.—Numeri 31:8.
Izihendo Zabo Ezifana NezikaMtyholi
19, 20. (a) Abo banjengoBhileham bafaniswa nantoni, yaye ngoba? (b) Ngoobani ababahendayo, yaye babahenda njani? (c) Kutheni sinokutsho ukuba indlela abahenda ngayo ifana nekaMtyholi, yaye thina nabanye sinokuzikhusela njani kubo?
19 Echaza abo bafana noBhileham, uPetros uyabhala: “Aba bayimithombo [okanye amaqula] engenamanzi, nenkungu [okanye amafu] eqhutywa sisaqhwithi esikhulu.” Kumntu onxaniweyo ohamba entlango, umthombo ongenamanzi usenokuthetha ukufa. Akumangalisi ngoko ukuba abo banjalo “babekelwe isithokothoko sobumnyama”! UPetros uyaqhubeka: “Kuba bathetha amazwi aziindumbisa nangeyongenelo, yaye ngeminqweno yenyama nangemikhwa evakalala bawexula abo bangathi bayabaphepha abantu abaziphatha ngemposiso.” UPetros uthi bawexula abangenamava ‘ngokubathembisa inkululeko’ ngoxa ‘bona ngokwabo bengamakhoboka okonakala.’—2 Petros 2:17-19; Galati 5:13.
20 Izihendo zabafundisi abonakele ngolo hlobo zifana nezikaMtyholi. Ngokomzekelo, basenokuthi: ‘UThixo uyazi ukuba sibuthathaka yaye sineenkanuko. Ngoko ukuba siyazifica size sanelise iminqweno yethu yesini, uThixo uza kuba nenceba. Ukuba siyazivuma izono zethu, uza kusixolela njengoko wenzayo xa sasingena enyanisweni.’ Khumbula ukuba uMtyholi wamhenda ngendlela eyelele kule uEva, emthembisa ukuba wayenokona aze angayifumani imiphumo yesono sakhe. Kwimeko kaEva, wathi ukona uThixo kwakuza kumenza abe nolwazi yaye abe nenkululeko. (Genesis 3:4, 5) Ukuba nje sikhe sambona umntu owonakele ngolo hlobo enxulumana nebandla, sinembopheleleko yokuzikhusela thina kunye nabanye ngokumxela kwabo banembopheleleko ebandleni lamaKristu.—Levitikus 5:1.
Ukukhuselwa Lulwazi Oluchanileyo
21-23. (a) Uyintoni umphumo wokusilela ukusebenzisa ulwazi oluchanileyo? (b) Yiyiphi ingxaki engakumbi exutyushwa nguPetros esiza kuyiqwalasela kwixesha elizayo?
21 UPetros uqukumbela eli candelo lencwadi yakhe ngokuchaza imiphumo yokusilela ukusebenzisa ulwazi abethe ekuqaleni lubalulekile ukuze ubani azuze “ubomi nozinikelo lobuthixo.” (2 Petros 1:2, 3, 8) Uyabhala: “Ngokuqinisekileyo ukuba, emva kokuphepha izidyobho zehlabathi ngolwazi oluchanileyo lweNkosi noMsindisi uYesu Kristu, babandakanyeka kwakwezi zinto kwakhona baze boyiswe, iimeko zokugqibela ziba mbi ngakumbi kubo kunezokuqala.” (2 Petros 2:20) Yabuhlungu ke loo nto! Abo banjalo ngomhla kaPetros babelilahlile ithemba elixabisekileyo lobomi bokungafi ezulwini ngenxa yezihlandlo ezifutshane zokuzanelisa ngokwesini.
22 Ngoko uPetros uthi: “Ngekubalungele ngakumbi ukuba bebengawazanga ngokuchanileyo umendo wobulungisa kunokuba bathi emva kokuba bewaze ngokuchanileyo baphethuke bemke kumyalelo ongcwele owanikelwa kubo. Amazwi omzekeliso oyinyaniso aye enzeka kubo: ‘Inja ibuyele emhlanzweni wayo, nehagukazi ehlanjwe umzimba ibuye yaqika-qikeka eludakeni.’”—2 Petros 2:21, 22; IMizekeliso 26:11.
23 Yayikho nenye ingxaki ekubonakala ukuba yayiqalise ukuchaphazela amaKristu okuqala efana naleyo ichaphazela amanye namhlanje. Emva phayaa, abanye babekhalazela ubukho obuthenjisiweyo bukaKristu obabubonakala ngathi abude bufike. Makhe siqwalasele indlela uPetros awusingatha ngayo lo mbandela.
Ngaba Uyakhumbula?
◻ Yiyiphi imizekelo emithathu esisilumkiso ecatshulwa nguPetros?
◻ Abafundisi bobuxoki ‘babujongela phantsi njani ubukhosi’?
◻ Uyintoni umendo kaBhileham, ibe abo bawulandelayo basenokuzama njani ukuhenda abanye?
◻ Uyintoni umphumo wokusilela ukusebenzisa ulwazi oluchanileyo?
[Umfanekiso okwiphepha 16, 17]
UBhileham ungumzekelo wokulumkisa