Benza Ukuthanda KukaYehova
Umzekelo Wokuzinikela Nokunyaniseka
KUMLIMI oselula ogama linguElisha, oko kwakuqalise njengosuku oluqhelekileyo lokulima kwaphela sekulelona suku lubalulekileyo ebomini bakhe. Ngoxa wayesebenza entsimini, uElisha watyelelwa nguEliya engalindelanga, umprofeti owayephambili kwaSirayeli. UElisha usenokuba wazibuza esithi: ‘Ibe ufuna ntoni na bethu kum?’ Akuzange kube thuba lide elindele impendulo. UEliya waphosa ingubo yakhe yokwaleka kuElisha, ebonisa ukuba ngenye imini uElisha wayeza kungena ezihlangwini zakhe. UElisha akazange alujongele phantsi olu bizo. Ngoko nangoko, washiya intsimi yakhe waza waba ngumlindi kaEliya.—1 Kumkani 19:19-21.
Kwiminyaka emalunga nemithandathu kamva, kwafika ixesha lokuba uEliya ahambe. Ingxelo yokuhamba kwakhe iye yabizwa ngokuba “lelona bali libangel’ umdla” kwiZibhalo zesiHebhere.
UEliya Ulungiselela Ukuhamba
UEliya wayenqwenela ukukhe aye kutyelela okokugqibela eBheteli, eYeriko naseYordan. Olo yayiza kuba luhambo lweekhilomitha ezininzi, yaye inxalenye yalo yayiquka imimandla yeentaba engamaxethuka. Kwinqanaba ngalinye lohambo, uEliya wayekhuthaza uElisha ukuba asale. Kodwa uElisha wazingisa ekuhambeni nenkosi yakhe de kwasa esiphelweni.—2 Kumkani 2:1, 2, 4, 6.
Xa wayeseBheteli naseYeriko, “oonyana babaprofeti” beza kuElisha.a Bambuza besithi: “Uyazi na kodwa ukuba namhlanje uyayisusa uYehova inkosi yakho entlokweni yakho?” Waphendula esithi: “Ndiyayazi loo nto; yithini cwaka.”—2 Kumkani 2:3, 5.
Emva koko uEliya noElisha basinga kuMlambo iYordan. Ekufikeni kwabo eYordan, uEliya wenza ummangaliso ngoxa abanye oonyana babaprofeti abangama-50 babakhe umkhanya bemgama. “UEliya wayithabatha ingubo yakhe enkulu, wayisonga, wabetha ngayo emanzini; ahluka, asinga ngapha nangapha; bawela bobabini komile.”—2 Kumkani 2:8.
Bakuba bewelile, uEliya wathi kuElisha: “Cela into, ndikwenzele, ndingekasuswa kuwe.” UElisha wacela “izahlulo ezibini” zomoya kaEliya—oko kukuthi, izahlulo eziphindwe kabini kunezo ngokuqhelekileyo zazinikwa unyana olizibulo. Ngokwenene, uElisha wayemhlonele uEliya kanye njengokuba unyana olizibulo emhlonela uyise. Ngaphezu koko, wayethanjiselwe ukuba angene ezihlangwini zikaEliya njengomprofeti kaYehova kwaSirayeli. Ngoko isicelo sakhe sasingesosakuzingca yaye sasifanelekile. Noko ke, esazi ukuba nguYehova kuphela owayenokusiphumeza eso sicelo, uEliya waphendula ngobulali esithi: “Ucele into enzima.” Wandula ke wongezelela esithi: “Ukuba uthe wandibona ukususwa kwam kuwe, koba njalo, ukuba akuthanga undibone, akuyi kuba njalo.”—2 Kumkani 2:9, 10; Duteronomi 21:17.
Alithandabuzeki elokuba uElisha wazimisela nangakumbi ukunamathela ngokusondeleyo kwinkosi yakhe. Emva koko, kwathi gqi “inqwelo yomlilo namahashe omlilo.” Kanye phambi koElisha owayekhuphe amehlo emangalisiwe, uEliya wafunqulwa ngumoya ovuthuzayo—ngokungummangaliso umfudusela kwenye indawo.b UElisha wayichola ingubo yokwaleka kaEliya waza wahamba ebuyela kunxweme loMlambo iYordan. Wabetha amanzi, esithi: “Uphi na uYehova, uThixo kaEliya, yena kanye?” Amanzi ahluka, ebonisa ngokucacileyo ukuba uElisha wayexhaswa nguThixo njengongena ezihlangwini zikaEliya.—2 Kumkani 2:11-14.
Isifundo Kuthi
Xa wayemenyelwa kwinkonzo ekhethekileyo awayeza kuyenza noEliya, ngokukhawuleza uElisha wayishiya intsimi yakhe ukuze aye kulungiselela umprofeti owayephambili kwaSirayeli. Kuyabonakala ukuba, ezinye zeembopheleleko zakhe yayikukusebenza njengesicaka, kuba ethubeni waziwa ngokuba ngulowo “obegalela amanzi ezandleni zikaEliya.”c (2 Kumkani 3:11) Noko ke, uElisha wayewujonga njengelungelo umsebenzi wakhe, ibe wanamathela ngokunyaniseka kuEliya.
Uninzi lwabakhonzi bakaThixo namhlanje lubonakalisa umoya wokuzincama ofanayo. Bambi baye bashiya “amasimi” abo, izinto zabo, besiya kushumayela iindaba ezilungileyo kwimihlaba ekude okanye beye kukhonza njengamalungu entsapho yaseBheteli. Abanye baye baya kumazwe asemzini beye kusebenza kwizakhiwo zoMbutho. Abaninzi baye bamkela oko kusenokubizwa ngokuba ngumsebenzi ophantsi. Ukanti, akukho namnye kumakhoboka kaYehova owenza umsebenzi ongabalulekanga. UYehova uyabaxabisa bonke abamkhonza ngokuzithandela, ibe uya kuwusikelela umoya wabo wokuzincama.—Marko 10:29, 30.
UElisha wanamathela kuEliya de kwasa ekupheleni. Akazange avume ukumshiya lo mprofeti walupheleyo kwanaxa wayelinikwa ithuba lokwenjenjalo. Alithandabuzeki elokuba, ulwalamano olusondeleyo awayezakhele lona noEliya lwamenza wakuvuyela ukubonakalisa olo thando lunyanisekileyo. Namhlanje, abakhonzi bakaThixo bazabalazela ukomeleza ulwalamano lwabo noThixo nokusondela ngakumbi kwamanye amakholwa. Iqhina elomeleleyo lomanyano liya kusikelelwa, kuba iBhayibhile ithi ngoYehova: “Konyanisekileyo uya kwenza ngokunyaniseka.”—2 Samuweli 22:26, NW.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ibinzana elithi “oonyana babaprofeti” lisenokubhekisela kwisikolo ababefunda kuso abo babekolu bizo okanye libhekisela nje kumbutho othile wabaprofeti.
b Isigidimi sikaEliya esasisiya kuKumkani uYehoram wakwaYuda sabhalwa kwiminyaka ethile kamva.—2 Kronike 21:12-15.
c Kwakuyinto eqhelekileyo ukuba isicaka sigalele amanzi ezandleni zenkosi yaso xa izihlambayo, ngokukodwa emva kokutya. Olu qheliselo lwalufana nolokuhlanjwa kweenyawo, olwalusisenzo sokubuk’ iindwendwe, sentlonelo yaye kwezinye iimeko, sokuthobeka.—Genesis 24:31, 32; Yohane 13:5.