IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w03 9/1 iphe. 30-31
  • Ngaba Uyabaxabisa Abo Bakhulileyo Ukhonza Nabo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Uyabaxabisa Abo Bakhulileyo Ukhonza Nabo?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Wayemxabisa Umhlobo Wakhe Okhulileyo
  • ‘Njengooyihlo Nanjengoonyoko’
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Umzekelo Wokuzinikela Nokunyaniseka
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • UElisha Wabona Iinqwelo Zomlilo—Ngaba Uyazibona Nawe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Wanyamezela Ubomi Bakhe Bonke
    Xelisa Ukholo Lwabo
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
w03 9/1 iphe. 30-31

Ngaba Uyabaxabisa Abo Bakhulileyo Ukhonza Nabo?

XA ABANTU bakwaSirayeli wamandulo babekumnqophiso noThixo, banikwa lo myalelo: “Uze usukume phambi kwengwevu, uyihlonele indoda enkulu, umoyike uThixo wakho.” (Levitikus 19:32) Ngoko ke, ukuhlonela abantu abakhulileyo kwakuyinkonzo engcwele, nto leyo enxulumene nokuthobela uThixo. Nangona amaKristu namhlanje engekho phantsi koMthetho kaMoses, oku kusikhumbuza ukuba uYehova uyabaxabisa abantu abakhulileyo abamkhonzayo. (IMizekeliso 16:31; Hebhere 7:18) Ngaba nathi sinembono efanayo nekaYehova? Ngaba siyabaxabisa abazalwana noodade abangamaKristu abakhulileyo?

Wayemxabisa Umhlobo Wakhe Okhulileyo

Enye ingxelo yeBhayibhile ebalaselisa ukubonakalisa intlonelo kubantu abakhulileyo ifumaneka kwincwadi yeSibini yooKumkani. Le ngxelo ichaza indlela umprofeti oselula uElisha awangena ngayo ezihlangwini zikaEliya. Cinga ngoko kwenzekayo ngosuku lokugqibela lukaEliya njengomprofeti wobukumkani bezizwe ezilishumi zakwaSirayeli.

Ngaloo mini, umprofeti okhulileyo wayalelwa nguYehova ukuba asuke eGiligali aye eBheteli, asuke eBheteli aye eYeriko, aze asuke eYeriko aye kuMlambo iYordan. (2 Kumkani 2:1, 2, 4, 6) Ebudeni bolo hambo olumalunga neekhilomitha ezingama-50, uEliya wabongoza uElisha kangangezihlandlo ezithathu ukuba ayeke ukumlandela. Noko ke, kanye njengokuba uRute oselula walayo ukushiya uNahomi kwiinkulungwane ngaphambili, noElisha wala ukushiya lo mprofeti okhulileyo. (Rute 1:16, 17) Kangangezihlandlo ezithathu uElisha wathi: “Njengoko uYehova ephila nomphefumlo wakho uphila, andiyi kukushiya.” (2 Kumkani 2:2, 4, 6) Ngelo xesha, uElisha wayesele emncedise kangangeminyaka emithandathu uEliya. Sekunjalo, wayefuna ukukhonza kunye noEliya kangangoko anako. Enyanisweni, le ngxelo ihlabela mgama isithi: ‘Kwathi besahamba, behamba bethetha, kaloku, khangela! UEliya wenyuka.’ (Indinyana 11) UEliya noElisha bancokola de kwangumzuzu wokugqibela wenkonzo kaEliya kwaSirayeli. Kuyabonakala ukuba lo mprofeti uselula wayefuna ukufumana umyalelo nokhuthazo kangangoko anako kulo mprofeti ukhulileyo nonamava. Kucacile ukuba, wayemxabisa umhlobo wakhe okhulileyo.

‘Njengooyihlo Nanjengoonyoko’

Akunzima ukubona isizathu sokuba uElisha amthande umprofeti okhulileyo njengomhlobo—nanjengoyise wokomoya. (2 Kumkani 2:12) Kanye ngaphambi kokuphela kwesabelo sikaEliya kwaSirayeli, wathi kuElisha: “Cela into emandikwenzele yona ngaphambi kokuba ndithatyathwe kuwe.” (Indinyana 9) Ngoko ke, de kwangumzuzu wokugqibela, uEliya wabonakalisa inkxalabo ngempilo-ntle yokomoya yomntu owangena ezihlangwini zakhe nokuqhubeka komsebenzi kaThixo.

Namhlanje, kuvuyisa gqitha ukubona inkathalo efana neyootata noomama eboniswa ngabazalwana noodade abangamaKristu abakhulileyo njengoko besabelana ngesisa ngolwazi nangobulumko abanabo kunye nabo baselula. Ngokomzekelo, amagqala amatsha-ntliziyo kwiiofisi zesebe zamaNgqina kaYehova ngokuzithandela anceda amalungu amatsha entsapho yaseBheteli ukuze afumane ubugcisa abufunayo ukuze enze umsebenzi wawo. Ngokufanayo, abaveleli abahambahambayo nabafazi babo abebetyelela amabandla kangangeminyaka emininzi babelana ngamava abo amaninzi nabo baqeqeshelwa ukuba ngabalungiseleli abahambahambayo. Ngaphezu koko, kumabandla amaNgqina kaYehova ehlabathini lonke, kukho abazalwana noodade abakhulileyo abaye bakhonza uYehova ngokuthembeka kangangamashumi eminyaka nababelana ngokuzithandela ngobulumko nangamava abanawo kunye namalungu asematsha ebandla.—IMizekeliso 2:7; Filipi 3:17; Tito 2:3-5.

Inkathalo yala maKristu akhulileyo athandekayo ibangela ukuba kube luyolo ukuwahlonela. Ngoko ke, sifuna ukuxelisa umzekelo kaElisha wokubaxabisa ngokwenene abo bakhulileyo sikhonza nabo. Njengokuba umpostile uPawulos esikhumbuza, masiqhubeke siyiphatha ‘indoda enkulu njengotata, nabafazi abakhulu njengoomama.’ (1 Timoti 5:1, 2) Xa sisenza oko, sifaka isandla kwinkqubela nakwindlela efanelekileyo elisebenza ngayo ibandla lamaKristu ehlabathini lonke.

[Umfanekiso okwiphepha 30]

UElisha wayefuna ukukhonza noEliya kangangoko kunokwenzeka

[Imifanekiso ekwiphepha 31]

Abaselula bazuza kakhulu kumaKristu akhulileyo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share