Phezu Kwazo Nje Izilingo, Bambelelani Elukholweni Lwenu!
“Kugqaleni konke kuluvuyo, bazalwana bam, xa nihlangana nezilingo ezahlukahlukeneyo.”—YAKOBI 1:2.
1. Abantu bakaYehova bamkhonza phantsi kwaziphi iimeko benokholo ‘nokuchwayita kwentliziyo’?
ABANTU bakaYehova bangamaNgqina anokholo kuye ‘nachwayithileyo entliziyweni.’ (Duteronomi 28:47; Isaya 43:10) Benjenjalo nangona behlangabezana neemvavanyo ezininzi. Phezu kwabo nje ubunzima abajamelana nabo, la mazwi alandelayo ayabathuthuzela: “Kugqaleni konke kuluvuyo, bazalwana bam, xa nihlangana nezilingo ezahlukahlukeneyo, nisazi njengoko kunjalo ukuba lo mlinganiselo uvavanyiweyo wokholo lwenu usebenza unyamezelo.”—Yakobi 1:2, 3.
2. Yintoni eyaziwayo ngombhali wencwadi kaYakobi?
2 La mazwi abhalwa ngumfundi uYakobi, owayengumninawa kaYesu Kristu ngonina, malunga nowama-62 C.E. (Marko 6:3) UYakobi wayengumdala kwibandla laseYerusalem. Eneneni, yena, uKefas (Petros) noYohane “babebonakala beziintsika”—bengabaxhasi abomeleleyo nabaqinileyo bebandla. (Galati 2:9) Xa imbambano yolwaluko yaziswa ‘kubapostile nakumadoda amakhulu’ malunga nowama-49 C.E., uYakobi wanikela icebiso elalivisisana neZibhalo elasetyenziswa lelo qumrhu lilawulayo lenkulungwane yokuqala.—IZenzo 15:6-29.
3. Ziziphi ezinye zeengxaki awayejamelene nazo amaKristu enkulungwane yokuqala, yaye sinokungenelwa ngakumbi njani kwincwadi kaYakobi?
3 Njengomalusi wokomoya onenkxalabo, uYakobi ‘wayebazi ubume bempahla yakhe emfutshane.’ (IMizekeliso 27:23) Waphawula ukuba ngelo xesha amaKristu ayejamelene neemvavanyo eziqatha. Amanye kwakufuneka alungise indlela acinga ngayo, kuba ayebonakalisa umkhethe kwabazizityebi. Kuninzi lwawo, unqulo lwalukukudlulisa nje usana kunina. Amanye ayedala umonakalo ngemilomo yawo engalawulekiyo. Umoya wehlabathi wawusiba nemiphumo eyonakalisayo, ibe amaninzi ayengenamonde yaye engakukhuthalelanga ukuthandaza. Enyanisweni, amaKristu athile ayegula ngokomoya. Incwadi kaYakobi ixubusha ngezi zinto ngendlela eyakhayo, yaye isiluleko sakhe siluncedo namhlanje njengoko sasinjalo ngenkulungwane yokuqala yeXesha lethu Eliqhelekileyo. Siya kungenelwa gqitha ukuba le ncwadi siyigqala njengebhalelwe thina.a
Xa Sijamelana Nezilingo
4. Sifanele sizijonge njani izilingo?
4 UYakobi usibonisa indlela esimele sizijonge ngayo izilingo. (Yakobi 1:1-4) Engayikhankanyi nakancinane into yokuba uyazalana noNyana kaThixo, ngokuthobeka uzibiza ngokuba ‘ulikhoboka likaThixo neleNkosi uYesu Kristu.’ Okokuqala, uYakobi ubhalela “izizwe ezilishumi elinesibini” zikaSirayeli wokomoya “ezichithachithekileyo” ngenxa yentshutshiso. (IZenzo 8:1; 11:19; Galati 6:16; 1 Petros 1:1) NjengamaKristu, nathi siyatshutshiswa, yaye ‘sihlangana nezilingo ezahlukahlukeneyo.’ Kodwa ukuba siyakhumbula ukuba izilingo esizinyamezelayo ziyalomeleza ukholo lwethu, siya ‘kukugqala konke kuluvuyo’ xa zisifikela. Ukuba sigcina ingqibelelo yethu kuThixo ebudeni bezilingo, oko kuya kusizisela ulonwabo oluhlala luhleli.
5. Zisenokuquka ntoni izilingo esijamelana nazo, yaye kwenzeka ntoni xa sizinyamezela ngempumelelo?
5 Izilingo zethu ziquka amanzithinzithi aqhelekileyo eluntwini. Ngokomzekelo, sisenokuthwaxwa yimpilo enkenenkene. Ngoku uThixo akaphilisi bantu ngemimangaliso, kodwa uyayiphendula imithandazo esiyenzayo sicela ubulumko nokomelela okuyimfuneko ukuze sihlangabezane nesigulo. (INdumiso 41:1-3) Kwakhona siyabandezeleka ngenxa yobulungisa xa sitshutshiswa njengamaNgqina kaYehova. (2 Timoti 3:12; 1 Petros 3:14) Xa sizinyamezela ngempumelelo izilingo ezinjalo, siyalungqina ukholo lwethu, yaye luba ‘nomlinganiselo ovavanyiweyo.’ Yaye xa ukholo lwethu lusoyisa, oko ‘kusebenza unyamezelo.’ Ukholo olomelezwa zizilingo luya kusinceda sikwazi ukunyamezela iimvavanyo zexesha elizayo.
6. ‘Umsebenzi wonyamezelo upheleliswa’ njani, yaye ngawaphi amanyathelo aluncedo esinokuwathabatha xa sijamelene nesilingo?
6 UYakobi uthi: “Kodwa umsebenzi walo unyamezelo mawupheleliswe.” Ukuba sivumela isilingo siqhubeke singakhange sizame ukusiphelisa ngokukhawuleza ngeendlela ezingasekelwanga kwizibhalo, unyamezelo luya kuwenza “umsebenzi” wokusenza amaKristu agqibeleleyo, singalusweli ukholo. Kakade ke, ukuba isilingo sibhenca ukuba sinobuthathaka obuthile, sifanele sifune uncedo lukaYehova ukuze siboyise. Kuthekani ukuba sijamelene nesilingo sokubandakanyeka ekuziphatheni okubi ngokwesini? Masiyithandazele le ngxaki size senze ngokuvisisana nemithandazo yethu. Kusenokude kufuneke sitshintshe indawo yempangelo okanye sithabathe amanye amanyathelo ukuze sigcine ingqibelelo kuThixo.—Genesis 39:7-9; 1 Korinte 10:13.
Ukufuna Ubulumko
7. Yiyiphi indlela esinokuncedwa ngayo ukuze sihlangabezane nezilingo?
7 UYakobi usibonisa oko simele sikwenze xa singayazi indlela yokuhlangabezana nesilingo. (Yakobi 1:5-8) UYehova akayi kusiluleka kabukhali ngenxa yokuswela ubulumko nokungabuthandazeli ngokholo. Uya kusinceda sijonge eso silingo ngendlela efanelekileyo yaye sisinyamezele. Amanye amakholwa asenokusikhumbuza iZibhalo ezithile okanye sizifumane xa sifundisisa iBhayibhile. Iziganeko ezenzekayo ngolwalathiso lukaThixo zisenokusenza sibone oko sifanele sikwenze. Sisenokukhokelwa ngumoya kaThixo. (Luka 11:13) Ukuze sifumane ezo ngenelo, ngokuqhelekileyo simele sinamathele ngokusondeleyo kuThixo nakubantu bakhe.—IMizekeliso 18:1.
8. Kutheni umntu othandabuzayo engayi kufumana nto kuYehova?
8 UYehova usinika ubulumko bokuhlangabezana nezilingo ukuba ‘siqhubeka sibucela ngokholo, singathandabuzi konke konke.’ Umntu othandabuzayo “unjengeliza lolwandle eliqhutywa yaye livuthuzwa ngumoya” ngokungalawulekiyo. Ukuba asizinzanga ngolo hlobo ngokomoya, ‘masingabi siya kwamkela nantoni na kuYehova.’ Masingabi ‘ngabangenazigqibo nabangazinzanga’ emthandazweni okanye ngezinye iindlela. Kunoko, masibe nokholo kuYehova, uMthombo wobulumko.—IMizekeliso 3:5, 6.
Abazizityebi Nabangamahlwempu Banokugcoba
9. Kutheni sinesizathu sokugcoba njengabanquli bakaYehova?
9 Kwanokuba ubuhlwempu busesinye sezilingo esijamelene nazo, masikhumbule ukuba amaKristu azizityebi nangamahlwempu anokugcoba ngokufanayo. (Yakobi 1:9-11) Ngaphambi kokuba babe ngabalandeli bakaYesu, abaninzi kubathanjiswa babengenazinto zininzi ziphathekayo yaye babejongelwa phantsi lihlabathi. (1 Korinte 1:26) Kodwa babenokugcoba ngenxa “yokuphakanyiswa” kwabo ukusa kwisikhundla sokuba ziindlalifa zoBukumkani. (Roma 8:16, 17) Kwelinye icala, izityebi ezazikhe zasezimbekweni ‘ziyathotywa’ xa zingabalandeli bakaKristu ngenxa yokugculelwa lihlabathi. (Yohane 7:47-52; 12:42, 43) Noko ke, njengabakhonzi bakaYehova, sonke sinokugcoba kuba ubuncwane nezikhundla eziphakamileyo zehlabathi zililize xa zithelekiswa nobutyebi bokomoya esinabo. Ibe hayi indlela esinombulelo ngayo ngenxa yokuba sikuphepha ukuzingca ngomgangatho wobomi bethu!—IMizekeliso 10:22; IZenzo 10:34, 35.
10. AmaKristu afanele abujonge njani ubuncwane bezinto eziphathekayo?
10 UYakobi uyasinceda sibone ukuba ubomi bethu abuxhomekekanga kubuncwane nakwizinto esiziphumezayo ehlabathini. Njengoko ubuhle bentyatyambo bungenakuyithintela ukuba ife ngenxa ‘yobushushu obutshisayo’ belanga, ubuncwane bendoda esisityebi abunakubenza bude ubomi bayo. (INdumiso 49:6-9; Mateyu 6:27) Isenokufa isaxakekile ‘ziindlela zayo zobomi,’ mhlawumbi ishishina. Ngoko, into ebalulekileyo kukuba ‘sisityebi kuThixo’ nokwenza unako nako wokuhambisela phambili izilangazelelo zoBukumkani.—Luka 12:13-21; Mateyu 6:33; 1 Timoti 6:17-19.
Banoyolo Abo Banyamezela Isilingo
11. Liyintoni ithemba ngabo babambelela elukholweni lwabo xa bejamelene nezilingo?
11 Enoba sizizityebi okanye singamahlwempu, sinako ukonwaba ukuba nje siyazinyamezela izilingo. (Yakobi 1:12-15) Ukuba siyazinyamezela izilingo silugcinile ukholo lwethu, sinokuvakaliswa njengabanoyolo, kuba kuyavuyisa ukwenza okulungileyo emehlweni kaThixo. Ngokunamathela elukholweni lwawo de ase ekufeni, amaKristu azelwe ngomoya afumana “isithsaba sobomi,” ubomi bokungafi emazulwini. (ISityhilelo 2:10; 1 Korinte 15:50) Ukuba sinethemba lokuphila emhlabeni yaye sihlala sinokholo kuThixo, sinokukhangela phambili kubomi obungunaphakade kwiparadesi esemhlabeni. (Luka 23:43; Roma 6:23) Hayi indlela uYehova alunge ngayo kubo bonke abo banokholo kuye!
12. Xa sijamelene nobubi, kutheni singafanele sithi: “Ndilingwa nguThixo”?
12 Ngaba kunokwenzeka ukuba uYehova asilinge ngokwakhe ngokusihlisela ububi? Nakanye, asifanele sithi: “Ndilingwa nguThixo.” UYehova akazami kusenza siwele esonweni kodwa ngokuqinisekileyo uyasinceda aze asinike amandla afunekayo ukuze sinyamezele izilingo ukuba sihlala siqinile elukholweni. (Filipi 4:13) UThixo ungcwele, ngoko akasibeki kwiimeko ezinokuwenza buthathaka amandla ethu okuxhathisa izinto eziphosakeleyo. Xa sizifaka kwimeko engenabungcwele size sone, asifanele simbek’ ityala, “kuba uThixo akanakulingwa ngezinto ezimbi yaye naye akalingi namnye.” Nangona uYehova esenokuvumela ukuba isilingo sisiqeqeshe ukuze singenelwe, akasilingi eneenjongo ezingendawo. (Hebhere 12:7-11) USathana usenokusilinga ukuze senze izinto eziphosakeleyo, kodwa uThixo unokusihlangula kulowo ungendawo.—Mateyu 6:13.
13. Yintoni enokwenzeka ukuba asiwuchasi umnqweno ophosakeleyo?
13 Kufuneka sithandaze kuba imeko ethile isenokusikhokelela kumnqweno ophosakeleyo osenokusenza sone. UYakobi uthi: “Ngamnye ulingwa ngokutsalwa nokuwexulwa ngumnqweno wakhe.” Asinakumbek’ ityala uThixo ngesono sethu ukuba siye savumela intliziyo yethu isoloko inqwenela ukona. Ukuba asiwukhuphi engqondweni umnqweno ophosakeleyo, ‘uyakhawulwa,’ ukhule entliziyweni yethu, uze “uzale isono.” Xa isono sithe safezwa, “sivelisa ukufa.” Kuyacaca ukuba, kufuneka sizikhusele iintliziyo zethu size siluxhathise utyekelo lwesono. (IMizekeliso 4:23) UKayin walunyukiswa kusithiwa isono sasisele siza kumongamela, kodwa akazange axhathise. (Genesis 4:4-8) Ngoko ke, kuthekani ukuba siqalisa ukulandela ikhondo elingavisisani nezibhalo? Ngokuqinisekileyo sifanele sibe nombulelo ukuba abadala abangamaKristu bazama ukusilungisa ukuze singoni kuThixo.—Galati 6:1.
UThixo—Umthombo Wezinto Ezilungileyo
14. Kunokutshiwo ngayiphi ingqiqo ukuba izipho zikaThixo ‘zigqibelele’?
14 Sifanele sikhumbule ukuba uYehova unguMthombo, kungekhona owezilingo, kodwa wezinto ezilungileyo. (Yakobi 1:16-18) UYakobi ubiza amanye amakholwa ngokuthi ‘bazalwana abaziintanda’ yaye ubonisa ukuba uThixo unguMphi waso ‘sonke isipho esilungileyo nesipho esigqibeleleyo.’ Izipho zikaYehova zokomoya nezezinto eziphathekayo ‘zigqibelele,’ okanye ziphelele, akukho nto zisilela kuyo. Zivela “phezulu,” kwindawo uThixo ahlala kuyo emazulwini. (1 Kumkani 8:39) UYehova ‘nguYise wezikhanyiso zesibhakabhaka’—ilanga, inyanga neenkwenkwezi. Kwakhona usinika ukukhanya kokomoya nenyaniso. (INdumiso 43:3; Yeremiya 31:35; 2 Korinte 4:6) Ngokungafaniyo nelanga elenza izithunzi zitshintshe njengoko lihamba lize lime nkqo emin’ emaqanda, uThixo usoloko ekwelona nqanaba lakhe liphezulu ekulungiseleleni oko kulungileyo. Ngokuqinisekileyo uya kusixhobisa ukuze sijamelane nezilingo ukuba siwasebenzisa ngokupheleleyo amalungiselelo akhe okomoya afumaneka ngeLizwi lakhe ‘nangekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’—Mateyu 24:45.
15. Sisiphi esinye sezona zipho zihle zikaYehova?
15 Sisiphi esinye sezona zipho zihle zikaThixo? Kukuzalwa koonyana bokomoya ngomoya oyingcwele, besebenza ngokuvisisana neendaba ezilungileyo, okanye ‘ilizwi lenyaniso.’ Abo bazalwa ngomoya ‘baziintlahlela ezithile,’ bakhethwe eluntwini ukuze babe “bubukumkani nababingeleli” basezulwini. (ISityhilelo 5:10; Efese 1:13, 14) UYakobi usenokuba wayecinga ngeentlahlela zerhasi ezanikelwa ngoNisan 16, usuku awavuswa ngalo uYesu, nelokunikelwa kwezonka zengqolowa ezibini ngomhla wePentekoste, xa kwakuthululwa umoya oyingcwele. (Levitikus 23:4-11, 15-17) Ngoko, uYesu wayeza kuba yintlahlela baze abo baziindlalifa kunye naye babe “ziintlahlela ezithile.” Kuthekani ukuba sinethemba lokuphila emhlabeni? Kaloku, ukulikhumbula kuya kusinceda sihlale sinokholo kuMphi waso “sonke isipho esilungileyo,” owenze ubomi obungunaphakade bakwazi ukufumaneka phantsi kolawulo loBukumkani.
Yiba ‘Ngumenzi WeLizwi’
16. Kutheni sifanele ‘sikhawuleze ukuva kodwa sicothe ukuthetha nokuqumba’?
16 Enoba ngoku sijamelene nezinto ezilinga ukholo lwethu okanye akunjalo, simele sibe “ngabenzi belizwi.” (Yakobi 1:19-25) Kufuneka ‘sikhawuleze ukuliva’ ilizwi likaThixo, sibe ngabenzi balo abathobelayo. (Yohane 8:47) Kwelinye icala, ‘masicothe ukuthetha,’ siwacingisise ngenyameko amazwi ethu. (IMizekeliso 15:28; 16:23) UYakobi usenokuba usibongoza ukuba singakhawulezi ukuthi izilingo zivela kuThixo. Kwakhona silulekwa ukuba ‘sicothe ukuqumba; kuba ingqumbo yomntu ayisebenzi bulungisa bukaThixo.’ Ukuba sicatshukiswa yinto ethethwa ngomnye umntu, ‘masicothe’ ukuze siphephe ukuphendula ngendlela ecaphukisayo. (Efese 4:26, 27) Umoya wengqumbo osenokusifaka ezingxakini uze ube sisilingo kwabanye abantu awunako ukuvelisa oko kufunekayo ukuze sibe nokholo kuThixo wethu olilungisa. Ngaphezu koko, ukuba ‘sinengqondo eninzi,’ siya ‘kuzeka kade umsindo,’ yaye abazalwana noodade bethu baya kutsaleleka kuthi.—IMizekeliso 14:29.
17. Yintoni ephunyezwa kukususa ububi entliziyweni nasengqondweni?
17 Ngokuqinisekileyo kufuneka sibulahle “bonke ubunyhukunyhuku”—yonke into elizothe kuThixo nekhuthaza ukuba nengqumbo. Ngaphezu koko, simele ‘silahle naloo nto igqithiseleyo, ububi.’ Sonke sifanele sikhuphe ebomini bethu nakuphi na ukungacoceki kwenyama okanye komoya. (2 Korinte 7:1; 1 Petros 1:14-16; 1 Yohane 1:9) Ukususwa kobubi entliziyweni nasengqondweni kusincede ‘samkela ngobulali ukumiliselwa kwelizwi’ lenyaniso. (IZenzo 17:11, 12) Enoba lide kangakanani na ixesha singamaKristu, simele siqhubeke sivumela inyaniso engakumbi engokweZibhalo imiliselwe kuthi. Ngoba? Ngenxa yokuba ngomoya kaThixo, ilizwi elimiliselweyo livelisa “ubuntu obutsha” obenza ubani afumane usindiso.—Efese 4:20-24.
18. Umntu olivayo nje ilizwi wahluke njani kumntu okwangumenzi walo?
18 Sinokubonisa njani ukuba eli lizwi liyasikhokela? Ngokuba ‘ngabenzi belizwi abathobelayo, singabi ngabevayo kuphela.’ (Luka 11:28) “Abenzi” banokholo oluvelisa imisebenzi enjengokuba nenzondelelo kubulungiseleli bamaKristu nokuba nenxaxheba ngokuthe rhoqo kwiintlanganiso zabantu bakaThixo. (Roma 10:14, 15; Hebhere 10:24, 25) Umntu olivayo nje ilizwi “unjengomntu okhangela ubuso bakhe bemvelo esipilini.” Uyazikhangela, andule ukumka aze akulibale oko kusenokuba kufuna ukulungiswa kwinkangeleko yakhe. ‘Njengabenzi bomsebenzi,’ siyawufundisisa size siwuthobele ngenyameko “umthetho ogqibeleleyo” kaThixo, kuquka nazo zonke izinto azifunayo kuthi. Ngaloo ndlela inkululeko esiyifumanayo yahlukile ekukhotyokisweni sisono nokufa, kuba ikhokelela ebomini. Ngoko ‘masizingise kumthetho ogqibeleleyo,’ siqhubeke siwuphicotha yaye siwuthobela. Yaye khawufan’ ucinge! ‘Njengabenzi bomsebenzi, kungekhona abevayo abalibalayo,’ sinovuyo olubangelwa kukukholisa uThixo.—INdumiso 19:7-11.
Ukuba Ngaphezulu Komnquli Ofanelekileyo
19, 20. (a) Ngokutsho kukaYakobi 1:26, 27, unqulo oluhlambulukileyo lufuna senze ntoni? (b) Yiyiphi eminye yemizekelo yonqulo olungadyobhekanga?
19 Ukuba sifuna ukumkholisa uThixo, kufuneka sikhumbule ukuba unqulo lokwenyaniso alukokwenza nje uphela sonwabe. (Yakobi 1:26, 27) Sisenokucinga ukuba ‘singabanquli abafanelekileyo’ abamkelekileyo kuYehova, kodwa eyona nto ibalulekileyo yindlela amjonga ngayo ngamnye wethu. (1 Korinte 4:4) Enye intsilelo enzulu isenokuba ‘kukungalubambi ngomkhala ulwimi.’ Besiya kuba siyaziqhatha ukuba besicinga ukuba uThixo uyakholiswa lunqulo lwethu ukuba sibadla izithende abanye, siyaxoka okanye silusebenzisa kakubi ulwimi lwethu nangezinye iindlela. (Levitikus 19:16; Efese 4:25) Ngokuqinisekileyo, asifuni ukuba “uhlobo lonqulo” lwethu lube ‘loluphuthileyo’ nolungamkelekanga kuThixo nangasiphi na isizathu.
20 Nangona uYakobi engazicaphuli zonke iinkalo zonqulo oluhlambulukileyo, uthi lubandakanya “ukuvelela iinkedama nabahlolokazi embandezelweni yabo.” (Galati 2:10; 6:10; 1 Yohane 3:18) Ibandla lamaKristu libonakalisa umdla okhethekileyo ekulungiseleleni abahlolokazi. (IZenzo 6:1-6; 1 Timoti 5:8-10) Ekubeni uThixo enguMkhuseli womhlolokazi nenkedama, masibambisane Naye ngokwenza oko sinokukwenza ukuze sibancede ngokomoya nangezinto eziphathekayo. (Duteronomi 10:17, 18) Unqulo oluhlambulukileyo lukwathetha ‘ukuzigcina ungenabala kulo ihlabathi,’ ibutho labantu elingenabulungisa elilele emandleni kaSathana. (Yohane 17:16; 1 Yohane 5:19) Ngoko masisoloko sicezela kude kwihambo yokungahloneli Thixo yeli hlabathi ukuze sizukise uYehova yaye sibe luncedo enkonzweni yakhe.—2 Timoti 2:20-22.
21. Ngokuphathelele incwadi kaYakobi, yiyiphi eminye imibuzo esifanele siyiqwalasele?
21 Isiluleko sikaYakobi esiye sasiqwalasela ukuza kuthi ga ngoku sifanele sisincede sinyamezele izilingo size sibambelele elukholweni lwethu. Sifanele silwenze nzulu uxabiso lwethu ngoMphi wezipho ezilungileyo onothando. Kwaye amazwi kaYakobi ayasinceda siqhelisele unqulo oluhlambulukileyo. Yintoni enye ayizisa engqalelweni yethu? Ngawaphi amanyathelo ongezelelekileyo esinokuwathabatha ukungqina ukuba ngokwenene sinokholo kuYehova?
[Imibhalo esemazantsi]
a Ebudeni bofundisiso lobuqu okanye besifundo sentsapho kweli nqaku nakwamabini alandelayo, niya kukufumanisa kuyingenelo gqitha ukufunda icandelo ngalinye elicatshuliweyo lale ncwadi eyomeleza ukholo kaYakobi.
Ubuya Kuphendula Uthini?
◻ Yintoni eya kusinceda sinyamezele izilingo?
◻ Kutheni amaKristu enokugcoba phezu kwazo nje izilingo?
◻ Sinokwenza njani ukuze sibe ngabenzi belizwi?
◻ Lubandakanya ntoni unqulo oluhlambulukileyo?
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Xa ujamelene nesilingo, kholosa ngamandla kaYehova okuphendula imithandazo
[Imifanekiso ekwiphepha 10]
‘Abenzi belizwi’ bavakalisa uBukumkani bukaThixo ehlabathini lonke