Ngaba Angamakhoboka Abantu Okanye Angabakhonzi BakaThixo?
“AMANGQINA KAYEHOVA afanele ubuncinane anconywe.” Itsho njalo incwadi yaseJamani iSeher, Grübler, Enthusiasten (Iimboni, Inkcuba-buchopho, Amatsha-ntliziyo). Nangona ngandlel’ athile yayiwahlab’ amadlala amaNgqina, iyavuma: “Ngokuqhelekileyo, aphila ubomi obungenakubekw’ abala, ubomi babantu abakudidi oluphakathi. Akhuthele yaye anenkathalo emsebenzini wawo, angabemi abazolileyo nabanyanisekileyo ekuhlawuleni irhafu. Ayakuphepha ukusukela ubutyebi ngokugqithiseleyo. . . . Ihambo yawo ezindibanweni iyancomeka. Umoya wawo wokuzincama awunakulinganiswa nowamanye amaqela onqulo; ngokuphathelele ubulungiseleli ankqenkqeza phambili kuwo onke. Kodwa eyona nto iwenza agqwese kwezinye iicawa zobuKristu nakumaqela omhla wethu kukuzimisela okungenakuthintelwa kwenkoliso yawo ekushumayeleni iimfundiso zawo phantsi kwazo naziphi na iimeko kuquka neengozi ajamelana nazo.”a
Phezu kwazo nje iingxelo ezinjalo ukuba ntle, abanye baye bazama ukuthetha ngendlela eyahluke gqitha ngamaNgqina kaYehova. Kwinkoliso yamazwe ehlabathini jikelele, kangangamashumi eminyaka amaNgqina ebesenza imisebenzi yawo yonqulo ngokukhululekileyo ngaphandle kokuphazanyiswa. Izigidi zabantu ziyawazi, ziyawahlonela, yaye ziyavuma ukuba anelungelo lokuqhelisela unqulo lwawo. Ngoko ke, kutheni kukho ukungaqiniseki okungaka ngamaNgqina kaYehova?
Mhlawumbi esinye isizathu sokungaqiniseki sikukuba kumaxesha amva nje amanye amaqela amaninzi onqulo aye abandakanyeka ekuxhatshazweni kwabantwana, ekuzibulaleni kwabantu, nakwiintlaselo zabagrogrisi. Kakade ke, ihambo etenxe ngolo hlobo ixhaphakile kungekuphela nje kubantu bonqulo. Ngoko ke, inyambalala yabantu iye yanamathandabuzo, ngokuphathelele unqulo bambi bade baluchasa.
Iingozi Zokulandela Abantu
‘Ihlelo’ liye lachazwa ‘njengeqela elibambelele kwiimfundiso ezithile ezikhethekileyo okanye elilandela inkokeli ethile.’ Ngokufanayo, abo bangamalungu ‘ehlelo’ ‘bazinikela kakhulu emntwini, kwingcamango ethile, okanye kwinto ethile.’ Eneneni, amalungu alo naliphi na iqela lonqulo abambelele ngokugqithiseleyo kwiinkokeli ezingabantu nakwiingcamango zazo, asengozini yokuba ngamakhoboka abantu. Ukunxulumana nenkokeli ezinikeleyo nenempembelelo kunokukhokelela kwingozi engokweemvakalelo nokuxhomekeka kumntu othile ngokomoya. Ingozi ingayengathethekiyo ukuba ubani uzincanc’ ebeleni kwasebuntwaneni iimfundiso zehlelo.
Abo banenkxalabo elolo hlobo ngonqulo bafuna inkcazelo enokuthenjwa. Abanye basenokuba babaliselwa ukuba amaNgqina kaYehova akwintlangano yonqulo ewenza amakhoboka amalungu awo, anegunya ngokugqith’ emgceni phezu kwawo, inkululeko yawo iyisikela umda ngokungekho ngqiqweni, ize loo nto iwenze azenze izinto ngendlela eyahlukileyo kulo lonke ibutho labantu.
AmaNgqina kaYehova ayazi ukuba ezi zityholo aziyonyaniso. Ngoko ke, ayakumema ukuba uziphandele ngokwakho. Emva kokuhlolisisa ngenyameko, zenzele ezakho izigqibo. Ngaba amaNgqina angabakhonzi bakaThixo, njengoko esitsho, okanye angamakhoboka abantu? Awafumana phi amandla? La manqaku mabini akwiphepha 12-23 aza kunikela iimpendulo ezanelisayo kwimibuzo elolo hlobo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Uhlelo lwantlandlolo lowe-1950 alunawo la mazwi angasentla. Ukubonakala kwawo kuhlelo oluhlaziyiweyo lowe-1982 kubonisa ukuya bewaqonda bhetele amaNgqina kaYehova.