IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w98 4/1 iphe. 21
  • “Abantu Bakho Bayakuzinikela Ngeentliziyo”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Abantu Bakho Bayakuzinikela Ngeentliziyo”
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
  • Amanqaku Afanayo
  • Ijoni Nentombazana Encinane
    Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Wayefuna Ukunceda
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Wayengaphulaphuli Kodwa Ekugqibeleni Wathobela
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Intombazana Inceda Igorha
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
w98 4/1 iphe. 21

Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa

“Abantu Bakho Bayakuzinikela Ngeentliziyo”

UNAHAMAN umphathimkhosi waseSiriya onamandla ubanjwe liqhenqa. Ukuba esi sifo sinezothe asinyangwa, siza kumenza umlwelwe size simbulale. Uza kwenza ntoni uNahaman? Phakathi kwamalungu endlu kaNahaman kukho intombazana, ‘eyayithinjwe ezweni lakwaSirayeli.’ Ngenkalipho ithetha ngokungafihlisi ichaza ukuba ngumprofeti uElisha kuphela owayengaphilis’ uNahaman.—2 Kumkani 5:1-3.

Ngenxa yokuthetha kwayo ngenkalipho, uNahaman ufuna uElisha yaye uyaphiliswa. Ukongezelela, uNahaman uba ngumnquli kaYehova! La mava, abhalwe eBhayibhileni, enzeka ngenkulungwane yeshumi ngaphambi kweXesha lethu Eliqhelekileyo. (2 Kumkani 5:4-15) Namhlanje, ulutsha oluninzi lubonisa inkalipho efanayo ekuthetheni ngokungafihlisi ngezilangazelelo zoBukumkani. La mava alandelayo avela eMozambique ayakuqinisekisa oku.

UNuno oneminyaka emithandathu ubudala ungumvakalisi ongabhaptizwanga weendaba ezilungileyo. Kwanangaphambi kokuba abe ngumvakalisi ongabhaptizwanga, uNuno wayehlanganisa abantwana babamelwane bakhe, athandaze, aze abafundise iBhayibhile, esebenzisa impapasho ethi Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile.

Amaxesha amaninzi uNuno uvuka ekuseni ngoMgqibelo aze akhumbuze intsapho yakowabo: “Namhlanje siya kubulungiseleli basentsimini.” Inzondelelo yakhe kubulungiseleli ibonakala nangezinye iindlela. Xa wayepheleke abazali bakhe kubulungiseleli basesitratweni eMaputo, uNuno wayesoloko ethetha nabantu ngokwakhe. Ngesinye isihlandlo esinjalo, usomashishini othile weza kuye waza wambuza: “Kutheni uwathengisa nje la maphephancwadi?” UNuno wathi: “Andiwathengisi la maphephancwadi, kodwa ndiyayamkela iminikelo yokuxhasa ngokwemali umsebenzi wokushumayela.” Lo somashishini waphendula wathi: “Nangona ndingenamdla, ndichukumisekile sisimo sakho sengqondo nobuchule onabo. Ndingathanda ukufak’ isandla kulo msebenzi.”

Ngesinye isihlandlo, uNuno wathetha nendoda ethile esitratweni waza wayinika incwadi ethi Uxolo Nonqabiseko Lokwenyaniso—Unokulufumana Njani? Le ndoda yabuza: “Akufundi phaya kwesa sikolo?” “Ewe,” waphendula watsho uNuno, “ndifunda kwesa sikolo, kodwa namhlanje ndihambisa isigidimi esibalulekileyo esikule ncwadi. Ibonisa ukuba unokuphila kwihlabathi elitsha eliza kuziswa nguThixo, njengoko kuboniswe kulo mfanekiso ukule ncwadi.” UNuno akazange aqonde ukuba le ndoda wayethetha nayo yayingumfundisi-ntsapho kwisikolo sakhe. Lo mfundisi-ntsapho akazange anele nje ukwamkela incwadi kodwa ngoku ufumana rhoqo iphephancwadi IMboniselo noVukani! kuNuno.

Xa uNuno ebuzwa ukuba kutheni ewuthanda kangaka umsebenzi wokushumayela, uthi: “Ndifuna ukuthetha nabantu ndize ndibafundise ngoYehova noNyana wakhe, uYesu Kristu.” Wongezelela athi: “Yaye ukuba abantu abafuni kuphulaphula, asikho isizathu sokukhathazeka.”

Ehlabathini lonke, amawakawaka olutsha njengoNuno ‘luyazinikela ngeentliziyo’ ukuze lufundise luze lushumayele ngoBukumkani bukaThixo. (INdumiso 110:3) Kodwa oku akwenzeki ngamabona-ndenzile. Abazali abafundisa abantwana babo ngoYehova kwasebusaneni, bamisele umzekelo omhle kubulungiseleli, baze ngenzondelelo basukele izilangazelelo zoBukumkani baya kuvuzwa ngokutyebileyo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share