IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w98 5/1 iphe. 30-31
  • Ingqibelelo KaYobhi Iyavuzwa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ingqibelelo KaYobhi Iyavuzwa
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuhlanjw’ Ityala Nokubuyiselwa
  • Oko Sikufundayo
  • Ukuthandazela Abanye Kuyamkholisa UYehova
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yeentlanganiso (2016)
  • Incwadi YeBhayibhile 18—Yobhi
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
  • UYobhi Wanyamezela—Nathi Sinako!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • “Andizukuyeka Ukuba Msulwa”
    Xelisa Ukholo Lwabo
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
w98 5/1 iphe. 30-31

Benza Ukuthanda KukaYehova

Ingqibelelo KaYobhi Iyavuzwa

UYOBHI wayeyindoda enemfesane, uyise wabahlolokazi, iinkedama nabaxhwalekileyo. (Yobhi 29:12-17; 31:16-21) Kwandula ke, ngequbuliso, wawela kwiimeko ezingaginyisi mathe, walahlekelwa bubuncwane bakhe, abantwana bakhe, nempilo yakhe. Okulusizi kukuba, esi sidwangube sasiyintsika yokuxhasa abacinezelekileyo nababefumana uncedo ngexesha likaxakeka. Kwanomfazi wakhe wamxelela ukuba ‘makamlahle uThixo afe!’ Yaye “abahlobo” bakhe uElifazi, uBhiledadi noTsofare abazange bamthuthuzele. Kunoko, bamkwekwa uYobhi ngelithi wayonile ngoko ke yayimfanele intlungu awayekuyo.—Yobhi 2:9; 4:7, 8; 8:5, 6; 11:13-15.

Phezu kwako nje ukubandezeleka okukhulu, uYobhi wahlala ethembekile. Ngenxa yoku, ekugqibeleni uYehova wamandisela inceba uYobhi ibe wamsikelela. Ingxelo ebonisa indlela awenza ngayo iqinisekisa bonke abakhonzi bakaThixo abagcina ingqibelelo ukuba ngexesha elililo nabo baya kuvuzwa.

Ukuhlanjw’ Ityala Nokubuyiselwa

Okokuqala, uYehova wamohlwaya uElifazi, uBhiledadi noTsofare. Ethetha noElifazi, nekucacayo ukuba wayengoyena mdala wathi: “Umsindo wam uyavutha kuwe, nakubamelwane bakho bobabini; kuba anithethanga nto iyiyo ngam, njengomkhonzi wam uYobhi. Ngoku ke zithabatheleni iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe sixhenxe, neenkunzi zeegusha zibe sixhenxe, niye kumkhonzi wam uYobhi, nizinyusele idini elinyukayo, uYobhi umkhonzi wam anithandazele.” (Yobhi 42:7, 8) Khawucinge ngoko kwakuthethwa koku!

UYehova wafuna umbingelelo othe vetshe kuElifazi, uBhiledadi noTsofare mhlawumbi ukuze kubethelele ubunzulu besono sabo. Eneneni, nokuba babesazi okanye bengazi, bebemnyelisile uThixo ngokuthi ‘akakholwa ngabakhonzi bakhe’ ibe kwakungathethi nto kuye nokuba uYobhi wayethembekile okanye kungenjalo. UElifazi wade wathi emehlweni kaThixo uYobhi wayengaxabisekanga ngaphezu kwenundu! (Yobhi 4:18, 19; 22:2, 3) Akumangalisi ke ngoko ukuba uYehova wathi: “Kuba ningathethanga nto iyiyo ngam”!

Kodwa oko akupheleli apho. UElifazi, uBhiledadi noTsofare kwakhona babemonile noYobhi ngokumxelela ukuba wayezibangele ngokwakhe iingxaki zakhe. Izityholo zabo ezingenasihlahla nokungabi naluvelwano kwabo kwamshiya uYobhi ekrakra ngokwasemphefumlweni kwaye edandathekile, bembangela abhomboloze athi: “Kunini na nisenza isingqala kumphefumlo wam, nindityumza ngokuthetha?” (Yobhi 10:1; 19:2) Cinga udano olungathethekiyo lwala madoda mathathu njengokuba ngoku kwakufuneka anike uYobhi iminikelo ngenxa yezono zawo!

Kodwa uYobhi akazange akuvuyele ukuhlaziswa kwawo. Eneneni, uYehova wayefuna ukuba athandazele abamangaleli bakhe. UYobhi wenza kanye njengokuba wayeyalelwe, yaye ngenxa yoko wasikelelwa. Kuqala, uYehova waphilisa isifo sakhe esasisoyikeka. Kwandula ke, abazalwana bakaYobhi, oodade wabo, nababesakunxulumana naye beza kumthuthuzela, “bamnika elowo [ingqekembe yemali, NW], elowo ijikazi legolide.”a Ukongezelela koko, uYobhi “waba neshumi elinesine lamawaka empahla emfutshane, nesithandathu samawaka eenkamela, newaka lezibini zeenkomo, newaka leemazi zamaesile.”b Yaye ngokucacileyo umfazi kaYobhi waxolelaniswa naye. Ekuhambeni kwexesha, uYobhi wasikelelwa ngoonyana abasixhenxe neentombi izintathu, kwaye waphila de wabona nesesine isizukulwana sembewu yakhe.—Yobhi 42:10-17.

Oko Sikufundayo

UYobhi wabamisela umzekelo obalaseleyo abakhonzi bakaThixo banamhla. ‘Wayegqibelele ethe tye,’ indoda uYehova awayeneqhayiya lokuyibiza ngokuthi “umkhonzi wam.” (Yobhi 1:8; 42:7, 8) Noko ke, oku akuthethi ukuba, uYobhi wayefezekile. Ngelinye ithuba lokuvavanywa kwakhe, ngokuphosakeleyo wacinga ukuba yayinguThixo ombangele intlekele. Wade wahlab’ amadlala indlela kaThixo yokuqhubana noluntu. (Yobhi 27:2; 30:20, 21) Kwakhona wavakalisa ubulungisa bakhe kunobukaThixo. (Yobhi 32:2) Kodwa uYobhi akazange amnikel’ umva uMdali, ibe ngokuthobeka wavuma ukulungiswa nguThixo. Wavuma esithi: “Ngoko ke ndithethe ndingaziqondi. Ngenxa yoko ndiyazicekisa, ndizohlwaye, ndiseluthulini naseluthuthwini.”—Yobhi 42:3, 6.

Nathi xa sivavanywa sinokucinga, sithethe, okanye senze izinto ngendlela engafanelekanga. (Thelekisa INtshumayeli 7:7.) Sekunjalo, ukuba uthando lwethu ngoThixo lunzulu, asiyi kumvukela okanye simqumbele ngenxa yokuvumela kwakhe ukuba sijamelane nobunzima. Kunoko, siya kugcina ingqibelelo yethu yaye ngaloo ndlela ekugqibeleni siya kuvuna iintsikelelo ezingathethekiyo. Umdumisi wathi ngoYehova: “Konyanisekileyo wenza ngokunyaniseka.”—INdumiso 18:25, NW.

Ngaphambi kokuba uYobhi abuyiselwe empilweni, uYehova wafuna ukuba athandazele abo babemonile. Onjani wona umzekelo ukuba mhle! UYehova ufuna ukuba sixolele abo basonayo ngaphambi kokuba zixolelwe izono zethu. (Mateyu 6:12; Efese 4:32) Ukuba asikulungele ukuxolela abanye naxa kukho isizathu esivakalayo sokwenjenjalo, ngaba ngokufanelekileyo sinokulindela ukuba uYehova abe nenceba kuthi?—Mateyu 18:21-35.

Maxa wambi, sonke sijamelana neemvavanyo. (2 Timoti 3:12) Sekunjalo, njengoYobhi sinokugcina ingqibelelo. Ngokwenjenjalo, siya kuvuna umvuzo omkhulu. UYakobi wabhala: “Khangelani! Sibabhengeza njengabanoyolo abo baye banyamezela. Nivile ngonyamezelo lukaYobhi yaye niwubonile umphumo uYehova awawunikelayo, ngokuba uYehova unomsa wofefe olukhulu nenceba.”—Yakobi 5:11.

[Imibhalo esemazantsi]

a Ixabiso ‘lengqekembe yemali’ (ngesiHebhere, qesi·tahʹ) alinammiselo. Kodwa “ikhulu leengqekembe zemali” lalithenga ummandla omkhulu womhlaba ngemihla kaYakobi. (Yoshuwa 24:32) Ngoko ke, “ingqekembe yemali” eyayivela kundwendwe ngalunye ifanele ibe yayingaphezulu kunembonakaliso nje yesipho esincinane.

b Ngokucacileyo, isini samaesile sikhankanywe ngenxa yexabiso lawo njengazalayo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share