UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | YOBHI 38-42
Ukuthandazela Abanye Kuyamkholisa UYehova
UYehova wayelindele ukuba uYobhi athandazele uElifazi, uBhiledadi noTsofare
UYehova waxelela uElifazi, uBhiledadi noTsofare ukuba baye kuYobhi baze benze umbingelelo otshiswayo
UYobhi kwakulindeleke ukuba abathandazele
Emva kokuba uYobhi ebathandazele, wasikelelwa
UYehova wamsikelela kakhulu uYobhi ngenxa yokholo nokunyamezela kwakhe
UYehova wakususa ukubandezeleka kuYobhi waza wamphilisa
UYobhi wathuthuzelwa yintsapho nazizihlobo zakhe ngenxa yako konke ukubandezeleka kwakhe
UYehova waphinda wamnika ubutyebi uYobhi, emnika ngokuphindwe kabini koko wayephulukene nako
UYobhi nomfazi wakhe baba nabantwana abalishumi abangakumbi
UYobhi waphila eminye iminyaka eyi-140 waza wakunandipha ukubona izizukulwana ezine zomnombo wentsapho yakhe