Umlinganiselo Wokholo Onalo—uvavanywa Ngoku
“Kugqaleni konke kuluvuyo, bazalwana bam, xa nihlangana nezilingo ezahlukahlukeneyo, nisazi njengoko kunjalo ukuba lo mlinganiselo uvavanyiweyo wokholo lwenu usebenza unyamezelo.”—YAKOBI 1:2, 3.
1. Kutheni amaKristu efanele alindele ukuba ukholo lwawo luvavanywe?
AMAKRISTU okwenyaniso akakuthandi ukubandezeleka, engayoliswa kananjalo kukuva intlungu okanye ukugculelwa. Ukanti, ayawakhumbula la mazwi angasentla awabhalwa ngumninawa kaYesu ngonina, uYakobi. UKristu walitsolisa kubafundi bakhe elokuba babenokulindela intshutshiso nobunye ubunzima ngenxa yokunamathela kwimilinganiselo kaThixo. (Mateyu 10:34; 24:9-13; Yohane 16:33) Sekunjalo, umphumo wezo mvavanyo unokuba luvuyo. Njani?
2. (a) Iimvavanyo zokholo lwethu zinokulubangela njani uvuyo? (b) Unyamezelo lunokuwuphelelisa njani umsebenzi walo kuthi?
2 Isizathu esiyintloko sokuba sivuye xa siphantsi kwezilingo okanye iimvavanyo zokholo kukuba ezi zinto zinokuvelisa iziqhamo ezihle. Njengoko uYakobi esitsho, ukuba nomonde xa siphantsi kweemvavanyo nobunzima ‘kusebenza unyamezelo.’ Sinokungenelwa ngokuhlakulela olo phawu luxabisekileyo lwamaKristu. UYakobi wabhala: “Umsebenzi walo unyamezelo mawupheleliswe, ukuze nibe ngabapheleleyo nabaphilileyo kwiinkalo zonke, ningaswele nantoni na.” (Yakobi 1:4) Unyamezelo lunento okanye “umsebenzi” olumele luwenze. Lumele lusenze siphelele kuzo zonke iinkalo, lusinceda ukuba sibe ngamaKristu alungeleleneyo naqolileyo. Kungoko ukholo lwethu luvavanywa luze lusulungekiswe xa sivumela izilingo zikhwele zizehlela kuthi ngaphandle kokuzama iindlela ezinxamnye nezibhalo zokuziphelisa ngokukhawuleza. Ukuba besingenamonde, imfesane, ububele okanye uthando xa sihlangabezana neemeko ezithile okanye siqhubana nabanye abantu, unyamezelo lunokusenza siphucule ngakumbi. Kaloku inje le nto: Iimvavanyo zivelisa unyamezelo; unyamezelo luhlakulela iimpawu zamaKristu; ezi mpawu zibangela uvuyo.—1 Petros 4:14; 2 Petros 1:5-8.
3. Kutheni singafanele sinkwantyiswe zizilingo okanye iimvavanyo zokholo?
3 Kwakhona umpostile uPetros wabalaselisa isizathu sokuba kungeyomfuneko ukoyika okanye ukunkwantyiswa ziimvavanyo zokholo lwethu. Wabhala: “Ngesi sibakala niyaphuphuma yimihlali, nangona kangangethuba elincinane okwangoku, ukuba kumele kube njalo, niye nenziwa buhlungu zizilingo ezahlukahlukeneyo, ukuze umlinganiselo ovavanyiweyo wokholo lwenu, oluxabiso likhulu ngakumbi kunegolide etshabalalayo phezu kwako nje ukucikidwa kwayo ngomlilo, ufunyanwe ungunobangela wendumiso nozuko nembeko ekutyhilekeni kukaYesu Kristu.” (1 Petros 1:6, 7) La mazwi alukhuthazo nangakumbi ngoku ekubeni “imbandezelo enkulu”—ixesha lokudumisa, lokuzukisa, lokubonakalisa imbeko nelokusinda—isondele ngakumbi kunokuba abanye becinga yaye ikufuphi nangakumbi kunaxa sasiqalisa ukuba ngamakholwa.—Mateyu 24:21; Roma 13:11, 12.
4. Wavakalelwa njani omnye umzalwana ngeemvavanyo awahlangabezana nazo yena namanye amaKristu athanjisiweyo?
4 Kwinqaku elandulelayo, siye saxubusha ngeemvavanyo eye intsalela ethanjisiweyo yajamelana nazo ukususela ngowe-1914 ukusa phambili. Ngaba ezi mvavanyo zazibangela uvuyo? UA. H. Macmillan ukhumbula oku: “Ndiye ndabona izilingo ezinamandla ziyifikela intlangano yaye nokholo lwabo bakuyo luvavanywa. Ngoncedo lomoya kaThixo iye yasinda yaza yaqhubeka ikhula. Ndiye ndayibona indlela ekububulumko ngayo ukulinda ngomonde ukuba uYehova asicacisele indlela ezimele ziqondwe ngayo izinto zeZibhalo kunokukhubeka xa kuvela ingcamango entsha. . . . Kungakhathaliseki ukuba luluphi uhlengahlengiso oluza kwenziwa kwiimbono zethu ethubeni, oko akuyi kuliguqula ilungiselelo lobubele lentlawulelo nedinga likaThixo lobomi obungunaphakade. Ngoko kwakungekho mfuneko yakuvumela ukholo lwethu lube buthathaka ngenxa yolindelo olungazalisekiswanga okanye ukuguquka kweengcamango.”—IMboniselo (yesiNgesi) ka-Agasti 15, 1966, iphepha 504.
5. (a) Ziziphi iingenelo ezabakho ngenxa yokuvavanywa kwentsalela? (b) Kutheni lo mbandela umele ubangel’ umdla kuthi ngoku?
5 AmaKristu athanjisiweyo awasinda kwixesha lokuvavanywa lowe-1914 ukusa kowe-1919 ahlangulwa kwimpembelelo enamandla yehlabathi nakwinkoliso yoqheliselo lonqulo olufana nolwaseBhabhiloni. Le ntsalela yaqhubeka sele ingabantu abahlanjululweyo nabasulungekisiweyo, inyusa amadini okuzithandela endumiso eya kuThixo yaye iqinisekile ukuba njengeqela yamkelekile kuye. (Isaya 52:11; 2 Korinte 6:14-18) Umgwebo wawuqalise ngendlu kaThixo, kodwa wawungayi kuphela ngexesha elithile elimiselweyo. Ukuvavanywa nokuhluzwa kwabantu bakaThixo kusaqhubeka. Nokholo lwabo banethemba lokusinda ‘kwimbandezelo enkulu’ esondelayo njengenxalenye ‘yesihlwele esikhulu’ luyavavanywa. (ISityhilelo 7:9, 14) Oku kwenzeka njengakwintsalela ethanjisiweyo nangezinye iindlela.
Unokuvavanywa Njani Wena?
6. Luluphi olunye uhlobo lovavanyo oluqatha abaye bajamelana nalo abaninzi?
6 Xa kuthethwa ngocelomngeni lokumelana neemvavanyo amaKristu amaninzi aye acinga ngokuhlaselwa ngokungqalileyo. Akhumbula le ngxelo: “[Abaphathi abangamaYuda] bababiza abapostile, babakatsa, baza babayalela ukuba bayeke ukuthetha ngesizinzi segama likaYesu, ibe babandulula. Aba, ke ngoko, bahamba indlela yabo bemka phambi kweSanhedrin, benemihlali ngenxa yokuba babebalelwe ekuthini bafanelwe kukuhlaziswa ngenxa yegama lakhe.” (IZenzo 5:40, 41) Kwaye imbali yale mihla yabantu bakaThixo, ngokukodwa ebudeni beemfazwe zehlabathi, ayiyifihli into yokuba uninzi lwamaNgqina kaYehova luye lwabethwa ngokoqobo de kwenziwa nokungaphezu koko ngabatshutshisi.
7. AmaKristu ale mihla aye abonakalisa ukholo ukusa kuwuphi umlinganiselo?
7 Xa litshutshisa amaKristu, ihlabathi alikhethi phakathi kwentsalela yabathanjiswa nesihlwele esikhulu ‘sezinye izimvu.’ (Yohane 10:16) Ukutyhubela iminyaka, amalungu ala maqela mabini aye avavanywa ngokuqatha evalelwa ezintolongweni de afele ukholo ngenxa yokuthanda kwawo uThixo nangokuba nokholo kwawo kuye. Omabini la maqela ebefuna umoya kaThixo, kungakhathaliseki ukuba analiphi ithemba. (Thelekisa IMboniselo kaJuni 15, 1996, iphepha 31.) Ebudeni beminyaka yee-1930 neyee-1940 kwiJamani yamaNazi, abakhonzi bakaYehova abaninzi, kuquka nabantwana, babonakalisa ukholo olubalaseleyo, yaye inkoliso yabo yavavanywa ukusa kwinqanaba lokugqibela. Kutshanje, abantu bakaYehova baye bajamelana nentshutshiso kumazwe anjengeBurundi, iEritrea, iEthiopia, iMalawi, eMozambiki, iRwanda, iSingapore neZaire. Ibe iimvavanyo ezilolo hlobo zisaqhubeka.
8. Amagqabaza omnye umzalwana waseAfrika abonisa njani ukuba kuninzi okubandakanyekileyo ekuvavanyweni kokholo kunokunyamezela intshutshiso yokubethwa?
8 Noko ke, njengoko sesitshilo, ukholo lwethu luvavanywa nangezinye iindlela ezichuliweyo. Ezinye zeemvavanyo azingqalanga yaye azinakuqondakala lula. Khawucinge ngendlela obuya kusabela ngayo ukuba ubukule meko ilandelayo. Omnye umzalwana waseAngola owayenabantwana abalishumi wayekwibandla elalikhe alanxibelelana nabazalwana abanembopheleleko kangangexesha elithile. Kamva bakwazi abanye ukulityelela elo bandla. Wabuzwa ukuba wayekwazi njani ukondla intsapho yakhe. Lo mbuzo wawungelula kuye, ibe wayedla ngokuthi nje iimeko zazimaxongo. Ngaba wayekwazi ukondla abantwana bakhe ubuncinane isidlo esinye ngosuku? Waphendula: “Akufane kwenzeke. Siye safunda ukuphila ngaloo ntwana sinayo.” Wandula ke eqinisekile, wathi: “Kodwa ke ngaba leyo asinto siyilindeleyo kule mihla yokugqibela?” Ukholo olunjalo lubalasele ehlabathini, kodwa alungomnqa kumaKristu anyanisekileyo, anentembelo epheleleyo yokuba amadinga oBukumkani aza kuzalisekiswa.
9. Ngokuvisisana neyoku-1 kwabaseKorinte 11:3, sivavanywa ngayiphi indlela?
9 Isihlwele esikhulu sikwavavanywa nangenxa yeenkqubo ezingokobuthixo ezimele zilandelwe. Ibandla elisehlabathini lonke lamaKristu lalathiswa ngemigaqo nangemilinganiselo engokobuthixo. Okokuqala, oku kuthetha ukugqala uYesu njengeNkokeli, lowo umiselwe njengeNtloko yebandla. (1 Korinte 11:3) Ukukulungela ukuzithoba kuye nakuYise kubonakaliswa lukholo lwethu kwizabelo ezingokobuthixo nakwizigqibo ezinento yokwenza nokuphumeza kwethu ukuthanda kukaYehova. Ngaphezu koko, kwibandla ngalinye, kukho amadoda amiselwe ukunikela ukhokelo. La madoda akafezekanga yaye iziphako zawo sisenokuzibona lula; ukanti siyabongozwa ukuba sibahlonele yaye sibathobele abo baveleli. (Hebhere 13:7, 17) Ngaba maxa wambi ukufumanisa kulucelomngeni oku? Ngaba oku kuluvavanyo lokwenene kuwe? Ukuba kunjalo, ngaba uyangenelwa kolu vavanyo lokholo lwakho?
10. Luluphi uvavanyo esihlangabezana nalo ngokuphathelele ubulungiseleli basentsimini?
10 Kwakhona sivavanywa ngokuphathelele ilungelo nemfuneko yokuba nenxaxheba rhoqo kubulungiseleli basentsimini. Ukuze siluphumelele olu vavanyo, simele siqonde ukuba, ukuba nesabelo ngokuzeleyo kubulungiseleli kubandakanya okungakumbi kunokwenza nje ucuntsu okanye uphela sonwabe xa sishumayela. Khumbula amazwi okuncoma kaYesu kumhlolokazi owanikela ngako konke anako. (Marko 12:41-44) Sisenokuzibuza, ‘Ngaba nam ndizinikela ngokupheleleyo kubulungiseleli basentsimini?’ Sonke simele sibe ngamaNgqina kaYehova ngalo lonke ixesha, sisoloko sikulungele ukuxhakamfula naliphi na ithuba lokwenza ukukhanya kwethu kukhanye.—Mateyu 5:16.
11. Lunokuba luvavanyo njani utshintsho kwindlela izinto eziqondwa ngayo okanye isiluleko esiphathelele ihambo kabani?
11 Olunye uvavanyo esisenokujamelana nalo luphathelele umlinganiselo woxabiso lwethu ngokukhanya okwandayo kwinyaniso yeBhayibhile nangesiluleko esidluliselwa ludidi lwekhoboka. (Mateyu 24:45) Maxa wambi oku kuye kufune ubani alungise ihambo yakhe, njengaxa kwaye kwacaca mhlophe ukuba kuza kufuneka iingedle zecuba ziyeke ukutshaya ukuba zifuna ukuqhubeka zisebandleni.a (2 Korinte 7:1) Okanye uvavanyo lunokuvela xa kufuneka sivume ukuba umculo okanye enye indlela esizonwabisa ngayo ifuna ukulungiswa.b Ngaba siya kubuthandabuza ubulumko beso siluleko sinikelwayo? Okanye ngaba siya kuvumela umoya kaThixo uxonxe iingcinga zethu uze usincede sambathe ubuntu bobuKristu?—Efese 4:20-24; 5:3-5.
12. Yintoni efunekayo ukomeleza ukholo emva kokuba ubani ebhaptiziwe?
12 Kumashumi eminyaka adluleyo, inani labesihlwele esikhulu liye lakhula, ibe emva kokubhaptizwa kwabo bayaqhubeka besomeleza ulwalamano lwabo noYehova. Oku kubandakanya okungakumbi kunokuya nje kwindibano yamaKristu, ukubakho kwezinye zeentlanganiso eziqhutywa kwiHolo yoBukumkani, okanye ukuba nesabelo manqaphanqapha kwinkonzo yasentsimini. Ngokomzekelo: Ubani usenokuba uphumile yena kwiBhabhiloni Enkulu, ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki, kodwa ngaba uyishiye ngokwenene? Ngaba usabambelele kwizinto ezibonakalisa umoya weBhabhiloni Enkulu—umoya ocukuceza imilinganiselo yobulungisa kaThixo? Ngaba akakujongi njengento engenamsebenzi ukuziphatha kakuhle nokuthembeka emtshatweni? Ngaba uthe swii zizilangazelelo zobuqu nezezinto eziphathekayo ngaphezu kwezilangazelelo zokomoya? Ewe, ngaba uye wazigcina engenabala kweli hlabathi?—Yakobi 1:27.
Zuza Iingenelo Zokholo Oluvavanyiweyo
13, 14. Yintoni eye yenziwa ngabanye emva kokuqalisa ikhondo lonqulo lokwenyaniso?
13 Ukuba siye sasaba ngokwenene kwiBhabhiloni Enkulu saza saphuma ehlabathini, masingazijongi nokuzijonga izinto esizishiye emva. Ngokuvisisana nomgaqo ofumaneka kuLuka 9:62, ukujonga emva kwakhe nabani na phakathi kwethu kunokuthetha ukuphulukana nokuba ngumlawulwa woBukumkani bukaThixo. UYesu wathi: “Akukho mntu ubeke isandla sakhe ekhubeni aze akhangele kwizinto ezisemva ubufanelekele kakuhle ubukumkani bukaThixo.”
14 Kodwa abanye abaye baba ngamaKristu kwixesha elidlulileyo baye bazivumela ukuba bamilise okwale nkqubo yezinto kunokuba bawuxhathise umoya wehlabathi. (2 Petros 2:20-22) Iziphazamiso zehlabathi ziye zayithimba ingqalelo nexesha labo, nto leyo eye yadodobalisa inkqubela yabo. Kunokugcina iingqondo neentliziyo zabo zimiliselwe kuBukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe, bebeka ezo zinto kwindawo yokuqala ebomini, baye balishiya ikhondo elilungileyo besukela izinto eziphathekayo. Ngaphandle kokuba bavume ukuba ukholo lwabo lubuthathaka yaye badikidiki baze balishiye ikhondo labo ngokufuna isiluleko sikaThixo, basengozini yokuphulukana nolwalamano oluxabisekileyo noYehova nentlangano yakhe.—ISityhilelo 3:15-19.
15. Yintoni efunekayo ukuze sizigcine samkelekile kuThixo?
15 Ukufunyanwa kwethu sifanelekile yaye silungele ukusinda kwimbandezelo enkulu eza ikhawulezile kuxhomekeke ekuzigcineni kwethu sicocekile, ‘sihlambe imiwunduzo yethu egazini leMvana.’ (ISityhilelo 7:9-14; 1 Korinte 6:11) Ukuba asizigcini sicocekile yaye singamalungisa phambi kukaThixo, inkonzo yethu engcwele ayiyi kwamkeleka. Ngokuqinisekileyo, ngamnye wethu ufanele aqonde ukuba umlinganiselo ovavanyiweyo wokholo uya kusinceda sinyamezele yaye siphephe ukuphulukana nenkoliseko kaThixo.
16. Ubuxoki bunokuluvavanya ngaziphi iindlela ukholo lwethu?
16 Maxa wambi, amajelo eendaba nabasemagunyeni batyabeka abantu bakaThixo ngobuxoki, bezichaza phosakeleyo iinkolelo zethu nendlela yokuphila yamaKristu. Oku akumele kusothuse, kuba uYesu ulikhupha litsole elokuba ‘ihlabathi liya kusithiya ngenxa yokuba singeyonxalenye yalo.’ (Yohane 17:14) Ngaba siya kuvumela abo bamfanyekiswe nguSathana ukuba basiphazamise yaye basenze sidangale yaye sibe neentloni ngeendaba ezilungileyo? Ngaba siya kuvumela ubuxoki obuthethwa ngenyaniso buchaphazele ukuya kwethu rhoqo ezintlanganisweni nomsebenzi wethu wokushumayela? Okanye ngaba siya kuma ngokuthe nkqi yaye sikhaliphe size sibe ngathi siyaqinisa kuzimiselo lokuqhubeka sivakalisa inyaniso ngoYehova nangoBukumkani bakhe?
17. Sisiphi isiqinisekiso esinokusenza siqhubeke sibonakalisa ukholo?
17 Ngokutsho kwesiprofeto seBhayibhile esizalisekileyo, ngoku singene nzulu kwixesha lesiphelo. Ulindelo lwethu olusekelwe eBhayibhileni lwehlabathi elitsha lobulungisa luza kuzaliseka ngaphandle kwamathandabuzo. De loo mhla ufike, ngamana sonke singaba nokholo olungahexiyo kwiLizwi likaThixo size silubonakalise ukholo lwethu ngokungayeki ukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani ehlabathini lonke. Khawucinge ngamawaka abafundi abatsha ababhaptizwayo veki nganye. Ngaba oko akusosizathu saneleyo sokubona ukuba umonde kaYehova wokurhoxisa umgwebo unokusenza sisindiswe? Ngaba akusivuyisi na ukuba uThixo eye wavumela umsebenzi wokusindisa ubomi wokushumayela ngoBukumkani uqhubeke? Yaye ngaba ayisichulumancisi into yokuba izigidi zabantu ziye zayamkela inyaniso yaye zibonakalisa ukholo lwazo?
18. Yintoni ozimisele ukuyenza ekukhonzeni uYehova?
18 Asazi ukuba ukholo lwethu luya kuvavanywa ixesha elide kangakanani. Kodwa nantsi into esiqiniseke ngayo: UYehova sele ewumisele umhla aza kohlwaya ngawo la mazulu nomhlaba ungendawo ukhoyo. Okwangoku, masizimisele ukuxelisa uphawu olubalaseleyo lokholo oluvavanyiweyo olwabonakaliswa nguMgqibelelisi wokholo lwethu, uYesu. Yaye masilandele umzekelo wamalungu entsalela yabathanjiswa awaluphalayo neyabanye abakhonza ngenkalipho phakathi kwethu.
19. Yintoni onokuqiniseka ukuba iya kuloyisa eli hlabathi?
19 Sifanele sizimisele ukuzivakalisa ngaphandle kokuyekelela iindaba ezilungileyo kuzo zonke iintlanga, izizwe, iilwimi kunye namaqela abantu sisebenzisana nengelosi ephaphazela esazulwini sezulu. Mabeve isibhengezo sengelosi esithi: “Moyikeni uThixo nize nimnike uzuko, ngenxa yokuba lifikile ilixa lokugweba kwakhe.” (ISityhilelo 14:6, 7) Xa loo mgwebo kaThixo uphunyezwa, uya kuba yintoni umphumo wokuba nophawu lokholo oluvavanyiweyo? Ngaba awuyi kuba luloyiso oluzukileyo—ukuhlangulwa kule nkqubo yezinto ikhoyo size siye kungena kwihlabathi likaThixo elitsha elinobulungisa? Xa silunyamezela uvavanyo lokholo lwethu, njengompostile uYohane, siya kukwazi ukuthi: “Kuko oku ukoyisa okuye kwaloyisa ihlabathi, ukholo lwethu.”—1 Yohane 5:4.
[Imibhalo esemazantsi]
a Bona IMboniselo kaDisemba 1, 1973, iphepha 542-8, nekaJanuwari 1, 1974, iphepha 21-3.
b Bona IMboniselo (yesiNgesi) Julayi 15, 1983, iphepha 27-31.
Ngaba Usakhumbula?
◻ Kunokwenzeka njani ukuba uvavanyo lokholo lubangele uvuyo?
◻ Ziziphi ezinye zeemvavanyo zokholo ezisenokungaqondakali lula?
◻ Sinokuzizuza njani iingenelo ezihlala zihleli xa sisoyisa iimvavanyo zokholo lwethu?
[Umfanekiso okwiphepha 17]
UA. H. Macmillan (ophambili ekhohlo) malunga nexesha yena namanye amagosa eWatch Tower Society babanjwa ngokungekho sikweni
Wayelundwendwe kwindibano eyayiseDetroit, eMichigan, ngowe-1928
Kwiminyaka yakhe yokugqibela, uMzalwan’ uMacmillan wayesabonakalisa ukholo
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Njengale ntsapho, uninzi lwamaKristu eAfrika luye lwabonakalisa uphawu lokholo oluvavanyiweyo