Ngaba Unengelosi Ekukhuselayo?
NGABA ukholelwa ukuba unengelosi ekukhuselayo? Abantu abaninzi bakholelwa koko. Kaloku, elinye ibhinqa kwintshona Khanada kuthiwa linesiphiwo esikhethekileyo esinento yokwenza neengelosi. Ukuba ulinika igama lakho elipheleleyo needola ezingama-200 (R830), kuthiwa liya kukwenza uqhagamshelane nengelosi ekukhuselayo. Okokuqala, liqalisa ngokujonga ntsho kumlilo wekhandlela. Emva koko, libona umbono apho ingelosi yakho ilinika umyalezo ukuba liwudlulisele kuwe. Njengebhasela, eli bhinqa likuzobela indlela ebonakala ngayo ingelosi yakho.
Kwabanye, oku kusenokubonakala ngathi kufana twatse nentsomi engoKumkani uLouis IX waseFransi. Kuthiwa wathenga iintsiba ezazinexabiso elikhulu gqitha ekwakusithiwa ziwe kumaphiko kaMikayeli iSiphatha-zingelosi. Nangona basenokubuthandabuza ubunyaniso belo bali, abaninzi abanakuze bakuthandabuze oko kuthethwa leli bhinqa laseKhanada.
Umdla Okhoyo Ngeengelosi
Kwiminyaka yakutshanje kuye kwakho umdla omkhulu kwiingelosi. Kumabonwakude nakwimifanekiso eshukumayo, ezincwadini, kumaphephancwadi, nakumaphepha arhunyelwayo, sixelelwa ngeengelosi ezomeleza abo bagula ngokunganginyisi mathe, ezithuthuzela abo bafelweyo, ezinika ubulumko nezisindisa abanye ekufeni. EUnited States, kukho abantu abamalunga nezigidi ezingama-20 ababukela inkqubo kamabonwakude ebonisa ukungenelela kweengelosi kubomi babantu. Enye ivenkile ethengisa iincwadi ineencwadi ezingaphezu kwama-400 ezithetha ngeengelosi.
Enye incwadi yakutshanje ibonisa indlela iingelosi ezikhuselayo eziye zawasindisa ngayo amajoni ekulweni. Amaphepha ancanyatheliswa kwiinqwelo-mafutha achaza ukuba abaqhubi bazo bakhuselwe ziingelosi. Kwimibutho ethile, kwiingqungquthela nakwiintlanganiso ezithile kufundwa ngeengelosi yaye kuthiwa zinceda abantu bakwazi ukuthetha nazo.
UEileen Freeman ngumbhali weencwadi ezintathu ezithetha ngeengelosi nompapashi wencwadi ethile yazo nje kuphela. Ugqabaza enjenje: “Ndikholelwa ukuba ngengelosi ekhoyo ezulwini kukho nengelosi ekhuselayo eMhlabeni, umsebenzi wayo ongenguwo owokudumisa uThixo ezulwini nje kuphela kodwa nowokunyamekela abantu nezinye izinto eziphilayo eMhlabeni. Mntu ngamnye unengelosi emkhuselayo xa ekhawulwa esibelekweni, ekuzalweni, ebudeni bobomi kweli hlabathi, de ingelosi imkhusele kwiinzima zeli hlabathi imse kuzuko lwasezulwini.” Oku kuyichaza kakuhle ingcamango exhaphakileyo ngeengelosi ezisikhuselayo.
Kula maxesha acinezelayo nanzima, kuyathuthuzela ukukholelwa ukuba sineengelosi ezikhuselayo, ezinomsebenzi wokusikhusela. Lithini iLizwi likaThixo, iBhayibhile, ngako oku? Ngaba simele sizame ukuqhagamshelana neengelosi? Ngaba ziyikhathalele indlela esiziphatha ngayo neenkolelo zethu ezingokonqulo? Luluphi uncedo esinokululindela kuzo? Le mibuzo iza kuphendulwa kwinqaku lethu elilandelayo.