Ukuthi Phithi Ziingelosi
“‘Sisonke’ sineengelosi ezisikhokelayo, ezililiso kuthi . . . Ukuba asizikhathazi size njengabantwana, sithembele kuzo ngokupheleleyo size sizithande yaye sizibulele ngokungazenzisiyo, ziya kwandula ke zisithululele iintsikelelo zazo ngokungapheliyo. Zidlala nathi. Ziyasinyamekela. Ziyasinyanga, zisibambe, zisithuthuzele ngezandla ezifudumeleyo ezingabonakaliyo, yaye zenza wonke umzamo wokusinika into esiyifunayo.”—Avela kwincwadi ethi “Angel Letters.”
UMELE ulivume elokuba le mbono idumileyo ngeengelosi ivakala inomtsalane kakhulu. Ngokwembono yabo bakholelwa koko kubizwa ngokuba “yimeko entsha yokomoya,” ngamnye kuthi wabelwe ingelosi enye ubuncinane, ngelosi leyo enembopheleleko yokusithuthuzela nokusikhusela singenzakali. Kuthiwa ingelosi yakho inamandla yaye inothando. Ayifuni kuthotyelwa okanye ukunqulwa, yaye ayisoze ikugwebe okanye ikohlwaye. Isoloko ingakwicala lakho, izinikele kwimpilontle yakho yaye izimisele ukukunika nantoni na oyifunayo. Abaninzi namhlanje bazikholelwa ngokunyanisekileyo ezi zinto.
Kambe ke, ukukholelwa kwiingelosi, akuyonto intsha. Bekunendima ephambili kwiinkolelo zonqulo zabantu ukususela kumaxesha amandulo. Oku kubonakala kwimifanekiso ezotywayo. Imifanekiso yeekerubhi, uhlobo lwengelosi, yayihombise umnquba netempile yamaYuda yamandulo. Iingelosi kuhonjiswe ngazo ezicaweni nakwizindlu ezinkulu zecawa kuyo yonke iNgqobhoko. Iimyuziyam zizaliswe yimizobo nemifanekiso yeengelosi.
Indlela Ezithandwa Ngayo Iingelosi
Kutshanje, iingelosi zithandwa ngokugqithiseleyo kumazwe athile. Imifanekiso eshukumayo isoloko ibonisa iingelosi njengabantu abaye bafa baza babuyela emhlabeni ukuze benze izenzo zobulungisa. Komnye umboniso, iingelosi zinceda iqela elingaphumeleliyo lebaseball. Komnye, ingelosi ekhuselayo incedisa inkwenkwe ekwishumi elivisayo ukuba iphindezele ukubulawa kwentombazana esisithandwa sayo. Kwakhona kuxutyushwa ngengelosi encedisayo kwinkqubo ethandwayo kamabonwakude eUnited States.
Zininzi iingoma eziphathelele iingelosi. Kumashumi eminyaka akutshanje eUnited States, kwiingoma ezithandwayo, e-1 kwezili-10 ithetha ngengelosi. Phakathi kweminyaka ye-1990, zingaphezu kwe-120 “iindawo ezithengisa izinto ezineengelosi” eziye zavulwa eMerika. Ezi venkile zithengisa imifanekiso, iiflegi nezinto zokubhala ezineengelosi—kwanezinto ezikhenkcezayo zeentsana ezihonjiswe ngemifanekiso yeengelosi. Kuqhutywa iintlanganiso kusasazwe namaphecana ngelinge lokufundisa abantu indlela abanokunxibelelana ngayo nezi zidalwa zasezulwini. Amaphephancwadi, amaphephandaba, neenkqubo zengxubusho zibalisa amabali angeenkqubano zabantu neengelosi.
Amakhulukhulu Eencwadi
Kukho ke neencwadi. Enye ivenkile yeencwadi enkulu kwiSixeko saseNew York ineencwadi ezingaphezu kwama-500 ezahlukahlukeneyo ezixubusha ngeengelosi, ingakumbi iingelosi ezikhuselayo. Ezo ncwadi zithembisa ngokubonisa abafundi bazo indlela yokunxibelelana neengelosi ezikhuselayo, bazi amagama azo, bathethe nazo zize zidwelise indlela ezinokubanceda ngayo. Ezi ncwadi zinamabali amaninzi okuvela kweengelosi ngamaxesha obunzima, zisusa abantu endleleni yeenqwelo-mafutha ezizayo, zinyanga izifo ezibulalayo, zithuthuzela abo badandathekileyo zize zikhusele amajoni asedabini. Ezi ngelosi zinceda abantu “ngaphandle kokufuna naluphi na uphawu lwenguquko, ukutshintsha, okanye ukujika into abayikholelwayo.” Kodwa kunqabile ukuba “olo nxibelelwano” lwezi mini lukhuthaze abantu ukuba batshintshe indlela abaphila ngayo. Abo bathi ikhe yenzeka loo nto kubo basoloko beziva nje kamnandi.
Kweli xesha linzima neleentlekele, la mabali asenokuvakala eziindaba ezimnandi gqitha. Kodwa ngaba afanele athenjwe? Ngaba abalulekile?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 24]
Abaninzi bavakalelwa kukuba baye banxibelelana ngokobuqu neengelosi