Igama Elikhokelela Kukholo Lokwenyaniso
“AKUKHOLELWA kuYesu nakwigazi lakhe elikhululayo,” latsho elinye ibhinqa komnye wamaNgqina likaYehova. Enye indoda yathi: “Nizibiza ngokuba ningamaNgqina kaYehova, kodwa mna ndilingqina likaYesu.”
Imbono yokuba amaNgqina kaYehova akakholelwa kuYesu okanye akambalaselisi ngokwaneleyo iqhelekile. Noko ke, ngaba oko kunjalo?
Liyinyaniso elokuba amaNgqina kaYehova agxininisa kwigama likaThixo, uYehova.a UItamar, elinye iNgqina laseBrazil, ukhumbula oku: “Izinto zaguquka ebomini bam xa ndazi igama likaThixo. Xa ndalifunda okokuqala, kwakungathi ndivuswe kubuthongo obunzulu. Igama elithi Yehova latsho kwathi qwenge; landichukumisa ngokunzulu.” Noko ke, wongezelela esithi: “Intiliziyo yam iyaphuphuma luthando kwanangoYesu.”
Ewe, amaNgqina kaYehova ayazi ukuba ukuze afumane ubomi obungunaphakade, amele abe nokholo “egameni loNyana kaThixo,” uYesu. (1 Yohane 5:13) Kodwa lithetha ukuthini ibinzana elithi ‘egameni likaYesu’?
Oko Kumelwa Ligama LikaYesu
“Egameni likaYesu” namabinzana anjalo afumaneka kuzo zonke iZibhalo zamaKristu zesiGrike, okanye “ITestamente Entsha.” Enyanisweni, isibizo esithi “igama” esisetyenziswe ngokubhekisela kwindima kaYesu sivela ngaphezu kwezihlandlo ezingama-80, nezihlandlo ezinokuba ngama-30 kwincwadi yeZenzo iyodwa. AmaKristu enkulungwane yokuqala abhaptiza egameni likaYesu, aphilisa egameni lakhe, afundisa egameni lakhe, abiza egameni lakhe, abandezeleka ngenxa yegama lakhe, aze alenza likhulu igama lakhe.—IZenzo 2:38; 3:16; 5:28; 9:14, 16; 19:17.
Ngokutsho kwesinye isichazi-magama seBhayibhile, ibinzana lesiGrike elithi “igama” lisetyenziswa kakhulu eBhayibhileni “kwinto yonke ebhekisela kwigama, igunya, indlela umntu ayiyo, isikhundla, ubungangamsha, amandla, udumo, njl., kuyo yonke into equka igama.” Ngoko ke, igama likaYesu limela ubungangamsha negunya elikhulu analo alinikwe nguYehova uThixo. UYesu naye wathi: “Lonke igunya linikwe mna ezulwini nasemhlabeni.” (Mateyu 28:18) Emva kokuba uPetros noYohane bephilise indoda eyayisisiqhwala, iinkokeli zonqulo zamaYuda zabuza: “Kungamandla mani na okanye kusegameni likabani na enithe nakwenza oku?” Emva koko uPetros wavakalisa ukholo lwakhe kwigunya nakumandla awayemelwa ligama likaYesu xa wavakalisa ukuba ‘kwakusegameni likaYesu Kristu umNazarete, kungaye lo athe lo mntu wema apha phambi kwenu ephilile.’—IZenzo 3:1-10; 4:5-10.
Ngaba Ufanele Ube Nokholo KuYesu Okanye KuKesare?
Noko ke, ukuvakalisa ukholo olunjalo egameni likaYesu kwakungayi kuba lula. Njengokuba uYesu waxela kwangaphambili, abafundi bakhe babeya ‘kuthiywa ziintlanga zonke ngenxa yegama lakhe.’ (Mateyu 24:9) Ngoba? Ngenxa yokuba igama likaYesu limela isikhundla sakhe njengoMlawuli onyulwe nguThixo, uKumkani wookumkani ezimele zizithobe kuye zonke iintlanga, nto leyo ezingayilungelanga nezingathandi ukuyenza.—INdumiso 2:1-7.
Iinkokeli zonqulo zomhla kaYesu nazo zazingafuni ukuzithoba kuYesu. Zathi: “Asinakumkani ngaphandle kukaKesare,” ngaloo ndlela zimgatya uNyana kaThixo. (Yohane 19:13-15) Kunoko, zaba nokholo egameni—emandleni nakwigunya—likaKesare norhulumente wakhe owayesezintanjeni ngelo xesha. Zada zagqiba kwelokuba uYesu umele afe ukuze zikwazi ukulondoloza ezo zikhundla zazo.—Yohane 11:47-53.
Kwiinkulungwane emva kokufa kukaYesu, uninzi lwabo babezibanga bengamaKristu baba nesimo sengqondo esasifana neseenkokeli zamaYuda. Abo babezibiza ngokuba bangamaKristu baba nokholo kumandla nakwigunya likaRhulumente bangenelela nakungquzulwano lwakhe. Ngokomzekelo, ngenkulungwane ye-11, emva kokuba icawa igaye amajoni awayengasebenzi aze ayila imilitia Christi, okanye abaphumi-mkhosi abangamaKristu, “imbopheleleko yokuliwa kwemfazwe yobulungisa yasuswa kwiNgqobhoko kunoko yaba yicawa esebenzisa abaphumi-mkhosi abangamaKristu.” (The Oxford History of Christianity) Le ngxelo yongezelela isithi ezinye izinto ezathethwa ngoopopu zakhokelela uninzi lwabantu ukuba lukholelwe ukuba ngokuba nenxaxheba kwezi mfazwe, “babenze isivumelwano noThixo yaye babeqinisekile ukuba babeya kufumana indawo eParadesi.”
Bambi basenokuma ngelithi unokunyaniseka kuYesu yaye kwangaxeshanye ube nenxaxheba kwezobupolitika, kwanakwiimfazwe zeentlanga. Basenokuvakalelwa kukuba yimbopheleleko yomKristu ukoyisa ububi naphi na apho bunokufumaneka khona yaye oko kuquka ukubhenela emfazweni ukuba kuyimfuneko. Kodwa ngaba amaKristu okuqala ayeyixhasa le mbono?
“AmaKristu okuqala akazange afak’ isandla emikhosini,” litsho elinye inqaku elikwiphephancwadi iThe Christian Century. Licacisa ukuba de kwangowe-170-180 C.E., abukho ubungqina bokuba amaKristu aba nenxaxheba emfazweni. Eli nqaku longezelela lisithi: “AmaKristu ayeka ngokuthe ngcembe ukuyichasa inkonzo yasemkhosini.”
Iye yayintoni imiphumo? “Mhlawumbi ayikho into ekhe yabungcolisa ubuKristu kunesenzo sawo sokuxhasa imfazwe nto leyo ewenza angahluki kwaphela kwabo bangengawo amaKristu,” litsho njalo inqaku leThe Christian Century. “Kwakhona into yokuba amaKristu athi akholelwa kuMsindisi owayenobubele ngoxa kwelinye icala ezixhasa ngokubanzi iimfazwe ezingokonqulo iye yalonakalisa kakhulu unqulo.”
Ukuxelisa AmaKristu Okuqala Namhlanje
Ngaba kunokwenzeka ngamaKristu namhlanje ukuxelisa umzekelo omhle wamaKristu okuqala? Kule nkulungwane amaNgqina kaYehova aye abonisa ukuba kunokwenzeka. Ethetha ngawo umhleli weHolocaust Educational Digest wathi: “Alikho nelinye iNgqina likaYehova elinokuze liye emfazweni. . . . Ukuba wonke umntu olawulayo ehlabathini ebengowolu nqulo, [IMfazwe Yehlabathi II] ngeyayingazange ibekho.”
Kunokuthethwa okufanayo ngongquzulwano lwakutshanje kwimimandla ethile, njengolo likuMntla Ireland. Kwiminyaka eliqela eyadlulayo, omnye wamaNgqina kaYehova wayeshumayela kwindlu ngendlu kummandla wamaProtestanti kwisixeko saseBelfast. Akuva ukuba eli Ngqina lalingumKatolika, omnye umninimzi wabuza: “Xa wawungumKatolika, ngaba wawuxhasa i-IRA [Irish Republican Army]?” Eli Ngqina laqonda ukuba le ndoda yayinokuba nogonyamelo ngenxa yokuba yayisandul’ ukuphuma entolongweni emva kokufunyanwa iphethe umpu isiya kubulala umKatolika. Ngoko ke eli Ngqina laphendula lathi: “Andinguye umKatolika ngoku. Ndingomnye wamaNgqina kaYehova. NjengomKristu wokwenene, andisokuze ndibulale nabani na ngenxa yakhe nawuphi na urhulumente okanye umntu.” Emva kokuba lithethe oko lo mninimzi wamxhawula waza wathi: “Konke ukubulala akulunganga. Nenza umsebenzi omhle kakhulu. Qhubekani nisenjenjalo.”
Oko Kuthethwa Kukuba Nokholo Egameni LikaYesu
Noko ke, ukuba nokholo egameni likaYesu kuthetha okungakumbi kunokuphepha imfazwe. Kuthetha ukuthobela yonke imithetho kaKristu. Ngapha koko, uYesu wathi: “Ningabahlobo bam ukuba nenza oko ndiniyalela kona,” yaye omnye wemithetho yakhe ngowokuba ‘sithandane.’ (Yohane 15:14, 17) Uthando lwenza okuhle kwabanye. Lutshabalalisa yonke imiqobo yobuhlanga, yonqulo neyasekuhlaleni. UYesu wayibonakalisa indlela okwenzeka ngayo oku.
AmaYuda ngomhla kaYesu ayengawathandi kwaphela amaSamariya. Ngokwahlukileyo koko, uYesu wathetha nebhinqa elingumSamariya, yaye ngenxa yoko, lona nabanye abaliqela baba nokholo egameni lakhe. (Yohane 4:39) Kwakhona uYesu wathi abafundi bakhe babeya kuba ngamangqina akhe “kokubini eYerusalem nakulo lonke elakwaYuda naseSamariya kude kuse nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.” (IZenzo 1:8) Isigidimi sakhe esinika ubomi sasingayi kupheleliselwa kumaYuda. Ngokuvisisana noko, uPetros wayalelwa ukuba atyelele umthetheli-khulu wamaRoma uKorneli. Nangona kwakungekho mthethweni ukuba umYuda atyelele umntu wolunye uhlanga, uThixo wabonisa uPetros ukuba ‘akamele abize umntu ngokuthi udyobhekile okanye akahlambulukanga.’—IZenzo 10:28.
Exelisa uYesu, amaNgqina kaYehova ngokuzithandela anceda bonke abantu—enoba ngabaluphi uhlanga, unqulo, okanye bakuyiphi imeko yezoqoqosho—ukuze bafunde ngosindiso olufumaneka ngegama likaYesu. Ukuba nokholo kwigama likaYesu kubashukumisela ukuba ‘bavakalise ekuhleni ukuba uYesu uyiNkosi.’ (Roma 10:8, 9) Siyakubongoza ukuba wamkele uncedo lwawo ukuze nawe ufunde ukuba nokholo egameni likaYesu.
Igama likaYesu limele lisishukumisele ukuba sibe nesidima, intlonelo nokuthobeka. Umpostile uPawulos wathi: “Egameni likaYesu agobe onke amadolo abo basezulwini nawabo basemhlabeni nawabo baphantsi komhlaba, zize zonke iilwimi zivume ekuhleni ukuba uYesu Kristu uyiNkosi nto leyo eluzuko kuThixo uYise.” (Filipi 2:10, 11) Enoba inkoliso yabantu abahlala emhlabeni isenokungavumi ukuzithoba kulawulo lukaYesu, iBhayibhile ibonisa ukuba likufuphi ixesha laxa bonke abantu beya kunyanzeleka ukuba benjenjalo okanye batshabalale. (2 Tesalonika 1:6-9) Ngoko ke, lingoku ixesha lokuba nokholo egameni likaYesu ngokugcina yonke imithetho yakhe.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, bona incwadana enemifanekiso ethi Igama LikaThixo Eliya Kuhlala Likho Ngonaphakade, iphepha 28-31 epapashwe yiWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania, ngowe-1984.
[Umfanekiso okwiphepha 6]
Izigidi ziye zabulala, zaza zabulawa egameni likaYesu
[Umfanekiso okwiphepha 7]
UYesu akazange afukame ingqumbo ngenxa yekhethe lobuhlanga. Ngaba wena unjalo?