“Izipho Ezikuhlobo Lwabantu” Zinyamekela Izimvu ZikaYehova
“Xa wenyukela phezulu wathabatha abathinjwa; wanikela izipho ezikuhlobo lwabantu.”—EFESE 4:8.
1. Yintoni eyathethwa ngomnye udade ongumKristu ngabadala bebandla awayekulo?
“ENKOSI ngokusinyamekela kwenu kangaka. Uncumo lwenu, ububele benu kunye nenkxalabo eninayo ziyabonakala ukuba zisuka entliziyweni. Nisoloko nikulungele ukuphulaphula nokusivuselela ngamazwi asuka eBhayibhileni. Ndithandazela ukuba ndingaze ndinijongele phantsi.” La ngamazwi awabhalwa ngomnye udade ongumKristu ebhalela abadala bebandla awayekulo. Kuyabonakala ukuba uthando olwalubonakaliswe ngabalusi abakhathalayo abangamaKristu lwaluyichukumisile intliziyo yakhe.—1 Petros 5:2, 3.
2, 3. (a) Ngokutsho kukaIsaya 32:1, 2, abadala abanemfesane banokuzinyamekela njani izimvu zikaYehova? (b) Kuxa kutheni apho umdala anokugqalwa njengesipho?
2 Ilungiselelo labadala lenziwe nguYehova ukuze kunyanyekelwe izimvu zakhe. (Luka 12:32; Yohane 10:16) UYehova uyazithanda izimvu zakhe—uzithanda kangangokuba, enyanisweni, wazithenga ngegazi elixabisekileyo likaYesu. Akumangalisi ngoko ukuba uYehova akholiswe ngabadala abawuthantamisayo umhlambi wakhe. (IZenzo 20:28, 29) Yiva indlela isiprofeto esibachaza ngayo abadala okanye “abathetheli”: “Umntu abe njengendawo yokuzimela umoya, neyokusithela esiphangweni; abe njengemijelo yamanzi emqwebedwini, njengomthunzi wengxondorha enkulu ezweni elibharhileyo.” (Isaya 32:1, 2) Ewe, bamele bakhusele, bahlaziye baze bathuthuzele izimvu zakhe. Ngaloo ndlela abadala abawalusa ngemfesane umhlambi bazabalazela ukukufikelela oko uThixo akulindeleyo kubo.
3 IBhayibhile ichaza abadala abanjalo ngokuthi ‘zizipho ezikuhlobo lwabantu.’ (Efese 4:8) Xa kuthethwa ngesipho, ucinga ngento eza kwanelisa imfuno ethile okanye eza kuzisa ulonwabo kulowo uza kusifumana. Umdala usenokugqalwa njengesipho xa esebenzisa amandla akhe ukuze anikele uncedo oluyimfuneko aze afak’ isandla kulonwabo lomhlambi. Unokukwenza njani oku? Impendulo yalo mbuzo, efumaneka kumazwi kaPawulos akweyabase-Efese 4:7-16, iyenza icace inkxalabo enothando kaYehova ngomhlambi wakhe.
“Izipho Ezikuhlobo Lwabantu”—Zivela Phi?
4. Ngokuvisisana neNdumiso 68:18, kungayiphi indlela awathi uYehova ‘wanyuka waya phezulu,’ ibe ngoobani ‘ababezizipho ezingabantu’?
4 Xa uPawulos wayesebenzisa ibinzana elithi “izipho ezikuhlobo lwabantu,” wayecaphula amazwi kaKumkani uDavide, owayethethe wenjenje ngoYehova: “Unyuke waya phezulu, uthimbe abathinjwa, uthabathe izipho ezingabantu.” (INdumiso 68:18, NW) Kwiminyaka ethile efikile amaSirayeli kwiLizwe Ledinga, uYehova ‘wanyukela’ kwiNtaba yaseZiyon ngelifuziselayo waza wenza iYerusalem yalikomkhulu lobukumkani bakwaSirayeli obabulawulwa nguDavide njengokumkani. Kodwa yayingoobani “izipho ezingabantu”? Yayingamadoda awayethinjwe xa kwakuhluthwa elo lizwe. Kamva abanye baba bathinjwa basiwa kubaLevi ukuze bancede kumsebenzi womnquba.—Ezra 8:20.
5. (a) UPawulos ubonisa njani ukuba INdumiso 68:18 izaliseka kwibandla lamaKristu? (b) UYesu ‘wanyuka waya phezulu’ ngayiphi indlela?
5 Kwincwadi yakhe eyayisiya kwabase-Efese, uPawulos uyabonisa ukuba amazwi omdumisi anenzaliseko enkulu kwibandla lamaKristu. Eshwankathela INdumiso 68:18, uPawulos uyabhala: “Ke kaloku ngamnye wethu wanikwa ububele obungasifanelanga ngokwendlela uKristu awasilinganisela ngayo isipho sesisa. Ngoko ke uthi: ‘Xa wenyukela phezulu wathabatha abathinjwa; wanikela izipho ezikuhlobo lwabantu.’ ” (Efese 4:7, 8) Apha uPawulos usebenzisa le ndumiso kuYesu njengommeli kaThixo. UYesu ‘wayeloyisile ihlabathi’ ngekhondo lakhe lokuthembeka. (Yohane 16:33) Kwakhona woyisa ukufa kunye noSathana ngokuthi uThixo amvuse kwelabafileyo. (IZenzo 2:24; Hebhere 2:14) Ngowama-33 C.E., uYesu ovusiweyo wenyukela “ngaphezulu lee kwawo onke amazulu”—ngaphezulu kunazo zonke ezinye izidalwa zasezulwini. (Efese 4:9, 10; Filipi 2:9-11) Njengomoyisi, uYesu wathabatha “abathinjwa” kutshaba lwakhe. Njani?
6. Ukususela ngePentekoste yowama-33 C.E., uYesu onyukileyo waqalisa njani ukuphanga indlu kaSathana, ibe wenza ntoni ‘ngabathinjwa’?
6 Xa wayesemhlabeni, uYesu wazibonakalisa enamandla kunoSathana ngokuhlangula abo babeqanyangelwe ziidemon. Yayingathi uYesu uhlasele indlu kaSathana, wambopha, waza wathimba iimpahla zakhe. (Mateyu 12:22-29) Khawufan’ ucinge nje, emva kokuba evusiwe waza wanikwa ‘lonke igunya ezulwini nasemhlabeni,’ hayi indlela awayeza kugqugqisa ngayo uYesu! (Mateyu 28:18) Ukususela ngePentekoste yowama-33 C.E., uYesu onyukileyo, njengommeli kaThixo, waqalisa ukuphanga indlu kaSathana ‘ngokuthabatha abathinjwa’—amadoda ekwakukudala engamakhoboka esono nokufa yaye ephantsi kolawulo lukaSathana. Aba “bathinjwa” bavuma ukuba ‘ngamakhoboka kaKristu, benza ukuthanda kukaThixo ngomphefumlo uphela.’ (Efese 6:6) Ngaloo ndlela, uYesu wabakhulula kulawulo lukaSathana waza, egameni likaYehova, wabasa ebandleni ‘njengezipho ezikuhlobo lwabantu.’ Khawuthelekelele nje indlela uSathana awayegqushalaza ngayo ngumsindo njengoko babehluthwa kuye ebukele!
7. (a) “Izipho ezikuhlobo lwabantu” zikhonza kwiziphi izikhundla emabandleni? (b) Liliphi ithuba uYehova alinika indoda nganye ekhonza njengomdala?
7 Ngaba zikho ezo “zipho ezikuhlobo lwabantu” ebandleni namhlanje? Eneneni zikho! Zikhonza njengabadala, ziyazibhokoxa ‘njengabavangeli, abalusi nabafundisi’ kumabandla abantu bakaThixo angaphezu kwama-87 000 emhlabeni wonke. (Efese 4:11) Ayikho into enokuvuyisa uSathana ngaphezu kokuba la madoda awuphathe kakubi umhlambi. Ibe loo nto asiyonjongo yokuba uThixo asebenzise uKristu ukuze awanikele ebandleni. Kunoko, uYehova ulungiselele la madoda ukuze kulungelwe ibandla, ibe aza kuphendula kuye ngezimvu aziphathisiweyo. (Hebhere 13:17) Ukuba ukhonza njengomdala, uYehova ukunike ithuba elihle lokuba uzingqine usisipho, okanye uyintsikelelo, kubazalwana bakho. Unako ukwenjenjalo xa uphumeza iimbopheleleko ezine ezibalulekileyo.
Xa Kukho Imfuneko “Yokulungiswa Ngokutsha”
8. Ziziphi iindlela maxa wambi sonke esiye sifune ukulungiswa ngazo?
8 Okokuqala, “izipho ezikuhlobo lwabantu” zilungiselelwe “ngenjongo yokulungiswa ngokutsha kwabo bangcwele,” utsho uPawulos. (Efese 4:12) Isibizo sesiGrike esiguqulelwe ngokuthi “ukulungiswa ngokutsha” sibhekisela “ekulungelelaniseni” into ethile. Njengabantu abangafezekanga, sonke siyakufuna ukulungiswa ngokutsha ngamaxesha athile—“kulungelelaniswe” indlela esicinga ngayo, isimo sengqondo okanye ihambo yethu kunye nendlela kaThixo yokucinga nokuthanda kwakhe. Ngothando uYehova uye wasilungiselela “izipho ezikuhlobo lwabantu” ukuze zisincede silungise apho kuyimfuneko. Zikwenza njani oku?
9. Umdala unokuyilungisa ngokutsha njani imvu ephambukileyo?
9 Maxa wambi, umdala usenokucelwa ukuba ancede imvu eye yaphambuka, mhlawumbi eye ‘yathabatha inyathelo elithile eliphosakeleyo ngaphambi kokuba ikuqonde oko.’ Umdala unokunceda njani kule meko? EyabaseGalati 6:1 ithi: “Zamani ukumlungisa ngokutsha umntu onjalo ngomoya wobulali.” Ngenxa yoko, xa enikela isiluleko, umdala akayi kumngxolisa lowo uphambukayo, esebenzisa amazwi ahlabayo. Isiluleko sifanele sikhuthaze, ‘singabangeli ivuso’ kulowo ululekwayo. (2 Korinte 10:9; thelekisa uYobhi 33:7.) Loo mntu usenokuba sele edanile kakade, ngoko umalusi onothando uyakuphepha ukuwaphula umoya wakhe. Xa isiluleko, kwanokuba sesiqatha, sibonakala ukuba sishukunyiswa yaye sinikelwa ngothando, sidla ngokuyilungisa indlela acinga okanye aziphatha ngayo lowo uphambukayo, size ngaloo ndlela simbuyisele endleleni.—2 Timoti 4:2.
10. Kubandakanya ntoni ukubalungisa ngokutsha abanye?
10 Xa uYehova wayelungiselela “izipho ezikuhlobo lwabantu” ukuze zisilungise ngokutsha, wayefuna abadala bahlaziye ngokomoya yaye bakufanelekele ukuxeliswa ngabantu bakhe. (1 Korinte 16:17, 18; Filipi 3:17) Ukulungisa ngokutsha abanye kubandakanya, kungekhona nje ukulungisa abo bathabatha ikhondo eliphosakeleyo, kodwa ukunceda abathembekileyo ukuba bahlale kwikhondo elilungileyo.a Namhlanje, ekubeni zininzi gqitha iingxaki ezidimazayo, baninzi abafuna ukhuthazo ukuze baqhubeke. Bambi basenokude bafune ukuthantanyiswa ukuze bavisisanise indlela abacinga ngayo nekaThixo. Ngokomzekelo, amanye amaKristu athembekileyo abhuqwa ziimvakalelo zokungafaneleki okanye ukungaxabiseki. Loo “miphefumlo edandathekileyo” isenokuvakalelwa kukuba uYehova akanakuze ayithande yaye nokuba ingazama kangakanani na ukumkhonza uThixo, akanakuze ayamkele. (1 Tesalonika 5:14) Kodwa le ndlela yokucinga ayihambisani nendlela uThixo avakalelwa ngayo ngabanquli bakhe.
11. Yintoni enokwenziwa ngabadala ukuze bancede abo bakhathazwa kukuziva bengabalulekanga?
11 Badala, yintoni eninokuyenza ukuze nincede abantu abanjalo? Ngobubele baboniseni ubungqina obusuka kwiZibhalo bokuba uYehova uyabakhathalela bonke abakhonzi bakhe, yaye baqinisekiseni ukuba ezo ndinyana zeBhayibhile zisebenza kubo kanye. (Luka 12:6, 7, 24) Bancedeni babone ukuba uYehova ‘ubatsalile’ ukuze bamkhonze, ngoko ngokuqinisekileyo umele ukuba ubagqala njengababalulekileyo. (Yohane 6:44) Baqinisekiseni ukuba ababodwanga—bakho abakhonzi abathembekileyo bakaYehova abaninzi abaye bavakalelwa ngendlela efanayo. Umprofeti uEliya wakha wadandatheka kangangokuba wada wanqwenela ukufa. (1 Kumkani 19:1-4) Amanye amaKristu athanjisiweyo enkulungwane yokuqala aziva ‘egwetyiwe’ ziintliziyo zawo. (1 Yohane 3:20) Kuyasithuthuzela ukwazi ukuba nabanye abathembekileyo ababephila ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile ‘babeneemvakalelo ezinjengezethu.’ (Yakobi 5:17) Ninokude nenze impinda ngamanqaku akhuthazayo eMboniselo noVukani! kunye nabo badakumbileyo. Soze uThixo oye waninikela ‘njengezipho ezikuhlobo lwabantu’ angayiphawuli imigudu yenu yokubuyisela ukuzithemba kwabanjalo.—Hebhere 6:10.
‘Ukwakha’ Umhlambi
12. Libonisa ntoni ibinzana elithi ‘ukwakhiwa komzimba kaKristu,’ yaye yintoni esisikhokelo sokwakha umhlambi?
12 Okwesibini, “izipho ezikuhlobo lwabantu” zinikelwe ngenjongo ‘yokwakha umzimba kaKristu.’ (Efese 4:12) Apha uPawulos usebenzisa isigaba esithile sentetho. “Ukwakha” kusikhumbuza ngomsebenzi wokwakha, yaye “umzimba kaKristu” ubhekisela ebantwini—amalungu ebandla lamaKristu athanjisiweyo. (1 Korinte 12:27; Efese 5:23, 29, 30) Abadala kufuneka bancede abazalwana babo bomelele ngokomoya. Injongo yabo ‘kukuwakha kungekhona ukuwuchitha’ umhlambi. (2 Korinte 10:8) Uthando lusisikhokelo sokwakha umhlambi, kuba “uthando luyakha.”—1 Korinte 8:1.
13. Kuthetha ukuthini ukuba novelwano, yaye kutheni kubalulekile ukuba abadala babe novelwano?
13 Enye inkalo yothando enceda abadala bakhe umhlambi luvelwano. Ukuba novelwano kuthetha ukubavela abanye—ukucinga ngendlela abacinga ngayo nokuvakalelwa ngendlela abavakalelwa ngayo, ukuqonda nokulinganiselwa kwabo. (1 Petros 3:8) Kutheni kubalulekile ukuba abadala babe novelwano? Esona sizathu sibalulekileyo kukuba uYehova—lowo ulungiselele “izipho ezikuhlobo lwabantu”—unguThixo onovelwano. Xa abakhonzi bakhe bebandezeleka okanye besiva ubuhlungu, uyabavela. (Eksodus 3:7; Isaya 63:9) Uyazazi iintsilelo zabo. (INdumiso 103:14) Ngoko ke, abadala banokulubonakalisa njani uvelwano?
14. Abadala banokulubonakalisa njani uvelwano kwabanye?
14 Xa umntu odimazekileyo esiza kubo, bayaphulaphula, bayiqonde indlela avakalelwa ngayo. Bazama ukuqonda imvelaphi, ubuntu kunye neemeko zabazalwana babo. Kuya kuthi ke xa abadala benikela uncedo olwakhayo olusekelwe kwiZibhalo, izimvu zikufumanise kulula ukulwamkela kuba kaloku lusuka kubalusi abaqonda ngokwenene nababakhathalelayo. (IMizekeliso 16:23) Kwakhona uvelwano lushukumisela abadala ukuba bacinge ngeentsilelo zabanye kunye neemvakalelo ezinokubangelwa zizo. Ngokomzekelo, amanye amaKristu anezazela asenokuziva enetyala kuba engakwazi ukwenza okungakumbi enkonzweni kaThixo, mhlawumbi ngenxa yokwaluphala okanye impilo enkenenkene. Kwelinye icala, amanye kusenokufuneka akhuthazwe ukuze aphucule ubulungiseleli bawo. (Hebhere 5:12; 6:1) Uvelwano luya kushukumisela abadala ukuba bafumane “amazwi anandiphekayo” okwakha abanye. (INtshumayeli 12:10) Xa izimvu zikaYehova zakhiwe zaza zakhuthazwa, uthando lwazo ngoThixo luya kuziqhubela ekwenzeni konke okusemandleni azo ukuze zimkhonze!
Amadoda Akhuthaza Umanyano
15. Lithetha ntoni ibinzana elithi “ubunye bokholo”?
15 Okwesithathu, “izipho ezikuhlobo lwabantu” zilungiselelwe ukuze “sonke sifikelele kubunye bokholo nakulwazi oluchanileyo loNyana kaThixo.” (Efese 4:13) Ibinzana elithi “ubunye bokholo” lithetha umanyano, lungapheleli nje kwiinkolelo, kodwa lufikelele nakwabo bakholelwa kuzo. Ngoko ke, oku kusesinye isizathu sokuba uThixo asinike “izipho ezikuhlobo lwabantu”—kukuze zikhuthaze umanyano kubantu bakhe. Zikwenza njani oku?
16. Kutheni kubalulekile ukuba abadala bahlale bemanyene?
16 Okokuqala, zimele zimanyane kwazona. Xa abalusi bahlulelene, izimvu zisenokutyeshelwa. Ixesha elixabisekileyo ebelinokuchithwa kusaluswa umhlambi lisenokuchithwa ngokungeyomfuneko kwiintlanganiso ezinde kuphikiswana ngezinto ezingabalulekanga. (1 Timoti 2:8) Abadala basenokungavumelani nje ngokulula kuyo yonke imibandela abayixubushayo, kuba kaloku bangamadoda anobuntu obusenokungafani. Xa kuthethwa ngomanyano akuthiwa mabangabi nezimvo ezihlukeneyo okanye bangazivelisi ngendlela elungeleleneyo ebudeni beengxubusho. Abadala bagcina umanyano lwabo ngokuphulaphulana ngentlonelo bangagwebani kusengaphambili. Yaye logama nje kungaphulwa mgaqo weBhayibhile, ngamnye ufanele akulungele ukuyekelela aze axhase eso sigqibo kufikelelwe kuso liqumrhu labadala. Loo moya wokuyekelela ubonisa ukuba bakhokelwa ‘bubulumko obuvela phezulu, obuboboxolo, nobunengqiqo.’—Yakobi 3:17, 18.
17. Abadala banokunceda njani ekugcineni umanyano ebandleni?
17 Abadala bakuphaphele nokukhuthaza umanyano ebandleni. Xa izinto ezidala iiyantlukwano—ezinjengokudl’ izithende, nokuthanda ukukrokrela abanye, okanye ukuthanda iingxabano—zisongela uxolo, bakulungele ukunikela isiluleko esiluncedo. (Filipi 2:2, 3) Ngokomzekelo, abadala basenokuphawula ukuba kukho abathile abagxeka yonk’ into okanye abagxuphuleka kwimicimbi yabanye, oogqada-mbekweni. (1 Timoti 5:13; 1 Petros 4:15) Abadala baya kuzama ukubanceda abanjalo baqonde ukuba elo khondo lichasene nento esiyifundiswe nguThixo nokuba ngamnye kuthi umele ‘athwale umthwalo wakhe.’ (Galati 6:5, 7; 1 Tesalonika 4:9-12) Besebenzisa iZibhalo, baya kuzama ukucacisa ukuba uYehova uzishiyela kwisazela sikabani izinto ezininzi, yaye akukho namnye kuthi ofanele agwebe abanye ngezinto ezinjalo. (Mateyu 7:1, 2; Yakobi 4:10-12) Ukuze sikhonze simanyene, kumele kubekho umoya wokuthembana nowokuhlonelana ebandleni. Xa zinikela isiluleko esisuka kwiZibhalo xa kuyimfuneko, “izipho ezikuhlobo lwabantu” ziyasinceda sihlale sinoxolo yaye simanyane.—Roma 14:19.
Ukukhusela Umhlambi
18, 19. (a) “Izipho ezikuhlobo lwabantu” zinokusikhusela koobani? (b) Yiyiphi enye ingozi izimvu ezimele zikhuselwe kuyo, yaye abadala banokwenza ntoni ukuze bakhusele izimvu?
18 Okwesine, uYehova ulungiselela “izipho ezikuhlobo lwabantu” ukuze zisikhusele singaphenjelelwa “nguwo wonke umoya wemfundiso ngobuqhetseba babantu, ngobuqhokolo bokuyila kwemposiso.” (Efese 4:14) Kuthiwa igama lantlandlolo elaguqulelwa ngokuthi “ubuqhetseba” lithetha “ukwenza amaqhinga xa kungcakazwa” okanye “amacebo okungcakaza.” Ngaba oku akusikhumbuzi ngobuqhophololo obenziwa ngabawexuki? Besebenzisa iingcamango ezichuliweyo, baye bajije iZibhalo bezama ukutsalela amaKristu okwenyaniso kude nonqulo lwawo. Abadala bafanele bazibeke esweni ezi “ngcuka ezicinezelayo”!—IZenzo 20:29, 30.
19 Izimvu zikaYehova zikwafuna ukukhuselwa nakwezinye iingozi. Umalusi wamandulo uDavide wayekhaliphile ekukhuseleni umhlambi kayise kumarhamncwa. (1 Samuweli 17:34-36) Nanamhlanje ke, asenokubakho amathuba apho abalusi abangamaKristu bemele bakhaliphe ukuze bakhusele umhlambi kuye nabani na onokuwuphatha kakubi okanye acinezele izimvu zikaYehova, ngokukodwa ezo zibuthathaka. Abadala bamele bathabathe amanyathelo akhawulezileyo okushenxisa ebandleni nabani na othi ngabom one ngokusebenzisa ubuqhetseba, ubuqhophololo namayelenqe ngeenjongo zokuphumeza ububi.b—1 Korinte 5:9-13; thelekisa INdumiso 101:7.
20. Kutheni sinokuziva sinqabisekile xa sinyanyekelwa ‘zizipho ezikuhlobo lwabantu’?
20 Hayi indlela esinombulelo ngayo ‘ngezipho ezikuhlobo lwabantu’! Xa zisinyamekela ngothando, sinokuziva sinqabisekile, kuba kaloku zisilungisa ngokutsha ngothantamiso, zisakha ngothando, zisoloko zikulungele ukugcina umanyano lwethu, yaye zisikhusela ngenkalipho. Kodwa “izipho ezikuhlobo lwabantu” zifanele ziyijonge njani indima yazo ebandleni? Yaye sinokubonisa njani ukuba siyazixabisa? Le mibuzo iza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Kuhlelo lweSeptuagint yesiGrike, esi senzi sinye esiguqulelwe ngokuthi “ukulungiswa ngokutsha” sisetyenzisiwe kwiNdumiso 17[16]:5, apho uDavide athandazela ukuba amanyathelo akhe abambelele emkhondweni kaYehova.
b Ngokomzekelo, bona inqaku elithi “Imibuzo Evela Kubafundi” kwinkupho yeMboniselo kaJanuwari 1, 1981, iphepha 28-31, kunye nelithi “Masikwenyanye Oko Kungendawo” kwinkupho kaJanuwari 1, 1997, iphepha 26-9.
Ngaba Uyakhumbula?
◻ Ngoobani “izipho ezikuhlobo lwabantu,” yaye kutheni uThixo, esebenzisa uKristu, wazinika ibandla?
◻ Abadala bayiphumeza njani imbopheleleko yabo yokulungisa umhlambi?
◻ Yintoni enokwenziwa ngabadala ukuze bakhe amanye amakholwa?
◻ Abadala banokulugcina njani umanyano ebandleni?
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Uvelwano luyabanceda abadala bakhuthaze abo badakumbileyo
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Ukumanyana kwabadala kukhuthaza umanyano ebandleni