IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w99 6/15 iphe. 25-26
  • ‘Amandla Engqondo Nentliziyo Okufuna Ukuqonda’

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • ‘Amandla Engqondo Nentliziyo Okufuna Ukuqonda’
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Inzululwazi Eyenziwe Lula
  • Ukumazi Ngakumbi UMdali
  • Incwadi Entsha Ichulumancisa Izigidi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
  • UMdali Wakho​—⁠funda Ukuba Ungumntu Onjani
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • Nceda Abanye Bafunde Ngoyena Mntu Ubalaseleyo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Umfundi Usabela Kwincwadi Ethi Abantu Abaselula
    Vukani!—1990
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
w99 6/15 iphe. 25-26

‘Amandla Engqondo Nentliziyo Okufuna Ukuqonda’

“Andikwazi kuluchaza uvuyo nemincili eya ikhula kum njengoko ndiyifunda ngomdla incwadi ethi Is There a Creator Who Cares About You? Yenza ubani anqwenele​—⁠gxebe, afune​—⁠ukwazi okungakumbi. Enkosi ngokuvuselela amandla engqondo nentliziyo yam okufuna ukwazi.”

LE YINDLELA elavakalelwa ngayo elinye iNgqina likaYehova lakuMntla Carolina, eUnited States, ngencwadi ekhululwe yiWatch Tower Society kwiiNdibano Zesithili ‘Zokuphila Ngendlela KaThixo’ ebudeni bowe-1998/99. Kwanokuba akunawo umbhalo wale ncwadi, khawuphawule nje indlela abanye abasabele ngayo.

Emva kweentsuku nje ifumene umbhalo wayo kwindibano eyayiseSan Diego, eKhalifoniya, eUnited States, enye indoda yabhala: “Ndifumanisa ukuba le ncwadi yomeleza ukholo. Iyitsho intliziyo yam izale luxabiso ngemisebenzi yezandla zikaYehova. Sele ndikwiphepha 98 layo, ibe ngathi ndingangafiki esiphelweni sayo! Ibangela uvuyo olwanelisa ngokwenene.”

Ibhinqa laseMpuma labhala: “Endibanweni isithethi sisebenzise ibinzana elithi ‘incwadi eyahlukileyo,’ ibe elo binzana likufanela ngokwenene oko ikuquletheyo. Eyona nto ibalaseleyo kukuba le ncwadi ayimnyanzeli umntu oyifundayo ukuba akholelwe kubukho bukaThixo, koko yandlala izibakala.”

Ezo zibakala ziquka izinto ezibangel’ umdla ezifunyaniswe zizazinzulu ngendalo iphela, ngobomi nangathi. Oku kubachukumisile abaninzi. Elinye ibhinqa laseKhalifoniya labhala: “Ngokwenene ndiphelelwe ngamazwi okuchaza indlela eye yandichaphazela ngokunzulu ngayo le ncwadana. Andikhange ndikwazi ukuyibeka phantsi le ncwadi njengoko iphepha ngalinye layo belichaza izinto ezingakumbi ezifunyanisiweyo nezityhila okuthile ngendalo yethu iphela nangobomi ngokwabo. Ngokwenene ndifunde lukhulu! Ndiza kuyixabisa le ncwadana ndabelane nabanye ngayo kangangoko ndinako.”

Enye into eye yamnandi kwabaninzi yindlela le ncwadi eyishwankathela ngayo iBhayibhile, ibalaselisa ubuntu boMdali. Omnye wagqabaza esithi: “Imbono epheleleyo yeBhayibhile, echazwe ukuya kutsho ekugqibeleni kwale ncwadi, iyenye yezona zisemagqabini kwendakha ndazifunda.” Kamsinya nje emva kwendibano yokuqala yaseNew York, eUnited States, omnye wabhala: “Le ncwadi isandul’ ukukhululwa imele ukuba yeyona ncwadi ithimb’ ingqalelo kwiimpapasho enikhe nazishicilela. Ndisele ndibambe ongezantsi bubungqina obuvela kwizazinzulu bokuba ukho uMdali. Ukushwankathelwa kweBhayibhile ngendlela engagwegweleziyo kukodwa nje kwanele ukuchaza iingongoma eziphuhliswayo nokuvuselela umdla wokuqhubeka ufunda.”

Inzululwazi Eyenziwe Lula

Inkcazelo yenzululwazi ekwizahluko zokuqala isenokuvakala intsonkothile, kodwa khawuphulaphule indlela abanye abasabele ngayo.

Enye indoda yaseKhanada ibhale yathi: “Hayi indlela eyahluke ngayo kwiincwadi zesikolo ezibhalwe ngabantu abanjongo yabo ikukuzigwagwisa ngokusebenzisa amagama amakhulu. Imfundo yenu izibalule kuba nenze inzululwazi yezinto ezingaphiliyo, inzululwazi yemichiza, i-DNA, ii-chromosomes, njl., zalula kuthi. Akwaba zazibhalwe nini iincwadi zokufunda zaseyunivesithi endazifunda kwiminyaka edluleyo!”

Unjingalwazi wenzululwazi yezinto ezingaphiliyo wenye iyunivesithi wabhala esithi: “[Le ncwadi] iyandlala ngokucacileyo imibandela ebandakanyekileyo ingakhange ibe ibhilabhilana nobuceducedu obuntsonkothileyo. Le ncwadi iyamqiqisa lowo uyifundayo yaye icaphula izazinzulu ezininzi eziphambili. Nabani na onomdla kwimvelaphi yendalo nobomi ‘umele ayifunde,’ enoba usisazinzulu okanye ungumntu nje.”

Elinye ibhinqa eliselula elifundela ukuba ngumongikazi lagqabaza lisithi: “Andikhange ndiyikholelwe into endiyibonileyo xa bendityhila kwisahluko 4 ndaza ndafunda amazwi acatshulwe kwincwadi esiyifunda eklasini! Ndiyinike unjingalwazi wethu le ncwadi ndaza ndamxelela ukuba ndiyazi ukuba iza kumhlaziya inkcazelo engaphakathi kwayo. Ndiye ndambonisa iphepha 54 elithetha ngobuchopho. Ulifundele ngaphakathi waza wathi, ‘Ibangel’ umdla le ncwadi! Ndiza kukha ndiyihlole kakuhle.’ ”

Ilungu lepalamente yaseBelgium labhala: “Eyona nto indimangalisileyo yaza yathimba ingqalelo yam yindlela ebhalwe ngayo engokwenzululwazi egxininisa ukuba inzululwazi yanamhlanje ayihlabani nengcamango yeBhayibhile yokuba kukho uThixo omnye, kunoko ivumelana nayo. Le mbono isemagqabini.”

Ukumazi Ngakumbi UMdali

Le ncwadi incede abantu abakumazwe amaninzi bamazi nangakumbi uThixo yaye baziva besondele nangakumbi kuye. Omnye umfundi waseFukuoka City, eJapan, wathi: “Ibingathi amehlo ethu ajoliswe kuYehova okokuqala. Le ncwadi yeyisa ngendlela engummangaliso. Ndiye ndakwazi ukumqonda uYehova ngendlela endingazange ndiyicinge ngaphambili.” Omnye wase-El Salvador wabhala: “Niyichaza icace nakuthathatha indlela uThixo anenceba, anobabalo, azeka kade ngayo umsindo nanobubele obunothando ngayo. Eneneni, besifuna oko kanye ukuze sisondele ngakumbi kuye nakuNyana wakhe. Yincwadi yokuqala ukuchaza iimvakalelo zikaYehova nezoNyana wakhe, uYesu, xa wayengumntu.” Kwaye umfundi waseZambia wathi: “Ngoku uYehova ndimjonga ngendlela eyahluke ngokupheleleyo.”

Ngesizathu esiqondakalayo, amaNgqina kaYehova anemincili ngokwabelana nabanye ngencwadi ethi Is There a Creator Who Cares About You? Elinye lathi: “Ndithe ndakugqiba ukufunda isahluko 10 esithi [“If the Creator Cares, Why So Much Suffering?” (“Ukuba UMdali Uyakhathala, Kutheni Kukho Ukubandezeleka Okungaka?”)], ndivakele ndidanduluka ndisithi, ‘Nantsi ke incwadi esiyifunayo eJapan!’ Bendingathanda ukuyibethelela engqondweni inkcazelo ekule ncwadi ndize ndiyisebenzise ngakumbi kwinkonzo yasentsimini.” Elinye ibhinqa lifundisisa iBhayibhile nentombazana eyakhulela kwitempile apho uyise wayengumfundisi. “Bekunzima kuye ukuba ayamkele into yokuba kukho uMdali. Ingcaciso enikelwa yile ncwadi ayinyanzelisi mntu, into nje kudandalaziswe izibakala, ngoko ndicinga ukuba kwanamaBhuda aza kuyifunda ngaphandle kokuzilazila. Nathi isenza siluve nangakumbi uthando lukaYehova.”

Nanga amagqabaza avela eNgilani: “Ndisandul’ ukuyigqiba le ncwadi ethi Creator ibe ndiza kuqalisa ukuyifunda kwakhona. Enjani ukuba mnandi yona incwadi! Soze umthande uYehova ngaphandle kokuba uyifunde. Ndiye ndanika ummelwane wam umbhalo wayo, ibe emva kokufunda izahluko ezibini nje kuphela uthe, ‘Andikwazi kwahlukana nayo, ibangel’ imincili nyhani.’ Ndiqinisekile ukuba le ncwadi iza kunceda abantu bamazi yaye bamthande uMdali wethu Ozukileyo.”

Enye indoda yaseMaryland, eUnited States, yathi: “Ngokwenene iye yalukhuthazo gqitha ngokomoya! Ndizimisele ukunika bonke abantu endisebenzisana nabo umbhalo wayo. Maxa wambi ndikufumanisa kunzima ukuqalisa ukunikela ubungqina kubantu abaxakeke, nabafunde kakhulu. Ngoku ekubeni ndinale ncwadi ndiza kufumana indlela enomtsalane nephumelelayo yokuqalisa incoko.”

Kucace mhlophe ukuba, incwadi ethi Is There a Creator Who Cares About You? iza kuba luncedo kubantu abasemhlabeni wonke.

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 25]

Cover photo above, Eagle Nebula: J. Hester and P. Scowen (AZ State Univ.), NASA

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share