UMdali Wakho—funda Ukuba Ungumntu Onjani
“Ndiya kukudlulisa konke ukulunga kwam ebusweni bakho, ndivakalise igama likaYehova phambi kwakho.”—EKSODUS 33:19.
1. Kutheni uMdali efanelwe kukunikwa imbeko?
UMPOSTILE UYOHANE, umbhali wencwadi yokugqibela yeBhayibhile, wabhala esi sibhengezo sibalaseleyo ngoMdali: “Ufanele, Yehova, okwanguThixo wethu, ukwamkela uzuko nembeko namandla, ngenxa yokuba wadala zonke izinto, nangenxa yokuthanda kwakho zabakho yaye zadalwa.” (ISityhilelo 4:11) Nanjengokuba sele sibonile kwinqaku elandulela eli, ngokufuthi oko kufunyaniswe yinzululwazi yale mihla kongezelela izizathu zokukholelwa kuMdali wezinto zonke.
2, 3. (a) Yintoni abantu abafanele bayazi ngoMdali? (b) Kutheni kungeyonto esengqiqweni ukudibana noMdali ubuso ngobuso?
2 Ekubeni kubalulekile ukwamkela ukuba ukho uMdali, kukwabaluleke ngendlela efanayo nokufunda ukuba ungumntu onjani—ukufunda ukuba ungumntu wokwenene, unobuntu neendlela ezenza abantu batsaleleke kuye. Enoba sele umazi kangakanani na, ngaba bekungayi kuba yingenelo ukumazi nangakumbi? Akuyomfuneko ukuba side sidibane naye ngokoqobo, njengoko sisenza kwabanye abantu.
3 UYehova unguMthombo weenkwenkwezi, ibe eli langa silibonayo liyinkwenkwezi nje ephakathi ngobukhulu. Ngaba ukhe ukubawele ukusondela de ulichukumise ilanga? Soze! Inkoliso yabantu yonqena kwaukulijonga okanye ukuvumela imitha yalo enamandla ibethe kwizikhumba zayo kangangexesha elide. Ubushushu balo bubalwa malunga neqondo le-15 000 000 ngokukaCelsius. Mzuzwana ngamnye, eli ziko lomlilo eliguqula iziseko zeathom litshintsha izinto eziziitoni ezimalunga nezigidi ezine zibe ngamandla. Ngumlinganiselo omncinane ofikelela emhlabeni ububushushu nokukhanya, kodwa ke loo mlinganiselo uyakwazi ukugcina zonke izinto ziphila apha emhlabeni. Ezo zibakala zisisiseko zifanele zisenze siwabone amandla awoyikekayo oMdali. Wayefanele ke uIsaya ukubhala ‘ngobukhulu bokomelela, nangokukhalipha ngamandla koMdali.’—Isaya 40:26.
4. Yintoni awayicelayo uMoses, ibe uYehova wamphendula njani?
4 Ukanti, ubusazi na ukuba kwiinyangana nje ezimbalwa emva kokuba amaSirayeli endulukile eYiputa ngowe-1513 B.C.E., uMoses wabongoza uMdali esithi: “Khawundibonise ubuqaqawuli bakho”? (Eksodus 33:18) Ukuba uyakhumbula ukuba uThixo unguMthombo welanga, unokusiqonda isizathu sokuba axelele uMoses oku: “Akunakububona ubuso bam; kuba akukho mntu undibona aphile.” UMdali wamvumela uMoses ukuba aye kuncathama ndaweni ithile kwiNtaba yeSinayi ngeli lixa Yena ‘adlulayo.’ Wandula ke uMoses wawubona “umva” kaThixo, ngokungathi kunjalo, ebona ilitha nje lobuqaqawuli boMdali, okanye lobukho bakhe.—Eksodus 33:20-23; Yohane 1:18.
5. UMdali wasanelisa njani isicelo sikaMoses, ibe yangqina ntoni loo nto?
5 Umnqweno kaMoses wokumazi ngakumbi uMdali waneliswa. Kuyabonakala ukuba esebenzisa ingelosi, uThixo wadlula ngakuMoses ethetha esithi: “UYehova, uYehova, uThixo onemfesane, onobabalo, ozeka kade umsindo, omninzi ngenceba nenyaniso; olondolozela amawaka inceba, oxolela ubugwenxa, nokreqo, nesono; ongakhe amenze msulwa onetyala.” (Eksodus 34:6, 7) Oku kubonisa ukuba ukumazi ngakumbi uMdali wethu akubandakanyi kubona indlela amile ngayo, kodwa kubandakanya ukumqonda ngomlinganiselo opheleleyo ukuba ungumntu onjani, ubuntu bakhe kunye neempawu zakhe.
6. Inkqubo yemizimba yethu yokuzikhusela kwizifo ingummangaliso ngayiphi indlela?
6 Enye indlela esinokukwenza ngayo oku kukukhangela iimpawu zakhe kwindalo yakhe. Khawuqwalasele nje inkqubo yomzimba wakho yokuzikhusela kwizifo. Enye inkupho eyayithetha ngale nkqubo, iScientific American yathi: “Inkqubo yemizimba yethu yokuzikhusela kwizifo ihlala ithe qwa kususela ekuzalweni kwethu de siye kufa. Kukho uluhlu lweemolekyuli neeseli ezahlukahlukeneyo . . . olusikhusela kwiintsholongwane. Ukuba belungekho olo khuselo, abantu bebengenakuqhubeka bephila.” Ivela phi loo nkqubo? Inqaku elikwelo phephancwadi lathi: “Ezi seli ezimangalisayo nezisebenzisana kakuhle ukukhusela umzimba kwizidalwa ezincinane nakwiintsholongwane eziwuhlaselayo ziveliswa ziiseli ezimbalwa zokuqala eziyileka malunga neeveki ezisithoba emva kokuba umntu ekhawulwe.” Ibhinqa elikhulelweyo lidlulisela amandla athile okuzikhusela kwimveku yalo esakhulayo. Kuthi ke kamva, xa sele lisanyisa, lidlulisele kusana lwalo iiseli zokukhusela umzimba kwizifo nemichiza eluncedo ngobisi lwebele.
7. Yintoni esinokuyicinga ngenkqubo yomzimba yokuzikhusela kwizifo, ibe loo nto isikhokelela kwisiphi isigqibo?
7 Umele ukuba unesizathu esibambekayo sokugqiba ngelithi inkqubo yomzimba yokuzikhusela kwizifo iyigqwesa lee nayiphi na into abanokuza nayo abezamayeza bale mihla. Ngenxa yoko, khawuzibuze, ‘Isixelela ntoni le nto ngeMbangi nangoMenzi wayo?’ Le nkqubo, ‘eyileka malunga neenyanga ezisithoba emva kokuba umntu ekhawulwe’ nekulungeleyo ukukhusela imveku esandul’ ukuzalwa, ngokuqinisekileyo isibonisa ubulumko nokulungiselela izinto kusengaphambili. Kodwa ngaba ikho into engakumbi esinokuyizuza kule nkqubo ngoMdali? Sisiphi isigqibo inkoliso yethu efikelela kuso ngoAlbert Schweitzer nabanye abanikela ngobomi babo ukuze banyange abantu abangamahlwempu? Sidla ngokubatyibela ngeempawu ezintle ezinjengemfesane nobuntu. Ngendlela efanayo, sithini ke ngoMdali wethu, onika izigwili namahlwempu umlinganiselo ofanayo wenkqubo yomzimba yokuzikhusela kwizifo? Kucacile ukuba unothando, akakhethi buso, unemfesane yaye uthanda okusesikweni. Ngaba oku akuvumelani nendlela uMdali achazwa ngayo kuMoses?
Utyhila Uhlobo Lomntu Alulo
8. Yiyiphi indlela ekhethekileyo uYehova azityhila ngayo kuthi?
8 Noko ke, ikho enye indlela yokumazi nangakumbi uMdali wethu—iBhayibhile. Oku kubaluleke nangakumbi ekubeni kukho izinto ezingaye ezingenakutyhilwa kwaphela yinzululwazi nendalo yaye ezinye izinto zicaca nangakumbi xa zisuka eBhayibhileni. Umzekelo wezinto ezingenakutyhilwa yinzululwazi nendalo ligama loMdali. YiBhayibhile kuphela elichazayo igama loMdali kunye nokubaluleka kwalo. Kwimibhalo-ngqangi yesiHebhere yeBhayibhile, igama lakhe livela izihlandlo ezimalunga nama-7 000 njengoonobumba abane abanokuguqulelwa ngqo ngokuthi YHWH okanye JHVH, ngesiXhosa esiqhele ukubabiza ngokuthi Yehova.—Eksodus 3:15; 6:3.
9. Lithetha ntoni igama loMdali, ibe sisiphi isigqibo esinokufikelela kuso ngenxa yoko?
9 Ukuze simazi nangakumbi uMdali, kufuneka siqonde ukuba akayiyo nje “iMbangi Yokuqala,” okanye “uNdinguye” ongaqondakaliyo. Igama lakhe liyakubonisa oko. Liluhlobo oluthile lwesenzi sesiHebhere esithetha ukuthi “yiba” okanye “ukuba khona.”a (Thelekisa iGenesis 27:29; INtshumayeli 11:3.) Igama likaThixo lithetha ukuthi “Ubangela Kubekho” yaye libethelela ukuba uneenjongo yaye uyenza. Ngokulazi nangokulisebenzisa igama lakhe, sinokuqonda nangakumbi ukuba uyawazalisekisa amadinga akhe yaye uyakukhuthalela ukufezekisa injongo yakhe.
10. Yiyiphi ingqiqo ebalulekileyo esinokuyizuza kwingxelo ekwiGenesis?
10 IBhayibhile ingumthombo wolwazi ngeenjongo nangobuntu bukaThixo. Ingxelo yeGenesis ityhila ukuba uluntu lwalukhe lwaseluxolweni noThixo yaye lunethemba lokuphila ubomi obude nobunentsingiselo. (Genesis 1:28; 2:7-9) Ngokuvisisana nokubaluleka kwegama lakhe, sinokuqiniseka ukuba uYehova uya kukuphelisa ukubandezeleka nonxunguphalo ekukudala uluntu lujamelene nako. Ngokuphathelele ukuzalisekiswa kwenjongo yakhe, sifunda oku: “Ihlabathi elibonakalayo lenziwe lanxunguphala, kungengamnqweno walo, kodwa ngokuthanda koMdali, owathi xa wayelenza libe njalo, walinika ithemba lokuba ngenye imini . . . liya kunikwa isabelo senkululeko ezukileyo yabantwana bakaThixo.”—Roma 8:20, 21, iThe New Testament Letters, kaJ. W. C. Wand.
11. Kutheni sinokuqwalasela iingxelo zeBhayibhile, yaye ziziphi iinkcukacha ezinikelwa kwenye yezo ngxelo?
11 IBhayibhile inokusinceda simazi ngakumbi uMdali wethu kuba ityhila izenzo zakhe neendlela awasabela ngazo xa wayeqhubana namaSirayeli amandulo. Ngokomzekelo khawuqwalasele okwenzeka kuElisha nakumphathi-mkhosi wamaSiriya awayengenalusini, uNahaman. Njengoko uyifunda le ngxelo ekweyesi-2 yooKumkani isahluko 5, uya kufumanisa ukuba intombazana engumSirayeli yachaza ukuba iqhenqa likaNahaman lalinokunyangwa ukuba kwakunokucelwa uncedo kuElisha wakwaSirayeli. UNahaman waya apho elindele ukuba uElisha wayeza kuwangawangisa izandla esenza isithethe sokunyanga esithile esingaqondakaliyo. Kunoko, uElisha wamxelela loo mSiriya ukuba makaye kuhlamba kuMlambo iYordan. Nangona kwaye kwafuneka acengwe ngabantu bakhe ukuze aye, uNahaman waphila akwenjenjalo. UNahaman wazisa izipho ezixabisekileyo, kodwa uElisha akazange azamkele. Kamva ugxa wakhe wachwechwa waya kumqhiwulela uNahaman waza wafumana ezinye zezinto ezixabisekileyo ngokuxoka. Ukunganyaniseki kwakhe kwabangela ukuba abethwe ngeqhenqa. Le yingxelo ebangel’ umdla engezinto ezinxulumene noluntu—yingxelo esinokufunda okuthile kuyo.
12. Ziziphi izigqibo esinokufikelela kuzo ngoMdali ngokusuka kwingxelo engoElisha noNahaman?
12 Le ngxelo ibonisa ngendlela ebangel’ umdla ukuba uMdali Ozukileyo wendalo iphela akaphakamanga kakhulu ukuba ade angayinanzi nganto intwazana eselula, ibe loo nto yahluke gqitha koko kuqhelekileyo kwiindawo ezininzi namhlanje. Ikwabonisa ukuba uMdali akakhe athande isizwe okanye uhlanga olunye kuphela. (IZenzo 10:34, 35) Okubangel’ umdla kukuba, kunokulindela ukuba abantu basebenzise amaqhinga—nto leyo eyayiqhelekile “kumaxhwele” amandulo nesaxhaphakileyo nanamhlanje—uMdali wabonakalisa ubulumko obumangalisayo. Wayeyazi indlela yokunyanga iqhenqa. Kwakhona wabonisa ingqiqo nokuthanda okusesikweni ngokungavumi ukuba ubuqhetseba buphumelele. Kwakhona, ngaba oku akuvisisani nobuntu bukaYehova obachazwa kuMoses? Nangona imfutshane loo ngxelo yeBhayibhile, hayi indlela okukuninzi ngayo esinokukufumana ngokuphathelele uhlobo lomntu alulo uMdali wethu!—INdumiso 33:5; 37:28.
13. Chaza indlela esinokufunda lukhulu ngayo kwiingxelo zeBhayibhile.
13 Ezinye iingxelo zezenzo ezibonisa ukungabi nambulelo kwamaSirayeli nendlela uThixo awasabela ngayo ziyabonisa ukuba uYehova unenkathalo yokwenene. IBhayibhile ithi amaSirayeli ayemlinga emlingile, emkhathaza yaye emenza buhlungu. (INdumiso 78:40, 41) Ngenxa yoko, uMdali unazo iimvakalelo yaye uyakhathala ngoko abantu bakwenzayo. Kwakhona kuninzi okunokufundwa kwiingxelo ezingabantu abathile abaziwayo. Xa uDavide wanyulwa ukuba abe ngukumkani kwaSirayeli, uThixo wamxelela oku uSamuweli: “Umntu ukhangela umphandle, uYehova ukhangela intliziyo.” (1 Samuweli 16:7) Ewe, uMdali ukhangela oko sikuko ngaphakathi, akapheleli nje kwinkangeleko yangaphandle. Hayi indlela okwanelisa ngayo oko!
14. Xa sifunda iZibhalo zesiHebhere, yintoni esinokuyenza ukuze singenelwe?
14 Iincwadi zeBhayibhile ezingama-39 zabhalwa ngaphambi kwexesha likaYesu, ibe sifanele sizifunde. Asifanelanga sizifunde nje ngenjongo yokwazi iingxelo zeBhayibhile okanye imbali. Ukuba sikufuna ngokwenene ukwazi uMdali wethu ukuba ungumntu onjani, sifanele sicamngce ngezo ngxelo, mhlawumbi sizibuze, ‘Le nxalenye indifundisa ntoni ngobuntu bakhe? Ziziphi iimpawu zakhe ezibalaseleyo apha?’b Ukwenjenjalo kunokunceda kwanabo bathandabuzayo babone ukuba iBhayibhile imele ukuba ivela kuThixo, ibe oko kuya kuba sisiseko sokumazi ngakumbi uMenzi wayo onothando.
UMfundisi Obalaseleyo Usinceda Sazi UMdali
15. Kutheni sifanele sifunde kwizenzo nakwiimfundiso zikaYesu?
15 Kuyavunywa ukuba abantu ababuthandabuzayo ubukho boMdali okanye abanembono engaqondakaliyo ngoThixo basenokuba abanalwazi lungako ngeBhayibhile. Mhlawumbi ukhe wadibana nabantu abangazi nokuba uMoses wayephila ngaphambi okanye ngemva koMateyu nabangazi nowathwethwa ngezenzo okanye ngeemfundiso zikaYesu. Ilusizi ngokwenene ke le nto kuba kuninzi gqitha umntu anokukufunda ngoMdali kuMfundisi Obalaseleyo, uYesu. Ekubeni wayenolwalamano olusondeleyo noThixo, wayenako ukubonisa uhlobo lomntu alulo uMdali wethu. (Yohane 1:18; 2 Korinte 4:6; Hebhere 1:3) Ibe wakwenza oko. Enyanisweni, wakha wathi: “Lowo undibonileyo mna umbonile noBawo.”—Yohane 14:9.
16. Ibonisa ntoni indlela uYesu aqhubana ngayo nebhinqa elingumSamariya?
16 Nanku umzekelo. Ngenye imini xa uYesu wayediniwe emva kohambo, wancokola nelinye ibhinqa elingumSamariya cebu kuhle neSikare. Wabelana nalo ngeenyaniso ezibalulekileyo, egxininisa imfuneko ‘yokunqula uBawo ngomoya nenyaniso.’ AmaYuda elo xesha ayengafuni nokuwabona amaSamariya. Ngokwahlukileyo koko, uYesu wabonakalisa ukukulungela kukaYehova ukuwamkela amadoda namabhinqa azo zonke iintlanga, nanjengoko siye saphawula kwisiganeko esibandakanya uElisha noNahaman. Oku kufanele kusiqinisekise ukuba uYehova akayithandi intiyo yonqulo entyontyelwa ngabangqondo zimfutshane egqugqisileyo ehlabathini namhlanje. Kwakhona sikwabona ukuba uYesu wayekulungele ukufundisa ibhinqa, nalaph’ emabhinqeni elihlalisana nendoda elingatshatanga nayo. Kunokuba aligwebe, uYesu waliphatha ngesidima, ngendlela eyayiza kwenza lincedakale ngokwenene. Emva koko, namanye amaSamariya amphulaphula uYesu aza agqiba ngelithi: “Siyazi ukuba lo mntu ngokuqinisekileyo ngumsindisi wehlabathi.”—Yohane 4:2-30, 39-42; 1 Kumkani 8:41-43; Mateyu 9:10-13.
17. Ingxelo engokuvuswa kukaLazaro isifikisa kwisiphi isigqibo?
17 Makhe siqwalasele omnye umzekelo wendlela esinokufunda ngayo ngoMdali ngokuziqhelanisa nezenzo kunye neemfundiso zikaYesu. Khumbula mhla umhlobo kaYesu, uLazaro, wafayo. UYesu wayesele ebonisile ngaphambilana ukuba unamandla okubuyisela abafileyo ebomini. (Luka 7:11-17; 8:40-56) Noko ke, wasabela njani xa wayebona udade boLazaro ebuhlungu? UYesu “wagcuma emoyeni, wakhathazeka.” Akazange angakhathali okanye enze ngathi akwenzekanga nto; “zathi waxa iinyembezi” kuye. (Yohane 11:33-35) Yaye oku kwakungeyombonakaliso nje yokukhathazeka. UYesu washukunyiselwa ukuba ancede—wamvusa uLazaro. Khawuthelekelele nje indlela oku okumele ukuba kwabanceda ngayo abapostile baqonda iimvakalelo nezenzo zoMdali. Kukwafanele kusincede thina nabanye ukuba siqonde ubuntu neendlela zoMdali.
18. Bafanele bavakalelwe njani abantu ngokufundisisa iBhayibhile?
18 Asikho isizathu sokuba neentloni ngokufundisisa iBhayibhile nangokufunda ngakumbi ngoMdali wethu. IBhayibhile asiyoncwadi eshiywe lixesha. UYohane wayifunda waza waba sisinxulumani esisondeleyo sikaYesu. Kamva wabhala esithi: “Siyazi ukuba uNyana kaThixo uye weza, yaye uye wasinika amandla okuqonda ukuze sizuze ulwazi lwalowo uyinyaniso. Yaye simanyene nalowo uyinyaniso, ngoNyana wakhe uYesu Kristu. Lo nguThixo oyinyaniso nobomi obungunaphakade.” (1 Yohane 5:20) Phawula ukuba ukusebenzisa “amandla okuqonda” ukuze sifumane ulwazi “lwalowo uyinyaniso,” uMdali, kunokukhokelela ‘kubomi obungunaphakade.’
Unokubanceda Njani Abanye Bafunde Ngaye?
19. Liliphi inyathelo elifanele lithatyathwe ukuze kuncedwe abantu abathandabuzayo?
19 Kuninzi okufunekayo ukuze abanye abantu bakholelwe ukuba kukho uMdali onemfesane nosikhathalelayo baze bamqonde ukuba ungumntu onjani na. Kusekho izigidi ngezigidi zabantu abasenamathandabuzo ngoMdali okanye abanembono engavisisaniyo noko kufumaneka eBhayibhileni ngaye. Unokubanceda njani? Kwiindibano zesithili nezezizwe ngezizwe zowe-1998/99 zamaNgqina kaYehova, kukhululwe incwadi entsha efumaneka ngeelwimi ezininzi—incwadi ethi Is There a Creator Who Cares About You?
20, 21. (a) Incwadi ethi Creator inokusetyenziswa njani ngokuyimpumelelo? (b) Khawubalise amava endlela incwadi ethi Creator eye yazingqina isebenza ngayo.
20 Le mpapasho iya kukomeleza ukukholelwa kwakho kuMdali wethu ize ikwenze ubuqonde nangakumbi ubuntu neendlela zakhe. Yintoni esenza siqiniseke ngoko? Kaloku incwadi ethi Is There a Creator Who Cares About You? ilungiselelwe loo nto kanye. Owona mongo wale ncwadi ngothi “Yintoni enokubenza bube nentsingiselo nangakumbi ubomi bakho?” Inkcazelo engaphakathi kwayo ibekwe ngendlela yokuba nabo banemfundo enomsila bayifumanise ithimb’ ingqalelo. Ukanti, ikhe yenze namavandlakanya ngezinto sonke esizilangazelelayo. Kukho inkcazelo ebangel’ umdla gqitha neyeyisayo elungiselelwe abo babuthandabuzayo ubukho boMdali. Le ncwadi ayibhalwanga kucingwa ukuba abo baza kuyifunda bayakholelwa kuMdali. Abo bathandabuzayo baya kuchukunyiswa yindlela ezixutyushwa ngayo izinto ezifunyaniswe kutshanje kunye neengcamango zenzululwazi. Ezo zibakala ziya kulomeleza nokholo lwabo bakholelwa kuThixo.
21 Xa uyifunda le ncwadi entsha, uya kufumanisa ukuba iinxalenye zayo zithi gqaba gqaba ngembali yeBhayibhile ngendlela ebalaselisa iinkalo zobuntu bukaThixo, ibe loo nto inceda abo bayifundayo bamazi nangakumbi uThixo. Uninzi lwabo sele beyifundile luye lwagqabaza ngendlela eye yakwenza ngayo oko kubo. (Bona inqaku elilandelayo, kwiphepha 25-6.) Ngamana kunganjalo nakuwe njengoko uziqhelanisa nale ncwadi yaye uyisebenzisa ukunceda abanye bamazi nangakumbi uMdali wabo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Umphengululi ongumJesuit uM. J. Gruenthaner, xa wayengumhleli oyintloko weThe Catholic Biblical Quarterly, wachaza esi senzi ngendlela awasichaza ngayo isithetha-ntonye saso, esithi “asidluliseli ingcamango yento nje kodwa sisoloko sithetha ukuba ngophawulekayo, ngamany’ amazwi, ozibonakalisa ngokucacileyo.”
b Xa abazali bebalisa iingxelo zeBhayibhile kubantwana babo, banokubanceda ngokubuza imibuzo enjengale. Ngaloo ndlela ulutsha lunokumazi uThixo, luze lufunde ukucamngca ngeLizwi lakhe.
Ngaba Uye Waphawula?
◻ UMoses wamazi ngakumbi njani uYehova kwiNtaba yeSinayi?
◻ Kutheni ukufundisisa iBhayibhile kuluncedo ukuze ubani amazi uThixo ukuba ungumntu onjani na?
◻ Xa sifunda iBhayibhile, yintoni esinokuyenza ukuze sisondele ngakumbi kuMdali wethu?
◻ Uceba ukuyisebenzisa njani incwadi ethi Creator?
[Umfanekiso okwiphepha 20]
Inkqubo yemizimba yethu yokuzikhusela kwizifo isixelela ntoni ngoMdali wethu?
[Umfanekiso okwiphepha 21]
Inxalenye yoMsongo Wolwandle Olufileyo, ene-“Tetragrammaton” (igama likaThixo ngesiHebhere) ephawuliweyo
[Inkcazelo]
Courtesy of the Shrine of the Book, Israel Museum, Jerusalem
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Yintoni esinokuyifunda kwindlela uYesu awasabela ngayo kwintlungu kaMariya?