IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w99 10/1 iphe. 3-4
  • Kutheni Ixesha Lilincinane Kangaka?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kutheni Ixesha Lilincinane Kangaka?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ixesha Elininzi
  • Liya Lisiba Lincinane Nangakumbi Ixesha
  • Ayisithi Sodwa Abanexesha Elincinane
  • Ukulisebenzisa Ngobulumko Ixesha Esinalo Ngoku
  • UYehova Usibonisa Indlela Yokubala Imihla Yethu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Ixesha Nephakade Sazi Ntoni Kanye Kanye Ngezo Zinto?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • Ukuhamba NoThixo—sinethemba Lobomi Obungunaphakade
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
  • Dumisani UKumkani Kanaphakade!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
w99 10/1 iphe. 3-4

Kutheni Ixesha Lilincinane Kangaka?

IXESHA. Sisenokuba sinqatyelwe kukulichaza kakuhle eli gama, kodwa ke ngokuqinisekileyo siyazi ukuba sisoloko singenaxesha laneleyo. Kwaye siyazi ukuba lihamba ngokukhawuleza. Enyanisweni, sidla ngokuthi, “Ixesha liyakhawuleza.”

Noko ke, kuyabonakala ukuba imbongi eliNgesi uAustin Dobson yaphantse yawuchan’ umhlola xa ngowe-1877 yathi: “Nithi ixesha liyahamba? Unotshe! Kaloku sithi abahambayo, iXesha lona lihlala likho.” Ukususela oko wafayo ngowe-1921, uDobson ebelele kobandayo kangangeminyaka ephantse ibe ngama-80; ixesha lona belisiya phambili.

Ixesha Elininzi

Xa ithetha ngoMdali woluntu, iBhayibhile isixelela oku: “Kungekazalwa zintaba, ungekavelisi mhlaba, nazwe limiweyo, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni, wena unguThixo.” (INdumiso 90:⁠2) Okanye ke njengoko iThe New Jerusalem Bible isitsho, “kususela kwixesha elingenasiphelo kuse kwixesha elingenasiphelo wena unguThixo.” Ngoko ixesha liya kuhlala likho njengoThixo​—⁠ngonaphakade!

Ngokwahlukileyo kuThixo, onexesha elingasikelwe mda, sifunda oku ngabantu: “Ngokuba yonke imihla yethu isangene ngokuphuphuma komsindo wakho, siyiphelisile iminyaka yethu njengentsebezo. Imihla yeminyaka yethu iseminyakeni engamashumi asixhenxe; ukuba ithe yaba mininzi kakhulu, iba yiminyaka emashumi asibhozo, libe ke iqhayiya layo likukwaphuka nokungabi nto yanto, ngokuba ithe phe yakhawuleza, saphaphazela semka.”​—⁠INdumiso 90:​9, 10.

Ekubeni iBhayibhile iyifundisa ngokucacileyo into yokuba injongo kaThixo kukuba umntu aphile ngonaphakade, kutheni namhlanje ubomi bubufutshane kangaka? (Genesis 1:​27, 28; INdumiso 37:​29) Kunokuba abantu baphile ubomi obungasikelwe mda ngokwenjongo kaThixo, kutheni ngokomlinganiselo, ubuncinane bephila imihla engaphantsi kwama-30 000? Kutheni abantu benexesha elincinane kangaka? Ngubani okanye yintoni le izise eli shwangusha? IBhayibhile ineempendulo ezicacileyo nezanelisayo.a

Liya Lisiba Lincinane Nangakumbi Ixesha

Abantu abasele bekhulile baya kusingqina isibakala sokuba ubomi bala mashumi eminyaka akutshanje buyakhawuleza. Omnye umcholacholi weendaba, uGqr. Sybille Fritsch, wachaza ukuba ebudeni beminyaka engama-200 edluleyo, iiyure ekusetyenzwa ngazo veki nganye ziye zehla ukususela kuma-80 zaya kutsho kuma-38, “ukanti naleyo isakhalazelwa nanamhlanje.” Wacacisa esithi: “Ixesha alikho; ixesha liyathengwa; ixesha libaluleke njengalo moya siwuphefumlayo; siphila ubomi bokuxhabasha.”

Izinto ezenziweyo kutshanje ziye zavula amathuba zaza zenza izinto ezingazange zicingwe kwaukucingwa zizizukulwana ezingaphambili. Kodwa okukhona emaninzi amathuba okwenza izinto ezininzi, kokukhona lusiba lukhulu nodano olubangelwa kukuba nexesha elincinane gqitha lokuzenza. Kule mihla, kwiindawo ezininzi ehlabathini, abantu balicwangcisa ngokungqongqo ixesha, balileqa belileqile. UTata umele aphume esiya emsebenzini ngeyesi-7:​00 kusasa, uMama umele ase abantwana esikolweni nge-8:​30 kusasa, uTatomkhulu umele abonane nogqirha nge-9:​40 kusasa, kwaye bonke kufuneka balungele intlanganiso ebalulekileyo nge-7:​30 ngokuhlwa. Kuyo yonke loo nto yokuleqa ixesha, linqabile ixesha lwalo naluphi na uhlobo lokuzihlaziya. Kwaye siyakhalaza ngenxa yozengezenge olukruqulayo lwezinto esizenza mihla le, okanye ukusoloko sixhabashile.

Ayisithi Sodwa Abanexesha Elincinane

UTshaba lukaThixo, uSathana uMtyholi, omaqhinga akhe aye abenza babufutshane ubomi, ngoku unqatyelwe yinqaba yakhe. (Thelekisa eyamaGalati 6:​7, 8.) Xa sithetha ngokuzalwa koBukumkani obungoMesiya ezulwini, ISityhilelo 12:​12 sisishiya sinethemba xa sisithi: “Ngenxa yoku chulumancani, nina mazulu nani nihlala kuwo! Yeha kuwo umhlaba nakulo ulwandle, ngenxa yokuba uMtyholi uhlile weza kuni, enomsindo omkhulu, esazi ukuba unesihlandlo esifutshane sexesha.”

Ngokutsho kobalo-maxesha olunokuthenjwa lweBhayibhile kunye nokuzaliseka kwesiprofeto seBhayibhile, ngoku sisecicini leso “sihlandlo esifutshane sexesha.” Hayi indlela ekuvuyisa ngayo ukwazi ukuba ixesha likaSathana lixhatshwe yinja! Uya kuthi akushenxiswa, abantu abathobelayo babuyiselwe emfezekweni, kwaye baya kubufumana ubomi obungunaphakade obabuyinjongo kaYehova kwantlandlolo. (ISityhilelo 21:​1-⁠4) Ukungabi naxesha laneleyo akusoze kuphinde kube yingxaki.

Ngaba unokukuthelekelela ukuba kuya kuthetha ntoni ukuphila ubomi obungenasiphelo​—⁠ukuphila ngonaphakade? Soze uphinde ukhathazwe zizinto oye wazishiya ungazenzanga. Ukuba ufuna ixesha elingakumbi, liya kube likho ingomso, okanye iveki ezayo, okanye unyaka ozayo​—⁠enyanisweni, uya kube unexesha elingenasiphelo ngaphambi kwakho!

Ukulisebenzisa Ngobulumko Ixesha Esinalo Ngoku

Ekubeni eqonda ukuba ixesha analo lokuphembelela abantu lisikelwe umda, uSathana uyazama ukugcina abantu bexakeke kangangokuba bangabi nalo nexesha lokuphulaphula iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo obumiselweyo. Ngoko ke, thina siya kube siyatyapha xa sisibekela indlebe isiluleko sikaThixo esithi: “Hlalani nikuphaphele ngokungqongqo ukuba indlela enihamba ngayo ingabi njengeyabantu abangezozilumko kodwa ibe njengeyezilumko, nizithengele ixesha elifanelekileyo, ngenxa yokuba imihla ingendawo. Ngenxa yoku yekani ukuba ngabangenangqiqo, kodwa qhubekani nikuqonda into okuyiyo ukuthanda kukaYehova.”​—⁠Efese 5:​15-⁠17.

Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba silisebenzise ngobulumko ixesha lethu, kwizinto ezibaluleke ngokwenene kunokuba sidyakraze ngalo koonobenani abayingenelo yokwexeshana! Sifanele sibe nesimo sengqondo esifana nesikaMoses xa wabongoza uYehova ngala mazwi asuka entliziyweni: “Sazise kanye ukuyibala imihla yethu, ukuze sizuze intliziyo elumkileyo.”​—⁠INdumiso 90:⁠12.

Kuyinyaniso ukuba, wonk’ umntu uxakekile kweli hlabathi lanamhlanje. Noko ke, amaNgqina kaYehova ayakubongoza ukuba uchithe inxalenye yelo xesha lakho lixabisekileyo ukuze ufunde ngoko kufunwa nguThixo ukuze ufumane ubomi obungunaphakade phantsi kolawulo loBukumkani bakhe. Ukuba unokuchitha iyure ngeveki ufundisisa iBhayibhile ngendlela ecwangciswe kakuhle, ‘ukuqonda into okuyiyo ukuthanda kukaYehova’ kusenokukwenza ukwazi ukuzibonela ngokwakho inzaliseko yala mazwi: “Suka ebubini, wenze okulungileyo, uhlale ngonaphakade. Amalungisa aya kulidla ilifa ilizwe, ahlale kulo ngonaphakade.”​—⁠INdumiso 37:​27, 29.

[Imibhalo esemazantsi]

a Bona incwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade, isahluko 6, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share