Yintoni Enokwenziwa Ngokudimazeka?
UMNTU angalwisana njani nokudimazeka? Lo ngumbuzo oye wabuzwa kubaveleli abahambahambayo abaliqela, abatyelela amabandla amaNgqina kaYehova rhoqo. Iimpendulo zabo zinokusinceda sihlalutye oonobangela bokudimazeka neendlela zokunyanga esi sifo sinokuhlasela nawuphi na umKristu.
Ukuze sihlangabezane nokudimazeka asinakwanela kukuhlalutya nje kuphela, kodwa iimpawu zokudimazeka zinokuquka ukuphelelwa ngumdla wokuthandaza okanye wofundisiso lobuqu, ukungayi rhoqo kwiintlanganiso, ukuphelelwa yinzondelelo, nokuphelelwa luthando ngamanye amaKristu. Noko ke, owona mqondiso uphambili, kukuphelelwa yinzondelelo ngomsebenzi wokushumayela. Makhe sihlolisise ezi mpawu size sibone ezinye iindlela zokuzinyanga.
Ukudimazeka Emsebenzini Wethu Wokuhambisa Ivangeli
UYesu Kristu wayebuqonda ubunzima obuhambisana nothumo lokwenza abafundi. (Mateyu 28:19, 20) Wathuma abalandeli bakhe “njengezimvu phakathi kweengcuka,” esazi ukuba umsebenzi wabo wokushumayela wawuza kubazisela intshutshiso. (Mateyu 10:16-23) Ukanti, esi yayingesosizathu sokuba badimazeke. Enyanisweni, abakhonzi bakaThixo abaye bayama ngoYehova ngomthandazo ngokufuthi baye bomelezwa yintshutshiso.—IZenzo 4:29-31; 5:41, 42.
Kwanaxa babengajamelananga nentshutshiso eqatha, abafundi bakaKristu babengasoloko besamkeleka. (Mateyu 10:11-15) Ngokufanayo, umsebenzi wokushumayela wamaNgqina kaYehova awusoloko usenziwa ngokulula namhlanje.a Kubantu abaninzi, ukukholelwa kuThixo ngumbandela wobuqu abangafuni kuthetha ngawo nabanye. Abanye abafuni kwanto ibadibanisa nentlangano ethile abayichasileyo. Ngokungathandabuzekiyo, ukungabi namdla, ukungabonakali kwemiphumo, nezinye iingxaki ezahlukahlukeneyo zingaba ngoonozala bokudimazeka. Inokoyiswa njani ke le miqobo?
Ukufumana Imiphumo Elunge Ngakumbi
Uvuyo esilufumana kubulungiseleli bethu ngokuyinxenye lunento yokwenza nemiphumo esiyifumanayo. Ngoko ke, sinokuzifumana njani iziqhamo ezingakumbi kubulungiseleli? Eneneni, ‘singabalobi babantu.’ (Marko 1:16-18) KuSirayeli wamandulo abalobi babeloba ebusuku apho babenokufumana iintlanzi ezininzi. Nathi, kufuneka siyihlalutye intsimi yethu ukuze siye “kuloba” xa uninzi lwabantu lusekhaya yaye lusamkela ngakumbi isigidimi sethu. Mhlawumbi kungaba ngorhatya, ngeempela veki, okanye ngelinye nje ixesha. Ngokutsho komnye umveleli ohambahambayo, oku kuyasebenza kwiindawo apho abantu basebenza imini yonke. Uphawula ukuba, ngokufuthi, ukunikela ubungqina ngorhatya kuba nemiphumo emihle. Ukunikela ubungqina ngomnxeba okanye ngokungacwangciswanga nako kubangela ukuba sifumane abantu abangakumbi.
Ukuzingisa kubulungiseleli kuba nemiphumo emihle. KwiMpuma Yurophu nakwamanye amazwe aseAfrika, umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani uqhubeka kakuhle, yaye oku kuye kwabangela ukuba kubekho ulwando. Ngokufanayo, kuye kwasekwa amabandla amaninzi kwiindawo ebezisoloko zigqalwa njengezingenaziqhamo kwanakwintsimi egutyungelwa rhoqo. Noko ke, kuthekani ukuba intsimi osebenza kuyo ayivelisi ziqhamo zinjalo?
Ukuhlala Unesimo Sengqondo Esihle
Ukuhlala sicinga ngosukelo olwamiselwa nguYesu kuya kusinceda ukuba singadimazeki xa sidibana nabantu abangenamdla kubulungiseleli. UKristu wayefuna abafundi bakhe ukuba bafune abafanelekayo, kungekhona ukuguqula izihlwele. Izihlandlo eziliqela wabonisa ukuba uninzi lwalungayi kuzamkela iindaba ezilungileyo, kanye njengokuba amaSirayeli amaninzi engazange abaphulaphule abaprofeti bamandulo.—Hezekile 9:4; Mateyu 10:11-15; Marko 4:14-20.
‘Iindaba ezilungileyo zobukumkani’ zamkelwa ngoxabiso ngabo “bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.” (Mateyu 5:3; 24:14) Bafuna ukukhonza uThixo ngendlela yena afuna ngayo. Ngenxa yoko, imiphumo yomsebenzi wethu ixhomekeke kakhulu kwiintliziyo zabantu kunakubuchule bethu bokunikela isigidimi. Kakade ke, kufuneka senze konke okusemandleni ethu ukwenza iindaba ezilungileyo zibe nomtsalane. Ukanti, imiphumo ixhomekeke kuThixo, kuba uYesu wathi: “Akukho mntu unako ukuza kum ngaphandle kokuba uBawo, owandithumayo amtsale.”—Yohane 6:44.
Umsebenzi wethu wokuhambisa ivangeli wenza ukuba igama likaYehova laziwe. Enoba abantu bayaphulaphula okanye akunjalo, umsebenzi wethu wokushumayela ufak’ isandla ekungcwalisweni kwegama likaYehova elingcwele. Ngaphezu koko, ngokuhambisa kwethu ivangeli, siyazingqina ukuba singabafundi bakaKristu, nokuba sinelungelo lokuba nesabelo kolona thumo lubalulekileyo olwenziwa kumhla wethu.—Mateyu 6:9; Yohane 15:8.
Ukudimazeka Nolwalamano
Olunye ulwalamano lwabantu, enoba lolwentsapho okanye lolwasebandleni, lunokubangela ukudimazeka. Ngokomzekelo, kubakho imvakalelo yokungaqondwa. Ukungafezeki kwabo sikholwa nabo kunokusidimaza. Nakule nkalo, iZibhalo zinokusinceda kakhulu.
Ehlabathini lonke intsapho enkulu yokomoya ibunjwa ‘lumanyano lwabazalwana luphela.’ (1 Petros 2:17) Kodwa imvakalelo yokuba uyinxalenye yabantu abamanyeneyo inokuphela xa kuvela iingxaki zokungquzulana kobuntu. Kuyabonakala ukuba amaKristu enkulungwane yokuqala ayenazo iingxaki ezinjalo ekubeni umpostile uPawulos kwafuneka awakhumbuze ngokuphindaphindiweyo ukuba ahlalisane ngobunye. Ngokomzekelo, wabongoza amabhinqa amabini angamaKristu—uWodiya noSintike—ukuba alungise ukungavisisani kwawo.—1 Korinte 1:10; Efese 4:1-3; Filipi 4:2, 3.
Ukuba sinale ngxaki, sinokuluvuselela njani uthando lwethu olunyanisekileyo ngabazalwana noodade wethu? Ngokuhlala sikhumbula ukuba uKristu wabafela nokuba nabo, njengathi baye baqhelisela ukholo kwidini lakhe lentlawulelo. Singakhumbula nokuba abazalwana bethu abaninzi bakulungele ukuxelisa uYesu Kristu ngokubeka ubomi babo esichengeni ngenxa yethu.
Kwiminyaka ethile eyadlulayo, eParis, eFransi, iNgqina eliselula alizange lizilazile koko lathi hlasi isutikheyisi eyayinesiqhushumbisi eyayibekwe ngaphandle kweHolo yoBukumkani. Labaleka lehla kwizinyuko eziliqela laza lasiphosa echibini, yaye saqhushumbela apho. Xa libuzwa ukuba yintoni elishukumisele ukuba libeke ubomi balo esichengeni ngolo hlobo, laphendula lathi: “Ndiye ndaphawula ukuba ubomi bethu busengozini. Ngoko ndiye ndacinga ukuba kubhetele kufe mna ndodwa kunokuba sife sonke.”b Enjani yona intsikelelo yokuba namaqabane anjalo akulungeleyo ukulandela umzekelo kaYesu ngokusondeleyo!
Ukongezelela, sinokucamngca ngomoya wentsebenziswano owawukho phakathi kwamaNgqina kaYehova awayekwiinkampu zoxinaniso ebudeni beMfazwe Yehlabathi II.c Kutshanje, abazalwana noodade wethu baseMalawi nabo baye bagcina ingqibelelo yabo ngokuthembeka njengamaKristu okwenyaniso. Xa sicinga ngokuba abazalwana bethu abakwibandla lasekuhlaleni bangenza ngendlela efanayo phantsi kweemeko ezimaxongo ngaba oko akusishukumiseli ukuba singazinanzi okanye sizibethe ngoyaba iimbambano neengxaki zemihla ngemihla? Ukuba sihlakulela ukuba nengqondo kaKristu, indlela esiqhubana ngayo imihla ngemihla nabo sinqula nabo iya kubangela ukuhlaziyeka, kungekhona ukudimazeka.
Iimvakalelo Zobuqu Ezidimazayo
“Ukulindela okubanjezelweyo kubulala intliziyo; ungumthi wobomi umnqweno ofezekileyo.” (IMizekeliso 13:12) Ngokokubona kwabanye abakhonzi bakaYehova, isiphelo sale nkqubo yezinto asiyi kufika ngokukhawuleza. AmaKristu afumanisa ukuba siphila kwixesha ‘lamanqam ekunzima ukuqhubana nalo,’ njengokuba kunjalo nakwabanye abangakholwayo.—2 Timoti 3:1-5.
Noko ke, ngokungafaniyo nabangakholwayo, amaKristu afanele avuye xa ebona “umqondiso” wobukho bukaYesu phakathi kwezi meko zilingayo, obonisa ukuba kungekudala uBukumkani bukaThixo buya kuphelisa le nkqubo ingendawo yezinto. (Mateyu 24:3-14) Kwanaxa iimeko ziya zisiba mbi—njengoko ngokuqinisekileyo ziya kuba njalo ebudeni ‘bembandezelo enkulu’—ezi ziganeko zibangela uvuyo kuthi kuba zandulela ihlabathi elitsha elizayo likaThixo.—Mateyu 24:21; 2 Petros 3:13.
Ukungayifaki ngqondweni into yokuba uBukumkani buza kungenelela kwimicimbi yanamhlanje kungabangela ukuba umKristu achithele ixesha elingakumbi ekusukeleni izinto eziphathekayo. Ukuba ubenokuvumela izinto ezinjengomsebenzi wempangelo nokuzonwabisa zithabathe ixesha namandla akhe onke, bekuya kuba nzima ngaye ukuyiphumeza ngokufanelekileyo imbopheleleko yakhe yeZibhalo. (Mateyu 6:24, 33, 34) Isimo sengqondo esinjalo sibangela unxunguphalo nokudimazeka. Omnye umveleli ohambahambayo wagqabaza ngolu hlobo: “Akukho ngqiqweni ukuzama ukuzenzela unomgogwana wenkqubo entsha yezinto kule nkqubo indala yezinto.”
Iindlela Ezimbini Ezibalaseleyo Eziluncedo
Kwakuba kuboniwe ukuba ukho undonakele, ubani angalufumana njani uncedo? Ufundisiso lobuqu luyenye yezona ndlela zibalaseleyo eziluncedo. Ngoba? “Lusikhumbuza ngesizathu sokuba simele senze oko sikwenzayo,” wagqabaza njalo umveleli ohambahambayo. Ukanti omnye echaza oku wathi: “Ukuba sishumayela nje kuba sifanele senjenjalo oko kuya kuba ngumthwalo onzima ekuhambeni kwexesha.” Kodwa ufundisiso lobuqu luyasinceda ukuba sibe nembono ecacileyo ngendima yethu njengoko sisondela ngakumbi esiphelweni. Ngendlela efanayo, iZibhalo zisikhumbuza ngokuphindaphindiweyo ngemfuneko yokuba sondleke ngokomoya ukuze sikunandiphe ngokwenene ukwenza ukuthanda kukaThixo.—INdumiso 1:1-3; 19:7-10; 119:1, 2.
Abadala banokubanceda abanye boyise ukudimazeka ngokwenza utyelelo lokwalusa olulukhuthazo. Ngaloo mathuba okutyelelwa, abadala banokubonisa ngamnye wethu ukuba uxabisekile yaye unendawo ebalulekileyo phakathi kwabantu bakaYehova. (1 Korinte 12:20-26) Ethetha ngamanye amaKristu, omnye umdala wathi: “Ukuze ndiwabonise indlela axabiseke ngayo, ndiwakhumbuza ngoko aye akufeza kwixa elidluleyo. Ndiyawachazela ukuba axabisekile emehlweni kaYehova nokuba igazi loNyana wakhe liye lanikelwa ngenxa yawo. Ukuqiqa ngolu hlobo kubangela sithethe into evanayo. Xa oku kuxhaswa ngeembekiselo zeBhayibhile ezivakalayo, abo badimazekileyo bazibekela usukelo olutsha, njengokuthandaza njengentsapho ukufundisisa nokufunda iBhayibhile.”—Hebhere 6:10.
Ebudeni botyelelo lokwalusa, abadala bafanele bakulumkele ukwenza kubonakale ngathi kunzima ukukholisa uThixo. Kunoko, abadala banokunceda abo banqula kunye nabo babone ukuba umthwalo wabalandeli bakaYesu ulula. Ngako oko, inkonzo yethu yobuKristu ingumthombo wovuyo.—Mateyu 11:28-30.
Ukoyisa Ukudimazeka
Enoba kubangelwa yintoni na, ukudimazeka sisibetho ekufanele kuliwe naso. Noko ke, khumbula ukuba asisodwa kulo mlo. Ukuba sidimazekile, masamkele uncedo oluvela kumaqabane ethu angamaKristu, ingakumbi abadala. Ngokwenjenjalo, singakunciphisa ukudimazeka.
Ngaphezu koko, kufuneka sibhenele kuThixo ukuze asincede soyise ukudimazeka. Ukuba sayama kuYehova ngomthandazo, unokusinceda sikoyise ngokupheleleyo ukudimazeka. (INdumiso 55:22; Filipi 4:6, 7) Enoba imeko iyintoni na, njengabantu bakhe sinokuvakalelwa ngendlela efanayo naleyo wavakalelwa ngayo umdumisi owacula ngolu hlobo: “Hayi, uyolo lwabantu abakwaziyo ukuduma! Baya kuhamba ekukhanyeni kobuso bakho, Yehova. Baya kugcoba egameni lakho imini yonke, baphakame ngobulungisa bakho. Ngokuba isihombo samandla abo nguwe; ekuthandeni kwakho, uphondo lwethu luphakamile.”—INdumiso 89:15-17.
[Imibhalo esemazantsi]
a Bona inqaku elithi “Ucelomngeni Lokushumayela Kwindlu Ngendlu” kwiMboniselo, kaNovemba 1, 1981.
b Bona iphepha 12 nele-13 kuVukani! (wesiNgesi) kaFebruwari 22, 1985, opapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of Pennsylvania.
c Bona inqaku elithi “Ndasinda ‘Kuhambo Oluya Ekufeni’ ” kwiMboniselo ka-Februwari 15, 1981, nelithi “Ukugcina Ingqibelelo KwiJamani YamaNazi” kuVukani! kaJulayi 8, 1985.
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Utyelelo lokwalusa olwakhayo lwabadala abanothando lunokuwanceda amaKristu oyise ukudimazeka