Sinikwe Amandla Okulwa Nezihendo Nokunyamezela Ukudimazeka
“Niya kwamkela amandla xa umoya oyingcwele ufika kuni.”—IZE. 1:8.
1, 2. Luluphi uncedo uYesu awathembisa abafundi bakhe ngalo, yaye yintoni eyayiza kubenza balufune?
UYESU wayesazi ukuba abafundi bakhe babengenakukwazi ukugcina zonke izinto awayebayalele zona ngamandla abo. Xa kuqwalaselwa umsebenzi wokushumayela ekwakusafuneka bewenzile, inkcaso ababejamelana nayo, nobuthathaka benyama, lalicacile elokuba kwakufuneka amandla angaphaya kwawomntu. Ngenxa yoko, ngaphambi nje kokunyukela ezulwini, uYesu waqinisekisa abafundi bakhe esithi: “Niya kwamkela amandla xa umoya oyingcwele ufika kuni, yaye niya kuba ngamangqina am eYerusalem nakulo lonke elakwaYuda naseSamariya kude kuse nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.”—IZe. 1:8.
2 Eso sithembiso saqalisa ukuzaliseka ngePentekoste yowama-33 C.E. xa abalandeli bakaYesu Kristu banikwa amandla ngumoya oyingcwele ukuze bazalise iYerusalem ngokushumayela. Inkcaso ayizange ikwazi ukubathintela. (IZe. 4:20) Abafundi bakaYesu abathembekileyo, kuquka nathi, babeza kuwafuna ngokungxamisekileyo loo mandla avela kuThixo “yonke imihla de kube sekuphelisweni kwenkqubo yezinto.”—Mat. 28:20.
3. (a) Chaza umahluko phakathi komoya oyingcwele namandla. (b) Amandla avela kuYehova anokusinceda senze ntoni?
3 UYesu wathembisa abafundi bakhe ukuba babeya ‘kwamkela amandla xa umoya oyingcwele ufika kubo.’ Ibinzana elithi “amandla” nelithi “umoya” awathethi nto inye. Umoya kaThixo, amandla akhe asebenzayo, usetyenziswa kubantu okanye kwizinto ukuze kuphunyezwe ukuthanda kukaThixo. Noko ke, amandla, anokuchazwa “njengokukwazi ukwenza okanye ukuvelisa into ethile.” Anokuhlala nje angasebenzi emntwini okanye kwinto de kubekho imfuneko yokuba asetyenziswe. Ngaloo ndlela, umoya oyingcwele unokufaniswa nombane ozalisa ibhetri xa iphelile, ngoxa amandla wona efana nomlilo ohleli nje, ugcinwe ngaphakathi kwibhetri. Amandla uYehova awanika abakhonzi bakhe ngomoya oyingcwele asinceda ukuba sikwazi ukufezekisa uzahlulelo lwethu njengamaKristu, size sikwazi nokuxhathisa impembelelo embi xa kuyimfuneko.—Funda uMika 3:8; neyabaseKolose 1:29.
4. Yintoni eza kuxutyushwa kweli nqaku, yaye ngoba?
4 Anokubonakala njani amandla esiwanikwa ngumoya oyingcwele? Anokusibangela ukuba senze ntoni okanye sisabele njani kwiimeko ezahlukahlukeneyo? Njengoko sizama ukukhonza uThixo sithembekile, sijamelana nemiqobo emininzi ebangelwa nguSathana, yinkqubo yakhe yezinto okanye kukungafezeki kwethu. Kubalulekile ukuba siyoyise imiqobo enjalo ukuze siqhubeke singamaKristu, siye rhoqo entsimini kwaye sibe nolwalamano oluhle noYehova. Makhe sibone indlela umoya oyingcwele onokusinceda ngayo ukuze silwe nezihendo kwaye sinyamezele ukudinwa nokudimazeka.
Sinikwe Amandla Okulwa Nezihendo
5. Umthandazo unokusinika njani amandla?
5 UYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathandaze besithi: “Ungasingenisi ekuhendweni, kodwa sihlangule kulowo ungendawo.” (Mat. 6:13) UYehova akayi kubashiya kwesinomhlwa abakhonzi bakhe abathembekileyo abenza esi sicelo. Ngesinye isihlandlo, uYesu wakha wathi ‘uYihlo osezulwini uya kubanika umoya oyingcwele abo bamcelayo.’ (Luka 11:13) Kusomeleza ngokwenene ukwazi ukuba uYehova uthembisa ukuba uza kusinika la mandla asebenza ubulungisa! Kakade ke, oku akuthethi kuthi uYehova uya kusithintela ukuba singahendwa. (1 Kor. 10:13) Kodwa xa sijamelana nesihendo, elo lelona xesha lokuba sithandaze ngamandla.—Mat. 26:42.
6. UYesu wayezisekela phi iimpendulo zakhe xa wayehendwa nguSathana?
6 Xa uYesu wayehendwa nguMtyholi, waphendula ngokucaphula izibhalo. Kucacile ukuba uYesu wayecinga ngeLizwi likaThixo xa waphendula wathi: “Kubhaliwe kwathiwa . . . Kwakhona kubhaliwe kwathiwa . . . Hamb’ umke, Sathana! Kuba kubhaliwe kwathiwa, ‘NguYehova uThixo wakho omele umnqule, yaye nguye yedwa omele unikele inkonzo engcwele kuye.’” Yayikukuthanda uYehova neLizwi lakhe okwanyanzela uYesu ukuba ayigatye imigibe eyabekwa phambi kwakhe nguMhendi. (Mat. 4:1-10) Emva kokuba uYesu exhathise izihlandlo ezininzi, uSathana wamshiya.
7. IBhayibhile isinceda njani ukuba sixhathise izihendo?
7 Ukuba uYesu wasebenzisa iZibhalo ukuze axhathise izihendo zikaMtyholi, kufanele kubekele phi ke kuthi? Eneneni, ukuze sikwazi ukuxhathisa uMtyholi, simele kuqala sizimisele ukuyazi imilinganiselo kaThixo size sinamathele kuyo ngokupheleleyo. Abantu abaninzi baye baphila ngemilinganiselo yeBhayibhile bakuba befunde iZibhalo ibe baye babuqonda baza babuxabisa ubulumko nobulungisa bukaThixo. Enyanisweni, “ilizwi likaThixo” linamandla okuphicotha “iingcamango notyekelo lwentliziyo.” (Heb. 4:12) Okukhona umntu efunda aze acamngce ngeZibhalo, kokukhona eya ‘kuqiqa ngenyaniso kaYehova.’ (Dan. 9:13) Ekubeni kunjalo, siya kuba senza kakuhle xa sicamngca ngezibhalo ezithetha ngobuthathaka esinabo.
8. Sinokuwufumana njani umoya oyingcwele?
8 Ukongezelela kulwazi awayenalo ngeZibhalo, uYesu wayekwazi ukuxhathisa izilingo kuba, ‘wayezele nangumoya oyingcwele.’ (Luka 4:1) Ukuze nathi sibe naloo mandla nobuchule, sifanele sisondele kuYehova ngokusebenzisa onke amalungiselelo asenzele wona ukuze asizalise ngomoya wakhe. (Yak. 4:7, 8) Phakathi kwaloo malungiselelo singabala ukufunda iBhayibhile, ukuthandaza, nokunxulumana namanye amakholwa. Abaninzi baye bazibona iingenelo zokuzixakekisa ngezinto zamaKristu, ezisinceda ukuba sihlale sicinga ngezinto zokomoya ezakhayo.
9, 10. (a) Ziziphi izihendo eziqhelekileyo kwindawo ohlala kuyo? (b) Ukucamngca nokuthandaza kunokukunika njani amandla okulwa nezihendo kwanaxa uziva udiniwe?
9 Ziziphi izihendo ekufuneka wena uzixhathise? Ngaba wakha wahendelwa ekubeni uncwase umntu ongeloqabane lakho lomtshato? Ukuba akutshatanga, ngaba wakha wanomnqweno wokuthandana nomntu ongakholwayo? Xa ebukele umabonwakude okanye esebenzisa i-Intanethi, amaKristu asenokuhendelwa ekubeni ajonge into engacocekanga. Ngaba loo nto yakha yenzeka kuwe, ukuba kunjalo, wasabela njani? Kunokuba bubulumko ukucamngca ngendlela inyathelo elitenxileyo elinye nje elinokukukhokelela ngayo kwelinye lize kamva likwenzise isono esinzulu. (Yak. 1:14, 15) Cinga ngendlela onokumenza buhlungu ngayo uYehova, ibandla, nentsapho yakho ukuba unokungathembeki. Kwelinye icala, xa unyanisekile kwimigaqo kaThixo uya kuba nesazela esicocekileyo. (Funda iNdumiso 119:37; neMizekeliso 22:3.) Nanini na ujamelana nezilingo ezinjalo, zimisele ukuthandazela amandla okuzixhathisa.
10 Ikho nenye into esifanele siyikhumbule ngezihendo zikaMtyholi. USathana waya kuYesu emva kokuba ezile ukutya kangangeentsuku ezingama-40 entlango. Alithandabuzeki elokuba uMtyholi wayecinga ukuba eli lelona ‘xesha limlungeleyo’ lokuvavanya ingqibelelo kaYesu. (Luka 4:13) Nakuthi, uSathana ukhangela amathuba amlungeleyo ukuze avavanye ingqibelelo yethu. Kubalulekile ke ngoko ukuba sizigcine somelele ngokomoya. USathana udla ngokuhlasela xa ebona ukuba ixhoba lakhe libuthathaka. Ngoko nanini na siziva sidiniwe okanye sidimazekile, sifanele sizimisele nangakumbi ukuthandazela ukuba uYehova asikhusele kwaye asinike umoya oyingcwele wakhe.—2 Kor. 12:8-10.
Sinikwe Amandla Okunyamezela Ukudinwa Nokudimazeka
11, 12. (a) Kutheni abantu abaninzi beziva bedimazekile namhlanje? (b) Yintoni enokusinika amandla okuxhathisa ukudimazeka?
11 Njengabantu abangafezekanga, siyadimazeka ngamaxesha athile. Oko kwenzeka ngakumbi kule mihla kuba siphila kwixesha elineengxaki ezininzi. Siphila kwelona xesha lakha lanzima kwimbali yabantu. (2 Tim. 3:1-5) Njengoko iAmargedon isondela, iingxaki zoqoqosho, ezeemvakalelo nezinye ziya zisanda. Asimele simangaliswe ke xa abanye abantu bekufumanisa kusiba nzima ngakumbi ukunyamekela nokondla iintsapho zabo. Baziva bediniwe, besindeka, bephelelwe ngamandla, yaye beqobekile. Ukuba kunjalo nakuwe, unokujamelana njani neengxaki?
12 Khumbula ukuba uYesu waqinisekisa abafundi bakhe ukuba wayeya kubanika umncedi—umoya oyingcwele kaThixo. (Funda uYohane 14:16, 17.) La ngawona mandla makhulu kwindalo yonke. UYehova unako ukuwasebenzisa “ngokugqithisele kakhulu” ukusomeleza ukuze sinyamezele naziphi na iimvavanyo. (Efe. 3:20, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1975) Umpostile uPawulos wathi xa sithembela kuwo, sifumana “amandla angaphaya koko kuqhelekileyo,” nangona ‘sibandezelwa ngandlela zonke.’ (2 Kor. 4:7, 8) UYehova akasithembisi ngokuphelisa uxinezeleko, kodwa uyasiqinisekisa ukuba uya kusomeleza ngomoya wakhe ukuze sijamelane nalo.—Fil. 4:13.
13. (a) Omnye oselula uye wawanikwa njani amandla okunyamezela imeko enzima? (b) Ngaba ikho imizekelo efanayo oyaziyo?
13 Khawucinge ngomzekelo kaStephanie, uvulindlela oneminyaka eli-19 ubudala. Xa wayeneminyaka eli-12 ubudala, wabethwa sistrowukhu waza wafunyaniswa enethumba ebuchotsheni. Ukususela ngoko, uye watyandwa kabini, wafumana unyango lweradiation, waphinda wabethwa sistrowukhu kabini, simshiya efe icala lasekhohlo kwaye engaboni kakuhle. UStephanie kufuneka awonge amandla akhe ukuze akwazi ukwenza izinto azigqala zibalulekile, njengeentlanganiso zamaKristu nenkonzo yasentsimini. Sekunjalo, uyayibona indlela uYehova amnceda ngayo ukuba anyamezele ngeendlela ezininzi. Xa edimazekile ebekhuthazwa ngamava amanye amaKristu afumaneka kwiimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni. Abazalwana noodade baye bamxhasa ngokumbhalela iileta okanye ngokuncokola naye ngaphambi nasemva kweentlanganiso. Nabantu abanomdla baye babonisa uxabiso ngoko uStephanie abafundisa kona ngokuya ekhayeni lakhe ukuze abafundise iBhayibhile. UStephanie umbulela kakhulu uYehova ngazo zonke ezi zinto. Esona sibhalo asithandayo yiNdumiso 41:3, akholelwa ukuba siye sazaliseka kwimeko yakhe.
14. Yintoni esimele siyiphephe xa sidimazekile, yaye ngoba?
14 Xa sidiniwe okanye sixinezelekile, asimele sicinge ukuba eyona ndlela yokuphumelela kukutyeshela izinto zokomoya. Leyo yeyona nto imbi kwesinokuzenza. Ngoba? Ngenxa yokuba ukwenza izinto ezifana nesifundo seBhayibhile sobuqu nesentsapho, ukuya kwinkonzo yasentsimini nasezintlanganisweni yindlela esinokuwufumana ngayo umoya oyingcwele kaThixo owomelezayo. Izinto zamaKristu zisoloko zihlaziya. (Funda uMateyu 11:28, 29.) Kukangaphi abazalwana noodade befika ezintlanganisweni bedinwe beyimfe, kodwa kuthi kufika ixesha lokubuyela ekhaya, babe beziva behlaziyekile kwakhona?
15. (a) Ngaba uYehova uthembisa ukuba ubomi buya kuba lula kumaKristu? Cacisa ngeZibhalo. (b) Yintoni asithembisa yona uThixo, ibe iphakamisa wuphi umbuzo?
15 Kakade ke, oku akuthethi kuthi kulula ukuba ngumKristu. Kufuna umgudu ukuba ngumKristu othembekileyo. (Mat. 16:24-26; Luka 13:24) Noko ke, ngomoya oyingcwele, uYehova unako ukumnika amandla odiniweyo. Umprofeti uIsaya wabhala wathi: “Abo bathembela kuYehova baya kufumana amandla kwakhona. Baya kunyuka ngamaphiko njengeenkozi. Baya kubaleka baze bangatyhafi; baya kuhamba bangadinwa.” (Isa. 40:29-31) Sekunjalo, kufanelekile ukuba sizibuze lo mbuzo, Yintoni kanye kanye ebangela ukudinwa ngokomoya?
16. Yintoni esinokuyenza ukuze siphephe izinto ezinokubangela ukudinwa nokudimazeka?
16 ILizwi likaYehova liyasibongoza ukuba ‘siqiniseke ngezinto ezibaluleke ngakumbi.’ (Fil. 1:10) Efanisa ikhondo lobomi bamaKristu nogqatso olude, umpostile uPawulos waphefumlelwa ukuba athi: “Masithi nathi sibothule bonke ubunzima . . . , yaye masilubaleke ngonyamezelo ugqatso olubekwe phambi kwethu.” (Heb. 12:1) Ingongoma yakhe yayikukuba simele sikuphephe ukusukela izinto ezingeyomfuneko nokuzithwalisa ubunzima, obuya kusishiya sidiniwe. Kusenokwenzeka ukuba abanye bethu bazama ukwenza yonk’ into le nangona ubomi babo buxakekile kakade. Ngoko xa uziva udiniwe yaye uxinezelekile, kunokukunceda ukuhlola amandla owachitha kumsebenzi wempangelo, izihlandlo othatha ngazo uhambo lokuzonwabisa, namandla owasebenzisayo usukela imidlalo okanye ezinye iziyolo. Ukuba nengqiqo nokuthozama kufanele kusibangele ukuba sonke sikuqonde ukulinganiselwa kwethu size siphungule izinto ezingeyomfuneko.
17. Yintoni enokubangela abantu badimazeke, kodwa sisiphi isiqinisekiso esinikelwa nguYehova kule nkalo?
17 Kusenokwenzeka ukuba abanye phakathi kwethu badinyazwa kukuba isiphelo sale nkqubo yezinto asifikanga ngexesha abebesilindele ngalo. (IMize. 13:12) Noko ke, nabani na ovakalelwa ngale ndlela unokukhuthazwa ngamazwi afumaneka kuHabhakuki 2:3, athi: “Umbono usengowexesha elimisiweyo, yaye uqhubeka ukhawulezela ekupheleni, ibe awuyi kuxoka. Kwanokuba unokulibala, hlala uwulindile; kuba uya kuba yinyaniso nakanjani na. Awuyi kufika emva kwexesha.” UYehova usiqinisekisa ukuba isiphelo sale nkqubo yezinto siya kufika kanye ngexesha alibekileyo.
18. (a) Ziziphi izithembiso ezikomelezayo? (b) Inqaku elilandelayo liza kusinceda njani?
18 Ngokuqinisekileyo, bonke abakhonzi bakaYehova abathembekileyo bayijonge ngamehlo abomvu imini ekungasayi kuphinda kubekho kudinwa nakudimazeka, xa bonke abaphilayo beya kunandipha “amandla obutsha.” (Yobhi 33:25) Nangoku sinokwenziwa somelele ngaphakathi ngokusebenza komoya oyingcwele njengoko sisiba nenxaxheba kwizinto ezihlaziyayo ngokomoya. (2 Kor. 4:16; Efe. 3:16) Ungaze uvumele ukudinwa kukwenze uphoswe ziintsikelelo ezingunaphakade. Zonke iimvavanyo—enoba zibangelwa sisihendo, kukudinwa okanye kukudimazeka—ziya kudlula, kwaye kwanokuba azidluli ngoku, ziya kuphela kwihlabathi elitsha likaThixo. Kwinqaku elilandelayo, siza kuhlola indlela umoya oyingcwele oxhasa ngayo amaKristu ukuze amelane nentshutshiso, axhathise ingcinezelo yoontanga eyingozi, aze anyamezele nobunye ubunzima obahlukahlukeneyo.
Ubunokuphendula Uthini?
• Ukufunda iBhayibhile kusinika njani amandla?
• Ukuthandaza nokucamngca kusinika njani amandla?
• Sinokuziphepha njani izinto ezinokusidimaza?
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Iintlanganiso zamaKristu zinokusihlaziya ngokomoya