IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w00 2/1 iphe. 7
  • Ukunceda Abantu Bazo Zonke Iintlobo ENetherlands

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukunceda Abantu Bazo Zonke Iintlobo ENetherlands
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Amanqaku Afanayo
  • Ndandibulwa Ngokwam Ubungendawo Nogonyamelo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • Ngaba ‘Ungawelela EMakedoni’?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
  • “Yomelezani Iintliziyo Zenu”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • Abantu ‘Abaphuma Kuzo Zonke Iilwimi’ Beva Iindaba Ezilungileyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
w00 2/1 iphe. 7

Abavakalisi Bobukumkani Bayabalisa

Ukunceda Abantu Bazo Zonke Iintlobo ENetherlands

UABRAHAM wayeyindoda enokholo olubalaseleyo. Umpostile uPawulos wathi: “Xa wabizwayo,” uAbraham wathobela ilizwi likaThixo waza “waphuma, nangona wayengazi apho wayesiya khona.” Emva kokufudusa yonke intsapho yakhe, uAbraham “wahlala njengomphambukeli kwilizwe lesithembiso” kangangeminyaka elikhulu yobomi bakhe obuseleyo.—Hebhere 11:8, 9.

Ngokufanayo namhlanje, amaNgqina kaYehova amaninzi aye alwamkela ucelomngeni lokufudukela kwelinye ilizwe ukuze akhonze apho kukho imfuneko enkulu khona. Abanye baye bafunda ulwimi olwahlukileyo ukuze bakwazi ukunikela ubungqina kubantu bamanye amazwe abaye baza kuhlala kwilizwe labo. Njengoko imizekelo elandelayo ibonisa, lo moya mhle uye wavula “umnyango omkhulu okhokelela emsebenzini” eNetherlands, apho abasisigidi kubantu abazizigidi ezili-15 basuka kwamanye amazwe.—1 Korinte 16:9.

◻ UBahram, owayesakuba ngumqeqeshi weKung Fu, wayevela kwilizwe laseMbindi Mpuma. Wafumana umbhalo weBhayibhile nezinye iimpapasho zeWatch Tower. Kwisithuba nje senyanga, uBahram waqonda ukuba uyifumene inyaniso. Kwaqaliswa isifundo naye nomfazi wakhe, kodwa kwakukho ingxaki—owayebafundisa iBhayibhile wayengaluthethi ulwimi lwabo. Babethetha ngezimbo zomzimba, njengoko besitsho, babethetha besebenzisa “izandla neenyawo.” Ekuhambeni kwexesha, uBahram nomfazi wakhe bakwazi ukufumana ibandla apho kwakuthethwa ulwimi lwabo, yaye emva koko benza inkqubela ngokukhawuleza. UBahram uliNgqina elibhaptiziweyo ngoku.

◻ Isibini esingoovulindlela saseDenmark saya kwindoda yaseIndonesia eyayimi phambi kwevenkile enkulu. Ngovuyo yothuka xa esi sibini sathetha nayo ngolwimi lwayo. Ngoko kwenziwa amalungiselelo okuba ityelelwe ekhayeni layo. Kwafunyaniswa ukuba yayikhe yahlala eRashiya ngaphezu kweminyaka engama-20, apho yathi yaba ngumbelekisi. Yayisithi ayikholelwa kubukho bukaThixo, kodwa yavuma ukuba xesha ngalinye ibelekisa, iyamangaliswa, “Yindlela ofezeke ngayo umzimba womntu! Onjani wona ummangaliso!” Yavuma ukufundisisa iBhayibhile yaye kungekudala yakholelwa ukuba ukho uMdali olukhathaleleyo uluntu. (1 Petros 5:6, 7) Ngoku ingumzalwana obhaptiziweyo yaye ikhonza ibandla laseIndonesia eAmsterdam.

◻ ERotterdam, kwelinye lawona mazibuko makhulu eenqanawa, iqela loovulindlela liye laba nobuchule ekushumayeleni kumaqela eelwimi ezahlukahlukeneyo eza kwizibuko yonke imihla. Ngenxa yalo msebenzi weqela labashumayeli, abanye oomatiloshe, kuquka nomphathi, igosa laselwandle, nowayesakuba ngumlindi, baye bayamkela inyaniso. Ngoku nabo banceda ekusasazeni iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo emhlabeni wonke.—Mateyu 24:14.

Njengakwezinye iindawo emhlabeni, amaNgqina kaYehova eNetherlands azimisele ukwenza inxalenye yawo ekuvakaliseni iindaba ezilungileyo kuzo zonke iintlanga, nezizwe neelwimi nabantu.—ISityhilelo 14:6.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share