Ngaba ‘Ungawelela EMakedoni’?
1. Yintoni eyabangela ukuba uPawulos nabo wayesebenza nabo baye eMakedoni?
1 Malunga nowama-49 C.E., umpostile uPawulos wayishiya iAntiyokwe yaseSiriya ekuhambo lwakhe lwesibini lobubuthunywa bevangeli. Wayefuna ukutyelela iEfese nezinye izixeko zaseAsia Minor. Kodwa, umoya oyingcwele wammema ukuba ‘awelele eMakedoni.’ Ekunye nabo wayesebenza nabo baya apho, yaye bajizekwa ngelungelo lokumisela ibandla lokuqala kuloo mmandla. (IZe. 16:9, 10; 17:1, 2, 4) Namhlanje, ehlabathini kukho iindawo ezibafuna ngokwenene abasebenzi besivuno abangakumbi. (Mat. 9:37, 38) Ngaba ungakwazi ukunceda?
2. Ziziphi ezinye zezizathu zokuba abanye bengekakucingi ukuya kwilizwe lasemzini?
2 Mhlawumbi nawe unomoya ofanayo nalowo kaPawulos wokuba ngumthunywa wevangeli kodwa akukacingisisi nzulu ngokufudukela kwelinye ilizwe. Ngokomzekelo, kusenokwenzeka ukuba akunakukwazi ukuya kwisikolo saseGiliyadi kuba sele umdala okanye ungudade ongatshatanga okanye unabantwana abasephantsi kweliso lakho. Mhlawumbi akukacingi ngokuya kwilizwe lasemzini kuba usithi akunakukwazi ukufunda olunye ulwimi. Usenokuba ungumphambukeli kwilizwe ohlala kulo ngenxa yemeko yezoqoqosho yaye loo nto ikubangela ukuba uthandabuze ukumka kulo. Noko ke, emva kokuwuqwalasela ngomthandazo lo mbandela, usenokufumanisa ukuba ungakwazi ukufudukela kwelinye ilizwe apho bafuneka khona abavuni.
3. Kutheni kungafuneki ude uqeqeshelwe ukuba ngumthunywa wevangeli ukuze ukwazi ukuya kushumayela kwelinye ilizwe?
3 Ngaba Kufuneka Uqeqeshelwe Ukuba Ngumthunywa Wevangeli? Yintoni eyanceda uPawulos nabo wayesebenza nabo baphumelela? Babethembele kuYehova nakumoya wakhe oyingcwele. (2 Kor. 3:1-5) Ngoko ke, nokuba iimeko azikuvumeli ukuba uqeqeshelwe ngokukhethekileyo, ungakwazi ukushumayela kwilizwe lasemzini. Nantsi enye into omele ungayilibali, uhlala uqeqeshwa kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo nakwiNtlanganiso Yenkonzo. Ukuba unalo nosukelo lokuya eGiliyadi okanye esinye isikolo esifana neso, ukufudukela kwelinye ilizwe, kuya kukunceda ubone ukuba kunjani ukuba ngumthunywa wevangeli, amava oya kuwasebenzisa kamva xa uvunyelwe ukuba ufumane uqeqesho olongezelelekileyo.
4. Kutheni abakhulileyo bengamele bacinge ukuba bona abanakukwazi ukuya kushumayela kwilizwe lasemzini?
4 Abakhulileyo: Abakhulileyo nabaqolileyo ngokomoya abasesempilweni banokuba lulutho kumazwe ekusafuneka abavuni kuwo. Ngaba sele uthathe umhlala-phantsi? Abaninzi abangafumani mali ingako yomhlala-phantsi bayakwazi ukufumana izinto eziyimfuneko kwilizwe elisakhasayo apho iindleko zabo, kuquka ezo zonyango olusemgangathweni, zidla ngokuba phantsi kakhulu xa zithelekiswa nezamazwe abasuka kuwo.
5. Balisa amava omnye umzalwana owafudukela kwilizwe lasemzini.
5 Omnye umzalwana ongumdala nokwanguvulindlela, odla umhlala-phantsi nowayehlala kwilizwe labantetho isisiNgesi, wafudukela kummandla othandwa ngabakhenkethi kuMzantsi-mpuma weAsia esiya kunceda iqela lesiNgesi elalinabavakalisi abasithoba. Eli qela lalishumayela kubemi basemzini abangama-30 000 ababehlala kuloo mmandla. Kwiminyaka nje emibini kwiintlanganiso kwakusiza abantu abangama-50. Lo mzalwana wabhala wathi: “Ukufudukela apha kundizisele iintsikelelo ezimangalisayo endingazanga ndazinandipha. Andazi nokuba ndiqale ngaphi ukuzibalisa!”
6. Balisa amava omnye udade ongatshatanga owafudukela apho kufuneka abavakalisi abangakumbi.
6 Oodade Abangatshatanga: UYehova ubasebenzisa ngamandla oodade ekusasazeni iindaba ezilungileyo kumazwe apho imfuneko inkulu khona. (INdu. 68:11) Omnye udade oselula nongatshatanga wayenosukelo lokwandisa ubulungiseleli bakhe ngokuya kwilizwe lasemzini, kodwa abazali bakhe babexhalabele ukhuseleko lwakhe, nto leyo eqondakalayo. Ngoko wakhetha ukuya kwilizwe elalimi kakuhle kwezoqoqosho nelalizinzile kwezopolitiko, wabhalela iofisi yesebe waza wafumana iinkcukacha ezamncedayo. Kwiminyaka emithandathu ehlala kwelo lizwe, wanandipha iintsikelelo ezininzi. Uthi: “Ekhaya ndandiza kuba nezifundo zeBhayibhile ezimbalwa kakhulu. Kodwa ukukhonza apho kufuneka abavakalisi abangakumbi kwandenza ndakwazi ukuqhuba izifundo ezininzi ndaza ndaphucula nobuchule bam bokufundisa.”
7. Balisa amava entsapho eyafudukela kwilizwe lasemzini.
7 Iintsapho: Ngaba ukuba nabantwana kwenza ningakwazi ukufudukela kwelinye ilizwe ukuze nishumayele iindaba ezilungileyo? Enye intsapho enabantwana ababini, abaneminyaka esibhozo nelishumi, yagqiba kwelokuba ikhe ikuzame oku. Ebhala ngamava abawafumanayo umama uthi: “Sibulela kakhulu ngokuba siye sakwazi ukukhulisela abantwana bethu apha, kuba baye banxulumana noovulindlela abakhethekileyo kunye nabathunywa bevangeli. Siye saneliseka ebomini ngenxa yokhonza apho kukho imfuneko engakumbi.”
8. Ngaba umntu angakwazi ukuya kukhonza kwilizwe lasemzini kungabikho mfuneko yokufunda olunye ulwimi? Cacisa.
8 Ukuxhalabela Ulwimi: Ngaba kunzima ukuba ufudukele kwelinye ilizwe kuba ucinga ngokufunda olunye ulwimi? Kusenokwenzeka ukuba akho amazwe ekuthethwa ulwimi lwakho kuwo nafuna abavakalisi boBukumkani abangakumbi. Esinye isibini esithetha isiNgesi safudukela kwilizwe ekuthethwa iSpanish nelalineqaqobana labaphambukile abathetha isiNgesi. Emva kokuba sifumene inkcazelo eyayinoludwe lwamabandla athetha isiNgesi nafuna abavakalisi abangakumbi kwiofisi yesebe, sakhetha ibandla elinye saza salityelela izihlandlo ezibini. Sabuyela ekhaya, sanciphisa iindleko zaso zenyanga, saza sazongela imali kangangonyaka. Sathi sakulungela ukufuduka, abazalwana balapho sasifudukela khona basinceda safumana indawo yokuhlala ngexabiso elifikelelekayo.
9, 10. Yintoni abanokucinga ngayo abo bashiye amazwe abo baza baya kuhlala kwamanye amazwe, yaye ngoba?
9 Abaphambukeli: Ngaba wafudukela kwilizwe lakho, mhlawumbi ngaphambi kokuba ufunde inyaniso? Kusenokwenzeka ukuba bafuneka kakhulu abasebenzi besivuno kwilizwe lakho lokuzalwa. Ngaba akucingi ngokubuyela kulo ukuze uncede? Kusenokungabi nzima kangako kuwe ukufumana umsebenzi nendawo yokuhlala kunokuba kunjalo ngomntu osuka kwelinye ilizwe. Umele ukuba sele uluthetha ulwimi lwalapho. Ukongezelela, abantu basenokuba nomdla wokusiphulaphula isigidimi soBukumkani xa besixelelwa nguwe kunomntu abamjonga njengomphambukeli.
10 Enye indoda yafudukela eItali njengambacu isuka eAlbania, yafumana umsebenzi ohlawula kakuhle, yaye yayithumelela intsapho yayo imali. Emva kokuba ive inyaniso, yaqalisa ukufundisa iqela loovulindlela abakhethekileyo baseItali ulwimi lwaseAlbania. Lo mzalwana uthi: “Babesiya kushumayela kuloo ntsimi ndandiyishiyile. Babengalwazi ulwimi oluthethwa apho ukanti babekhangele phambili. Mna ndandilwazi olo lwimi kuba ndandikhulele apho. Kwakungekho nto ndiyifuna eItali.” Lo mzalwana wagqiba ekubeni abuyele eAlbania aze ancede ekusasazeni iindaba ezilungileyo. Uthi: “Ngaba ndiyazisola ngokuncama umsebenzi nemali eItali? Nakanye! Ndafumana umsebenzi wokwenene eAlbania. Kum, owona msebenzi ubalulekileyo nobangela uvuyo olungapheliyo, kukukhonza uYehova ngako konke onako!”
11, 12. Yintoni abafanele bayenze abo bacinga ukufudukela kwilizwe lasemzini?
11 Indlela Yokukwenza: Ngaphambi kokuba baye eMakedoni, uPawulos nabo wayesebenza nabo babefuna ukuya ngasentshona, kodwa “balelwa ngumoya oyingcwele,” baza baya ngasemantla. (IZe. 16:6) Bathi xa bekufuphi neBhithiniya, uYesu wabathintela. (IZe. 16:7) Esebenzisa uYesu, uYehova usaqhubeka esongamela umsebenzi wokushumayela. (Mat. 28:20) Ngoko ke, ukuba ucinga ngokufudukela kwilizwe lasemzini, thandaza kuYehova ucele ulwalathiso lwakhe.—Luka 14:28-30; Yak. 1:5; funda ibhokisi ethi “Indlela Onokwazi Ngayo Ukuba Kwilizwe Ocinga Ukuya Kulo Kufuneka Abavakalisi Abangakumbi.”
12 Cela amacebiso kubadala bebandla okulo nakwamanye amaKristu aqolileyo. (IMize. 11:14; 15:22) Funda umbandela okwiimpapasho zethu othetha ngokukhonza kwilizwe lasemzini uze uphande ngalo naliphi na ilizwe ocinga ngalo. Ngaba unokutyelela kwilizwe onomdla wokuya kulo, mhlawumbi uhlale nokuba ziintsuku eziliqela? Ukuba ukufuna ngokwenene ukufudukela kwelinye ilizwe, usenokubhalela kwiofisi yesebe ekwelo lizwe uze ucele inkcazelo engakumbi, usebenzisa iadresi ekwiNcwadi Yonyaka yakutshanje. Noko ke, kunokuba uyithumele ngokwakho ileta eya kwiofisi yesebe, yinike abadala bebandla lakho ukuze nabo bongezelele awabo amagqabaza ngaphambi kokuba bayithumele.—Funda incwadi ethi Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano, iphepha 111-112.
13. Iofisi yesebe iya kukunceda njani, kodwa wena zintoni omele uzenzele?
13 Iofisi yesebe iya kukuthumelela inkcazelo eya kukunceda ngelo lizwe ukuze ukwazi ukwenza izigqibo, kodwa ayinakukulungiselela iileta zokufumana inkxaso yemali, imvume yokuhlala, ivisa okanye ezinye iifomu ezisemthethweni okanye ikufunele indawo yokuhlala. Ezi zizinto oya kuzenzela zona nekuya kufuneka uziqwalasele ngaphambi kokuba ufuduke. Ukongezelela, kuya kufuneka udibane noonozakuzaku okanye uye kwiindawo zikarhulumente ukuze ufumane inkcazelo ngezinto ezifunekayo ukuze ufumane ivisa namaphepha-mvume okufumana umsebenzi. Abo bafudukayo bafanele babe ngabantu abaza kukwazi ukuzinyamekela bona nezinto zasemthethweni.—Gal. 6:5.
14. Ziziphi izilumkiso ekufuneka uzithobele xa utyelela okanye ufudukela kwilizwe ovaliweyo kulo umsebenzi?
14 Kumazwe Apho Umsebenzi Uvaliweyo Khona: Kwamanye amazwe abazalwana noodade kufuneka basebenzise ubulumko ukuze bashumayele. (Mat. 10:16) Abavakalisi abatyelela okanye bafudukele apho banokwenza abantu bawuvulel’ amehlo umsebenzi wethu kuze oko kubeke abazalwana bethu esichengeni. Ukuba ufuna ukufudukela kwilizwe elinjalo, nceda ubhalele iofisi yesebe lakho uze uyinike abadala bebandla lakho ngaphambi kokuba ufuduke.
15. Abo bangenakukwazi ukufudukela kwamanye amazwe banokubandisa njani ubulungiseleli babo kumabandla abo?
15 Ukuba Akunakukwazi Ukufuduka: Ukuba akunakukwazi ukufudukela kwelinye ilizwe, ungadimazeki. Mhlawumbi uvulekelwe ngomnye “umnyango omkhulu okhokelela emsebenzini.” (1 Kor. 16:8, 9) Kusenokwenzeka ukuba umveleli wesiphaluka sakho wazi indawo onokunceda kuyo engazukufuna ukuba ude ufuduke ekhaya. Ngaba unokufunda olunye ulwimi oluthethwa ekuhlaleni uze uye kunceda kwibandla okanye iqela elithetha olo lwimi? Mhlawumbi unokunceda kwibandla elikufuphi elisebenzisa intetho yezandla, okanye kwibandla okanye iqela elithetha ulwimi lwasemzini, njengesiFrentshi, isiPhuthukezi, okanye isiTshayina. Okanye unokwandisa ubulungiseleli bakho kwibandla okulo ngoku. Enoba zinjani na iimeko zakho, eyona nto ibalulekileyo kukuba unqulo lwakho ulwenza ngentliziyo epheleleyo.—Kol. 3:23.
16. Sifanele sibaphathe njani abo bafuna ukufudukela kwelinye ilizwe?
16 Ngaba kukho umKristu oqolileyo ngokomoya omaziyo nofuna ukuya kukhonza kwilizwe lasemzini? Mxhase uze umkhuthaze! Xa uPawulos washiya iAntiyokwe yaseSiriya, yayidolophu yesithathu ngobukhulu kuBukhosi baseRoma isodlulwa yiRoma neAleksandriya. Kwintsimi eyayinkulu ngolo hlobo, ibandla lakwa-Antiyokwe limele ukuba lalikufuna ukuncedwa nguPawulos yaye laliza kumkhumbula kakhulu ukumka kwakhe. Sekunjalo, iBhayibhile ayitsho ukuba abazalwana balapho bamdimaza uPawulos ekubeni ahambe. Kubonakala ngathi endaweni yokucinga ngommandla wabo kuphela, ayizange isuke ezingqondweni zabo into yokuba “intsimi lihlabathi.”—Mat. 13:38.
17. Ziziphi izizathu ezinokukubangela ukuba ucinge ‘ngokuwelela eMakedoni’?
17 UPawulos nabo wayesebenza nabo bavuzwa kakhulu ngokwamkela isimemo sokuwelela eMakedoni. Ngoxa babekwisixeko saseMakedoni iFilipi, bafumana uLidiya, kwaye “uYehova wayivula yabanzi intliziyo yakhe ukuze anikele ingqalelo kwizinto ezazithethwa nguPawulos.” (IZe. 16:14) Cinga nje indlela amele ukuba wavuya ngayo uPawulos nabo wayesebenza nabo xa uLidiya nayo yonke indlu yakhe babhaptizwayo! Kumazwe amaninzi kukho abantu abaneentliziyo ezinyanisekileyo abafana noLidiya abangekasiva isigidimi soBukumkani. Ukuba ‘uwelela eMakedoni’ uya kuvuyiswa kukufumana abanjalo uze ubancede.
[Ibhokisi ekwiphepha 5]
Indlela Onokwazi Ngayo Ukuba Kwilizwe Ocinga Ukuya Kulo Kufuneka Abavakalisi Abangakumbi
• Funda iNcwadi Yonyaka yakutshanje. Nikela ingqalelo kumlinganiselo womvakalisi kubemi.
• Sebenzisa i-Index ukuze ufumane amanqaku namava athetha ngelo lizwe.
• Thetha nabavakalisi abakhe batyelela kwelo lizwe okanye bahlala kulo.
• Ukuba ucinga ngokuya kwilizwe apho unokushumayela ngolwimi lwakho lomthonyama, phanda kwimithombo ekhoyo, njengeIntanethi, ukuze ubone ukuba bangaphi abantu abathetha ulwimi lwakho kwelo lizwe.
• EBotswana naseNamibia zifuneka ngokukhethekileyo iintsapho ezomeleleyo ngokomoya kunye noovulindlela abathe ngxi.