Iincwadi ZeVangeli—Kusaphikiswana Ngazo
Ngaba phofu ziyinyaniso iingxelo ezinikelwa ziincwadi zeVangeli ngokuzalwa kukaYesu Kristu?
Ngaba wayenza iNtshumayelo yaseNtabeni?
Ngaba ngokwenene uYesu wavuswa kwabafileyo?
Ngaba kunyanisiwe xa kusithiwa wathi: “Ndim indlela nenyaniso nobomi”?—YOHANE 14:6.
IMIBANDELA enjengale iye yaxutyushwa ngabaphengululi abamalunga nama-80 kwiNgqungquthela kaYesu, ebiqhutywa kabini ngonyaka ukususela ngowe-1985. Eli qela labaphengululi liyiphendule ngendlela engaqhelekanga loo mibuzo. Abo baba nenxaxheba kule Ngqungquthela baye bavotela ilizwi ngalinye ezithi iincwadi zeVangeli lathethwa nguYesu. Iphepha levoti elibomvu libonisa ukuba ngokwenene loo mazwi athethwa nguYesu. Iphepha levoti elipinki lithetha ukuba loo mazwi ayelele kwinto eyayinokuthethwa nguYesu. Iphepha levoti elingwevu libonisa ukuba ezo ngcamango zisenokuba zisondele kwezikaYesu, kodwa amazwi wona akazange athethwe nguye. Iphepha lokuvota elimnyama liyawakhaba nje ngokupheleleyo, lithi loo mazwi avele kumabali amva.
Besebenzisa le nkqubo, abo baba nenxaxheba kwiNgqungquthela kaYesu baye bazikhaba ngaw’ omane zonke ezi ngongoma zine ezikhankanywe ekuqaleni. Enyanisweni, baye bafaka ivoti emnyama kumazwi angama-82 ekhulwini ekuthiwa athethwa nguYesu kwiincwadi zeVangeli. Ngokutsho kwala malungu, li-16 ekhulwini kuphela leziganeko ezibaliswa ngoYesu kwiincwadi zeVangeli nakwezinye iincwadi ezibonakala zinobunyaniso.
Iincwadi zeVangeli aziqali kugxekwa ngolu hlobo. Iincwadi zeVangeli zakha zahlaselwa ngowe-1774 xa kwapapashwa umbhalo-ngqangi onamaphepha ali-1 400 kaHermann Reimarus, unjingalwazi weelwimi zaseMpuma eHamburg, eJamani, emva kokuba efile. Kulo mbhalo-ngqangi uReimarus wayethandabuza ukuba iincwadi zeVangeli zazithetha ngezinto ezazenzeke ngokwenene. Izigqibo zakhe wazisekela ekuhlalutyweni kolwimi nakwisibakala sokuba iingxelo ezine ezingobomi bukaYesu ezikwiincwadi zeVangeli zibonakala ziphikisana. Ukususela ngoko, abagxeki baye bawavakalisa bewavakalisile amathandabuzo ngobunyaniso beencwadi zeVangeli, nto leyo ebangele abantu ababa nantembelo kwezo ncwadi ukusa kumlinganiselo othile.
Eyona nto bakhala ngayo bonke abo baphengululi kukuba iingxelo zeVangeli bazigqala njengamabali onqulo awayilwa ngabantu abathile. Aba baphengululi bathandabuzayo badla ngokubuza le mibuzo: Ngaba asizonkolelo ezabangela ukuba ababhali beencwadi zeVangeli ezine bazinonge ezona zinto zenzekayo? Ngaba ukuphikisana okwakukho kwibutho lamaKristu okuqala akuzange kuwabangele ukuba acuntsule okanye ongeze kwibali likaYesu? Ziziphi iindawo kwiincwadi zeVangeli ezibonakala ziyingxelo engqalileyo kunokuba zibe yintsomi?
Abantu abakhulele kwibutho elingakholelwa kuThixo okanye elingenanto yakwenza nonqulo bakholelwa ukuba iBhayibhile—kuquka neencwadi zeVangeli—yincwadi ezaliswe ziintsomi. Ukanti abanye batyhafiswa yimbali yeNgqobhoko yokuphalaza igazi, ukucinezela abantu, ukwahlulelana phakathi nehambo engeyoyabuthixo. Abo bantu abasiboni isizathu sokunikela ingqalelo kwiincwadi ezigqalwa njengezingcwele yiNgqobhoko. Bavakalelwa kukuba iincwadi eziye zavelisa unqulo lwabahanahanisi zimele ukuba zisekelwe kwiintsomi nje ezingenamsebenzi.
Uthini wena? Ngaba ufanele uvumele abaphengululi abathile abathandabuza ukuchana ngokwembali kweencwadi zeVangeli ukuba baphakamise amathandabuzo afanayo nakweyakho ingqondo? Xa usiva abantu besithi ababhali beencwadi zeVangeli babhala iintsomi, ngaba ufanele uvumele loo nto ukuba igungqise intembelo onayo kwiincwadi zabo? Ngaba ingxelo yokungahloneli Thixo yeNgqobhoko ifanele ikwenze ukuthandabuze ukuthembeka kweencwadi zeVangeli? Siyakumema ukuba uhlole ezinye izibakala.
[Umfanekiso okwiphepha 4]
Ngaba iincwadi zeVangeli ziqulethe iintsomi okanye izinto ezenzeka ngokwenene?
[Inkcazelo]
Jesus Walking on the Sea/The Doré Bible Illustrations/Dover Publications
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 3]
Background, pages 3-5 and 8: Courtesy of the Freer Gallery of Art, Smithsonian Institution, Washington, D.C.