Ubhubhani Oyintiyo
“Abantu abaze babaqonde abantu ababathiyileyo.”—JAMES RUSSELL LOWELL, UMBHALI WEZINCOKO NOWAYEKWANGUNOZAKUZAKU.
INTIYO ibonakala yesamele kuyo yonk’ indawo namhlanje. Amagama anjengelithi East Timor, iKosovo, iLiberia, iLittleton, nelithi Sarajevo—kuquka nelithi ubuNazi obuhlaziyiweyo, iskinhead, nelithi ukongama kwabamhlophe—aye abethelelwa ezingqondweni zethu ekhatshwa yimifanekiso yamabhodlo atshileyo, amangcwaba amatsha abantu abangcwatywe bebaninzi ndawonye, nezidumbu.
Iminqweno yokuba nekamva elingenantiyo, ungquzulwano nogonyamelo iye yakatyiswa. UDanielle Mitterand, inkosikazi yomongameli ongasekhoyo waseFransi, ekhumbula ixesha lobutsha bakhe wathi: “Abantu babenqwenela ukuphila ngokukhululekileyo kwibutho labantu elithandanayo ababenokulithemba; babe noxolo lwengqondo ngoxa bephila kunye nabanye; babenqwenela ukuphila ubomi obunempilo, obunoxolo nobunesidima kwihlabathi elinamandla nelinesisa elalibakhusele.” Kwenzeka ntoni kwezo ngcamango zintle? Le nkosikazi yakhalaza isithi: “Kwisiqingatha senkulungwane kamva, elo phupha lethu liye lahlaselwa ngokuphandle.”
Le ntiyo yamvanje ayinakusuka ityeshelwe nje. Yande ngakumbi, kwaye iza ngeendlela ezilisikizi. Imvo yokuziva unqabisekile eziye izigidi zabantu zayijongela phantsi iye yagqutyuthelwa luthotho lwezenzo ezingenangqondo zentiyo, ngasinye esibonakala sihlahlambis’ umzimba ngaphezu kwesingaphambi kwaso. Kwanokuba siyasinda kwintiyo ekhayeni lethu okanye kumazwe ethu, ikho apho isilinde khona. Kusenokwenzeka ukuba mihla le siyabubona ubungqina bobukho bayo ezindabeni zikamabonwakude nakwiinkqubo zeziganeko ezingundaba-mlonyeni. Enye yayo sele ityhobozele nakwi-Internet. Khawuqwalasele le mizekelo imbalwa.
Kwishumi elidluleyo leminyaka umoya wokuthand’ izwe uye wanda ngendlela engenakuthelekiswa nanto. UJoseph S. Nye, Omnci., ongumalathisi kwiHarvard Center for International Affairs wathi: “Ukuthand’ izwe kuya kusiba namandla kwinkoliso yeendawo ehlabathini, akubi buthathaka. Kunokuba kubekho ihlabathi elimanyeneyo nelithezela goqweni linye, ihlabathi liye lahlulelana laba ngamaqela agxelesheneyo. Ibe loo nto ivula amathuba okuba kubekho ungquzulwano.”
Ezinye iindidi zentiyo zifihlakele, zithe ncwaba ngaphakathi kwemida yelizwe okanye elumelwaneni. Xa imiguvela emihlanu yabulala iSikh esele ikhulile eKhanada, eso siganeko “sabalaselisa oko abanye bakugqala njengokuvuka kwezenzo zolwaphulo-mthetho eziqhutywa yintiyo kwilizwe elidla ngokunconywa kusithiwa iintlanga zalo ziyakwazi ukunyamezelana.” EJamani, emva kokuba ziye zadamba noko kwiminyaka engaphambilana, iintlaselo zobuhlanga zabanxaxhi ziye zanda ngama-27 ekhulwini ngowe-1997. UMphathiswa Wezangaphakathi uManfred Kanther wathi: “Iyatyhafisa ke noko le into.”
Kumntla weAlbania ingxelo ithi bangaphezu kwama-6 000 abantwana abaphantse babe ngamabanjwa emakhayeni abo kuba besoyika ukudutyulwa ziintshaba zeentsapho zabo. Aba bantwana bangamaxhoba esithethe sokubambana isixhiba, “esiye saphazamisa ubomi beentsapho ezingamawaka.” EUnited States, ngokutsho kweFederal Bureau of Investigation (FBI), “intiyo yobuhlanga ibangele ezingaphezu kwesiqingatha kwizenzo zolwaphulo-mthetho eziqhutywa yintiyo ezingama-7 755 ezenziwa ngowe-1998 ezabikwa kwiFBI.” Zimbi zezinto ezibangele ezinye izenzo zolwaphulo-mthetho eziqhutywa yintiyo bezibandakanya ukucalucalulwa ngokonqulo, ngokobuzwe okanye ngokobuhlanga, nokucalucalulwa kwabaneziphene.
Ukongezelela koko, imixholo yamaphephandaba yosuku ngalunye ithetha ngokugqugqisa kokoyikwa kwabantu bezinye iintlanga, ngokuyintloko okujoliswe kwiimbacu, sithethanje ezingaphezu kwezigidi ezingama-21. Okulusizi kukuba inkoliso yabo bathi babathiyile abantu abavela kumazwe asemzini ngabantu abaselula, abaphenjelelwa ziinkokeli zezobupolitika ezingakhathaliyo nabanye abantu abafuna into abanokuphephela ngayo. Ezinye iimpawu zale ngxaki ikwanye ziquka ukungabathembi, ukungabanyamezeli nokubabek’ amabala abantu abangafaniyo nabo.
Ziziphi ezinye zezinto ezibangela lo bhubhani uyintiyo? Kwaye yintoni enokwenziwa ukuze kushenxiswe intiyo? Inqaku elilandelayo liza kuyiphendula le mibuzo?
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 2]
Cover, top: UN PHOTO 186705/J. Isaac
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 3]
Daud/Sipa Press