Umhlaba—Ngaba Yindawo Nje Yovavanyo?
KWATSHO kwee qabu! Uphumelele. Umfundi obejamelene nocelomngeni lokubhala iimviwo kangangeeveki ezimbini ekugqibeleni ufumana ingxelo evuyisayo. Ngoku unokuhlabela mgama aye kumsebenzi ekudala ewufuna.
Abantu abaninzi babujonga ngaloo ndlela ubomi emhlabeni. Babujonga njengovavanyo olumele lwenziwe kuye wonke umntu. Abo “baphumeleleyo” badlulela kwinto ebhetele kuBomi Basemva Kokufa. Eneneni, bekuya kuba lusizi ukuba ubomi esibuphila ngoku—obo kwabaninzi buthetha ubukho nje—bebuyeyona nto ilungileyo abantu banokuyilindela. Nangona ixesha elininzi ebomini bakhe wayesempilweni yaye ephumelela, uYobhi ekuthethwa ngaye eBhayibhileni wathi: “Umntu, ozelwe ngumfazi, unobomi obufutshane obuzele kukuphazamiseka.”—Yobhi 14:1.
Ibonisa indlela abantu abaninzi abacinga ngayo, iNew Catholic Encyclopedia ithi: “UThixo unenjongo yokuba umntu ayokuphila kuzuko lwasezulwini. . . . Umntu unokonwaba ngokupheleleyo xa esezulwini.” Uhlolisiso olusandul’ ukwenziwa kwiCawa kaKristu yaseUnited States lubonisa ukuba bangama-87 ekhulwini abakholelwa ukuba kunokwenzeka baye ezulwini emva kokuba befile.
Abanye abaninzi abangengomaKristu nabo banethemba lokuwushiya umhlaba baye kwenye indawo ebhetele emva kokufa. Ngokomzekelo, amaSilamsi anethemba lokuya kwiparadesi esezulwini. Abalandeli bamahlelo eLizwe Elinyulu obuBhuda aseTshayina naseJapan bakholelwa ukuba xa becengceleza i-“Amitabha,” igama likaBuddha wokuKhanya Okungapheliyo, baya kuzalwa ngokutsha kwiLizwe Elinyulu, okanye kwiParadesi EseNtshona, apho baya kuphila ngokonwaba okungummangaliso.
Okubangel’ umdla kukuba, iBhayibhile, eyona ncwadi ingcwele eye yaguqulelwa yaza yasasazwa ngokubanzi, ayiwuchazi umhlaba njengendawo yokubalekwa, umchankcatho othile wokuya kwenye indawo. Ngokomzekelo, ithi: “Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.” (INdumiso 37:29) EBhayibhileni kukho amazwi aziwayo awathethwa nguYesu esithi: “Banoyolo abalulamileyo: kuba baya kuwudla ilifa umhlaba.”—Mateyu 5:5, King James Version.
Imbono eqhelekileyo yokuba ukuhlala kwethu emhlabeni kokwexeshana ithetha ukuthi ukufa yindlela yokudlulela kubomi bolonwabo basemva kokufa. Ukuba ke kunjalo, ngokuqinisekileyo ukufa kuyintsikelelo. Kodwa ngaba abantu ngokuqhelekileyo bakujonga ngaloo ndlela ukufa, okanye ngaba bazama ukwenza obu bomi bube bude? Amava abonisa ukuba xa abantu besempilweni yaye benqabisekile, abafuni kufa.
Sekunjalo, ngenxa yokuba ubomi emhlabeni buzaliswe bubungendawo nokubandezeleka, abaninzi basalijonga izulu njengekuphela kwendawo yokufumana uxolo nolonwabo lokwenyaniso. Ngaba izulu yindawo nje yoxolo nolonwabo, ekungenakubakho kuyo ubungendawo nokungavisisani? Yaye ngaba uBomi Basemva Kokufa buza kuphilwa kummandla wasezulwini kuphela? Uya kumangaliswa kukuva iimpendulo eziphuma eBhayibhileni. Nceda ufunde ubheke phambili.