Ukuzongela Ixesha Lokufunda Nokufundisisa
“Zongele ixesha, ngenxa yokuba imihla ingendawo.”—EFESE 5:16.
1. Kutheni kububulumko ukuzibekela ixesha lokwenza okuthile, yaye indlela esilisebenzisa ngayo ixesha lethu inokutyhila ntoni ngathi?
KUTHIWA “ukulikhetha ixesha kukulonga.” Umntu oye abeke ixesha elithile lokwenza izinto ekufuneka zenziwe udla ngokulisebenzisa ngokuyingenelo ixesha lakhe. UKumkani uSolomon owayesisilumko wabhala: “Yonke into inelixa layo elimisiweyo, yonke into inexesha layo phantsi kwezulu.” (INtshumayeli 3:1, Moffatt) Sonke sinomlinganiselo ofanayo wexesha; kuxhomekeke kuthi ukuba silisebenzisa njani na. Indlela esizidwelisa ngayo izinto eziza kuqala nendlela esilaba ngayo ixesha, ubukhulu becala, ityhila eyona nto ithandwa yintliziyo yethu.—Mateyu 6:21.
2. (a) KwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, uYesu wathini ngentswelo yethu yokomoya? (b) Ziziphi izinto ebekuya kuba kuhle ukuzihlola kuzo?
2 Sithanda singathandi, simele sichithe ixesha sisitya yaye silele kuba ezi ziintswelo zomzimba. Kodwa ke kuthekani ngeentswelo zokomoya? Siyazi ukuba nazo zimele zaneliswe. KwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, uYesu wavakalisa oku: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.” (Mateyu 5:3) Kungoko “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” lisoloko lisikhumbuza ngokubaluleka kokubekela ecaleni ixesha lokufunda nokufundisisa iBhayibhile. (Mateyu 24:45) Unokuyibona indlela okubaluleke ngayo oku, kodwa usenokuvakalelwa kukuba akunalo nje kwaphela ixesha lokufundisisa okanye lokufunda iBhayibhile. Ukuba kunjalo, makhe sihlole amacebo neendlela zokuvula ithuba lokufundisisa iLizwi likaThixo, lokwenza ufundisiso lobuqu nelokucamngca, ebomini bethu.
Ukufumana Ixesha Lokufunda Nelokufundisisa IBhayibhile
3, 4. (a) Sisiphi isiluleko esanikelwa ngumpostile uPawulos ngokuphathelele ukusebenzisa ixesha lethu, yaye kuquka ntoni oko? (b) Wayethetha ukuthini uPawulos xa wayesiluleka ukuba ‘sizongele ixesha’?
3 Ngenxa yamaxesha esiphila kuwo, kufuneka sonke sithobele amazwi kampostile uPawulos athi: “Hlalani nikuphaphele ngokungqongqo ukuba indlela enihamba ngayo ingabi njengeyabantu abangezozilumko kodwa ibe njengeyezilumko, nizongele ixesha, ngenxa yokuba imihla ingendawo. Ngenxa yoku musani ukuba ngabangenangqiqo, kodwa qhubekani nikuqonda into okuyiyo ukuthanda kukaYehova.” (Efese 5:15-17) Kakade ke, esi siluleko sigubungela zonke iinkalo zobomi bethu njengamaKristu azahluleleyo, kuquka ukufumana ixesha lokuthandaza, lokufundisisa, leentlanganiso, nelokuba nesabelo esizeleyo kangangoko sinako ekushumayeleni ‘iindaba ezilungileyo zobukumkani.’—Mateyu 24:14; 28:19, 20.
4 Namhlanje uninzi lwabakhonzi bakaYehova ngathi lukufumanisa kunzima ukufaka ufundo lweBhayibhile kunye nofundisiso olunzulu ebomini balo. Kakade ke, asinakukwazi ukongeza enye iyure kusuku lwethu, ngoko isiluleko sikaPawulos simele ukuba sithetha nto yimbi. NgesiGrike, ibinzana elithi “nizongele ixesha” lithetha ukuthenga into ngenye. KwiExpository Dictionary yakhe, uW. E. Vine uthi lithetha “ukuwasebenzisa ngokuzeleyo onke amathuba, ukulisebenzisa kakuhle ngalinye ithuba ekubeni lingayi kuphinda libekho xa liyekiwe.” Sinokulithenga entwenini okanye phi ixesha lokufunda nelokufundisisa iBhayibhile?
Simele Sibeke Izinto Eziza Kuqala
5. Kutheni sifanele ‘siqiniseke ngezinto ezibaluleke ngakumbi,’ yaye sifanele sikwenze njani oko?
5 Ukongezelela kwiimbopheleleko zokwenyama esinazo, sinezinto zokomoya ezininzi ezifuna ingqalelo yethu. Njengabakhonzi bakaYehova abazahluleleyo, ‘sinokuninzi kokwenza emsebenzini weNkosi.’ (1 Korinte 15:58) Ngenxa yoko, uPawulos wayalela amaKristu aseFilipi ukuba ‘aqiniseke ngezinto ezibaluleke ngakumbi.’ (Filipi 1:10) Oku kuthetha ukubeka izinto eziza kuqala. Izinto zokomoya zifanele zisoloko zisiza kuqala kunezinto eziphathekayo. (Mateyu 6:31-33) Sekunjalo, kukwafuneka nokulungelelana xa sihlangabezana neembopheleleko zethu zokomoya. Silahlulahlula njani ixesha esilichitha kwiinkalo ezahlukahlukeneyo zobomi bethu njengamaKristu? Abaveleli abahambahambayo bathi phakathi ‘kwezinto ezibaluleke ngakumbi’ umKristu afanele azinyamekele, ufundisiso lobuqu kunye nofundo lweBhayibhile zidla ngokutyeshelwa.
6. Kunokubandakanya ntoni ukuzongela ixesha xa kufikwa kumsebenzi wempangelo okanye wasekhaya?
6 Njengoko sele sibonile, ukonga ixesha kubandakanya “ukuwasebenzisa ngokuzeleyo onke amathuba” ‘nokulisebenzisa kakuhle ngalinye ithuba.’ Ngoko ukuba imikhwa yethu yokufunda nokufundisisa iBhayibhile ayikho mihle, bekuya kuba kuhle ukuba sizihlole ukuze sibone indlela esilichitha ngayo ixesha lethu. Ukuba umsebenzi wethu wempangelo usenza sixakeke ngokugqithiseleyo, utya ixesha elininzi kunye namandla ethu, sifanele siwubeke emthandazweni kuYehova. (INdumiso 55:22) Sinokukwazi ukwenza uhlengahlengiso oluza kusenza sibe nexesha elininzana lezinto ezibaluleke ngakumbi ezinento yokwenza nonqulo lukaYehova, kuquka ufundisiso kunye nofundo lweBhayibhile. Kunyanisiwe xa kusithiwa umsebenzi womfazi awude uphele. Ngoko oodade abangamaKristu ngalo lonke ixesha bamele babeke izinto eziza kuqala baze bamisele amathuba athile ukuze benze ufundo kunye nofundisiso olunzulu lweBhayibhile.
7, 8. (a) Ixesha lokufunda nokufundisisa linokuthengwa kwiziphi izinto? (b) Iyintoni injongo yokuzihlaziya, yaye ukukhumbula oku kunokusinceda njani sibeke izinto eziza kuqala kuthi?
7 Ngokuqhelekileyo, inkoliso yethu inako ukuzongela ixesha lokufundisisa ngokuncama izinto ezingabalulekanga. Sisenokuzibuza, ‘Lingakanani ixesha endilichitha ndifunda amaphephancwadi okanye amaphephandaba ehlabathi, ndibukele iinkqubo zikamabonwakude, ndiphulaphule umculo, okanye ndidlala imidlalo yevidiyo? Ngaba ndichitha ixesha elininzi ekhompyutheni kunelo ndilichitha ndifunda iBhayibhile?’ UPawulos uthi: “Musani ukuba ngabangenangqiqo, kodwa qhubekani nikuqonda into okuyiyo ukuthanda kukaYehova.” (Efese 5:17) Ukumsebenzisa ngokungekho ngqiqweni umabonwakude kubonakala kusesona sizathu sokuba amaNgqina amaninzi angabi nexesha elaneleyo lokwenza ufundisiso lobuqu nofundo lweBhayibhile.—INdumiso 101:3; 119:37, 47, 48.
8 Bambi basenokuthi abanako ukuhlalela ukufundisisa lonk’ ixesha, bafuna uhlobo oluthile lokuzihlaziya. Kuyinyaniso kona oko, kodwa kusenokuba kuhle ukuqwalasela ubude bexesha esilichitha siphumle okanye silithelekise nexesha esilichitha sifundisisa okanye sifunda iBhayibhile. Oko sikufumanisayo kunokusothusa. Ukuzihlaziya nokuphumla, ngoxa kona kuyimfuneko, kumelwe kugcinwe kwindawo yako. Injongo yako kukusihlaziya ukuze siphinde sixakeke zizinto zokomoya. Uninzi lweenkqubo zikamabonwakude nemidlalo yevidiyo lwenza umntu adinwe, ngoxa ukufunda nokufundisisa iLizwi likaThixo kuhlaziya yaye kunika amandla.—INdumiso 19:7, 8.
Indlela Abanye Abalivula Ngayo Ithuba Lokufundisisa
9. Ziziphi iingenelo zokulandela icebiso elinikelwe kwincwadana ethi Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla—1999?
9 Imbula-mbethe yencwadana ethi Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla yowe-1999, ithi: “Bekuya kuba kuhle kakhulu ukuhlolisisa itekisi yosuku namagqabaza ale ncwadana kwakusasa. Kuye kube ngathi uYehova, umYaleli Ozukileyo, ebekuvusa ngemiyalelo yakhe. Isiprofeto sichaza uYesu Kristu njengozuzayo kwimiyalelo kaYehova ntsasa nganye: ‘UYehova uvusa imiso ngemiso, endivusela indlebe ukuba ndive ngokwabafundileyo.’ Loo miyalelo yanika uYesu ‘ulwimi lwabafundileyo’ ukuze ‘akwazi ukuzimasa otyhafileyo ngelizwi.’ (Isa. 30:20; 50:4; Mat. 11:28-30) Ukuvuswa ngesiluleko seLizwi likaThixo esisexesheni ntsasa nganye akuyi kukunceda ujamelane neengxaki zakho kuphela kodwa kuya kukuxhobisa ‘ngolwimi lwabafundileyo’ ukuze uncede abanye.”a
10. Abanye balivula njani ithuba lokufunda nokufundisisa iBhayibhile, yaye ube yintoni umphumo?
10 AmaKristu amaninzi ayalilandela eli cebiso ngokufunda itekisi yosuku kunye namagqabaza nangokufunda iBhayibhile okanye ngokufundisisa ngenj’ ixukuxa. EFransi uvulindlela othile othembekileyo uvuka kusempondo zankomo suku ngalunye aze achithe imizuzu engama-30 efunda iBhayibhile. Yintoni eye yamenza wakwazi ukwenza oku ukutyhubela iminyaka? Uthi: “Ndikhuthazeka kakhulu, kwaye ndinamathela kucwangciso lwam lokufunda nokuba sekumnyam’ entla!” Enoba liliphi na ixesha esilikhethayo ebudeni bosuku, into ebalulekileyo kukuba sinamathele kucwangciso lwethu. URené Mica, obekwinkonzo yobuvulindlela eYurophu nakuMntla Afrika kangangeminyaka engaphezu kwama-40, uthi: “Ukususela ngowe-1950 ndaye ndazibekela usukelo lokuyifunda ndiyigqibe iBhayibhile nyaka ngamnye, ndithethanje loo nto ndiyenze kangangezihlandlo ezingama-49. Ndivakalelwa kukuba oku kubalulekile ukuze ndihlale ndinolwalamano olusondeleyo noMdali wam. Ukucamngca ngeLizwi likaThixo kuyandinceda ndikuqonde ngakumbi okusesikweni kukaYehova kunye nezinye iimpawu zakhe yaye bekusoloko kungumthombo wamandla angenakuthelekiswa nanto.”b
‘Ukutya Ngexesha Elifanelekileyo’
11, 12. (a) Kukuphi ‘ukutya’ kokomoya okuye kwalungiselelwa ‘ngegosa elithembekileyo’? (b) Kuye kwalungiselelwa njani ‘ukutya’ ngexesha elifanelekileyo?
11 Kwananjengokuba ukutya rhoqo kusenza umzimba ube sempilweni, ucwangciso oluthe rhoqo lokufundisisa nokufunda iBhayibhile lubangela ubani abe sempilweni ngokomoya. Kwincwadi yeVangeli kaLuka, sifunda amazwi kaYesu athi: “Ngubani ngokwenene elo gosa lithembekileyo, elo liyingqondi, inkosi yalo eya kulimisela phezu kweqela layo labalindi ukuhlala lilinika umlinganiselo walo wokutya ngexesha elifanelekileyo?” (Luka 12:42) Ngoku sele kuyiminyaka engaphezu kwe-120 kulungiselelwa ‘ukutya ngexesha elifanelekileyo’ ngeMboniselo, nangezinye iincwadi neempapasho ezisekelwe eBhayibhileni.
12 Phawula ibinzana elithi “ngexesha elifanelekileyo.” Ngexesha elililo, “umYaleli Ozukileyo” wethu, uYehova, esebenzisa uNyana wakhe nodidi lwekhoboka, uye walathisa abantu bakhe kwimibandela ephathelele imfundiso nehambo. Bekungathi sonke siva ilizwi lisithi: “‘Nantsi indlela. Hambani ngayo,’ nokuba nisinga ekunene, nokuba nisinga ekhohlo.” (Isaya 30:20, 21) Ngaphezu koko, xa abantu ngabanye beyifunda ngenyameko iBhayibhile nazo zonke iimpapasho ezisekelwe kuyo, badla ngokuba nemvakalelo yokuba iingcamango ezidluliselwa kuzo zijoliswe kubo ngokukhethekileyo. Ewe, isiluleko kunye nolwalathiso lobuthixo ziza ngexesha elifanelekileyo kuthi, zisenza sikwazi ukuxhathisa isilingo okanye senze isigqibo sobulumko.
Hlakulela Imikhwa Yokuzondla Elungileyo
13. Yiyiphi eminye yemikhwa engemihle yokuzondla ngokomoya?
13 Ukuze singenelwe ngokuzeleyo koko “kutya” okulungiselelwe ngexesha elifanelekileyo, kufuneka sibe nemikhwa emihle yokuzondla. Kubalulekile ukuba nocwangciso oluthe rhoqo lokufunda iBhayibhile nolofundisiso lobuqu size sinamathele kulo. Ngaba unemikhwa elungileyo yokuzondla ngokomoya yaye ulwenza rhoqo ufundisiso lobuqu olungena nzulu? Okanye ngaba uwukha phezulu nje umbandela esiye sawulungiselelwa, ngokungathi kunjalo, uthi caphu caphu nje, mhlawumbi de ungatyi ngamanye amaxesha okutya? Imikhwa engemihle yokuzondla ngokomoya iye yabangela abanye baba buthathaka ngokomoya—bada baphambuka.—1 Timoti 1:19; 4:15, 16.
14. Kutheni kuyingenelo ukuwugubungela ngenyameko umbandela onokubonakala uqhelekile?
14 Bambi basenokuvakalelwa kukuba sele bezazi iimfundiso ezisisiseko kwaye asingawo onke amanqaku aqulethe into entsha. Ngenxa yoko akuyomfuneko ukuba benze ucwangciso lokufundisisa baze baye ezintlanganisweni. Noko ke, iBhayibhile ibonisa ukuba kufuneka sikhunjuzwe ngezinto esisele sizifundile. (INdumiso 119:95, 99; 2 Petros 3:1; Yude 5) Kanye njengokuba incutshe yompheki iyitshintshatshintsha indlela ezisebenzisa ngayo izithako epheka ngazo, udidi lwekhoboka lulungiselela ukutya kokomoya okunesondlo ngeendlela ezininzi ezahlukahlukeneyo. Kwanakumanqaku agubungela imibandela ekukudala ixutyushwa, kukho iingongoma ezintle esingamele kuphoswa zizo. Ingongoma kukuba oko sikuzuzayo kumbandela esiwufundayo ubukhulu becala kuxhomekeke kwixesha nakumgudu esiwenzayo xa siwufundisisa.
Iingenelo Zokomoya Zokufunda Nokufundisisa
15. Ukufunda nokufundisisa iBhayibhile kusinceda njani sibe ngabalungiseleli abalunge ngakumbi beLizwi likaThixo?
15 Zininzi iingenelo esizifumana ngokufunda nangokufundisisa iBhayibhile. Siyancedwa ukuba sifikelele enye yeembopheleleko zethu ezisisiseko njengamaKristu, eyokuba ngamnye kuthi abe ‘ngumsebénzi ongenazintloni nganto, oliphatha ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso.’ (2 Timoti 2:15) Okukhona sifunda yaye sifundisisa iBhayibhile, kokukhona iingqondo zethu ziya kuzaliswa ziingcamango zikaThixo. Siya kwandula ke, njengoPawulos, sikwazi ‘ukuqiqa nabantu ngeZibhalo, sizicacisa yaye sizingqina ngeembekiselo’ iinyaniso ezimangalisayo zeenjongo zikaYehova. (IZenzo 17:2, 3) Ubuchule bethu bokufundisa buya kuphucuka, yaye iincoko zethu, iintetho kunye neziluleko esizinikelayo ziya kwakha ngokomoya.—IMizekeliso 1:5.
16. Ziziphi iindlela anokuthi ngamnye wethu angenelwe ngazo kufundo nakufundisiso lweLizwi likaThixo?
16 Ukongezelela koko, ixesha esilichitha sihlolisisa iLizwi likaThixo liya kusenza sikwazi ukubuvisisanisa nangakumbi ubomi bethu neendlela zikaYehova. (INdumiso 25:4; 119:9, 10; IMizekeliso 6:20-23) Liya komeleza iimpawu zethu zokomoya, ezinjengokuthobeka, ukunyaniseka nolonwabo. (Duteronomi 17:19, 20; ISityhilelo 1:3) Xa silusebenzisa ulwazi esilufumana ngokufunda nangokufundisisa iBhayibhile, sinandipha ubukho bomoya kaThixo ebomini bethu, uze umphumo ube yintabalala yeziqhamo zomoya kuko konke esikwenzayo.—Galati 5:22, 23.
17. Umlinganiselo kunye nomgangatho wofundo nowofundisiso lwethu lweBhayibhile uluchaphazela njani ulwalamano lwethu noYehova?
17 Okona kubaluleke nangakumbi kukuba, ixesha esilithenge kwezinye izinto ukuze sifunde size sifundisise iLizwi likaThixo, liya kusizisela umvuzo otyebileyo ngokuphathelele ulwalamano lwethu noThixo. UPawulos wathandazela amanye amaKristu ukuba ‘azaliswe ngolwazi oluchanileyo lokuthanda kwakhe uThixo kubulumko bonke nokuqiqa kokomoya, ukuze ahambe ngokumfaneleyo uYehova aze amkholise ngokupheleleyo.’ (Kolose 1:9, 10) Ngokufanayo, ukuze ‘sihambe ngokumfaneleyo uYehova,’ simele ‘sizaliswe ngolwazi oluchanileyo lokuthanda kwakhe kubulumko bonke nokuqiqa kokomoya.’ Kucacile ukuba, ukufumana kwethu iintsikelelo kunye nenkoliseko kaYehova, ubukhulu becala, kuxhomekeke kumlinganiselo nakumgangatho wofundo nowofundisiso lwethu lweBhayibhile.
18. Ziziphi iintsikelelo esinokuzifumana xa silandela amazwi kaYesu abhalwe kuYohane 17:3?
18 “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.” (Yohane 17:3) Esi sesinye sezibhalo ezisetyenziswa rhoqo ngamaNgqina kaYehova ukunceda abanye baqonde ukubaluleka kokufundisisa iLizwi likaThixo. Ngokuqinisekileyo kubaluleke ngendlela efanayo nakuye ngamnye wethu ukuba enze okufanayo. Ithemba lethu lokuphila ngonaphakade lixhomekeke ekukhuliseni kwethu ulwazi ngoYehova nangoNyana wakhe, uYesu Kristu. Yaye khawucinge nje ngentsingiselo yoko. Asikabi phi ekufundeni ngoYehova—siseza kufunda ngaye de kuse emaphakadeni!—INtshumayeli 3:11; Roma 11:33.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ipapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of Pennsylvania.
b Bona inqaku elithi “Ixesha Abayifunda Ngalo Nendlela Abangenelwa Ngayo,” elipapashwe kwinkupho yeMboniselo kaMeyi 1, 1995, iphepha 20-1.
Imibuzo Yempinda
• Yintoni eboniswa yindlela esilisebenzisa ngayo ixesha lethu?
• Sinokulithenga kwiziphi izinto ixesha lokufunda nokufundisisa iBhayibhile?
• Kutheni sifanele silumkele imikhwa yethu yokuzondla ngokomoya?
• Ziziphi iingenelo ezifunyanwa ngokufunda nokufundisisa iZibhalo?
[Imifanekiso ekwiphepha 20, 21]
Ukufunda nokufundisisa iBhayibhile rhoqo kuya kusenza ‘siliphathe ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso’
[Imifanekiso ekwiphepha 23]
Ukulungelelanisa ezinye zezinto esizenzayo kubomi bethu obuxakekileyo nezinto zokomoya kusivuza ngokutyebileyo