IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w01 5/1 iphe. 20-23
  • Ngaba Ukusebenzelana Nemimoya Kunokuzanelisa Iimfuno Zethu Zokomoya?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ukusebenzelana Nemimoya Kunokuzanelisa Iimfuno Zethu Zokomoya?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Liyintoni Ithemba Ngabafileyo?
  • Ukuvuswa KukaLazaro
  • Siyintoni Isizathu Sokubandezeleka?
  • Ukwanelisa Iimfuno Zethu Zokomoya
  • Ngaba ILizwi LikaThixo Liyakufundisa Ukuvela Ngokutsha?
    Vukani!—1994
  • Ithemba Lokwenene Ngabantu Obathandayo Abafileyo
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
  • Ekuphela Kwesicombululo Sokufa!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Ngaba IBhayibhile Iyafundisa Ngokuvela Ngokutsha?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
w01 5/1 iphe. 20-23

Ngaba Ukusebenzelana Nemimoya Kunokuzanelisa Iimfuno Zethu Zokomoya?

SONKE sineemfuno zokomoya nezokwenyama. Yiloo nto abaninzi bebuza imibuzo efana nethi, Yintoni injongo yobomi, kutheni abantu bebandezeleka nothi kwenzeka ntoni kuthi xa sisifa? Uninzi lwabantu abanyanisekileyo lufuna iimpendulo zale mibuzo kwakunye neminye efana nayo koosiyazi, lunethemba lokunxibelelana nemimoya yabantu abafileyo. Olu qheliselo lubizwa ngokuba kukusebenzelana nemimoya.

Abo banxibelelana nemimoya bakho kumazwe amaninzi, yaye bahlanganisana njengamabandla neecawa. Ngokomzekelo, eBrazil, abantu abanxibelelana nemimoya abaqikelelwa kwizi- 4 000 000 balandela iimfundiso zikaHyppolyte Léon Denizard Rivail, umhlohli nesithandi sobulumko saseFransi senkulungwane ye-19, esasizibiza ngokuthi nguAllan Kardec ezincwadini zaso. UKardec waqala ukuba nomdla kwizinto ezinxibelelene nemimoya ngowe-1854. Kamva waqalisa ukubuza imibuzo ethile koosiyazi kwiindawo ezininzi waza iimpendulo wazibhala kwincwadi ethi The Book of Spirits eyapapashwa ngowe-1857. Ezinye iincwadi ezimbini awazibhalayo yethi The Medium’s Book nethi The Gospel According to Spiritism.

Ukunxibelelana nemimoya kunxulunyaniswa noqheliselo lonqulo olufana nevoodoo, ubugqwirha, imilingo kunye nobuSathana. Noko ke, abo balandela iimfundiso zika-Allan Kardec bathi ezabo iinkolelo zahlukile. Iimpapasho zabo ngokufuthi zicaphula eBhayibhileni, yaye zibhekisela kuYesu ngokuthi, “ngumalathisi nomzekelo walo lonke uluntu.” Bathi iimfundiso zikaYesu “ngawona mazwi asulungekileyo omthetho wobuthixo.” UAllan Kardec wayekugqala ukunxibelelana nemimoya njengendlela yesithathu uThixo ayisebenzisayo ukutyhila imithetho yakhe ebantwini, ezimbini zokuqala uthi ziimfundiso zikaMoses nezikaYesu.

Ukunxibelelana nemimoya kutsala abantu abaninzi kuba kubalaselisa uthando ngommelwane nokupha ngesisa. Enye inkolelo yabantu abanxibelelana nemimoya yethi: “Ngaphandle kokupha ngesisa alukho usindiso.” Abantu abaninzi abanxibelelana nemimoya babandakanyeke kwimisebenzi yasekuhlaleni, bayancedisa ekwakheni izibhedlele, izikolo namanye amaziko. Imizamo enjalo iyancomeka. Noko ke, zahluke njani iinkolelo zabantu abanxibelelana nemimoya kwiimfundiso zikaYesu ezibhalwe eBhayibhileni? Masithabathe imizekelo emibini: ithemba ngabafileyo nesizathu sokubandezeleka.

Liyintoni Ithemba Ngabafileyo?

Uninzi lwabantu abanxibelelana nemimoya lukholelwa ekuveleni ngokutsha. Enye impapasho yabantu abakholelwa kwimimoya ithi: “Imfundiso yokuvela ngokutsha yeyona ifikelela ingcamango yethu yokusesikweni kobuthixo; kuphela kwemfundiso ecacisa ngekamva ize yomeleze ithemba lethu.” Abantu abakholelwa ekuveleni ngokutsha bathi xa umntu esifa, umphefumlo wakhe, okanye “umoya ovele ngokutsha,” uyawushiya umzimba—ngokungathi libhabhathane liphuma eqokobheni. Bakholelwa ekubeni kamva le miphefumlo iyaphinda ivele ngokutsha ukuze ikhululwe kwizono ezenziwe kubomi bangaphambili. Kodwa zingakhunjulwa izono zangaphambili. Incwadi ethi The Gospel According to Spiritism ithi: “UThixo uye wabona kufanelekile ukuba kubekwe umkhusane ukuze zilityalwe izono zangaphambili.”

UAllan Kardec wabhala wathi: “Ukukhanyela imfundiso yokuvela ngokutsha kuyafana nokuthi oko kwakufundiswa nguKristu akuyonyaniso.” Noko ke, uYesu akazange alikhankanye kwaphela igama elithi “ukuvela ngokutsha” engazange wayikhankanya nengcamango enjalo. (Bona umxholwana othi “Ngaba IBhayibhile Iyafundisa Ngokuvela Ngokutsha?” kwiphepha 22.) Kunoko, uYesu wafundisa ngokuvuswa kwabafileyo. Ngethuba lobulungiseleli bakhe apha emhlabeni, wavusa abantu abathathu—unyana womhlolokazi waseNayin, intombi yegosa elongamelayo nomhlobo wakhe osenyongweni uLazaro. (Marko 5:22-24, 35-43; Luka 7:11-15; Yohane 11:1-44) Makhe sihlolisise esinye kwezi ziganeko zikhethekileyo size sibone ukuba uYesu wayethetha ukuthini xa ethetha “ngovuko.”

Ukuvuswa KukaLazaro

UYesu weva ukuba umhlobo wakhe uLazaro uyagula. Emva kweentsuku ezimbini kamva, waxelela abafundi bakhe: “ULazaro umhlobo wethu uye kuphumla, kodwa ndiyahamba ndiya apho ukuze ndimvuse ebuthongweni.” Abafundi abazange bakuqonde oko uYesu wayekuthetha, ngoko ngokuphandle wathi: “ULazaro ufile.” Ekugqibeleni xa uYesu wafikayo engcwabeni likaLazaro, loo ndoda yayisele ifile kangangeentsuku ezine. Sekunjalo, uYesu wayalela ukuba ilitye elivale ingcwaba lisuswe. Waza wadanduluka ngezwi elikhulu wathi: “Lazaro, phuma!” Akuba etshilo, kwenzeka into echulumancisayo. “Waphuma umntu lowo obefile, iinyawo nezandla zakhe zibotshwe ngezithandelo, nobuso bakhe busongelwe ngelaphu. UYesu wathi kubo: ‘Mkhululeni nize nimyeke ahambe.’”—Yohane 11:5, 6, 11-14, 43, 44.

Ngokucacileyo, oku yayingekuko ukuvela ngokutsha. UYesu wathi uLazaro owayefile wayelele, engekho zingqondweni. Njengoko iBhayibhile ikubeka, ‘iingcamango zakhe zazitshabalele.’ ‘Wayengazi nto konke konke.’ (INdumiso 146:4; INtshumayeli 9:5) ULazaro ovusiweyo wayengengomntu owahlukileyo onomoya ovele ngokutsha. Wayenobuntu obufanayo, ekubudala obunye yaye eneenkumbulo ezifanayo. Waqalisa ubomi bakhe apho wayebuyeke khona ngaphambi kwexesha waza wabuyela kwizalamane zakhe ezazizilele ukufa kwakhe.—Yohane 12:1, 2.

Kamva, uLazaro waphinda wafa. Ngoko, yiyiphi injongo eyafezwa kukuvuswa kwakhe? Ukuvuswa kwakhe nokwabanye okwenziwa nguYesu, kuqinisa ithemba esinalo kwisithembiso sikaThixo sokuba ngexesha Lakhe uya kubavusa abakhonzi bakhe abathembekileyo ekufeni. Loo mimangaliso kaYesu iqinisekisa amazwi akhe athi: “Ndim uvuko nobomi. Lowo ubonisa ukholo kum, nokuba uyafa, uya kubuyela ebomini.”—Yohane 11:25.

Ngokuphathelele olo vuko luzayo, uYesu wathi: “Liyeza ilixa ekuya kuthi ngalo bonke abo bakumangcwaba enkumbulo balive ilizwi lakhe baze baphume, abo benze izinto ezilungileyo beze kuvuko lobomi, abo baqhelisele izinto ezimbi kuvuko lomgwebo.” (Yohane 5:28, 29) Njengoko kwakunjalo ngemeko kaLazaro, kuya kuba njalo ngovuko lwabantu abafileyo. Ayizi kuba kukudityaniswa kwemimoya ephilileyo kunye nemizimba evusiweyo ebolileyo ekunokwenzeka ukuba sele idibene nezinye izinto eziphilayo. Ukuvuswa kwabantu abafileyo kuxhomekeke kuMdali wezulu nomhlaba, onobulumko namandla angapheliyo.

Ngaba imfundiso yovuko, njengoko yafundiswa nguYesu Kristu, ayityhili uthando olunzulu uThixo analo ngabantu? Kodwa kuthekani ngomnye umbuzo okhankanywe ngaphambilana?

Siyintoni Isizathu Sokubandezeleka?

Ukubandezeleka okuninzi kwabantu kubangelwa zizinto ezenziwa ngabantu abaziziyatha, nabangenamava okanye abangendawo. Kuthekani ke, ngezinto ezilusizi esingenakubeka tyala mntu ngazo? Ngokomzekelo, kutheni kukho iingozi kunye neentlekele zemvelo? Kutheni kukho abantwana abazalwa beneziphene? UAllan Kardec wayezibona ezi zinto njengesohlwayo. Wabhala: “Ukuba siyohlwaywa ngoko kufanele ukuba ikho into ephosakeleyo esiyenzileyo. Ukuba asenzanga nto iphosakeleyo kobu bomi sibuphila ngoku sifanele ukuba sayenza kubomi bethu bangaphambili.” Abantu abasebenzelana nemimoya bafundiswa ukuba bathandaze ngale ndlela: “Nkosi, Wena ukokusesikweni konke. Isifo Wena okhethe ukundinika sona sindifanele . . . Ndiyasamkela njengesohlwayo sobomi ebendibuphila ngaphambili nanjengovavanyo lokholo lwam nokuzithoba ekuthandeni Kwakho okusikelelweyo.”—The Gospel According to Spiritism.

Ngaba uYesu wayifundisa into enjalo? Akunjalo. UYesu wayewazi kakuhle amazwi eBhayibhile athi: “Bonke behlelwa lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.” (INtshumayeli 9:11) Wayesazi ukuba izinto ezimbi zisuka zizenzekele. Akunyanzelekanga ukuba zibe sisohlwayo ngenxa yezono.

Khawucinge ngesi siganeko ebomini bukaYesu: “Njengoko [uYesu] wayedlula wabona umntu owayeyimfama kwasekuzalweni. Baza abafundi bakhe bambuza bathi: ‘Rabhi, ngubani na owonayo, ngulo mntu okanye ngabazali bakhe, khon’ ukuze azalwe eyimfama?’” Impendulo kaYesu yayicacile: “Akonanga lo mntu ingengabo nabazali bakhe, kodwa kwaba nje ukuze ibonakaliswe kuye imisebenzi kaThixo. Emva kokutsho ezi zinto, watshicela emhlabeni waza wenza udongwe ngamathe, yaye walubeka udongwe lwakhe emehlweni aloo mntu waza wathi kuye: ‘Hamba uye kuhlamba echibini laseSilowam’ . . . Ngoko waya waza wahlamba, wabuya ebona.”—Yohane 9:1-3, 6, 7.

Amazwi kaYesu abonisa ukuba le ndoda okanye abazali bayo babengenatyala ngokuzalwa kwayo ingaboni. Ngoko ke uYesu akazange ayixhase ingcamango yokuba le ndoda yayisohlwaywa ngezono zayo zobomi bangaphambili. Liyinyaniso elokuba, uYesu wayesazi ukuba abantu basizuza njengelifa isono. Kodwa bazuza isono sika-Adam, kungekhona izono ababezenze ngaphambi kokuba bazalwe. Ngenxa yesono sika-Adam, bonke abantu bazalwa bengafezekanga ngokwenyama, begula yaye besifa. (Yobhi 14:4; INdumiso 51:5; Roma 5:12; 9:11) Eneneni, le yimeko uYesu awayethunyelwe ukuza kuyilungisa. UYohane uMbhaptizi wathi uYesu ‘yiMvana kaThixo esusa isono sehlabathi!’—Yohane 1:29.a

Kwakhona, phawula ukuba, uYesu akazange athi uThixo wayenza yazalwa ingaboni loo ndoda ngabom ukuze yena Yesu aze emhlabeni aze ayiphilise ngenye imini. Hayi indlela ebesiya kuba kukukhohlakala nokutenxa ngayo eso senzo. Ngaba oko bekuya kuzisa indumiso kuThixo? Akunjalo. Kunoko ukuphiliswa kwendoda engaboniyo kwabangela ukuba ‘ibonakaliswe imisebenzi kaThixo.’ Ngokufanayo nezinye izihlandlo ezininzi uYesu aphilisa ngazo abantu, oku kwakubonisa uthando olungazenzisiyo uThixo analo ngabantu ababandezelekileyo yaye kuqinisekisa ukunyaniseka kwesithembiso Sakhe sokuphelisa ukugula nokubandezeleka kwabantu ngexesha Lakhe.—Isaya 33:24.

Ngaba akukhuthazi ukufumanisa ukuba kunokubangela ukubandezeleka, uBawo wethu wasezulwini ubanika “Izinto ezilungileyo abo bamcelayo”? (Mateyu 7:11) Olunjani uzuko oluya kuya kOsenyangweni xa amehlo eemfama evuliwe, iindlebe zezithulu zivuliwe neziqhwala zihamba, zitsiba zize zibaleke!—Isaya 35:5, 6.

Ukwanelisa Iimfuno Zethu Zokomoya

UYesu wathi: “Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova.” (Mateyu 4:4) Ewe, iimfuno zethu zokomoya ziyaneliswa xa sifunda iLizwi likaThixo, iBhayibhile, size siziphathe ngokuvumelana nalo. Ukuya koosiyazi enyanisweni akuzanelisi iimfuno zethu zokomoya. Eneneni, izenzo ezinjalo zigwetywa ngokupheleleyo koko uAllan Kardec wakubiza ngokuthi yindlela yokuqala yokutyhila umthetho kaThixo.—Duteronomi 18:10-13.

Uninzi, kuquka abakhafuli, bayaqonda ukuba uThixo nguye Ophakamileyo, ohlala ngonaphakade, ugqibelele ngokupheleleyo, unobubele yaye ulilungisa. Kodwa iBhayibhile ityhila okungakumbi. Ityhila ukuba unegama lakhe, uYehova, esifanele silibeke njengoko noYesu wenjenjalo. (Mateyu 6:9; Yohane 17:6) Imbonisa uThixo njengomntu wokwenene ubani anokuba nobuhlobo obusenyongweni naye. (Roma 8:38, 39) Xa sifunda iBhayibhile, sifumanisa ukuba uThixo unenceba nokuba “akenzanga kuthi kanye ngokwezono zethu; engasizisele noko kusifaneleyo ngokweziphoso zethu.” (INdumiso 103:10) NgeLizwi layo elibhaliweyo, iNkosi enguMongami uYehova ityhila uthando lwayo, ukongama kwayo nokuba sengqiqweni kwayo. Nguye okhokela aze akhusele abantu abathobelayo. Ukwazi uYehova noNyana wakhe, uYesu Kristu, “kuthetha ubomi obungunaphakade.”—Yohane 17:3.

IBhayibhile isinika lonke ulwazi esilufunayo ngeenjongo zikaThixo, yaye isixelela oko sifanele sikwenze ukuba sifuna ukumkholisa. Ukuyihlolisisa ngenyameko iBhayibhile kusinika iimpendulo ezichanileyo nezanelisayo kwimibuzo yethu. Kwakhona iBhayibhile isinika ukhokelo lokuba sazi okulungileyo nokuphosakeleyo, yaye isinika ithemba eliqinileyo. Isiqinisekisa ukuba kungekudala, uThixo “uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo [abantu], kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili [ziya kube] zidlule.” (ISityhilelo 21:3, 4) Esebenzisa uYesu Kristu, uYehova uya kukhulula abantu kwisono abasizuza njengelifa nokungafezeki, yaye amalungisa aya kuphila ngonaphakade kumhlaba oyiparadesi. Ngelo xesha, iimfuno zabo zokwenyama nezokomoya ziya kube zaneliswe ngokupheleleyo.—INdumiso 37:10, 11, 29; IMizekeliso 2:21, 22; Mateyu 5:5.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ukuze ufumane ingxubusho ngendlela isono nokufa okwaqala ngayo, bona isahluko 6 sencwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

[Ibhokisi ekwiphepha 22]

NGABA IBHAYIBHILE IYAFUNDISA NGOKUVELA NGOKUTSHA?

Ngaba ikho indinyana yeBhayibhile exhasa imfundiso yokuvela ngokutsha? Hlolisisa eminye yemibhalo esetyenziswa ngabantu abakholelwa kuloo mfundiso:

“Kuba bonke, abaProfeti noMthetho, baprofeta de yanguYohane. Yaye . . . yena ngokwakhe ‘unguEliya omiselwe ukuza.’”—Mateyu 11:13, 14.

Ngaba uYohane uMbhaptizi wayenguEliya ovele ngokutsha? Xa wayebuzwa: “UnguEliya na?” UYohane waphendula ngokucacileyo wathi: “Andinguye.” (Yohane 1:21) Noko ke, ngaphambili kwakuthiwe uYohane wayeya kwandulela uMesiya “enomoya namandla kaEliya.” (Luka 1:17; Malaki 4:5, 6) Ngamany’ amazwi, uYohane uMbhaptizi wayenguEliya ngengqiqo yokuba wayesenza umsebenzi ofanayo nalowo wawusenziwa nguEliya.

“Ngaphandle kokuba nabani na azalwe kwakhona, akanakububona ubukumkani bukaThixo. Musa ukumangaliswa ngenxa yokuba ndikuxelele ukuba, Nimele nizalwe kwakhona.”—Yohane 3:3, 7.

Kamva omnye wabapostile wabhala wathi: “Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, othe ngokobuninzi benceba yakhe, wasizala ngokutsha, ukuba sibe nethemba eliphilayo ngokuvuka kukaYesu Kristu kwabafileyo.” (1 Petros 1:3, 4 IBhayibhile yesiXhosa; Yohane 1:12, 13) Ngokucacileyo, ukuzalwa ngokutsha uYesu awayebhekisela kuko yayikukuzalwa ngokutsha kokomoya okwakuza kwenzeka ngoxa abafundi bakhe babesaphila, kungekhona ukuvela ngokutsha okwenzeka ngexesha elizayo.

“Xa indoda ifile, iphila ngonaphakade: xa imihla yam yokuphila emhlabeni iphela, ndiya kulinda kuba ndibona ukuba ndiya kubuya kwakhona.”—“Inguqulelo yesiGrike” kaYobhi 14:14 ecatshulwe kwiThe Gospel According to Spiritism.

IBhayibhile yesiXhosa iyiguqulela ngale ndlela le ndinyana: “Ukuba uthe umfo wafa, wophila na? Yonke imihla yokuphuma kwam umkhosi, bendinga ndingalinda, kude kufike ukukhululwa kwam.” Funda umongo wale ndinyana. Uya kubona ukuba abafileyo balinda “ukukhululwa” kwabo engcwabeni. (Indinyana 14) Ngoxa belindile, abakho. “Ukanti ke yena umntu uyafa, iphel’ intw’ ibithethwa.”—Yobhi 14:10, IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996.

[Umfanekiso okwiphepha 21]

Ithemba lovuko lityhila umdla onzulu uThixo anawo kuthi njengomntu ngamnye

[Imifanekiso ekwiphepha 23]

UThixo uya kuphelisa konke ukubandezeleka kwabantu

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share