Ukuqhubela Phambili Ukusa Kuloyiso Lokugqibela!
“Khangela! ndabona nalo ihashe elimhlophe; lowo wayehleli phezu kwalo wayenesaphetha; yaye wanikwa isithsaba, waza waphuma esoyisa nokuze akuphelelise ukoyisa kwakhe.”—ISITYHILELO 6:2.
1. Ziziphi iziganeko zexesha elizayo ezabonwa nguYohane embonweni?
EPHEFUMLELWE nguThixo umpostile uYohane wakwazi ukubona kwiminyaka emalunga ne-1 800 ezayo aze achaze ngokubekwa etroneni kukaKristu njengoKumkani. Kwafuneka uYohane abe nokholo lokuba oko wayekubona embonweni kwakuya kuzaliseka. Thina namhlanje sinobungqina obucacileyo bokuba oko kubekwa etroneni kwakuxelwe kwangaphambili kwenzeka ngowe-1914. Ngamehlo okholo, siyambona uYesu Kristu ehamba “esoyisa nokuze aphelelise ukoyisa kwakhe.”
2. Wasabela njani uMtyholi ekuzalweni koBukumkani, yaye oko kungqina ntoni?
2 Emva kokuzalwa koBukumkani, uSathana wakhutshwa emazulwini, nto leyo yambangela ukuba alwe ngamandla yaye abe nomsindo omkhulu nakuba loo nto ingenakumenza aphumelele. (ISityhilelo 12:7-12) Umsindo wakhe uye wabangela ukuba iimeko zehlabathi zibe maxongo ngakumbi. Ibutho labantu libonakala liwohloka. KumaNgqina kaYehova obu bubungqina obucacileyo bokuba uKumkani wawo uqhubela phambili ukuze ‘aphelelise ukoyisa kwakhe.’
Ukuyilwa Kwebutho Labantu Behlabathi Elitsha
3, 4. (a) Luluphi utshintsho oluye lwenziwa entlanganweni ngokuphathelele ibandla lamaKristu ukususela ekuzalweni koBukumkani, yaye kutheni lwaluyimfuneko? (b) Luye lwanayiphi ingenelo olu tshintsho, njengoko uIsaya waxela kwangaphambili?
3 Emva kokuzalwa koBukumkani, kwafika ixesha lokuvisisanisa ibandla lamaKristu elibuyiselweyo—njengoko ngoku iimbopheleleko zoBukumkani zazandile—ngokusondele ngakumbi nendlela elaliqhuba ngayo ibandla lamaKristu lenkulungwane yokuqala. Ngaloo ndlela, kwinkupho yayo kaJuni 1 nekaJuni 15, 1938, IMboniselo (yesiNgesi) yahlolisisa indlela efanele isebenze ngayo intlangano yamaKristu. Kamva, inkupho kaMeyi 15, 1972, yalifanisa ngendlela ecace ngakumbi iQumrhu Elilawulayo lanamhlanje kwinqaku elithi “IQumrhu Elilawulayo Lilelahlukileyo KwiMbumba Yasemthethweni.” Ngowe-1972, kwamiselwa amaqumrhu abadala ukuze ancede yaye akhokele amabandla asekuhlaleni.
4 Ukuhlaziya indlela efanelekileyo yokuvelela kwalomeleza kakhulu ibandla lamaKristu. Enye into eyaba negalelo ngamalungiselelo awenziwa liQumrhu Elilawulayo okufundisa abadala imisebenzi yabo, kuquka ukubaqeqesha kwimibandela yokugweba. Ukuqhubela phambili kwentlangano kaThixo yasemhlabeni ngokuthe ngcembe nemiphumo okwaba nayo kwaxelwa kwangaphambili kuIsaya 60:17: “Esikhundleni sobhedu ndiya kuzisa igolide, esikhundleni sentsimbi ndizise isilivere, esikhundleni somthi ubhedu, esikhundleni samatye intsimbi; yaye ndiya kumisela uxolo lube ngabaveleli bakho nobulungisa bube ngabaphathi bakho.” Olu tshintsho lwabonisa intsikelelo kaThixo yaye lwaba bubungqina bokuba uThixo uyakholiswa ngabo babuxhasa ngenzondelelo uBukumkani bakhe.
5. (a) Wasabela njani uSathana xa uYehova esikelela abantu Bakhe? (b) Ngokuvisisana nabaseFilipi 1:7, abantu bakaYehova basabela njani kumsindo kaSathana?
5 USathana wayiphawula inyameko enothando nokhokelo olwanikelwa nguThixo ebantwini bakhe ekuzalweni koBukumkani. Ngokomzekelo, ngowe-1931 eli qaqobana lamaKristu lavakalisa ekuhleni ukuba lalingengoBafundi beBhayibhile nje kuphela. Ngokuvisisana noIsaya 43:10, lalingamaNgqina kaYehova! Enoba oku yayikukungqamana nje kweziganeko okanye akunjalo, uMtyholi waphembelela intshutshiso ekrakra emhlabeni wonke. Kwanakumazwe awayesaziwa ngokuba nenkululeko yonqulo, njengeUnited States, iKhanada neJamani, kwakunyanzeleka ukuba, ngokuphindaphindiweyo amaNgqina alwele ukulondoloza inkululeko yonqulo ngokusemthethweni. Ngowe-1988, iNkundla Ephakamileyo yaseUnited States yahlola amatyala angama-71 abandakanya amaNgqina kaYehova, kumatyala amabini kwamathathu avakaliswa engenatyala. Namhlanje, ukutyhubela ihlabathi lonke, kusaliwa amadabi asemthethweni ukuze, njengakwinkulungwane yokuqala, ‘iindaba ezilungileyo zithethelelwe yaye zimiselwe ngokusemthethweni.’—Filipi 1:7.
6. Ngaba ukuvalwa nokumiselwa kwemiqathango kumsebenzi wabantu bakaYehova kwabathintela ekubeni baqhubele phambili? Zekelisa.
6 Ebudeni beminyaka yee-1930, kwiintsuku ezakhokelela kwiMfazwe Yehlabathi II, oorhulumente abangoozwilakhe babewuvala okanye bamisele imiqathango kumsebenzi wamaNgqina kaYehova eJamani, eSpeyin naseJapan xa sikhankanya nje amazwe amathathu. Kodwa ngonyaka wama-2000, la mazwe mathathu kuphela ebenabavakalisi abakhutheleyo boBukumkani bukaThixo abamalunga nama-500 000. Elo nani beliliphinda phantse izihlandlo ezilishumi inani lamaNgqina awayekho emhlabeni wonke ngowe-1936! Ngokucacileyo, ukuvalwa nokumiselwa kwemiqathango emsebenzini akunakubathintela abantu bakaYehova ekubeni baqhubele phambili phantsi kweNkokeli eyoyisayo, uYesu Kristu.
7. Sisiphi isiganeko esibalaseleyo esenzeka ngowe-1958, yaye luluphi utshintsho oluphawulekayo oluye lwenzeka ukususela ngoko?
7 Enjani yona imbonakaliso yenkqubela phambili eyabakho ngowe-1958 kwisiXeko saseNew York, xa kwaqhutywa eyona ndibano yamaNgqina kaYehova yayikhe yankulu, iNdibano Yezizwe Ngezizwe Yokuthanda KukaThixo, eyaba nencopho yabantu abangama-253 922. Ngowe-1970 wawusele uvuliwe umsebenzi wawo kumazwe amathathu akhankanywe ngasentla, ngaphandle kwelizwe elalifudula lisaziwa njengeMpuma Jamani. Kodwa wawusavaliwe umsebenzi wamaNgqina kummandla omkhulu weSoviet Union nakumazwe awayemanyene nayo kwiSivumelwano saseWarsaw. Namhlanje, kula mazwe ayefudula engawobuKomanisi, kukho amaNgqina akhutheleyo angaphezulu kuhle kwesiqingatha sesigidi.
8. Uye waba yintoni umphumo wentsikelelo kaYehova ebantwini bakhe, yaye yathini IMboniselo (yesiNgesi) yowe-1950 ngokuphathelele oku?
8 AmaNgqina kaYehova aye asikelelwa ngolwando ngenxa yokuba aye aqhubeka ‘efuna kuqala ubukumkani nobulungisa bukaThixo.’ (Mateyu 6:33) Isiprofeto sikaIsaya siye sazaliseka ngokoqobo: “Omncinane uya kuba liwaka, nophantsi abe luhlanga olunamandla. Mna, Yehova, ndiya kukukhawulezisa oko ngexesha lako.” (Isaya 60:22) Yaye olo lwando lusaqhubeka. Kule minyaka nje ilishumi idluleyo, abaxhasi bolawulo loBukumkani banda baya kufikelela kubantu abangaphezu kwesi-1 750 000. Ngokuzithandela, aba baye baba yinxalenye yeqela IMboniselo (yesiNgesi) yowe-1950 eyathi ngalo: “Ngoku uThixo ulungiselela ibutho lehlabathi elitsha. . . . Aba bantu basisiseko esiya kuphumela ngaphaya kweArmagedon, . . . abantu bokuqala ‘kumhlaba omtsha’ . . . , abalungelelaniswe ngokolawulo lukaThixo, abanolwazi ngeenkqubo zentlangano.” Eli nqaku laqukumbela ngelithi: “Ngoko ke, sonke masiqhubele phambili ngokuthe ngcembe, njengebutho lehlabathi elitsha!”
9. Ziye zaba yingenelo njani izinto eziye zafundwa ngamaNgqina kaYehova kwiminyaka edluleyo?
9 Ngeli thuba, eli butho lehlabathi elitsha liye lafunda ukwenza izinto ngempumelelo nto leyo eye yangqineka ixabiseke kakhulu namhlanje yaye mhlawumbi neya kuxabiseka nakumsebenzi oya kwenziwa emva kweArmagedon. Ngokomzekelo, amaNgqina aye afunda ukulungiselela iindibano ezinkulu, ukunikela uncedo ngokukhawuleza emva kwentlekele, nokusebenzisa iindlela ezikhawulezayo zokwakha. Lo msebenzi uye wabangela ukuba abantu abaninzi bawaxabise yaye bawahlonele amaNgqina kaYehova.
Ukulungisa Izimvo Eziphosakeleyo
10, 11. Yenza umzekelo ngendlela eziye zalungiswa ngayo izimvo eziphosakeleyo ngokuphathelele amaNgqina kaYehova.
10 Sekunjalo, kukho abantu abatyhola amaNgqina kaYehova ngelithi akahambisani nabanye abantu. Oku kungenxa yendlela amaNgqina ayigqala ngayo imibandela esekelwe eBhayibhileni, enjengotofelo-gazi, ubundilele, ukutshaya nokuziphatha. Kodwa abantu abaninzi baqalisa ukuvuma ukuba kufanele kunikelwe ingqalelo kwiimbono zamaNgqina. Ngokomzekelo, ugqirha wasePoland watsalela umnxeba kwiofisi yolawulo yamaNgqina kaYehova waza wathi, esibhedlele, yena noogxa bakhe kangangeeyure eziliqela bebexubusha ngotofelo-gazi. Loo ngxubusho yaxhokonxwa linqaku elalivele ngaloo mini kwiDziennik Zachodni, iphephandaba lamihla le lasePoland. Lo gqirha wavuma: “Mna ndilusizi kukuba igazi lisetyenziswa ngokugqithiseleyo kwezonyango. Oku kumele kuguqulwe, yaye ndiyavuya kukuba kukho umntu oye waqalisa ukuthetha ngalo mbandela. Ndingathanda ukufumana inkcazelo eyongezelelekileyo.”
11 Kwinkomfa yonyaka ophelileyo, abezonyango abavela eKhanada, kwaSirayeli, eUnited States naseYurophu, baye baxubusha umbandela olungiselelwe ukunceda oogqirha ukuba banyange abaguli ngaphandle kokusebenzisa igazi. Kule ntlanganiso eyayiqhutyelwa eSwitzerland, kwathiwa, ngokwahlukileyo kuluvo oluqhelekileyo, umlinganiselo wabaguli abafayo abatofelwe igazi uphakame kakhulu kunalowo wabaguli abangakhange balitofelwe. Ngokuqhelekileyo abaguli abangamaNgqina babephuma ngokukhawuleza kunabo bebenyangwe ngegazi, nto leyo ngokufuthi enciphisa iindleko zonyango.
12. Nika umzekelo wabantu abadumileyo abaye bakuncoma ukuma kwamaNgqina kaYehova ngokuphathelele ubundilele kwezobupolitika.
12 Abantu abaninzi baye babuncoma ubundilele bamaNgqina kaYehova ebudeni beMfazwe Yehlabathi II xa anyamezela ukuhlaselwa ngamaNazi. Ividiyo ethi Jehovah’s Witnesses Stand Firm Against Nazi Assault, eyenziwe ngamaNgqina kaYehova eyaboniswa okokuqala kwinkampu yoxinaniso yaseRavensbrück, eJamani, ngoNovemba 6, 1996, iye yabangela ukuba abantu abaninzi bancome. Ekuqaliseni komboniso ofanayo kwinkampu yoxinaniso edume kakubi yaseBergen-Belsen ngoAprili 18, 1998, umalathisi weZiko Lemfundo Ngezobupolitika, eLower Saxony, uGqr. Wolfgang Scheel, wavuma esithi: “Esinye sezibakala ezibangel’ iintloni esenzeka kwixa elidluleyo kukuba amaNgqina kaYehova abugatya ubuSoshiyali ngozimiselo olukhulu ngaphezu kweecawa zobuKristu. . . . Kungakhathaliseki ukuba sivakalelwa njani na ngeemfundiso nenzondelelo yonqulo yamaNgqina kaYehova, sifanele siwahlonele ngokuma kwawo ngokuqinileyo ebudeni bolawulo lwamaNazi.”
13, 14. (a) Ngawaphi amazwi obulumko awayevela kumthombo ongalindelekanga ngokuphathelele amaKristu okuqala? (b) Nika umzekelo wamagqabaza awakhayo ngokuphathelele abantu bakaThixo namhlanje.
13 Xa abantu abadumileyo besima ngakwicala lamaNgqina kaYehova okanye izigqibo zenkundla ziwathethelela kwiimbambano zasenkundleni, oko kunokunciphisa inkcaso kuze kubangele ukuba amaNgqina ajongwe ngendlela efanelekileyo. Ngokufuthi oku kuye kubangele ukuba akwazi ukuthetha nabantu ababengafuni ukuphulaphula ngaphambili. Ngoko ke, izinto ezinjalo ezenzekayo ziyawavuyisa, yaye amaNgqina kaYehova ayazixabisa ngokwenene. Oku kusikhumbuza ngoko kwenzeka eYerusalem ngenkulungwane yokuqala. Xa iSanhedrin, inkundla ephakamileyo yamaYuda, yayifuna ukubulala amaKristu ngenxa yokushumayela kwawo ngenzondelelo, uGamaliyeli “umfundisi woMthetho owayehlonitshwa ngabantu bonke,” wayilumkisa wathi: “Madoda akwaSirayeli, kulumkeleni oko nizimisele ukukwenza ngaba bantu. . . . Musani ukugxuphuleka kwaba bantu, kodwa bayekeni; (ngenxa yokuba, ukuba eli cebo okanye lo msebenzi ngowabantu, uya kubhukuqwa; kodwa ukuba ngokaThixo, aniyi kukwazi ukubabhukuqa;) kungenjalo, nisenokufunyanwa okunene ningabo balwa nxamnye noThixo.”—IZenzo 5:33-39.
14 NjengoGamaliyeli, kutshanje abantu abadumileyo baye bathethelela amaNgqina kaYehova ukuba afumane inkululeko yonqulo. Ngokomzekelo, owayesakuba ngusihlalo weInternational Academy for Freedom of Religion and Belief wathi: “Inkonzo ethile ayifanele ingawafumani amalungelo onqulo ngenxa nje yokuba iinkolelo zayo zingamkelekanga okanye zingaqhelekanga kwibutho labantu.” Yaye unjingalwazi wenzululwazi yezonqulo kwiyunivesithi yaseLeipzig wabuza umbuzo ofanelekileyo ngokuphathelele igosa laseburhulumenteni laseJamani elalinikwe umsebenzi wokuphanda ngamahlelo, wathi: “Kutheni kufanele ibe ziinkonzo ezinabantu abambalwa kuphela ezibekw’ esweni nto leyo engenziwayo kwiicawa ezimbini ezinkulu [iCawa yamaRoma Katolika neCawa yamaLuthere]?” Impendulo sinokuyifumana kumazwi alowo wayesakuba ligosa likarhulumente waseJamani, owabhala la mazwi: “Alithandabuzeki elokuba ekhusini, amalungu ecawa anenzondelelo ayalela amagosa karhulumente ngamanyathelo amele athatyathwe kwezobupolitika.”
Sikhangela Kubani Ukuze Sifumane Uncedo?
15, 16. (a) Oko kwenziwa nguGamaliyeli kwakusikelwe umda ngayiphi indlela? (b) Abanye abantu abathathu ababenempembelelo, babesikelwe umda ngayiphi indlela koko babenokukwenza ngokuphathelele uYesu?
15 Oko kwathethwa nguGamaliyeli kubonisa isibakala sokuba umsebenzi oxhaswa nguThixo awunakusilela. Ngokungathandabuzekiyo amaKristu okuqala angenelwa kumazwi awayewabhekisa kwiSanhedrin, kodwa akazange abulibale ubunyaniso bamazwi awathethwa nguYesu kubalandeli bakhe okuba babeya kutshutshiswa. Ngenxa yeso senzo sikaGamaliyeli iinkokeli zonqulo zayeka ukufuna icebo lokuwabulala, kodwa oko akuzange kuyinciphise intshutshiso, kuba siyafunda: “Ngako oku banikela ingqalelo kuye, yaye bababiza abapostile, babakatsa, babayalela ukuba bayeke ukuthetha ngegama likaYesu, baza babandulula.”—IZenzo 5:40.
16 Xa kwakuthethwa ityala likaYesu, akuba uPontiyo Pilato engafumani tyala kuye, wazama ukumkhulula uYesu. Kodwa akazange aphumelele. (Yohane 18:38, 39; 19:4, 6, 12-16) Kwanamalungu amabini eSanhedrin, uNikodemo noYosefu waseArimathiya, ababethandwa nguYesu, abazange bakwazi ukuyithintela inkundla ekuthabatheni inyathelo nxamnye noYesu. (Luka 23:50-52; Yohane 7:45-52; 19:38-40) Uncedo olunikelwa ngabantu xa bethethelela abantu bakaYehova—enoba kungenxa yasiphi na isizathu—lolokwexeshana. Ihlabathi liya kuqhubeka libathiyile abalandeli bakaKristu bokwenyaniso, njengoko lalimthiyile naye. Uncedo olupheleleyo lunokuvela kuYehova kuphela.—IZenzo 2:24.
17. Yiyiphi imbono esengqiqweni anayo amaNgqina kaYehova, kodwa kutheni engatyhafi kwisigqibo sawo sokuqhubeka eshumayela iindaba ezilungileyo?
17 Ngokusengqiqweni, amaNgqina kaYehova alindele ukuba intshutshiso iqhubeke. Inkcaso iya kuphela yakuba inkqubo kaSathana itshatyalalisiwe. Ukanti, le ntshutshiso, nakuba ingekho mnandi, ayibangeli ukuba amaNgqina ayeke ukuphumeza uthumo lwawo lokushumayela ngoBukumkani. Kutheni efanele atshutshiswe, ekubeni exhaswa nguThixo? Akhangela kwiNkokeli yawo, uYesu Kristu, njengomzekelo ofanelekileyo.—IZenzo 5:17-21, 27-32.
18. Bubuphi ubunzima abasaza kujamelana nabo abantu bakaYehova, kodwa yintoni abeyiseke ukuba iya kuba ngumphumo woko?
18 Ukususela ekuqaleni kwalo, unqulo oluyinyaniso belujamelene nentshutshiso ekrakra. Kungekudala, luya kuhlaselwa ngamandla nguGogi, uSathana owathotywayo ukususela ekukhutshweni kwakhe ezulwini. Kodwa unqulo oluyinyaniso luya kuphumelela. (Hezekile 38:14-16) ‘Ookumkani bomhlaba omiweyo uphela,’ bephenjelelwa nguSathana, “baya kulwa neMvana, kodwa, ngenxa yokuba iyiNkosi yeenkosi noKumkani wookumkani, iMvana iya kuboyisa.” (ISityhilelo 16:14; 17:14) Ewe, uKumkani wethu uhambela phambili ukusa kuloyiso lwakhe lokugqibela yaye kungekudala uya ‘kukuphelelisa ukoyisa kwakhe.’ Elinjani lona ilungelo esinalo lokuqhubeka sihambisana naye, sisazi ukuba kungekudala akuyi kubakho bani ubaphikisayo abanquli bakaYehova xa besithi: “UThixo ungakuthi”!—Roma 8:31; Filipi 1:27, 28.
Ngaba Unokuchaza?
• Yintoni eye yenziwa nguYehova ukomeleza ibandla lamaKristu ukususela ekuzalweni koBukumkani?
• Yintoni eye yenziwa nguSathana ukuzama ukuthintela uKristu ekupheleliseni ukoyisa kwakhe, yaye ube yintoni umphumo?
• Yiyiphi imbono elungeleleneyo esifanele sibe nayo ngokuphathelele ukuthethelelwa ngabantu abangengawo amaNgqina?
• Yintoni eza kwenziwa nguSathana kungekudala, yaye uya kuba yintoni umphumo?
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Iindibano ziyimbonakaliso yokuba abantu bakaYehova bahambela phambili
[Imifanekiso ekwiphepha 20]
Ubundilele bamaNgqina ebudeni beMfazwe Yehlabathi II buzisa indumiso kuYehova nangoku