Incwadi Engathandwayo Yinkoliso Yabantu Abaselula
“NDINOKUQINISEKA njani ukuba ngokwenene iBhayibhile liLizwi likaThixo? Njengencwadi, andinamdla kuyo,” latsho ibhinqa eliselula uBeate.
Apho uBeate ahlala khona, eJamani, inkoliso yabantu abaselula ivakalelwa ngendlela efanayo; ngenxa yoko, ayikuboni kubalulekile ukufunda iBhayibhile. Kuhlolisiso lwakutshanje ebelisenziwa apho, kuqikelelwa ukuba isi-1 ekhulwini sabantu abaselula siyifunda izihlandlo ezininzi iBhayibhile, isi-2 ekhulwini siyifunda ngokufuthi, i-19 ekhulwini alifane liyifunde, yaye phantse abangama-80 ekhulwini abayifundi kwaphela. La manani asenokuba ayafana nakwamanye amazwe, mhlawumbi nalapho uhlala khona. Kucacile ukuba, iBhayibhile yincwadi engathandwayo yinkoliso yabantu abaselula.
Ngoko, akumangalisi ukuba bebaninzi abantu abaselula abangazi nto ngeBhayibhile! Ekuqaleni konyaka wama-2000, iphephandaba iLausitzer Rundschau lanikela ingxelo ngohlolisiso olwalubonisa inani labantu abaselula abayaziyo iMithetho Elishumi nabayisebenzisayo njengokhokelo ebomini babo. Ngokuphathelele abantu abaneminyaka engaphezu kwama-60 ubudala, abangama-67 ekhulwini babeyazi le mithetho yaye babekhokelwa yiyo; ababengaphantsi kwama-30 ubudala, babengama-28 ekhulwini kuphela ababekwimeko efanayo. Eneneni, abantu abaselula abaninzi abaqhelananga neLizwi likaThixo.
Abanye Banembono Eyahlukileyo
Kwelinye icala, ehlabathini lonke, kukho izigidi zabantu abaselula abaye bafumanisa ukuba iLizwi likaThixo lixabiseke kakhulu. Ngokomzekelo, uAlexander, uneminyaka eli-19 ubudala yaye ufunda iBhayibhile ntsasa nganye ngaphambi kokuba aye emsebenzini. Uthi: “Leyo yeyona ndlela intle endiluqalisa ngayo usuku.” USandra uyaqiniseka ukuba ufunda inxalenye yeBhayibhile rhoqo ngokuhlwa. Uthi: “Kuye kwaba yinto endiyenza imihla ngemihla.” Yaye uJulia, oneminyaka eli-13 ubudala, sele ezenzele umkhwa wokufunda ubuncinane isahluko esinye seBhayibhile ngaphambi kokuba alale. “Ndiyakuthanda ukuyifunda, yaye ndifuna ukuqhubeka ndiyifunda nangexesha elizayo.”
Yiyiphi imbono echanileyo neyobulumko? Ngaba kuyanceda ukufunda iBhayibhile? Ngaba ixabisekile yaye ibalulekile kubantu abaselula? Ucinga ntoni wena?