Uyazi Kakuhle Kangakanani IBhayibhile?
‘Ngaba uyayazi incwadi kaTomas? Ndiyazi ngqo, iseBhayibhileni. Kodwa yona incwadi kaYona ayikho. Wazalelwa phi uKristu? EYerusalem—okanye ngaba kanene kwakuseNazarete? Andiqinisekanga kakuhle enoba incwadi kaIsaya ikwicandelo lokuqala okanye lesibini leBhayibhile. Babebangaphi abapostile? Andibazi ngokwenene.’
“LE NKCAZELO ibingayi kuba yeyothusayo ukuba ezi nkcukacha beziqokelelwe kuphela phakathi kwabantu abangengomaKristu,” litsho njalo iphephancwadi iChristianity Today. “Okumangalisayo—nokuphazamisayo—yindlela ezingaziwa ngayo iZibhalo neyafunyaniswa phakathi kwamaKristu azelwe ngokutsha.”
Ngokomzekelo, ama-22 ekhulwini abo bathi bangamaKristu bahlolwayo ayecinga ukuba ngenene kwakukho incwadi kaTomas eBhayibhileni, ngoxa i-13 ekhulwini lalingaqinisekanga. Ngokuphathelele incwadi kaYona, ama-27 ekhulwini athi yayingekho eBhayibhileni, ibe i-12 lalingenalo nofifana. Isithandathu ekhulwini sasingenako nokuqashela ukuba wayezalelwe phi na uKristu, ngoxa i-16 ekhulwini lathi eYerusalem, saza isi-8 ekhulwini sathi kwakuseNazarete. I-13 ekhulwini lonke lalingenalo nofifana ngendawo enokufumaneka kuyo incwadi kaIsaya eBhayibhileni, ngoxa i-11 ekhulwini lathi ikwiZibhalo zamaKristu zesiGrike (“iTestamente Entsha”). Ibe ngoxa inkoliso yayisazi ukuba kwakukho abapostile abali-12, i-12 ekhulwini lanikela elinye inani, ukususela kwisi-2 ukuya kuma-20, yaye i-10 ekhulwini lalingenalo nofifana konke konke.
Umbuzo owabangela eyona ngxaki yayingowokuba enoba amazwi athi “UThixo unceda ozincedayo” ayekho na eBhayibhileni okanye ayengekho kusini na. Kuphela ngamaKristu angama-38 ekhulwini awahlolwayo awayesazi ukuba awafumaneki naphi na eBhayibhileni, ngoxa inani elikhulu ngakumbi, ama-42 ekhulwini, ayecinga ukuba asisicatshulwa seBhayibhile. Abanye babengazi.
“Kutheni abantu bengayazi kangaka nje iBhayibhile?” ibuza isitsho iChristianity Today. “Ngokunokwenzeka, kungenxa yokungafundwa kweBhayibhile. Isiqingatha sabo bonke abemi baseMerika asiyifundi iBhayibhile. Inkoliso yawo onke amaKristu azelwe ngokutsha ayifunda iBhayibhile kube kanye okanye kabini ngeveki, okanye angayifundi konke konke. Akumangalisi ke ngoko ukuba amaKristu amaninzi kangaka abe nolwazi oluncinane kangaka ngeZibhalo!”