Imigaqo Oyikhethayo
NGABA ungumntu okhokelwa ngumgaqo? Okanye imithetho uyigqala njengento eshiywe lixesha? Enyanisweni, wonke umntu ukhokelwa luhlobo oluthile lwemigaqo, akholelwa ukuba ibalulekile. Ngokutsho kweThe New Shorter Oxford English Dictionary, umgaqo unokuchazwa “njengomthetho womntu wesenzo esifanelekileyo.” Imigaqo iphembelela izigqibo esizenzayo yaye imisela indlela esiphila ngayo. Imigaqo inokusebenza njengekhampasi.
Ngokomzekelo, uYesu wabongoza abalandeli bakhe ukuba bagcine uMthetho Omkhulu, ofumaneka kuMateyu 7:12: “Zonke izinto, ngoko, enifuna abantu bazenze kuni, yenzani ngokunjalo nani kubo.” Abalandeli bakaConfucius bagcina umgaqo weli nowejen, oneempawu ezinjengobubele, ukuthobeka, intlonelo nokunyaniseka. Nabantu abangengomalungu onqulo banezinto eziza kuqala ebomini okanye izinto ezibakhokelayo kwihambo yabo.
Luhlobo Olunjani Lwemigaqo?
Noko ke, sifanele sikhumbule ukuba imigaqo inokufaneleka okanye ingafaneleki. Ngokomzekelo, inani elandayo labantu, ngaphezu kweminyaka elishumi edluleyo, beliphenjelelwa koko kuye kwachazwa njengesimo sengqondo sikandim kuqala. Nangona abaninzi benokungalazi elo binzana okanye benokuvakalelwa kukuba alisebenzi kubo, isimo sengqondo sikandim kuqala yihambo abaninzi abayilandelayo njengoko betyeshela imilinganiselo ephakamileyo yokuziphatha. Enoba oku kwaziwa ngelo binzana okanye akunjalo, isimo sengqondo sikandim kuqala luphawu lokuzicingela, ngokufuthi luhambisana nokuthanda izinto eziphathekayo ngokungekho ngqiqweni. Umphathi kumabonwakude waseTshayina wathi: “Sinemigaqo emibini nje kuphela. Owokuqala kukwanelisa oko kufunwa ngabantu. Omnye kukuqokelela imali.”
Isimo sengqondo sikandim kuqala sinjengemagnethi. Imagnethi iyichaphazela njani ikhampasi? Xa ezi zimi enye ecaleni kwenye, inaliti yekhampasi ijonga kwicala elingelilo. Ngendlela efanayo, isimo sengqondo sikandim kuqala sinokudida ikhampasi yokuziphatha yomntu, okanye indlela efanelekileyo yokuziphatha, ngokwenza iminqweno yomntu ize kuqala kuzo zonke ezinye izinto.
Ngaba kunokukumangalisa ukwazi ukuba isimo sengqondo sikandim kuqala asiyonto yezi mini? Saqala kumyezo wase-Eden xa abazali bethu bokuqala batyeshela umlinganiselo wokuziphatha owamiselwa nguMdali wethu. Oko kwaguqula ikhampasi yabo yokuziphatha. Njengenzala ka-Adam noEva, abantu banengxaki efanayo ebomini, kutshanje ebizwa ngokuba “sisimo sengqondo sikandim kuqala.”—Genesis 3:6-8, 12.
Ukusasazeka kweso simo sengqondo kubonakala ngokukodwa ebudeni boko isiprofeto seBhayibhile sikubiza ngokuthi ‘yimihla yokugqibela,’ ebonakaliswa ‘ngamaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.’ Abantu abaninzi “ngabazithandayo.” Akumangalisi ke ngoko ukuba sinyanzelelwa ukuba sixelise isimo sengqondo sokuba ndim kuqala.—2 Timoti 3:1-5.
Mhlawumbi uzifumanisa uvakalelwa ngendlela efanayo noselula ogama linguOlaf, owabhalela kwisebe lamaNgqina kaYehova eliseYurophu esithi: “Kunzima kakhulu ukuhlala uziphethe kakuhle, ingakumbi kuthi thina baselula. Ncedani nihlale nisikhumbuza ngemfuneko yokuhlala sibambelele kwimigaqo yeBhayibhile.”
UOlaf wabonisa ukuqonda. Imigaqo evela kuThixo inokusinceda—abaselula nabakhulileyo—sigcine imilinganiselo ephakamileyo yokuziphatha. Inokusenza sixhathise isimo sengqondo sikandim kuqala, enoba sibizwa ngolo hlobo okanye akunjalo. Ukuba ungathanda ukufunda okungakumbi ngendlela imigaqo yeBhayibhile enokukunceda ngayo, nceda uqwalasele inqaku elilandelayo.
[Imifanekiso ekwiphepha 4]
Abantu abaninzi namhlanje abazikhathaleli iintswelo zabanye