IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w02 2/15 iphe. 4-7
  • Unokungenelwa Yimigaqo KaThixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Unokungenelwa Yimigaqo KaThixo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • “Oyena Uphakamileyo Phezu Komhlaba Wonke”
  • “Ngokuthobeka Kwengqondo”
  • Yalathisa Amanyathelo Akho Ngemigaqo KaThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Isinceda Njani Imigaqo YeBhayibhile?
    Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!
  • Yikhumbule Imigaqo YobuKristu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • “Ikrele LikaYehova NelikaGidiyon!”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
w02 2/15 iphe. 4-7

Unokungenelwa Yimigaqo KaThixo

NGOKUQINISEKILEYO uyazi ukuba izilwanyana zilawulwa lithuku. Oomatshini abaninzi benzelwe ukuba balandele imiyalelo. Kodwa abantu badalelwa ukuba bakhokelwe yimigaqo. Unokuqiniseka njani koko? Kaloku, uYehova, uMsunguli wayo yonke imigaqo elungileyo, wathi xa wayedala abantu bokuqala: “Masenze umntu ngokomfanekiso wethu, ngokufana nathi.” UMdali ungumoya; akanamzimba wokwenyama njengathi, ngaloo ndlela ‘senziwe ngokomfanekiso’ wakhe ngengqiqo yokuba sinokubonakalisa ubuntu bakhe neempawu zakhe ezintle ngokomlinganiselo othile. Abantu banamandla okukhokela ubomi babo ngokwemigaqo, oko kukuthi, ngoko bakholelwa kukuba ngumthetho wesenzo esifanelekileyo. UYehova wenza ukuba uninzi lwale migaqo ibhalwe kwiLizwi lakhe.—Genesis 1:26; Yohane 4:24; 17:17.

Umntu usenokuthi: ‘Kodwa iBhayibhile inemigaqo emininzi. Andinakuyazi yonke.’ Kuyinyaniso oko. Kodwa cinga ngale nto: Nangona yonke imigaqo evela kuThixo iyingenelo, eminye ibalulekile kuneminye. Oko unokukubona kuMateyu 22:37-39, apho uYesu wabonisa ukuba phakathi kwemithetho nemigaqo elinganayo yoMthetho kaMoses, eminye yayibalulekile kuneminye.

Yiyiphi le migaqo ibalulekileyo kuneminye? Imigaqo eyintloko yeBhayibhile yileyo iluchaphazela ngokuthe ngqo ulwalamano lwethu noYehova. Ukuba sithobela le migaqo, uMdali uba ngowokuqala ukuphembelela ikhampasi yethu yokuziphatha. Ukongezelela, kukho imigaqo echaphazela ulwalamano lwethu nabanye abantu. Ukusebenzisa le migaqo kuya kusinceda sixhathise isimo sengqondo sikandim kuqala, enoba sivela njani na.

Makhe siqale ngenye yezona nyaniso zibalulekileyo eziseBhayibhileni. Yiyiphi loo nyaniso, yaye isichaphazela njani?

“Oyena Uphakamileyo Phezu Komhlaba Wonke”

IZibhalo Ezingcwele zenza kucace ukuba uYehova nguMdali wethu Ozukileyo, uThixo uSomandla. Akanakulinganiswa nanto okanye athatyathelwe indawo ngomnye umntu. Le yinyaniso eyintloko ebhalwe eBhayibhileni.—Genesis 17:1; INtshumayeli 12:1.

Omye wababhali bencwadi yeNdumiso wathi ngoYehova: “Nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.” UKumkani uDavide wamandulo wabhala: “Bobakho ubukumkani, Yehova, Wena uphakamileyo njengentloko yezinto zonke.” Yaye umprofeti odumileyo uYeremiya washukunyiselwa ukuba abhale: “Akukho namnye unjengawe, Yehova. Umkhulu, negama lakho likhulu ngamandla.”—INdumiso 83:18; 1 Kronike 29:11; Yeremiya 10:6.

Sinokuzisebenzisa njani ezo nyaniso zingoThixo kubomi bethu bemihla ngemihla?

Kucacile ukuba ngubani ofanele abalasele ebomini bethu—uMdali wethu uMniki-Bomi. Ngoko ke, ngaba bekungayi kufaneleka ukuxhathisa utyekelo lokutsalela ingqalelo kuthi—utyekelo olunokuba namandla kwabathile kunakwabanye? Umgaqo obubulumko nokhokelayo ‘kukwenzela zonke izinto uzuko lukaThixo.’ (1 Korinte 10:31) Umprofeti uDaniyeli wamisela umzekelo omhle kule nkalo.

Ingxelo yembali isixelela ukuba uKumkani waseBhabhiloni uNebhukadenetsare wakhe waphazamiseka liphupha elithile waza wafuna ukwazi intsingiselo yalo. Ngoxa wonke ubani wayedidekile, ngokuchanileyo uDaniyeli waxelela ukumkani oko wayefuna ukukwazi. Ngaba uDaniyeli wazizukisa ngoku? Nakanye, wazukisa “uThixo emazulwini onguMtyhili weemfihlelo.” UDaniyeli wahlabela mgama esithi: “Le mfihlelo andiyityhilelwanga kuba ndilumkile kunabo bonke abanye abaphilayo.” UDaniyeli wayengumntu olandela umgaqo. Akumangalisi ke ngoko ukuba kwincwadi kaDaniyeli echazwa izihlandlo ezithathu ‘njengonqweneleka kakhulu’ emehlweni kaThixo.—Daniyeli 2:28, 30; 9:23; 10:11, 19.

Uya kungenelwa xa uxelisa uDaniyeli. Into ebalulekileyo ekulandeleni umzekelo kaDaniyeli yintshukumisa. Ngubani ofanele uzuko ngoko ukwenzayo? Kungakhathaliseki imeko okuyo, unamandla okwenza ngokuvisisana nalo mgaqo weBhayibhile ubalulekileyo—uYehova uyiNkosi enguMongami. Ukwenjenjalo kuya kwenza ‘unqweneleke kakhulu’ emehlweni akhe.

Ngoku makhe siqwalasele imigaqo emibini engundoqo enokusikhokela kulwalamano lwethu nabantu. Phezu kwako nje ukuxhaphaka kokugxininisa kumntu siqu, ulwalamano nabantu lulucelomngeni nangakumbi.

“Ngokuthobeka Kwengqondo”

Abo bakhathalele iziqu zabo abafane baneliseke. Inkoliso yabantu ifuna ubomi obubhetele, yaye ibufuna ngoku. Kuyo, ukuthozama bubuthathaka. Icinga ukuba umonde ufanele ubonakaliswe ngabanye kuphela. Xa kufikelelwa kumba wokubalasela, banokwenza nantoni na ukuze ibe ngabo. Ngaba ucinga ukuba unokwenza ngokwahlukileyo kubo?

Abakhonzi bakaThixo bajamelana neso simo sengqondo imihla ngemihla, kodwa asifanele sibosulele. AmaKristu aqolileyo amkela umgaqo wokuba “okholekileyo asinguye lowo uzincomelayo, kodwa ngulowo uYehova amncomelayo.”—2 Korinte 10:18.

Ukusebenzisa umgaqo okwabaseFilipi 2:3, 4 kuya kunceda. Loo mbhalo ukukhuthaza ukuba ungenzi ‘nanye into ngokusukuzana okanye ngokuzigwagwisa, kodwa ngokuthobeka kwengqondo, ugqale abanye njengabongamileyo kuwe.’ Ngaloo ndlela uya kube ‘unyamekela, kungekuphela nje izilangazelelo zobuqu, kodwa kwanezilangazelelo zabanye.’

Umntu owayenesimo sengqondo esifanelekileyo ngesiqu sakhe nowayezithobile, yayinguGidiyon, umgwebi phakathi kwamaHebhere amandulo. Akazange afune ukuba yinkokeli yakwaSirayeli. Noko ke, xa wakhethwa ukuba afeze eso sabelo, uGidiyon wathetha ngokungafaneleki kwakhe. Wathi: “Iwaka lam lelona lincinane kwaManase, yaye nam ndingoyena mncinane endlwini kabawo.”—ABagwebi 6:12-16.

Ngaphezu koko, emva kokuba uYehova wamenza woyisa uGidiyon, amadoda akwaEfrayim aqhwaya ingxabano naye. Wasabela njani uGidiyon? Ngaba uloyiso lwakhe lwamenza wabaluleka ngakumbi? Nakanye. Wathintela intlekele ngokuphendula ngendlela ezolileyo. “Yintoni na endiye ndakwazi ukuyenza xa kuthelekiswa nani?” UGidiyon wayenokuthobeka kwengqondo.—ABagwebi 8:1-3.

Kuyinyaniso ukuba, iziganeko ezibandakanya uGidiyon zenzeka kudala kakhulu. Sekunjalo, kubalulekile ukuqwalasela le ngxelo. Unokubona ukuba uGidiyon wayenesimo sengqondo esahlukileyo koko kuqhelekileyo namhlanje, yaye wayephila ngaso, yaye kwamnceda oko.

Isimo sengqondo esixhaphakileyo sokunikela ingqalelo kwisiqu sakho sinokuyigqwetha imbono yokuzihlonela. Imigaqo yeBhayibhile iyakulungisa oko kugqwetheka, isifundisa indlela esibaluleke ngayo kuMdali nakwabanye.

Ngokuthobela imigaqo yeBhayibhile, siyasoyisa isimo sengqondo sikandim kuqala. Asisalawulwa ziimvakalelo okanye bubuntu. Okukhona sifunda ngemigaqo elungileyo, okukhona simazi kakuhle uMsunguli wethu. Ewe, ukuphawula ngokukhethekileyo imigaqo evela kuThixo xa sifunda iBhayibhile kuwufanele umgudu.—Bona ibhokisi.

UYehova wenze abantu bangaphezu kwezilwanyana, ezikhokelwa ngokuyintloko lithuku. Ukulandela ukuthanda kukaThixo kuquka ukusebenzisa imigaqo yakhe. Ngaloo ndlela sinokugcina ikhampasi yethu yokuziphatha isebenza kakuhle, ikhampasi eya kusikhokelela kwinkqubo entsha kaThixo. IBhayibhile isinika isizathu sokulindela kungekudala inkqubo entsha emhlabeni apho “kumi ubulungisa.”—2 Petros 3:13.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 6]

Imigaqo YeBhayibhile Eluncedo

Entsatsheni:

“Ngamnye makafune, kungekhona ingenelo yakhe, kodwa eyomnye umntu.”—1 Korinte 10:24.

“Uthando . . . alufuni ezalo izilangazelelo.”—1 Korinte 13:4, 5.

“Ngamnye wenu makamthande umfazi wakhe njengoko ezithanda.”—Efese 5:33.

“Nina bafazi, wathobeleni amadoda enu.”—Kolose 3:18.

“Mphulaphule uyihlo okuzeleyo, yaye ungamdeleli unyoko ngenxa nje yokuba emdala.”—IMizekeliso 23:22.

Esikolweni, emsebenzini, okanye kwezoshishino:

“Izikali eziqhathayo ziyinto ecekisekayo . . . Ongendawo wenza umvuzo wobuxoki.”—IMizekeliso 11:1, 18.

“Lowo ubayo makangabi seba, kunoko makasebenze nzima.”—Efese 4:28.

“Ukuba umntu akafuni kusebenza, makanganikwa kutya.”—2 Tesalonika 3:10.

“Nayiphi na into eniyenzayo, yenzeni ngomphefumlo uphela ngokungathi niyenzela uYehova, kungekhona abantu.”—Kolose 3:23.

“Sinqwenela ukuziphatha ngokunyaniseka kwizinto zonke.”—Hebhere 13:18.

Isimo sengqondo ngokuphathelele ubutyebi:

“Ongxamela ukuzuza ubutyebi akayi kuhlala emsulwa.”—IMizekeliso 28:20.

“Umthandi nje wesilivere akayi kwaneliswa yisilivere.”—INtshumayeli 5:10.

Ukuhlola ixabiso likabani:

“Nabantu xa befuna uzuko lwabo, ngaba luzuko?”—IMizekeliso 25:27.

“Mawudunyiswe ngowasemzini, ingabi ngowakho umlomo.”—IMizekeliso 27:2.

“Ndixelela wonk’ ubani apho phakathi kwenu ukuba angazicingeli ngaphezu koko amelwe kukuzicingela ngako.”—Roma 12:3.

“Ukuba ubani ucinga ukuba unguthile xa engeyonto, ukhohlisa ingqondo yakhe.”—Galati 6:3.

[Umfanekiso okwiphepha 5]

UDaniyeli wazukisa uThixo

[Umfanekiso okwiphepha 7]

Ukuqhubana nabanye ngemigaqo kaThixo kunegalelo kulwalamano oluhle nolonwabo

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 7]

U.S. Fish & Wildlife Service, Washington, D.C./Robert Bridges

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share