Ukuxhotyiswa Ngokupheleleyo Njengabafundisi BeLizwi LikaThixo
“UThixo . . . wasenza sakufanelekela ngokwaneleyo ukuba ngabalungiseleli.”—2 KORINTE 3:5, 6.
1, 2. Yiyiphi imigudu yokushumayela eyenziwayo maxa wambi, kodwa kutheni isoloko isilela?
UBUNOKUVAKALELWA njani xa ubunokunikwa umsebenzi ongawufanelekelanga? Khawube nomfanekiso-ngqondweni woku: Izinto oza kuzisebenzisa kunye nezixhobo eziyimfuneko zibekwe phambi kwakho. Kodwa akunalo nofifi lokuba uza kuqala ngaphi xa usenza lo msebenzi. Okubi nangakumbi kukuba lo msebenzi kufuneka wenziwe ngokungxamisekileyo. Abantu bathembele kuwe. Hayi indlela ebekuya kuba yingxaki ngayo oku!
2 Loo ngxaki asinto nje ithelekelelwayo ngokupheleleyo. Khawucinge ngalo mzekelo. Maxa wambi, enye yeecawa zeNgqobhoko iye izame ukulungiselela ukuba kwenziwe ubulungiseleli bendlu ngendlu. Ngokufuthi imigudu enjalo iye yasilela, kungaphelanga neeveki okanye iinyanga nje ezimbalwa. Ngoba? INgqobhoko ayikhange iwancede amarhamente ayo ukuba awufanelekele lo msebenzi. Kwanabefundisi abawufanelekelanga umsebenzi wokushumayela, nangona beye bafunda iminyaka emininzi kwizikolo neendawo zokuqeqesha abefundisi. Kutheni sisitsho nje?
3. Kweyesi-2 kwabaseKorinte 3:5, 6, liliphi ibinzana elisetyenziswe izihlandlo ezithathu, yaye lithetha ntoni?
3 ILizwi likaThixo lichaza oko kwenza umshumayeli weendaba ezilungileyo zamaKristu afaneleke. Umpostile uPawulos waphefumlelwa ukuba abhale la mazwi: “Asikuko ukuba thina ngokwethu sikufanelekele ngokwaneleyo ukucinga ukuba nantoni na iphuma kuthi, kodwa ukufaneleka ngokwaneleyo kwethu kuphuma kuThixo, oye eneneni wasenza sakufanelekela ngokwaneleyo ukuba ngabalungiseleli.” (2 Korinte 3:5, 6) Phawula ibinzana elisetyenziswe izihlandlo ezithathu apha—‘ukufaneleka ngokwaneleyo.’ Lithetha ukuthini? IVine’s Expository Dictionary of Biblical Words ithi: “Xa libhekisela kwizinto [igama lantlandlolo lesiGrike] lithetha ‘elingeneyo’ . . . ; xa libhekisela ebantwini, lithetha ‘ubuchule,’ ‘ukufaneleka.’” Ngaloo ndlela, umntu ‘ofaneleke ngokwaneleyo’ unobuchule yaye ukufanelekele ukwenza umsebenzi awunikiweyo. Ewe, abalungiseleli bokwenyaniso beendaba ezilungileyo bakufanelekele ukwenza lo msebenzi. Banobuchule, bakulungele okanye bakufanelekele ukushumayela.
4. (a) Umzekelo kaPawulos ubonisa njani ukuba ukufanelekela ubulungiseleli bamaKristu akupheleliselwanga kubantu nje abambalwa abakhethekileyo? (b) Ziziphi iindlela ezintathu asenza sifaneleke ngazo uYehova njengabalungiseleli?
4 Noko ke, kufumaneka njani oko kufaneleka? Ngaba kufumaneka kubuchule umntu anabo? Kubukrelekrele bengqondo? Kwimfundo ekhethekileyo efumaneka kwizikolo ezidumileyo? Licacile elokuba, umpostile uPawulos wayenazo zonke ezo zinto. (IZenzo 22:3; Filipi 3:4, 5) Ukanti, ngokuzithoba wavuma ukuba ukufaneleka kwakhe njengomlungiseleli wakufumana, kungekhona kwizikolo zemfundo ephakamileyo, kodwa kuYehova uThixo. Ngaba ezo mfaneleko zifunyanwa ngabantu nje abambalwa abakhethekileyo kuphela? UPawulos wabhalela ibandla laseKorinte ethetha ‘ngokufaneleka ngokwaneleyo kwethu.’ Ngokuqinisekileyo, oko kubonisa ukuba uYehova uyaqinisekisa ukuba bonke abakhonzi bakhe abathembekileyo bayafaneleka, bayakwazi ukwenza umsebenzi abanike wona ukuba bawenze. UYehova uwenza njani afaneleke amaKristu namhlanje? Masixubushe ngeendlela ezintathu azisebenzisayo: (1) iLizwi lakhe, (2) umoya wakhe oyingcwele, (3) nentlangano yakhe yasemhlabeni.
ILizwi LikaYehova Lisenza Sifaneleke
5, 6. Zinayiphi impembelelo iZibhalo Ezingcwele kumaKristu okwenyaniso?
5 Okokuqala, iLizwi likaThixo lisinceda njani sifaneleke njengabalungiseleli? UPawulos wabhala: “Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungelelaniseni izinto, ekuqeqesheleni ebulungiseni, ukuze umntu kaThixo awufanelekele aze awuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.” (2 Timoti 3:16, 17) Ngoko iZibhalo Ezingcwele ziya kusenza ‘sifaneleke size sikuxhobele ngokupheleleyo’ ukwenza “umsebenzi olungileyo” wokufundisa abantu ngeLizwi likaThixo. Noko ke, kuthekani ngamarhamente eecawa zeNgqobhoko? Analo ilungelo lokusebenzisa iBhayibhile. Kunokwenzeka njani ukuba incwadi enye incede abanye abantu ukuba babe ngabalungiseleli abafanelekileyo ize ingabancedi abanye? Kuxhomekeke kwindlela esiyigqala ngayo iBhayibhile.
6 Okulusizi kukuba, abantu abaninzi abahamba icawa abasamkeli isigidimi seBhayibhile “kanye njengokuba kunjalo enyanisweni, njengelizwi likaThixo.” (1 Tesalonika 2:13) INgqobhoko iye yazakhela olo dumo lubi ngokuphathelele le nkalo. Emva kokuba abefundisi bechithe iminyaka befunda kumaziko oqeqesho, ngaba bayafaneleka njengabafundisi beLizwi likaThixo? Akunjalo. Kaloku, abanye abafundi bayakholelwa eBhayibhileni xa beqalisa ukuqeqeshwa njengabefundisi kodwa bagqiba apho sele benamathandabuzo! Emva koko, kunokuba bashumayele ngeLizwi likaThixo—elo abaninzi bangasalikholelwayo—basekela ubulungiseleli babo kwezinye izinto, baxhasa iqela elithile kwiingxoxo zezobupolitika, bashumayela ngemibandela yokuphucula iimeko zasekuhlaleni, okanye babalaselise iingcamango zabantu kwiintshumayelo zabo. (2 Timoti 4:3) Ngokwahlukileyo koko, amaKristu okwenyaniso alandela umzekelo kaYesu Kristu.
7, 8. Sasahluke njani isimo sengqondo sikaYesu kweso seenkokeli zonqulo zomhla wakhe ngokuphathelele iLizwi likaThixo?
7 UYesu akazange avumele iinkokeli zonqulo zomhla wakhe ukuba ziphembelele indlela awayecinga ngayo. Xa efundisa iqela elincinane, njengabapostile bakhe, okanye izihlwele zabantu abaninzi, uYesu wayeyisebenzisa kakhulu imibhalo engcwele. (Mateyu 13:10-17; 15:1-11) Yaye oko kwakumenza ahluke kwiinkokeli zonqulo zomhla wakhe. Zona zazibathintela kabukhali abantu abaqhelekileyo ukuba bondele kwizinto ezinzulu zikaThixo. Eneneni, ngezo mini kwakuyinto eqhelekileyo ngomfundisi ukukholelwa ukuba ezinye izicatshulwa zeBhayibhile zintsonkothe gqitha yaye akanakuzixubusha naye nabani na ngaphandle koyena mfundi amthandayo—yaye nalapho, zithethelwe phantsi yaye efake isigqubuthelo entloko. Ezo nkokeli zonqulo zazineenkolelo ezithile ngokuphathelele ukuxubusha iinxalenye ezithile zeBhayibhile njengoko zazinjalo ngokuphathelele ukubiza igama likaThixo!
8 UKristu wayengenjalo. Wayekholelwa ukuba asingobantu abambalwa abakhethekileyo kuphela ekufuneka bahlolisise ‘onke amazwi aphuma emlonyeni kaYehova’ kodwa bonke abantu bamele bawahlolisise. UYesu wayengenamdla wokudlulisela ulwazi kwiqela elikhethekileyo labafundi. Wathi kubafundi bakhe: “Oko ndinixelela kona ebumnyameni, kuthetheni ekukhanyeni; oko nikuva kusetyezwa, kushumayeleni phezu kwezindlu.” (Mateyu 4:4; 10:27) UYesu wayelangazelela ukudlulisela ulwazi ngoThixo kubantu abaninzi kangangoko kwakunokwenzeka.
9. AmaKristu okwenyaniso ayisebenzisa njani iBhayibhile?
9 ILizwi likaThixo lifanele libe lelona sigxininisa kulo xa sifundisa. Ngokomzekelo, xa sinikela intetho kwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova, ngokuqhelekileyo, ukufunda nje iindinyana ezicatshulwe eBhayibhileni akwanele. Kusenokufuneka sichaze, sizekelise size sichaze indlela esidibana ngayo eso sibhalo nomongo wentetho. Injongo yethu kukusenza siphile isigidimi seBhayibhile ukuze sifikelele iintliziyo zabaphulaphuli. (Nehemiya 8:8, 12) Xa kuyimfuneko iBhayibhile ifanele isetyenziswe xa kunikelwa isiluleko okanye isohlwayo. Nangona abantu bakaYehova bethetha iilwimi ezahlukahlukeneyo yaye beneemvelaphi ezahlukahlukeneyo, bonke bayayihlonela le Ncwadi ibalaseleyo—iBhayibhile.
10. Sinokuba nayiphi impembelelo kuthi isigidimi esiphefumlelweyo seBhayibhile?
10 Xa sisetyenziswa ngentlonelo enjalo, isigidimi seBhayibhile siba namandla. (Hebhere 4:12) Sishukumisela abantu ukuba benze iinguqulelo ebomini babo, njengokuyeka imikhwa engavumelaniyo neZibhalo, uhenyuzo, ukukrexeza, unqulo-zithixo, ubunxila nobusela. Siye sanceda abantu abaninzi kakhulu ukuba balahle ubuntu obudala baze bambathe obutsha. (Efese 4:20-24) Ewe, ukuba siyihlonela ngaphezu kwazo naziphi na iingcamango okanye izithethe zabantu size siyisebenzise ngokuthembeka, iBhayibhile inokusinceda sibe ngabafundisi beLizwi likaThixo abanobuchule nabaxhobe ngokupheleleyo.
Umoya KaYehova Usenza Sifaneleke
11. Kutheni kufanelekile ukuthi umoya oyingcwele kaYehova ‘ngumncedi’?
11 Okwesibini, makhe sixubushe indima onayo umoya oyingcwele kaYehova, okanye amandla akhe asebenzayo, ekusenzeni sixhobe ngokupheleleyo. Asimele silibale ukuba umoya kaYehova ngawona mandla abalaseleyo. UYehova uye wanika uNyana wakhe amthandayo igunya lokusebenzisa loo mandla amangalisayo ngokunxulumene nawo onke amaKristu okwenyaniso. Ngokufanelekileyo, uYesu wabiza umoya oyingcwele ngokuthi ‘ngumncedi.’ (Yohane 16:7) Wabongoza abalandeli bakhe ukuba bacele uYehova ukuba abaphe loo moya, ebaqinisekisa ukuba uYehova uya kubapha wona ngokuyintabalala.—Luka 11:10-13; Yakobi 1:17.
12, 13. (a) Kutheni kubalulekile ukuba sithandazele umoya oyingcwele ukuba usincede kubulungiseleli bethu? (b) AbaFarisi babonisa njani ukuba umoya oyingcwele wawungasebenzi kubo?
12 Kufuneka siwuthandazele umoya oyingcwele yonke imihla ukuze, ngokukhethekileyo usincede kubulungiseleli bethu. Anokuba nawuphi umphumo kuthi loo mandla asebenzayo? Anokuphembelela ingqondo nentliziyo yethu, asincede ukuba siguquke, sikhule, silahle ubuntu obudala size sambathe obutsha. (Kolose 3:9, 10) Anokusinceda sivelise iimpawu ezixabisekileyo ezifana nezikaKristu. Uninzi lwethu luwazi ngentloko amaGalati 5:22, 23. Ezo ndinyana zinoluhlu lweziqhamo zomoya kaThixo. Esokuqala luthando. Olo phawu lubalulekile kubulungiseleli bethu. Ngoba?
13 Uthando lunempembelelo enamandla. Ukuthanda uYehova nabanye abantu kushukumisela amaKristu okwenyaniso ukuba abelane nabanye ngeendaba ezilungileyo. (Marko 12:28-31) Xa singenalo uthando olunjalo, asinakukufanelekela kakuhle ukuba ngabafundisi beLizwi likaThixo. Phawula umahluko owawukho phakathi koYesu nabaFarisi. UMateyu 9:36 uthi ngoYesu: “Akubona izihlwele wazisizela, ngenxa yokuba zazihlinzekile, zilahliwe njengezimvu ezingenamalusi.” Babevakalelwa njani abaFarisi ngokuphathelele abantu abaqhelekileyo? Bathi: “Esi sihlwele singawaziyo uMthetho singabantu abaqalekisiweyo.” (Yohane 7:49) Abo baFarisi babengabathandi abantu kodwa babebadelela gqitha. Ngokucacileyo, umoya kaYehova wawungasebenzi kubo.
14. Ufanele usishukumise njani umzekelo kaYesu wokubonakalisa uthando kubulungiseleli bakhe?
14 UYesu wayenosizi ngabantu. Wayeyiqonda intlungu ababekuyo. Wayesazi ukuba babexhatshazwa, behlinzekile belahliwe njengezimvu ezingenamalusi. UYohane 2:25 uthi uYesu “wayekwazi oko kwakusemntwini.” Ekubeni wayenguMsebénzi Onobuchule kaYehova xa kwakudalwa, uYesu wayeyiqonda ngokuzeleyo indlela adalwe ngayo umntu. (IMizekeliso 8:30, 31) Oko kuqonda wayenako kwalwenza nzulu uthando lwakhe. Ngamana singasoloko siqhutywa luthando olunjalo kumsebenzi wethu wokushumayela! Ukuba sivakalelwa kukuba sinokuphucula kule nkalo, masithandazele umoya oyingcwele kaYehova size senze ngokuvisisana nemithandazo yethu. UYehova uya kusiphendula. Uya kuthumela la mandla angummangaliso ukuba asincede sifane ngakumbi noKristu, owayekufanelekele gqitha ukushumayela iindaba ezilungileyo.
15. Amazwi afumaneka kwincwadi kaIsaya 61:1-3 ayebhekisela njani kuYesu yaye kwangaxeshanye ayebabhenca njani ababhali nabaFarisi?
15 Ngubani owenza uYesu ukuba afaneleke? Wathi: “Umoya kaYehova uphezu kwam.” (Luka 4:17-21) Ewe, uYehova wamisela uYesu ngomoya oyingcwele. Kwakungeyomfuneko ukuba uYesu afumane ezinye iimfaneleko. Ngaba iinkokeli zonqulo zomhla wakhe zazimiselwe ngomoya oyingcwele? Akunjalo. Yaye zazingaxhotyiselwanga ukuzalisekisa incwadi kaIsaya 61:1-3, leyo uYesu wayifunda ngokuvakalayo waza wabonisa ukuba ibhekisela kuye. Nceda ufunde ezo ndinyana ukuze uzibonele ngokwakho ukuba ababhali nabaFarisi ababengabahanahanisi babengayifikeleli nakancinane loo milinganiselo. Babengenazo iindaba ezilungileyo ababenokuzivakalisa kumahlwempu. Yaye babenokusishumayela njani isigidimi sokukhululwa kwabathinjwa nokuvulwa kwamehlo eemfama? Ngokwengqiqo yokomoya, nabo babeziimfama yaye babengamakhoboka ezithethe zabantu! Ngokungafaniyo naloo madoda, ngaba thina sikufanelekele ukufundisa abantu?
16. Yiyiphi intembelo abanokuba nayo abantu bakaYehova namhlanje ngokuphathelele ukufaneleka kwabo njengabalungiseleli?
16 Liyinyaniso elokuba, asikhange sifunde kwizikolo zeNgqobhoko zemfundo ephakamileyo. Asimiselwanga kwizikolo zokuqeqesha abefundisi ukuze sibe ngabafundisi. Ngenxa yoko, ngaba asifaneleki? Akunjalo konke konke! NguYehova osimisele njengamaNgqina akhe. (Isaya 43:10-12) Ukuba sithandazela umoya wakhe size senze ngokuvisisana naloo mthandazo wethu, sifaneleke ngeyona ndlela. Kakade ke, asifezekanga yaye asikwazi ukuwuxelisa ngokupheleleyo umzekelo owamiselwa nguMfundisi Omkhulu, uYesu. Sekunjalo, ngaba asinambulelo kuba uYehova esebenzisa umoya wakhe ukuze asenze sifaneleke aze asixhobise njengabafundisi beLizwi lakhe?
Intlangano KaYehova Isenza Sifaneleke
17-19. Iintlanganiso ezintlanu zeveki ezilungiselelwe yintlangano kaYehova zisinceda njani sifaneleke njengabalungiseleli?
17 Ngoku makhe sixubushe indlela yesithathu asixhobisa ngayo uYehova njengabafundisi beLizwi lakhe—ibandla okanye intlangano yakhe yasemhlabeni, esiqeqeshayo ukuba sibe ngabalungiseleli. Njani? Khawucinge ngoqeqesho esilufumanayo! Ngeveki, siya kwiintlanganiso zamaKristu ezintlanu. (Hebhere 10:24, 25) Sihlanganisana njengamaqela amancinane kwiSifundo Sencwadi Sebandla ukuze sinandiphe ufundisiso olunzulu lweBhayibhile ngencwadi elungiselelwe yintlangano kaYehova. Ngokuphulaphula nokunikela amagqabaza, siyafunda kwabanye yaye siyakhuthazana. Njengabantu ngabanye, sikwafumana noqeqesho nengqalelo yomveleli wesifundo sencwadi. KwiNtlanganiso Yesidlangalala nakwiSifundo seMboniselo, sifumana okunye ukutya okutyebileyo kokomoya.
18 ISikolo Sobulungiseleli Sobuthixo silungiselelwe ukusiqeqesha kwindlela yokufundisa. Xa silungiselela iintetho njengabafundi, sifunda indlela yokusebenzisa iLizwi likaThixo ekufundiseni abantu ngemibandela eyahlukahlukeneyo. (1 Petros 3:15) Ngaba wakha wabelwa intetho ephathelele umbandela obonakala uqhelekile, waza wafumanisa nto ithile intsha kuwo? Yinto eqhelekileyo leyo. Ayikho into ekhulisa ulwazi lwethu ngombandela othile ngaphezu kokufundisa abanye ngawo. Kwanokuba awabelwanga thina umbandela othile, sisenokufunda ukuba ngabafundisi abanobuchule ngakumbi. Kumfundi ngamnye, sibona iimpawu ezintle, yaye sinokucinga indlela esinokuzixelisa ngayo ezo mpawu.
19 NeNtlanganiso Yenkonzo ilungiselelwe ukusixhobisa njengabafundisi beLizwi likaThixo. Veki nganye, sinandipha iintetho, iingxubusho nemiboniso ebangel’ umdla elungiselelwe ubulungiseleli bethu. Yiyiphi intshumayelo esiya kuyisebenzisa? Sinokuhlangabezana njani nocelomngeni oluthile kubulungiseleli bethu basesidlangalaleni? Ziziphi iindlela zokushumayela ezivulekileyo kuthi esinokufuna ukuzizama? Yintoni eya kusinceda sibe ngabafundisi abanobuchule ngakumbi xa sisenza amabuyelo naxa siqhuba izifundo zeBhayibhile? (1 Korinte 9:19-22) Imibuzo enjalo ixutyushwa ngokweenkcukacha kwiNtlanganiso Yenkonzo. Inkoliso yeenxalenye zale ntlanganiso isekelwe kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani, esinye isixhobo esilungiselelwe ukusixhobisela umsebenzi wethu obalulekileyo.
20. Sinokungenelwa njani ngokuzeleyo kwiintlanganiso nakwiindibano?
20 Ngokulungiselela nokuya kwiintlanganiso zethu size sisebenzise oko sikufundileyo kumsebenzi wethu njengabafundisi, sifumana uqeqesho olucokisekileyo. Kodwa kukho uqeqesho olungakumbi. Sineentlanganiso ezinkulu—iindibano ezincinane nezinkulu—ezilungiselelwe ukusixhobisa njengabafundisi beLizwi likaThixo. Hayi indlela esiye sikhangele phambili ngayo ekuphulaphuleni ngenyameko nasekusebenziseni eso siluleko!—Luka 8:18.
21. Bubuphi ubungqina obubonisa ukuba uqeqesho lwethu luye lwayimpumelelo, yaye luya kubani uzuko ngenxa yoko?
21 Ngaba uqeqesho esilulungiselelwe nguYehova luye lwaluncedo? Makhe sihlolisise izibakala. Nyaka ngamnye, abantu abangamakhulu amawaka bayancedwa ukuba bafunde iimfundiso ezisisiseko zeBhayibhile baze baphile ngokuvisisana noko kufunwa nguThixo kubo. Inani lethu liyanda, kodwa akukho namnye kuthi ofumana uzuko ngenxa yoko. Simele sijonge izinto ngendlela esengqiqweni, njengokuba uYesu wenzayo. Wathi: “Akukho mntu unako ukuza kum ngaphandle kokuba uBawo, owandithumayo, amtsale.” Njengabapostile bamandulo, uninzi lwethu singabantu abangenamfundo nabaqhelekileyo. (Yohane 6:44; IZenzo 4:13) Impumelelo yethu ixhomekeke kuYehova, otsala abantu abantliziyo zinyanisekileyo ukuba beze enyanisweni. UPawulos ukubeka kakuhle oku xa esithi: “Mna ndatyala, uApolo wankcenkcesha, kodwa uThixo wakhulisa.”—1 Korinte 3:6.
22. Kutheni singafanele sidimazeke ngokugqithiseleyo ngokuphathelele ukuba nenxaxheba ngokuzeleyo kubulungiseleli bobuKristu?
22 Ewe, uYehova uThixo ubandakanyekile kumsebenzi wethu njengabafundisi beLizwi lakhe. Asinakusoloko siziva sifanelekile njengabafundisi. Kodwa khumbula ukuba, nguYehova otsalela abantu kuye noNyana wakhe. NguYehova osenza sifanelekele ukukhonza abo basebatsha, ngeLizwi lakhe, umoya wakhe oyingcwele nentlangano yakhe yasemhlabeni. Masilwamkele uqeqesho lukaYehova ngokusebenzisa izinto ezintle asilungiselela zona ukuze asenze sifaneleke ngokupheleleyo njengabafundisi beLizwi likaThixo!
Ubuya Kuphendula Uthini?
• IBhayibhile isixhobisa njani kumsebenzi wokushumayela?
• Yiyiphi indima onayo umoya oyingcwele ekusenzeni sifaneleke njengabalungiseleli?
• Ziziphi iindlela ekuncede ngazo intlangano kaYehova yasemhlabeni ukuze ufaneleke njengomshumayeli weendaba ezilungileyo?
• Kutheni sinokuba nentembelo xa sikubulungiseleli?
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Njengomfundisi weLizwi likaThixo, uYesu wabonakalisa ukuba uyabathanda abantu