Ngaba Ndiyakufanelekela Ukushumayela?
1. Kutheni singafanele sivakalelwe kukuba asikufanelekeli ukushumayela?
1 Ukuba wakha wazithandabuza, ungakhathazeki! Asiyomfundo ephakamileyo okanye ubugcisa obugqwesileyo obusenza sikufanelekele ukuba ngabalungiseleli. Abanye babafundi bamandulo babesaziwa ‘njengabangenamfundo nabaqhelekileyo.’ Sekunjalo, babengabashumayeli beendaba ezilungileyo abaphumelelayo kuba babezimisele ukulandela umzekelo kaYesu.—IZe. 4:13; 1 Pet. 2:21.
2. Ziziphi ezinye zeendlela uYesu awayefundisa ngazo?
2 Indlela UYesu Awafundisa Ngayo: Indlela awayefundisa ngayo yayilula, isengqiqweni, kwaye iqondakala lula. Imibuzo, imizekeliso, neentshayelelo zakhe ezilula zaziyitsala ingqalelo yabaphulaphuli. (Mat. 6:26) Wayenomdla onyanisekileyo ebantwini. (Mat. 14:14) Ukongezelela koko, uYesu wayethetha ngegunya nangokuzithemba, esazi ukuba uYehova wayemyalele kwaye emnike amandla ukuba aphumeze isabelo sakhe.—Luka 4:18.
3. UYehova usinceda njani siphumeze ubulungiseleli bethu?
3 UYehova Uyasinceda: NgeLizwi nangentlangano yakhe, uMyaleli wethu Ozukileyo usinika uqeqesho esilufunayo ukuze sishumayele iindaba ezilungileyo ngokuphumelelayo. (Isa. 54:13) Ngenxa yokuba uYehova eye walondoloza ingxelo yendlela uYesu awayefundisa ngayo, siyakwazi ukuhlola size silandele iindlela zakhe zokushumayela. UYehova usinika umoya wakhe oyingcwele aze asiqeqeshe ngeentlanganiso zebandla. (Yoh. 14:26) Ukungezelela koko, usinika nabavakalisi abanamava abanokusinceda siphumelele.
4. Kutheni sinesizathu sokuvakalelwa kukuba siyakufanelekela ukushumayela iindaba ezilungileyo?
4 Sinesizathu sokuziva sikufanelekela ukushumayela, ekubeni “ukufaneleka ngokwaneleyo kwethu kuphuma kuThixo.” (2 Kor. 3:5) Njengoko sithembela ngoYehova yaye siwasebenzisa kakuhle nangokuthembeka amalungiselelo othando asenzele wona, ‘siya kuwuxhobela ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.’—2 Tim. 3:17.