Ukutshatyalaliswa Kwehlabathi Liphela!
Khawukhangele kwihlabathi elikungqongileyo, nezixeko zalo, iindlela zalo zokuphila, okuphunyezwe yinzululwazi, abantu balo abangamawaka ezigidi. Kulula ukucinga ukuba ezi zinto ziya kusoloko zikho, akunjalo? Kodwa ngaba uyayicinga into yokuba ngenye imini eli hlabathi lisenokutshabalala ngokupheleleyo? Oko kusenokuba nzima ukukucinga. Noko ke, ngaba ubusazi ukuba ngokutsho komthombo othembekileyo, kwakukho ihlabathi ngaphambi kweli yaye latshatyalaliswa ngokupheleleyo?
Asithethi ngehlabathi lezizwe zakudala. Ihlabathi elatshabalalayo laliphucukile, linezixeko, impumelelo yobugcisa, nolwazi lwenzululwazi. Sekunjalo, ingxelo yeBhayibhile isixelela ukuba ngequbuliso, ngosuku lwe-17 lwenyanga yesi-2, kwiminyaka engama-352 ngaphambi kokuba usolusapho uAbraham azalwe, kwaqalisa unogumbe owatshayela lonke elo hlabathi.a
Ngaba loo ngxelo ichanile? Ngaba kwakhe kwenzeka into enjalo ngokwenene? Ngaba ngokwenene kwakukho ihlabathi lamandulo ngaphambi kweli elalichuma laza kamva latshatyalaliswa? Ukuba kunjalo, kwakutheni ukuze lipheliswe? Konakala phi? Yaye ngaba kukho isifundo esinokusifunda kwintshabalalo yalo?
Ngaba Ihlabathi Lamandulo Latshatyalaliswa Ngokwenene?
Intlekele enkulu kangako, ukuba yenzeka ngokwenene, ayinakuba yalibaleka. Ngenxa yoko, kwiintlanga ezininzi kukho izikhumbuzo zaloo ntshabalalo. Ngokomzekelo, cinga ngomhla ongqalileyo okwiZibhalo. Inyanga yesibini kwikhalenda yamandulo yayiba kwixesha ngoku eliphakathi kuOktobha ukusa phakathi kuNovemba. Ngoko usuku lwe-17 lungqamana phantse nosuku lokuqala lukaNovemba. Ngoko ke, bekungayi kuba yinto nje efane yazenzekela ukuba kumazwe amaninzi, kubhiyozelwe imisitho yabantu abafayo ngelo xesha lonyaka.
Obunye ubungqina bukaNogumbe bubonakala kwimbali yoluntu. Bonke abantu bakudala banentsomi yokuba ookhokho babo basinda kwisikhukula somhlaba wonke. IiPygmy zaseAfrika, amaCelts aseYurophu, amaInca aseMzantsi Merika—bonke baneentsomi ezifanayo, njengabantu baseAlaska, eIndiya eLithuania, eMexico, eMicronesia, eNew Zealand, emNtla Merika, eOstreliya naseTshayina, ukubala nje iindawo ezimbalwa.
Kakade ke, njengoko kuhamba ixesha ezi ntsomi ziye zaphuculwa, kodwa zonke ziquka iinkcukacha eziliqela ezibonisa ibali lomthombo ofanayo: UThixo wacatshukiswa bububi babantu. Wazisa umkhukula. Abantu ngokubanzi batshabalala. Noko ke, kwasinda abambalwa abalungileyo. Aba bakha inqanawa apho abantu nezilwanyana babeza kusindela khona. Ekuhambeni kwexesha, kwathunyelwa iintaka ukuze zifune umhlaba owomileyo. Ekugqibeleni, le nqanawa yahlala entabeni. Ekuphumeni kwabo kule nqanawa, abasindileyo banyusa umbingelelo.
Oku kubonisa ntoni? Oko kufana akunakuba kwazenzekela. Bubonke obu bungqina bezi ntsomi buxhasa ubungqina bamandulo beBhayibhile bokuba bonke abantu bavela kwabo basinda kumkhukula owatshabalalisa ihlabathi loluntu. Noko ke, akuyomfuneko ukuthembela kwiintsomi ukuze sazi okwenzekayo. Sinengxelo egcinwe ngenyameko kwiZibhalo zesiHebhere zeBhayibhile.—Genesis, isahluko 6-8.
IBhayibhile iqulethe ingxelo ephefumlelweyo yembali esusela ekuqaleni kobomi. Noko ke, ubungqina bubonisa ukuba oku kungaphezu nje kokuba yimbali. Isiprofeto sayo esichanileyo nobulumko obubonakalayo bubonisa ukuba ikoko ithi ikuko—unxibelelwano lukaThixo nabantu. Ngokungafaniyo neentsomi, kwiingxelo zayo zembali iBhayibhile iqulethe amagama nemihla kwakunye neenkcukacha zemilibo neyeendawo. Isibonisa indlela ubomi obabungayo ngaphambi koMkhukula yaye ibonisa isizathu sokuba ihlabathi lonke lipheliswe ngesiquphe.
Kwakonakele phi kwelo butho labantu laliphila ngaphambi konogumbe? Inqaku elilandelayo liphendula loo mbuzo. Ngumbuzo obalulekileyo kwabo bazibuza ngokunqabiseka kwekamva lempucuko ekhoyo.
[Umbhalo osemazantsi]
[Isicangca esikwiphepha 4]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Iintsomi Zomkhukula Ehlabathini Lonke
Ilizwe Ukuvumelana 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10
Greece 7 ◆ ◆ ◆ ◆ ◆ ◆ ◆
Rome 6 ◆ ◆ ◆ ◆ ◆ ◆
Lithuania 6 ◆ ◆ ◆ ◆ ◆ ◆
Assyria 9 ◆ ◆ ◆ ◆ ◆ ◆ ◆ ◆ ◆
Tanzania 7 ◆ ◆ ◆ ◆ ◆ ◆ ◆
India - Hindu 6 ◆ ◆ ◆ ◆ ◆ ◆
New Zealand - Maori 5 ◆ ◆ ◆ ◆ ◆
Micronesia 7 ◆ ◆ ◆ ◆ ◆ ◆ ◆
Washington U.S.A. - Yakima 7 ◆ ◆ ◆ ◆ ◆ ◆ ◆
Mississippi U.S.A. - Choctaw 7 ◆ ◆ ◆ ◆ ◆ ◆ ◆
Mexico - Michoacan 5 ◆ ◆ ◆ ◆ ◆
South America - Quechua 4 ◆ ◆ ◆ ◆
Bolivia - Chiriguano 5 ◆ ◆ ◆ ◆ ◆
Guyana - Arawak 6 ◆ ◆ ◆ ◆ ◆ ◆
1: UThixo wacatshukiswa bububi
2: Ukutshatyalaliswa ngumkhukula
3: Ukuyalelwa nguThixo
4: Kwanikelwa isilumkiso sikaThixo
5: Kwasinda abantu abambalwa
6: Basindela kwinqanawa
7: Izilwanyana zasinda
8: Kwathunyelwa intaka okanye esinye isidalwa
9: Ekugqibeleni wama entabeni
10: Banyusa umbingelelo