IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w02 5/1 iphe. 3
  • Abantu Baneziphene Ezahlukahlukeneyo Emhlabeni Wonke

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Abantu Baneziphene Ezahlukahlukeneyo Emhlabeni Wonke
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuphila Nengxaki Yokungakwazi Ukufunda
    Vukani!—1997
  • Ubomi Obanelisayo Ungenalo IIungu Elithile Lomzimba
    Vukani!—1999
  • Kutheni Ndimele Ndibandezeleke Ngenxa Yesiphene?
    Vukani!—1993
  • Ukuhlola Iindleko Zezigcayiseli
    Vukani!—2000
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
w02 5/1 iphe. 3

Abantu Baneziphene Ezahlukahlukeneyo Emhlabeni Wonke

UCHRISTIAN, ohlala kwilizwe elithile laseAfrika, wagxagxanyiswa ngamajoni awayezama ukumnyanzela ukuba abe lijoni, kodwa wala ngenxa yesazela sakhe esiqeqeshwe ngeBhayibhile. Andula ke loo majoni amsa kwinkampu yawo, yaye emva kokuba ebethwe iintsuku ezine, elinye lawo lamdubula emlenzeni. UChristian wakwazi ukuya esibhedlele, kodwa kwafuneka anqunyulwe umlenze ukususela edolweni. Kwelinye ilizwe laseAfrika, nabantwana abancinane baye banqunyulwa amalungu omzimba ngabavukeli abaxhobileyo. Yaye ukususela eKhambodiya ukuya kuthi ga ngeeBalkans, ukususela eAfghanistan ukusa eAngola, zingakhethi bani, izigcayiseli ziqhubeka zisenzakalisa yaye zibangela iziphene kwabaselula nabakhulileyo.

Kwakhona ezinye izinto ezibangela iziphene ziingozi nezifo, njengesifo seswekile. Neetyhefu ezikwimeko-bume zinokubangela iziphene. Ngokomzekelo, kwiidolophu ezithile ezimelene nesixeko esiseMpuma Yurophu, kuye kwazalwa iqela labantwana elinenye yeengalo engaphelelanga. Banesiqwengana nje esifutshane ngezantsi kwengqiniba. Ubungqina bubonisa ukuba oku kubangelwe kukungcola kwemichiza. Abantu abaninzi basenawo onke amalungu abo omzimba kodwa baneziphene ngenxa yokufa kwamalungu athile emzimbeni okanye enye inkxwaleko. Eneneni, abantu baneziphene ezahlukahlukeneyo emhlabeni wonke.

Enoba zibangelwa yintoni, iziphene zinokunxunguphalisa. UJunior waphulukana nomlenze wasekhohlo eneminyaka engama-20 ubudala. Kamva wathi: “Ndandidandatheke ngeyona ndlela. Ndakhala gqitha xa ndicinga ukuba andisayi kuphinda ndibe nomlenze. Ndandingazi ukuba ndithini. Ndandididekile.” Noko ke, ekuhambeni kwexesha, isimo sengqondo sikaJunior saguquka ngokumangalisayo. Waqalisa ukufundisisa iBhayibhile waza wafunda izinto ezamnceda kungekhona nje kuphela ukuba asingathe le meko, kodwa zamnika nethemba elihle lekamva elonwabisayo apha emhlabeni. Ukuba unesiphene, ngaba ungathanda ukuba nelo themba?

Ukuba kunjalo, nceda ufunde inqaku elilandelayo. Sincomela ukuba ukhangele iZibhalo ezalathiweyo kwiBhayibhile yakho uze uzibonele ngawakho amehlo oko uMdali aza kubenzela kona abo bafunda ngenjongo yakhe baze baphile ngokuvisisana nayo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share