IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g93 6/8 iphe. 13-15
  • Kutheni Ndimele Ndibandezeleke Ngenxa Yesiphene?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kutheni Ndimele Ndibandezeleke Ngenxa Yesiphene?
  • Vukani!—1993
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Iingxaki Zomntu Onesiphene
  • Imbono KaThixo Ngalo Mcimbi
  • Ukuhlangabezana Nabanye Abantu
  • Ithemba Likunceda Uhlangabezane Nemeko Okuyo
  • Ndinokuhlangabezana Njani Nesiphene Endinaso?
    Vukani!—1993
  • Kutheni Ndigula Kangaka Nje?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
  • Ngaba Ndiya Kulandela Ikhondo Lomnakwethu?
    Vukani!—1993
  • Ukuphila Nengxaki Yokungakwazi Ukufunda
    Vukani!—1997
Khangela Okunye
Vukani!—1993
g93 6/8 iphe. 13-15

Abantu Abaselula Bayabuza . . .

Kutheni Ndimele Ndibandezeleke Ngenxa Yesiphene?

UBECKY ukhumbula oku, “Ndandineminyaka emihlanu ubudala. Umhlobo wam wayendikhwelisa kwibhayisekile yakhe kwaza kwavela inqwelo-mafutha ekoneni yasitshayisa.” Waba yintoni umphumo? “Ndophuka umlenze ndaza ndenzakala kakhulu entloko. Oogqirha babengenathemba lokuba ndiza kuphila.” Noko ke, uBecky waphila, yaye namhlanje yintombi eyonwabileyo eneminyaka eli-16 ubudala. Sekunjalo le ngozi yaba nemiphumo yayo. Uthi, “Yandishiya ndibuthathaka kakhulu.”

Umfana ogama linguCraig naye unesiphene, ngenxa yemiphumo yesifo esaziwa ngokuba yiCP (cerebral palsy [isifo sokuphazamiseka kobuchopho]). UCraig uthi, “ICP ichaphazela izihlunu zam kunye nenkqubo yokusebenza kwemithambo-luvo. Izihlunu zam azisabeli kakuhle kwiingxelo ezithunyelwa yingqondo. Ngoko ke, ndinengxaki yokuhamba, yokuthetha neyokugcina ulungelelwano. Ndinokuzenza zonke ezo zinto kodwa andinakuzenza kakuhle.”

Ngaba ngokufanayo unesiphene esithile? Uhlolisiso lubonisa ukuba ngomnyaka wama-2000, inani labaselula abaneziphene liya kufikelela kwizigidi ezingama-59 ehlabathini ngokubanzi. (IWorld Health, kaJanuwari/Februwari 1985) Noko ke, isibakala sokuba bebaninzi abakwanale ngxaki unayo sithuthuzela kancinane xa ufuna ukubaleka, ukutsiba nokudlala njengolunye ulutsha kodwa ungenakukwazi.

Iingxaki Zomntu Onesiphene

Iziphene aziyonto intsha. Kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile bambi babejamelene nemeko yokuba ziziqhwala (2 Samuweli 4:4; 9:13), yokungaboni (Marko 8:22), neyokuba zizilima (Mateyu 12:10). Abo babeneziphene ngokufuthi babenengxaki yokufeza eyona misebenzi isisiseko yobomi.—Thelekisa iDuteronomi 28:29; IMizekeliso 26:7.

Usenokuba nomlo ofanayo ngemida oyibekelweyo. Ukunxiba, ukutya, okanye ukuya esikolweni kusenokufuna umgudu omkhulu—kunye noncedo olungakumbi oluvela kwabanye. UBecky uthi, “Andikwazi kakuhle ukusebenza ngecala lasekunene. Ngoko kwafuneka ndifunde ukubhala ngesandla sasekhohlo. Kwanokuhamba bekuba nzima. Ngoku ndihamba kakuhle, kodwa ngezinye iintsuku ndiqhwalela ngendlela engummangaliso.” Okanye khawucinge ngeengxaki eyayijamelene nazo enye inkwenkwe eyayimfutshane ngokugqithisileyo. Ithi, yaye iyakuhleka oku: “Ukufikelela kwindawo yokukhanyisa nokucima izibane zombane eziseludongeni yenye into ecaphukisa ngokwenene . . . Ngokuqinisekileyo izindlu zenzelwe abantu abade.”—How It Feels to Live With a Physical Disability, nguJill Krementz.

Noko ke, usenokufumanisa ukuba, ezona ngxaki zikubangela ubandezeleke ayizontlungu zasemzimbeni. Iphephancwadi iParents licacisa oku: “Abaselula bakhawuleza kakhulu ukukhathazeka yindlela abanye abasabela ngayo, nto leyo eyenza ubomi bube nzima ngakumbi kwabaselula abaneemfuno ezikhethekileyo. . . . Bazibuza indlela abanye abantu abacinga ngayo ngembonakalo yabo ibe ngokufuthi bayazikrokrela iimbonakaliso zobuhlobo zabanye, bezithabatha ezi zenzo zinyanisekileyo zobubele njengeembonakaliso zosizi ezicaphukisayo.” Kungokwemvelo ukufuna ukuthandwa nokwamkelwa ngabanye. Sekunjalo, usenokuba nemvakalelo yokuba wahlukile kwabanye. Kunjengokuba uMichelle oselula echaza: “Ebomini bam bonke ndingowahlukileyo kuye nabani na. Isizathu sesokuba andinaso isandla sasekhohlo.”

Kwakhona ukuba ngowahlukileyo kwabanye kusenokukwenza ilifa lokuhlekwa. UCraig ukhumbula oku, “Ndandifunda kwisikolo esikhethekileyo samabanga aphantsi de ndafikelela kwibanga lesithathu. Kodwa xa ndandikwibanga lesithathu ndaqalisa ukuya kwisikolo esiqhelekileyo. Andizange ndibe neengxaki ezininzi de ngenye imini amanye amakhwenkwe aqalisa ukundihleka. Ayehleka indlela endandihamba ngayo.” KwanoBecky uba buhlungu xa ekhumbula indlela ekhohlakeleyo ababemphethe ngayo abantwana afunda nabo. Ngenxa yokuba utyando awayelwenze ngaphambili lonakalisa imiphimbo yakhe, ilizwi lakhe linendawana yokutshothoza. Uthi, “Abantwana esikolweni babedla ngokundibiza ngokuba ndingulizwi lesigebenga.”

Ngokufanayo nabantu abakhulu basenokubonakalisa umkhethe ongafanelekanga. Bambi basenokuphepha ukudibana nawe ngamehlo. Abanye basenokukuphepha ngokupheleleyo ukuthetha nawe, bethetha ngawe kubazali okanye kubahlobo bakho—ngokungathi awubonakali okanye ugula ngengqondo. Eyona nto icaphukisa ngakumbi isenokuba ngabantu abasoloko bekunqwenelela okuhle abasoloko bekusizela ngokugqithiseleyo, besomeleza iimvakalelo zokuba uyimpahla nje engenakuzinceda.

Imbono KaThixo Ngalo Mcimbi

Noko ke, uThixo uvakalelwa njani ngawe? Ngaba isiphene sakho ngumqondiso othile wokuba akakholiswa nguwe? Phawula okwathethwa nguYesu xa wadibana nomntu “obe eyimfama kwasekuzalweni kwakhe.” Abafundi bakhe bambuza besithi: “Ngubani na owonayo, ngulo, ngabazali bakhe, sini na?” UYesu waphendula wathi: “Akone lo, akone bazali bakhe.” (Yohane 9:1-3) Akunjalo, obo bumfama babungengomphumo wesono esithile esenziwa nguloo mntu wayeyimfama okanye ngabazali bakhe. Kunoko, sasingumphumo wokungafezeki thina sonke esikuzuz’ ilifa kuAdam. Umpostile uPawulos ucacisa esithi: “Ngenxa yoko isono sangena ngamntu mnye ehlabathini, kwangena ke ukufa ngaso isono, kwaza ngokunjalo ukufa kwabatyhutyha abantu bonke, ekubeni bonke bonayo.”—Roma 5:12.

Ngoko, iziphene azingomphumo wokufak’ isandla kukaThixo okanye wesohlwayo. Zimbi ziziqhamo zokungakhathali. Sekunjalo ezinye zibangelwa nje “lixesha nasisihlo.” (INtshumayeli 9:11) Yaye kukho ulutsha olubandezelekileyo ngokwasemzimbeni ngenxa yokuphathwa kakubi okanye ukutyeshelwa ngabazali balo.

Enokuba yintoni ebangela ubunzima onabo, awufanele uvakalelwe kukuba uThixo ukujonga njengongasenamsebenzi. Ngokwahlukileyo koko, ukujonga njengobalulekileyo noxabisekileyo, ingakumbi ukuba uyamoyika uThixo. (Luka 12:7) ‘Ukukhathalele’ ngeyona ndlela ikhethekileyo yaye uyakholiswa kukukusebenzisa enkonzweni yakhe. (1 Petros 5:7) Omnye wabona bakhonzi babalaseleyo bakaThixo wamaxesha onke umpostile uPawulos, kuyabonakala ukuba wabandezeleka ngenxa yesiphene—“uviko enyameni.” (2 Korinte 12:7) Enjani intuthuzelo esinayo ukwazi ukuba “umntu ukhangela umphandle, uYehova ukhangela intliziyo.” (1 Samuweli 16:7) Uwaqonda ngokupheleleyo amandla akho yaye uyakwazi oko uya kukwazi ukukwenza xa ubuyiselwe emfezekweni kwihlabathi lakhe elitsha.—ISityhilelo 21:3, 4.

Ukuhlangabezana Nabanye Abantu

Ngelishwa, abantwana ofunda nabo nabanye basenokungazijongi izinto ngendlela ephakamileyo uThixo azijonga ngayo. Ngokwenene, maxa wambi abantu bakhohlakala nje ngokuphandle. Ngoko ungamangaliswa, xa abanye oontanga bakho bengenanceba ngokubandezeleka kwakho. Nangona ngokuqhelekileyo abantu bengenanjongo yokukukhathaza okanye yokukubangela iintloni; maxa wambi bathanda nje ukwazi. Bexhalatyiswa kukubandezeleka kwakho okanye mhlawumbi bengaqondanga, basenokuthetha into ethile engabhadlanga okanye ekukhathazayo.

Yintoni onokuyenza? Maxa wambi unokuziphepha iimeko ezikubangela iintloni. Ngokomzekelo, usenokuzama ukubenza bakhululeke abanye ukuba uvakalelwa kukuba babonakala bezibambile okanye bengayazi into amabayithethe. Yiqonde into yokuba sonke sityekele ekuyoyikeni into esingayiqondiyo. Bancede abanye bajonge ngaphaya kwesiphene onaso ukuze bazi uhlobo lomntu onguye ngokwenene. Xa imeko ibonakala ivuma, usenokuzama ukuthetha okuthile okunjengokuthi: “Ngaba niyamangaliswa kukuba kutheni ndimele ndisebenzise isitulo esinamavili?” Ngokutsho kwephephancwadi iParents, omnye umfundisi-ntsapho, owayenelungu lomzimba elinqunyuliweyo, abafundi bakhe abathanda ukwazi ubanelisa ngokuqalisa ngokuthi: “Ndicinga ukuba niyazibuza ukuba kwenzeka ntoni ukuze ndibe nje. Ngaba beningathanda ukwazi?”

Phezu kwayo nje imigudu yakho ebalaseleyo, maxa wambi zisenokubakho izinto eziya kukukhathaza. UBecky oselula uthi: “Xa ndandiselula kunoku, ndandidla ngokukhathazeka ngokwenene xa abanye bendihleka; bendicaphuka msinya ubomi bam bonke. Kodwa ngoku andiyivumeli indikhathaze. Maxa wambi ndiyakwazi ukuyihleka le meko yam.” Ewe, uburharha bunokuba nendima enkulu ekuthinteleni iintetho ezikhathazayo. “Ukuhleka kunexesha lako.” (INtshumayeli 3:4) Ngokubhekele phaya uKumkani uSolomon wanikela eli cebiso: “Kananjalo musa ukuyinikela intliziyo yakho kumazwi onke athethwayo.” (INtshumayeli 7:21) Maxa wambi eyona ndlela ifanelekileyo yokusingatha incoko engabhadlanga kukungayikhathaleli. UBecky uthi, “Musa ukuzikhathaza ngoko abantu bakuthethayo.”

Ithemba Likunceda Uhlangabezane Nemeko Okuyo

Ngokwenene, lonke uhlanga loluntu lunesiphako. IBhayibhile ithi, “Yonke indalo iyancwina, inenimba kunye, unangoku.” (Roma 8:22) Kodwa unokuba nethemba ngekamva. Ngokomzekelo, khangela intombi eselula esiza kuyibiza ngokuba nguCarol. Yazalwa ingeva ngokupheleleyo. Ngoko yafumana ingozi yebhayisekile eyabangela ukuba inqunyulwe umlenze. UCarol wayefuna ukufa. Kodwa waqalisa ukufundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova waza wafunda ngehlabathi elitsha lobulungisa elizayo apho ‘ummi wakhona engasayi kuthi, Ndiyafa.’ (Isaya 33:24) Ngokwenene, wazuza ithemba lokuba ngenye imini iziphene zakhe ziya kuphiliswa—ngokungummangaliso!—Isaya 35:5, 6.

Ukufunda ngoThixo kwaba nawuphi umphumo kwisimo sengqondo sikaCarol? Wambi amaKristu angabahlobo bakhe abasondeleyo athi ngaye: “Usoloko echwayitile yaye akasoloko ecinga ngesiphene sakhe.” Noko ke, okubangel’ umdla kukuba, akwathi: “Uninzi lwabahlobo bakhe abaqondi ukuba unomlenze ongengowamvelo yaye unengxaki yokungeva.” Kutheni? “Uxhomekeke ekuqondeni oko kuthethwayo ngokujonga ukushukuma kwemilebe yomntu nakwizixhobo ezimnceda ekuphulaphuleni.” Ngokucacileyo, uCarol wenze okungakumbi kunethemba analo ngekamva. Uzame ukufikelela konke okusemandleni akhe ngoku. Indlela onokukwenza ngayo okufanayo iya kuba ngumxholo wenqaku lethu elilandelayo kolu ngcelele.

[Umfanekiso okwiphepha 14]

Bambi bakufumanisa kuluncedo ukucacisa imeko yabo kwabo babonakala bethanda ukwazi

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share