IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w02 10/15 iphe. 27
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukumanyana Kweecawa—Ngaba Yindlela Leyo UThixo Afuna Ngayo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • AmaNgqina KaYehova Akujonga Njani Ukunqula Ndawonye Nezinye Iinkonzo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Ngaba AmaNgqina KaYehova Akhonza Kunye Nabantu Bezinye Iinkonzo?
    Imibuzo Abantu Abaqhele Ukuyibuza NgamaNgqina KaYehova
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
w02 10/15 iphe. 27

Imibuzo Evela Kubafundi

Ngaba ukuthenga isakhiwo kolunye unqulo size siguqulwe sibe yiHolo yoBukumkani kuya kuthetha ukuba nenxaxheba kuzwelonke?

Ngokuqhelekileyo, amaNgqina kaYehova ayakuphepha ukuba nonxulumano olunjalo nezinye iinkonzo. Sekunjalo, intengiselwano enjalo isenokungathethi ukuba nenxaxheba kuzwelonke. Isenokugqalwa nje njengonaniselwano olungaxhaphakanga. Ibandla lasekuhlaleni lamaNgqina kaYehova alenzi sivumelwano nelinye iqela lonqulo sokwakha indawo yonqulo eza kusetyenziswa zezo nkonzo zombini.

KuYehova kuthetha ukuthini ukuba nenxaxheba kuzwelonke? Qwalasela ulwalathiso lukampostile uPawulos: “Musani ukubotshwa edyokhweni kunye nabangakholwayo. Kuba bunabubudlelane buni na ubulungisa nokuchas’ umthetho? Okanye kunakwabelana kuni na ukukhanya nobumnyama? Ngokubhekele phaya, unakuvumelana kuni na uKristu noBheliyali? Okanye unakwahlulelana kuni na umntu okholwayo nongakholwayo? Yaye inakuvisisana kuni na itempile kaThixo nezithixo? . . . ‘Ngoko ke phumani phakathi kwabo, nizahlule,’ utsho uYehova, ‘nento engahlambulukanga ningayichukumisi’; ‘‘yaye ndiya kunamkela.’” (2 Korinte 6:14-17) UPawulos wayethetha ukuthini ngokuthi “ubudlelane” nokuthi ‘ukwabelana’?

Ngokucacileyo ubudlelane uPawulos athetha ngabo bubandakanya unqulo nolwalamano olungokomoya nabantu abanqula izithixo nabangengomakholwa. Walumkisa abaseKorinte ngokuchasene nokuba “nenxaxheba . . . etafileni yeedemon.” (1 Korinte 10:20, 21) Ngenxa yoko, ukuba nenxaxheba kuzwelonke kukubandakanyeka kunqulo okanye ukunxulumana ngokomoya nezinye iinkonzo. (Eksodus 20:5; 23:13; 34:12) Xa kuthengwa isakhiwo ebesisetyenziswa lolunye unqulo, oku kwenziwa ukuze nje kufunyanwe isakhiwo ukuze sibe yiHolo yoBukumkani. Ngaphambi kokuba sisetyenziswe njengeHolo yoBukumkani, kususwa nantoni na enento yokwenza nonqulo lobuxoki. Ekubeni sesilungisiwe, eso sakhiwo sinikezelwa kuYehova ukuze sisetyenziselwe ukunqula yena kuphela. Akukho lwalamano okanye ubudlelane kunqulo lokwenyaniso nelobuxoki.

Xa kusenziwa uthethathethwano lokuthenga, akufanele kunxulunyanwe nabo bantu kuthengwa kubo ngokusondeleyo ngokungeyomfuneko, kuphela kufanele kube nje kukuthengiselana. Amalungu ebandla lamaKristu afanele akhumbule isilumkiso sikaPawulos ‘sokungabotshwa edyokhweni kunye nabangakholwayo.’ Nangona singacingi ukuba sibhetele kunabo bezinye iinkonzo, siyakuphepha ukunxulumana nabo okanye ukutsaleleka kunqulo lwabo.a

Kuthekani ukuba ibandla liqesha isakhiwo solunye unqulo? Ngokuqhelekileyo ukuqesha kufuna ukunxulumana okuthe rhoqo, nto leyo efanele iphetshwe. Kwanokuqesha loo ndawo nje isihlandlo esinye, iqumrhu labadala lifanele liqwalasele ezi zinto zilandelayo: Ngaba kuya kubakho izithixo neminqondiso yonqulo ngaphakathi okanye ngaphandle kweso sakhiwo? Abantu basekuhlaleni baya kukujonga njani ukusisebenzisa kwethu eso sakhiwo? Ngaba kukho umntu oya kukhubeka ngokusebenzisa kwethu eso sakhiwo? (Mateyu 18:6; 1 Korinte 8:7-13) Abadala bayaziqwalasela ezi ngongoma baze benze isigqibo esifanelekileyo. Bafanele bacingele isazela sabo neso sebandla ngokubanzi xa besenza isigqibo sokuthenga nokuguqula isakhiwo sibe yiHolo yoBukumkani.

[Umbhalo osemazantsi]

a Bona IMboniselo ka-Aprili 15, 1999, iphepha 28 nelama-29, ukuze ufumane inkcazelo engokufaneleka kokwenza ushishino neminye imibutho engamkelekanga kuYehova.

[Umfanekiso okwiphepha 27]

Esi sakhiwo, esasiyicawa, sathengwa saza salungiswa sayiHolo yoBukumkani

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share