IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w03 2/1 iphe. 24
  • “Beva” Isigidimi SoBukumkani eBrazil

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Beva” Isigidimi SoBukumkani eBrazil
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Amanqaku Afanayo
  • Baxabise Abazalwana Noodadewenu Abazizithulu!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • ‘UYehova Uye Wakhanyisa Ubuso Bakhe Phezu Kwabo’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Kuphaphele Ukufumana Abantu abangevayo Kwintsimi Yakho
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
  • Waba Ngowokuqala Kwabangevayo Owafumana Inyaniso
    Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2015
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
w03 2/1 iphe. 24

Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa

“Beva” Isigidimi SoBukumkani eBrazil

UKUZE ashumayele iindaba ezilungileyo zoBukumkani kubantu abazizithulu, amaNgqina kaYehova eBrazil aye amkela umsebenzi onzima wokufunda iNtetho Yezandla YaseBrazil. Imigudu yawo ivelisa imiphumo emihle, njengoko amava alandelayo ebonisa.

UEva,a ibhinqa elisisithulu eSão Paulo, waqalisa ukufunda intetho yezandla emva kokuba yena nabantwana bakhe abathathu beye kuhlala nendoda esisithulu. Xa babeye ezivenkileni, uEva nalo mntu wayethandana naye badibana neqela lamaNgqina azizithulu aze abamemela ezintlanganisweni kwiHolo yoBukumkani. Bavuma, becinga ukuba le iza kuba yimbutho nje.

Ngenxa yokuba wayengenalwazi lungako ngentetho yezandla, uEva akazange akuqonde kakuhle oko kwakuthethwa ezintlanganisweni. Emva koko, amaNgqina aliqela ammemela kwisidlo emakhayeni awo. Esebenzisa imifanekiso kwincwadana enemifanekiso ethi Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade!, amcacisela ngezithembiso zikaThixo neparadesi yasemhlabeni eya kubakho kwixesha elizayo. UEva wakuthanda oko wayekuvile waza waqalisa ukuya kwiintlanganiso rhoqo.

Kungekudala emva koko, uEva wamshiya umntu awayethandana naye ukuze aphile ngemigaqo yeBhayibhile. Phezu kwayo nje inkcaso ekrakra yentsapho yakowabo, waqhubeka esenza inkqubela ngokomoya waza wabhaptizwa ngowe-1995. Kwiinyanga ezintandathu kamva, uEva waqalisa ukuba nguvulindlela, okanye umvakalisi woBukumkani wexesha elizeleyo. Ukususela ngoko, uye wanceda abantu abane abazizithulu ukusa kwinqanaba lokuzahlulela baze babhaptizwe.

UCarlos wazalwa esisithulu. Kwasebuntwaneni wayesebenzisa iziyobisi, eziphethe kakubi yaye elisela. Esoyikiswa lelinye iqela lemiguvela, wabalekela eSão Paulo waza wahlala noJoão kangangexesha elithile. UJoão lo, njengoCarlos, naye wayesisithulu yaye wayephila ngondlela-mnyama.

Kwiminyaka ethile kamva, uCarlos wafunda ngesigidimi soBukumkani, nto leyo eyamkhokelela ekubeni alungise iindlela zakhe aze abhalise umtshato wakhe. Emva kokuba ephila ngokuvisisana neZibhalo, uCarlos wabhaptizwa efuzisela uzahlulelo lwakhe kuYehova. Kwangaxeshanye, uCarlos engazi, naye uJoão wayeqalise ukwazi ngeendaba ezilungileyo, yaye naye wenza inguqulelo enkulu ebomini bakhe. Xa wafunda ukuba uYehova akavumelani nokusetyenziswa kwemifanekiso eqingqiweyo, uJoão wayilahla imifanekiso yakhe “yeengcwele.” Emva kokushiya ikhondo lakhe langaphambili lobomi, naye uJoão wabhaptizwa.

Hayi indlela abachulumanca ngayo uCarlos noJoão xa badibana kwiHolo yoBukumkani baza babona iinguqulelo abaye bazenza! Bobabini ngoku baziintloko-ntsapho eziqolileyo yaye bangabavakalisi boBukumkani abanenzondelelo.

Sithethanje, eBrazil kukho amabandla angama-30 entetho yezandla namaqela ali-154, yaye anabavakalisi abangaphezu kwama-2 500, phakathi kwabo abali-1 500 bazizithulu. KwiiNdibano Zesithili zaseBrazil ‘Zabafundisi Belizwi LikaThixo’ zowama-2001 zabantu abazizithulu, kwakukho abantu abangaphezu kwama-3 000 yaye kwabhaptizwa abangama-36. Ngentsikelelo kaYehova, sinethemba lokuba abangakumbi abazizithulu baya kusamkela isigidimi soBukumkani.

[Umbhalo osemazantsi]

a Amagama atshintshiwe.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share