IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w03 2/15 iphe. 3
  • Ukukholelwa KuThixo Ekunokwenzeka Ukuba Asimazi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukukholelwa KuThixo Ekunokwenzeka Ukuba Asimazi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Umazi Ngokusondeleyo UThixo?
  • Ngubani UThixo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2019
  • Unokuba Nguye Njani Umhlobo KaThixo?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Ngaba Izinto Zadalwa Okanye Zazivelela?—Inxalenye 1: Kutheni Ukholelwa KuThixo?
    Ulutsha Luyabuza
  • UYehova—UThixo Esifanele Simazi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
w03 2/15 iphe. 3

Ukukholelwa KuThixo Ekunokwenzeka Ukuba Asimazi

ABANTU ababini kwabathathu eJamani bayakholelwa kuThixo. Sekunjalo, xa abangaphezu kwewaka bacelwa ukuba bamchaze uThixo abakholelwa kuye, phantse bonke baphendula ngeendlela ezahlukeneyo. Iphephancwadi iFOCUS lithi: “Abantu baseJamani baneengcamango ezahlukahlukeneyo ngoThixo kanye njengokuba nabo bahlukahlukene.” Ngoxa kufanelekile ukukholelwa kuThixo, kodwa ngaba akulosizi ukukholelwa kuye singamazi nokuba unjani?

Asingobantu baseJamani kuphela abangaqinisekanga ngohlobo lomntu uThixo alulo; kodwa nabahlala kweminye imimandla yaseYurophu. Uhlolisiso olwenziwa eOstriya, eBritani, naseNetherlands lwatyhila into evunywa ngokubanzi yokuba uThixo “ungamandla aphakamileyo okanye imfihlelo engenakuchazwa.” Ngokukhethekileyo kubantu abaselula, kwanakwabo bakholelwayo kuye, uyimfihlelo.

Ngaba Umazi Ngokusondeleyo UThixo?

Kukho umahluko omkhulu phakathi kokumazi nje umntu nokumazi ngokusondeleyo. Ukumazi nje umntu—ukwazi inkosi ethile, imbaleki eyaziwayo okanye umdlali odumileyo—kuthetha ukwazi ukuba ukho. Noko ke, ukwazi umntu ngokusondeleyo kuthetha okungakumbi. Kuquka ukwazi iimpawu zaloo mntu, ihambo, iimvakalelo, izinto azithandayo nangazithandiyo, nezinto azicebele ixesha elizayo. Ukwazi umntu ngokusondeleyo kuvulela ithuba lokuba nolwalamano olusenyongweni naye.

Abantu abangamakhulu amawaka baye bagqiba kwelokuba ukuba nembono emfiliba ngoThixo—okanye ukumazi nje—akwanele. Baye benza umgudu wokumazi uThixo ngokusondeleyo. Ngaba oku bakufumanise kuyinzuzo? Indoda egama linguPaul, ohlala kumntla Jamani ngaphambili owayekholelwa nje kuThixo, wagqiba kwelokuba abe nolwalamano olusondeleyo Naye. UPaul uthi: “Ukumazi ngokusondeleyo uThixo kufun’ ixesha nomgudu, kodwa umvuzo mkhulu. Ukuba nolwalamano olusenyongweni noMdali kwenza suku ngalunye lokuphila lube bhetele ngakumbi.”

Ngaba ukumazi ngokusondeleyo uThixo kukuchitha ixesha yaye kulilize? Nceda ufunde inqaku elilandelayo.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 3]

Kukho umahluko omkhulu phakathi kokumazi nje umntu nokumazi ngokusondeleyo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share