UYehova—UThixo Esifanele Simazi
NGABA kusenokwenzeka ukuba uphoswa yinto ebalulekileyo ebomini? Ukuba akukho nto ingako oyaziyo ngoThixo, ngoko ke ngokuqinisekileyo ikho into ekuphosayo. Ngoba? Kuba, njengokuba izigidi zabantu sele zifumanisile, ukumazi uThixo weBhayibhile kuzuzisa lukhulu ebomini. Ezi nzuzo zifumaneka ngoko nangoko yaye ziya kuhlala zifumaneka nakwixesha elizayo.
UYehova uThixo, uMbhali weBhayibhile, ufuna simazi. Umdumisi wathi: “Ukuze abantu bazi ukuba wena, ogama linguYehova, nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.” Uyazi ukuba kubalulekile ukuba simazi. “NdinguThixo wakho, Lowo ukufundisa okuyingenelo kuwe.” Sizuza ntoni ngokumazi uYehova uThixo, Oyena Uphakamileyo?—INdumiso 83:18; Isaya 48:17.
Enye inzuzo yokwenene kukuba sifumana ukhokelo lokujamelana neengxaki zemihla ngemihla, ukuba nethemba eliqinileyo ngekamva nokuba noxolo lwengqondo. Ukongezelela, ukumazi kakuhle uYehova kusenza sibe nesimo sengqondo esahlukileyo kweso abantu abanaso ngemibandela emininzi ebalulekileyo ehlabathini lonke namhlanje. Yiyiphi loo mibandela?
Ngaba Ubomi Bakho Bunenjongo?
Phezu kwayo nje inkqubela ebalaseleyo yabantu kwezobugcisa, namhlanje abantu basazibuza imibuzo efanayo esisiseko: ‘Kutheni ndilapha? Ndisingise phi? Yintoni injongo yobomi?’ Ukuba ubani akazifumani iimpendulo ezanelisayo, akayi kuba nanjongo ebomini. Ngaba abantu abaninzi bayayibona le ngxaki? Uhlolisiso olwenziwa eJamani ngasekupheleni kweminyaka yee-1990 lwabonisa ukuba kwisiqingatha sabantu ngamaxesha amaninzi okanye ngamaxesha athile ubomi bubonakala bungenanjongo. Mhlawumbi abantu bavakalelwa ngendlela efanayo apho uhlala khona.
Ngaphandle kwenjongo ebomini, ubani akanasiseko singako sokuzibekela usukelo ebomini. Abantu abaninzi bazama ukuvala esi sikhewu ngokuhambela phambili emsebenzini okanye baziqwebele ubutyebi. Sekunjalo, aba bantu basenokukhathazwa kukuziva bengento yanto. Abanye bakhathazwa kukungabi nanjongo ebomini kangangokuba bade banqwenele nokufa. Oko kwakunjalo ngebhinqa elithile elihle neliselula, elakhulela kwikhaya “elalimi kakuhle nelalinamalungelo amaninzi,” ngokutsho kweInternational Herald Tribune. Nangona laliphila kubunewunewu, lalililolo yaye livakalelwa kukuba ubomi balo babungenanjongo. Lasela ipilisi zokulala laza lafunyanwa lifile. Kusenokwenzeka ukuba wazi abanye abantu abathile abangamalolo nabo ubomi babo obaphela ngendlela elusizi.
Noko ke, ngaba ukhe weva abantu besithi inzululwazi inokusixelela yonke into ngobomi? Iphephandaba laseJamani eliphuma kanye ngeveki iDie Woche lithi: “Nakuba inzululwazi isenokuba inyanisile, kodwa ayichananga kwizinto zokomoya. Indaleko ayinasiseko, yaye inzululwazi ngokuyileka kwezinto ayiqinisekanga yaye ngenxa yoko ayinikeli ntuthuzelo nasiqinisekiso.” Inzululwazi iye yenza lukhulu ekuchazeni izinto eziphilayo ezahlukahlukeneyo yaza yachaza nemijikelo yokuphila neenkqubo ezibangela ukuphila. Sekunjalo, ayikwazi ukusixelela isizathu sokuba sibe lapha nalapho sisinge khona. Ukuba sixhomekeke ngokupheleleyo kwinzululwazi, ayisayi kuphenduleka imibuzo esinayo ngokuphathelele injongo yobomi. Yaye oku, ngokutsho kwephephandaba iSüddeutsche Zeitung kuphumela “ekubeni abantu abaninzi bafune ukhokelo.”
Ngubani okwimeko entle yokunikela ukhokelo olunjalo ngaphezu koMdali? Ekubeni kwasekuqaleni ikwanguye obeke abantu emhlabeni, umele ukuba uyasazi isizathu sokubakho kwabo. IBhayibhile ichaza ukuba uYehova wadala abantu ukuze bazalise umhlaba yaye bawunyamekele, babe ngabagcini bawo. Kuko konke abakwenzayo, abantu babeza kubonakalisa iimpawu zakhe, njengokusesikweni, ubulumko nothando. Sakuba sisiqondile isizathu sokuba uYehova esidalile, siyasazi isizathu sokuba silapha.—Genesis 1:26-28.
Yintoni Onokuyenza?
Kuthekani ukuba ngaphambili akuzange uzifumane iimpendulo ezanelisayo kwimibuzo ethi: ‘Kutheni ndilapha? Ndisingise phi? Yintoni injongo yobomi?’ IBhayibhile ikhuthaza ukuba umazi uYehova ngokusondeleyo. Enyanisweni, uYesu wathi: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.” Nawe ukhuthazwa kuba uhlakulele iimpawu zobuthixo, ingakumbi uthando, uze uzenzele usukelo lokuphila phantsi koBukumkani obuzayo bukaThixo obulawulwa nguMesiya. Uya kwandula ke ube nenjongo ebomini nethemba elihle neliqinisekileyo ngekamva. Imibuzo ebisoloko ikukhathaza ukuza kuthi ga ngoku mhlawumbi iya kuphendulwa.—Yohane 17:3; INtshumayeli 12:13.
Oko kuya kwenza umahluko ongakanani? UHans unokuwuphendula loo mbuzo.a Kwiminyaka eliqela edluleyo wayenofifi nje ngoThixo, kodwa ukholo lukaHans lwalungabuchaphazeli ubomi bakhe. UHans wayesebenzisa iziyobisi, esukelana namabhinqa, engumguvela yaye ethanda izithuthuthu. Uthi: “Ubomi babulilize, bunganelisi konke konke.” Xa wayephakathi kwiminyaka yakhe yama-20 ubudala, uHans wagqiba kwelokuba amazi uThixo ngokusondeleyo ngokufunda iBhayibhile ngenyameko. Xa wamazi uYehova ngokusondeleyo waza wayiqonda nenjongo yobomi, uHans waguqula indlela awayephila ngayo waza wabhaptizwa njengomnye wamaNgqina kaYehova. Ebekwinkonzo yexesha elizeleyo kangangeminyaka elishumi edluleyo. Ethetha phandle uthi: “Akukho nto ibhetele ebomini njengokukhonza uYehova. Akunakuthelekiswa nanto. Ukwazi uYehova kuye kwandenza ndanenjongo ebomini.”
Kakade ke, abantu abaninzi abaxhalatyiswa kukwazi injongo yobomi nje kuphela. Njengokuba iimeko zehlabathi zisiya ziwohloka, abantu abaninzi ngakumbi baxhalatyiswa yenye into ebalulekileyo.
Bekutheni Ukuze Oku Kwenzeke?
Xa bejamelene nembandezelo, kubantu abaninzi kuye kuthi qatha umbuzo omnye othi: Bekutheni ukuze oku kwenzeke? Ukuze ubani akwazi ukuhlangabezana naloo mbandezelo kuxhomekeke ekufumaneni impendulo kulo mbuzo. Ukuba akafumani mpendulo eyanelisayo, uqhubeka ebandezelekile yaye loo mntu usenokuba nengqumbo. Ngokomzekelo, khawucinge ngomzekelo kaBruni.
UBruni, ngoku ongumama osele eqinile, uthi: “Kwiminyaka ethile edluleyo ndafelwa lusana lwam oluyintombazana. Ndandikholelwa kuThixo, ngoko ndaya kumfundisi wasekuhlaleni ukuze andithuthuzele. Wandixelela ukuba uThixo umthabathile uSusanne wamsa ezulwini, yaye ngoku uyingelosi. Ukufa kwakhe akuzange kundidandathekise nje kuphela kodwa ndamcaphukela uThixo ngokumthabatha.” UBruni wayekhathazekile kangangeminyaka emininzi. “Landula ke elinye iNgqina likaYehova landibonisa ngokusuka eBhayibhileni ukuba andinasizathu sakumcaphukela uThixo. UYehova akamthabathelanga ezulwini uSusanne, yaye akayongelosi. Ukugula kwakhe kwakubangelwa kukungafezeki kwabantu. USusanne ulele ekufeni, elindele ukuba uYehova amvuse. Kwakhona ndafunda ukuba abantu badalelwa ukuba baphile ngonaphakade kumhlaba oyiparadesi, yaye oku kuza kwenzeka kungekudala. Ndathi ndakuqonda ngokwenene uhlobo lomntu uYehova alulo, ndasondela ngakumbi kuye, yaye inxeba endandinalo laqalisa ukuphola.”—INdumiso 37:29; IZenzo 24:15; Roma 5:12.
Izigidi zabantu zithwaxwa ziingxaki ezahlukahlukeneyo: iingxaki zobuqu, imfazwe, indlala, okanye intlekele yokwemvelo. UBruni wafumana isiqabu xa wabona ngokusuka eBhayibhileni ukuba uYehova akanakubekwa tyala ngeentlekele ezenzekayo, yaye akuzange kube yinjongo yakhe ukuba abantu babandezeleke, yaye kungekudala uza kubuphelisa ububi. Kwanesibakala sokuba ububi busanda kungumqondiso wokuba ngoku siphila ‘kwimihla yokugqibela’ yale nkqubo yezinto. Iinguqulelo ezinkulu eziya kuphucula izinto nekudala sizilindele, zisemnyango.—2 Timoti 3:1-5; Mateyu 24:7, 8.
Ukumazi UThixo
Ngaphambili uHans noBruni babenofifi nje ngoThixo. Babekholelwa kuye kodwa bengenalwazi lungako ngaye. Bathi bakuzipha ixesha lokumazi uYehova ngokuchanileyo, bazuza ngokwenene ngenxa yemigudu yabo. Bafumana iimpendulo ezichanileyo kwinkoliso yemibuzo ababenayo ebalulekileyo namhlanje. Oku kwabenza banoxolo lwengqondo nethemba eliqinisekileyo ngekamva. Kuye kwenzeka into efanayo kwizigidi zabakhonzi bakaYehova.
Ukuze zimazi uYehova kuye kwafuneka ziqale ngokuyifunda ngenyameko iBhayibhile, nto leyo esixelela ngaye noko akufunayo kuthi. Leyo yinto kanye eyenziwa ngabathile kwinkulungwane yokuqala. Umbhali-mbali nogqirha uLuka uthi amalungu ebandla lamaYuda eBhereya, eGrisi, “alamkela ilizwi [elalishunyayelwa nguPawulos noSilas] ngeyona ntumekelelo inkulu yengqondo, ezincina ngenyameko iZibhalo mihla le mayela nokuba zinjalo kusini na ezo zinto.”—IZenzo 17:10, 11.
KwanamaKristu enkulungwane yokuqala ayehlanganisana ndawonye emabandleni. (IZenzo 2:41, 42, 46; 1 Korinte 1:1, 2; Galati 1:1, 2; 2 Tesalonika 1:1) Oku kunjalo nanamhlanje. Amabandla amaNgqina kaYehova ahlanganisana kunye kwiintlanganiso ezicetywe ngokukhethekileyo ukunceda abantu ukuba basondele ngakumbi kuYehova baze bakuvuyele ukumkhonza. Kukwakho nenye inzuzo ekunxulumaneni namaNgqina asekuhlaleni. Ekubeni ngokuthe ngcembe abantu badla ngokufana noThixo abamkhonzayo, amaNgqina kaYehova abonakalisa iimpawu ezibonakaliswa nguYehova—nangona engazibonakalisi ngokupheleleyo. Ngoko ke ukuhlanganisana namaNgqina kusinceda simazi ngakumbi uYehova.—Hebhere 10:24, 25.
Ngaba oku kuvakala kufuna umgudu omkhulu ukuze nje wazi uMntu omnye? Ngokuqinisekileyo kufuneka umgudu. Kodwa ngaba oku akunjalo nangezinye izinto ezininzi ebomini ofuna ukuzenza? Khawucinge ngomgudu owenziwa yimbaleki ephambili ukuze iqeqeshe umzimba. Ngokomzekelo, umntu othile waseFransi owafumana imbasa yegolide kukhuphiswano lokutyibilika emkhenkceni kwiOlimpiki uJean-Claude Killy uthi ngokuphathelele umgudu ofanele wenziwe ukuze ubani abe ngumdlali ophumelelayo kukhuphiswano lwamazwe ngamazwe: “Ufanele uqalise iminyaka eli-10 kusengaphambili uze ukucebe iminyaka ngeminyaka yaye ucinge ngako usuku ngalunye . . . Kungumsebenzi weentsuku ezingama-365 ngonyaka, ngokwasengqondweni nangokwasemzimbeni.” Khawufan’ ucinge, lonke elo xesha nomgudu ongako ukuze ubani nje abe kukhuphiswano oluza kuthabatha nje imizuzu elishumi! Kubeka phi ke ngokwazi uYehova—nto leyo eya kuba yinzuzo ngonaphakade.
Ulwalamano Oluya Lukhula Ngokukhula
Ngubani ofuna ukuphoswa yinto ebalulekileyo ebomini? Akukho namnye. Ngenxa yoko, ukuba uvakalelwa kukuba akunanjongo yokwenene ebomini okanye ulangazelela ukufumana inkcazelo ngesizathu sokubakho kweentlekele, ngoko zimisele ukumazi uYehova, uThixo weBhayibhile. Ukufunda ngaye kunokubuguqula ubomi bakho bube bhetele, ngonaphakade.
Ngaba siya kuze siyeke ukufunda ngoYehova? Abo baye bamkhonza kangangeminyaka emininzi basamangaliswa nangoku zizinto abazifundayo nezinto ezintsha abaqhubeka bezifunda ngaye. Ukufunda ngezo zinto kuyasivuyisa kuze kusenze sisondele ngakumbi kuye. Ngamana singawaphinda amazwi kampostile uPawulos, owabhala esithi: “Hayi ubunzulu bobutyebi nobobulumko nobolwazi lukaThixo! Hayi indlela engaphengululeki ngayo imigwebo yakhe nendlela ezingalandeki ngayo iindlela zakhe! Kuba ‘ngubani na ofikelele ekuyazini ingqondo kaYehova, okanye ngubani na oye waba ngumcebisi wakhe?’”—Roma 11:33, 34.
[Umbhalo osemazantsi]
a Amagama atshintshiwe.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 5]
Abantu basabuza imibuzo esisiseko efanayo: ‘Kutheni ndilapha? Ndisingise phi? Yintoni injongo yobomi?’
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 6]
“Ndathi ndakuqonda ngokwenene uhlobo lomntu uYehova alulo, ndasondela ngakumbi kuye”
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 7]
“Akukho nto ibhetele ebomini njengokukhonza uYehova. Akunakuthelekiswa nanto. Ukwazi uYehova kuye kwandenza ndanenjongo ebomini”