Yintoni Obunokuthanda Ukumbuza Yona UThixo?
ABANTU emhlabeni wonke banemibuzo enzulu ngobomi. Ngaba nawe unayo? Abantu abaninzi baye babuza le mibuzo kubefundisi babo ezicaweni kodwa abakhange bafumane iimpendulo ezanelisayo. Abanye baye bazenzela uphando ngale mibuzo. Bambi baye bathandazela ukhokelo. Ngaba ngokwenene kunokwenzeka ukuba ufumane iimpendulo ezivela kuThixo ngemibandela ekudidayo? Phakathi kweminye imibuzo abantu abaninzi abathi bangathanda ukumbuza yona uThixo yile.
Kanye kanye Thixo, ungubani?
Indlela abantu abamgqala ngayo uThixo ixhomekeke kwimvelaphi yabo, unqulo lwabazali babo, yaye mhlawumbi nendlela abazikhethele yona. Bambi abantu bambiza ngegama loo Thixo bamnqulayo; abanye bathi nje nguThixo. Phofu ke ngaba oko kunomsebenzi? Ngaba kukho uThixo nje omnye wokwenyaniso ozityhilayo kuthi aze asazise igama lakhe?
Kutheni abantu bebandezeleka kangaka?
Ukuba umntu ngenxa yokuphila ubomi bokungakhathali okanye bokuziphatha okubi uyagula okanye ulihlwempu, usenokukhalaza. Kodwa usenokuba usazi kakuhle isizathu sokubandezeleka kwakhe.
Noko ke, abanye babandezeleka ngokunzulu kodwa ingelotyala labo. Abanye bagulel’ ukufa. Abanye batsala nzima befuna nje indawo yokuhlala nokutya nje okwaneleyo kokondla iintsapho zabo. Izigidi zithwaxwa lulwaphulo-mthetho, imfazwe, lugonyamelo, ziintlekele zokwemvelo, okanye ukuxhatshazwa ngabantu abasemagunyeni.
Benesizathu esivakalayo, abaninzi bayabuza: ‘Kutheni iimeko ezinjalo zande kangaka? Kutheni uThixo evumele yonke le mbandezelo?’
Kutheni ndilapha? Yintoni injongo yobomi?
Le mibuzo idla ngokubangelwa kukunxunguphala komntu othile owenza umsebenzi okruqulayo suku ngalunye—yaye oko kunjalo ngabantu abaninzi. Abaninzi bakholelwa ukuba uThixo uye wamisela kwangaphambili indlela aza kuphila ngayo mntu ngamnye. Ngaba oko kunjalo? Ukuba ngokwenene uThixo unenjongo ekhethekileyo ngawe, alithandabuzeki elokuba uyafuna ukuyazi.
Kuzo zonke iincwadi ezikhoyo ehlabathini, inye kuphela etsho ngokucacileyo ukuba iphefumlelwe nguThixo. Njengokuba kanye ubuya kulindela ngesigidimi esivela kuThixo sisiya kubo bonke abantu, le ncwadi ifumaneka ngeelwimi ezingaphezu kwayo nayiphi na enye incwadi eyakha yabhalwa. Leyo yiBhayibhile Engcwele. Kuyo, uMdali wamazulu nomhlaba, uThixo ngokwakhe, uyazityhila ukuba ungubani na yaye uchaza negama lakhe. Ngaba uyalazi elo gama? Ngaba uyayazi ukuba iBhayibhile ithini ngohlobo loMntu uThixo anguye? Ngaba uyayazi ukuba ithini ngoko uThixo akufunayo kuwe?
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 2]
COVER: Chad Ehlers/Index Stock Photography
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 3]
Mountain: Chad Ehlers/Index Stock Photography