IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w03 5/1 iphe. 4-7
  • Indlela Abanye Abaye Bazifumana Ngayo Iimpendulo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Indlela Abanye Abaye Bazifumana Ngayo Iimpendulo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • UThixo—Ungubani?
  • Kutheni Kukho Ukubandezeleka?
  • Ubomi Obunenjongo
  • “Hayi Uyolo Lomntu Ofumene Ubulumko”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Ukusuka Kudandatheko Ukusa Kulonwabo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Izimvu ZikaYesu Ziyaliva Ilizwi Lakhe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
w03 5/1 iphe. 4-7

Indlela Abanye Abaye Bazifumana Ngayo Iimpendulo

ABANTU abaninzi bayathandaza. Bambi baqinisekile ukuba imithandazo yabo iyaphendulwa. Abanye bayazibuza enoba imithandazo yabo iyaviwa kusini na. Sekunjalo abanye bafuna iimpendulo kodwa abacingi ngokuthandaza kuThixo becela izinto abazifunayo.

IBhayibhile ichaza uThixo wokwenyaniso ‘njengoMphulaphuli wemithandazo.’ (INdumiso 65:2) Ukuba uyathandaza, ngaba uqinisekile ukuba imithandazo yakho iya kuThixo wokwenyaniso? Ngaba imithandazo yakho yileyo aya kuyiphendula?

Kubantu abaninzi emhlabeni wonke, impendulo iye yaba nguewe! Bazifumene njani iimpendulo? Bafunde ntoni?

UThixo—Ungubani?

Utitshalakazi wasePortugal owayefundiswe ngoonongendi nabefundisi, ngokunyaniseka wayephila ngokuvisisana nonqulo lwakhe. Xa icawa yaguquka yaza yazityeshela iimfundiso zayo awayefundiswe ukuba zibalulekile, wadideka. Ngenxa yokutyelela kwakhe kwenye indawo waqhelana nonqulo lwaseMpuma, waza waqalisa ukuzibuza enoba ukho uThixo omnye wokwenyaniso kusini na. Kwakumele anqule njani? Xa wabuza umfundisi wakhe ngezinto eziseBhayibhileni, akazange anikele ngqalelo kwimibuzo yakhe, yaye wadana.

Icawa yamaKatolika yasasaza iphetshana kwisixeko awayehlala kuso lo titshalakazi ilumkisa abantu balapho ukuba bangancokoli namaNgqina kaYehova. Kodwa imibuzo yakhe ayizange iphendulwe. Ngenye imini xa amaNgqina ayetyelele ekhayeni lakhe, wawaphulaphula waza wabonakalisa umdla koko wayekuva. Wayethetha nawo okwesihlandlo sokuqala.

Ukuze lifumane iimpendulo kwimibuzo yalo emininzi, eli bhinqa laqalisa ukufundisisa iBhayibhile namaNgqina. Veki nganye, ayelindelwe yimibuzo yalo emininzi. Lalifuna ukwazi igama likaThixo, enoba kukho uThixo omnye wokwenyaniso, kwakhona enoba uya kuvumela ukunqulwa kwemifanekiso eqingqiweyo, nezinye izinto ezingakumbi. Laphawula ukuba zonke iimpendulo elalizifumana zazivela eBhayibhileni, kungekhona iingcamango zobuqu, ngoko lamangaliswa yaye lakuvuyela oko lalikufunda. Ngokuthe ngcembe, lafumana iimpendulo kwimibuzo yalo emininzi. Namhlanje, linqula uYehova ngomoya nangenyaniso njengoko uYesu Kristu wathi “abanquli bokwenyaniso” baya kwenjenjalo.—Yohane 4:23.

ESri Lanka, intsapho ethile yayifunda rhoqo iBhayibhile kunye, kodwa yayingazifumani iimpendulo zemibuzo emininzi eyayibalulekile kuyo. Nangona yayifuna uncedo, umfundisi wayo akazange ayincede. Noko ke, amaNgqina kaYehova ayityelela aza ayishiyela le ntsapho iincwadi ezisekelwe eBhayibhileni eziluncedo. Kamva, xa amaNgqina kaYehova anikela kule ntsapho iimpendulo ezanelisayo kwimibuzo yayo yeBhayibhile, yasamkela isifundo seBhayibhile. Oko yayikufunda kwisifundo sayo kwakubangela umdla ngokwenene kuyo.

Sekunjalo, ukufundiswa esengumntwana ecaweni kwamenza umfazi walapha akabona ukuba uYise kaYesu Kristu “ukuphela koThixo oyinyaniso,” njengokuba uYesu watsho. (Yohane 17:1, 3) Wayefundiswe ukuba uYesu noYise bayalingana yaye le “mfihlelo” ayifanele ithandatyuzwe. Enyanisekile yaye efuna uncedo, wathandaza kuYehova, embiza ngegama, yaye wamcela ukuba amazise ukuba ungubani uYesu. Wandula ke wazihlolisisa ngenyameko izibhalo ezinokuthanani nalo mbuzo. (Yohane 14:28; 17:21; 1 Korinte 8:5, 6) Ngokungathi uvulwe amehlo, ngoku wakubona ngokucacileyo ukuba uYehova—uMdali wamazulu nehlabathi noYise kaYesu Kristu—unguThixo wokwenyaniso.—Isaya 42:8; Yeremiya 10:10-12.

Kutheni Kukho Ukubandezeleka?

Indoda enguYobhi yabandezeleka kanobom. Bonke abantwana bakhe babulawa sisichotho, waza yena waba lihlwempu. Kwakhona wanyamezela isigulo esibuhlungu nenkcaso eyayivela kubahlobo bakhe bobuxoki. Ngoxa kusenzeka ezi zinto, uYobhi wayethetha engacinganga. (Yobhi 6:3) Kodwa uThixo wayiqonda imeko awayekuyo. (Yobhi 35:15) Wayekwazi oko kwakusentliziyweni kaYobhi yaye wamnika isiluleko esasimfanele. Wenza okufanayo ebantwini nanamhlanje.

EMozambiki, uCastro wayeneminyaka elishumi kuphela xa wafelwa ngunina. Wayexheleke ngokwenene. Wabuza: “Kutheni ukuze umama afe aze asishiye?” Nangona wayekhuliswe ngabazali abahlonela uThixo, wayedidekile. Yintoni eyayinokupholisa eli nxeba? Wafumana intuthuzelo ngokufunda iBhayibhile encinane yesiChichewa waza wathetha ngayo nabakhuluwa bakhe.

Ngokuthe ngcembe uCastro wasiqonda isizathu sokufa kukanina, kungekhona ngenxa yokuba uThixo akakho sikweni, kodwa ngenxa yokungafezeki esikuzuze ilifa. (Roma 5:12; 6:23) Ithemba leBhayibhile lovuko lamthuthuzela kakhulu kuba kulo wabona isizathu sokuba nentembelo yokuba uya kuphinda ambone unina. (Yohane 5:28, 29; IZenzo 24:15) Okulusizi kukuba, kwiminyaka nje emine kamva, uyise wafa. Kodwa ngesi sihlandlo uCastro wakwazi ukujamelana nale meko. Namhlanje, uyamthanda uYehova yaye ngokunyaniseka usebenzisa ubomi bakhe enkonzweni kaThixo. Bonke abo bamaziyo baya lubona uvuyo alufumeneyo.

Abantu abaninzi abaye baphulukana nabantu ababathandayo bafumana intuthuzelo kwiinyaniso zeBhayibhile ezathuthuzela uCastro. Bambi abaye batsala nzima ngenxa yezenzo zabantu abangendawo bayazibuza, njengoko uYobhi wenjenjalo: “Kutheni abangendawo beqhubeka bephila?” (Yobhi 21:7) Xa abantu ngokwenene bephulaphula impendulo kaThixo efumaneka kwiLizwi lakhe, bafunda ukuba indlela uThixo azilungisa ngayo izinto iluncedo.—2 Petros 3:9.

UBarbara, owakhuliselwa eUnited States, akazange akhe ajamelane neenkxwaleko zemfazwe. Kodwa wakhulela kwihlabathi elineemfazwe. Suku ngalunye kwakuthethwa ngeembandezelo ezibangelwa ziimfazwe. Ngexesha wayesafunda, wayemangaliswa zizinto ezenzeka embalini nezazisenzeka ngendlela engalindelekanga. Yintoni eyayibangela ezi zinto? Ngaba uThixo wayeyikhathalele into eyenzekayo? Wayekholelwa ukuba uThixo ukho, kodwa engaqinisekanga ngeemvakalelo awayenazo ngaye.

Noko ke, indlela uBarbara awayebujonga ngayo ubomi yaguquka ngokuthe ngcembe ngenxa yokunxulumana kwakhe namaNgqina kaYehova. Wayewaphulaphula yaye efundisisa kunye nawo iBhayibhile. Waya kwiintlanganiso kwiHolo yoBukumkani. Wada waya kwenye yeendibano zawo ezinkulu. Ngaphezu koko, xa wayebuza imibuzo, waphawula ukuba wayengafumani iingcamango ezingafaniyo kumaNgqina awahlukahlukeneyo. Kunoko, amaNgqina ayethetha into enye kuba iingcamango zawo zazisekelwe eBhayibhileni.

La maNgqina abonisa ngokusuka eBhayibhileni ukuba ihlabathi lisemandleni kaSathana uMtyholi, umlawuli walo, yaye libonakalisa umoya wakhe. (Yohane 14:30; 2 Korinte 4:4; Efese 2:1-3; 1 Yohane 5:19) Amcacisela ukuba iziganeko ezazidida uBarbara zazixelwe kwangaphambili eBhayibhileni. (Daniyeli, isahluko 2, 7 nesesi-8) UThixo wazixela kusengaphambili kuba uya kwazi ukubona izinto zingekenzeki xa ekhetha ukwenjenjalo. Ezinye zezo ziganeko zibangelwe nguThixo. Ezinye uzivumele nje ukuba zenzeke. AmaNgqina ambonisa uBarbara ukuba nayo iBhayibhile iyazixela kusengaphambili iziganeko zanamhlanje ezilungileyo nezimbi ize ichaze nentsingiselo yazo. (Mateyu 24:3-14) Ambonisa izithembiso eziseBhayibhileni zehlabathi elitsha apho kuya kulawula ubulungisa kuze ukubandezeleka kungabikho.—2 Petros 3:13; ISityhilelo 21:3, 4.

Ngokuthe ngcembe, uBarbara waqalisa ukuqonda ukuba ngoxa uYehova uThixo engenatyala ngokubandezeleka kwabantu, akakuthinteli ngokunyanzela abantu ukuba bathobele imiyalelo yakhe xa bengafuni. (Duteronomi 30:19, 20) UThixo uye walungiselela ukuba siphile ngonaphakade ngolonwabo, kodwa uye wasinika ithuba lokubonisa enoba siya kuphila ngokuvisisana neendlela zakhe kusini na. (ISityhilelo 14:6, 7) UBarbara wazimisela ukufunda ngezinto uThixo azifunayo kuthi nokuphila ngazo. Kwakhona wabona uthando phakathi kwamaNgqina kaYehova uYesu awathetha ngalo esithi baya kubonwa ngalo abalandeli bakhe bokwenene.—Yohane 13:34, 35.

Nawe unokuzuza kwezo zinto zamncedayo.

Ubomi Obunenjongo

Kwanabo kubonakala ngathi izinto zibahambela kakuhle basenokufuna iimpendulo kwimibuzo ebadidayo. Ngokomzekelo, uMatthew, umfana waseBritani, wayesoloko ekulangazelela ngokunzulu ukumazi uThixo oyinyaniso nenjongo yobomi. UMatthew wafelwa nguyise xa wayeneminyaka eli-17 ubudala. Emva koko, uMatthew wazuza isidanga somculo eyunivesithi. Wakubona ngakumbi ukuba lilize kobomi bokusukelana nezinto eziphathekayo. Wahamba ekhaya waya kuhlala eLondon, yaye apho wasebenzisa iziyobisi, ehamba iinight clubs, evumisa ngeenkwenkwezi, esebenzelana nemimoya elandela nemfundiso ekuthiwa yiZen Buddhism nezinye iintanda-bulumko—esenza nje yonke le nkquleqhu, wayezama ukufumana ubomi obanelisayo. Ekhathazekile, wambongoza uThixo ukuba amncede afumane inyaniso.

Kwiintsuku ezimbini emva koko uMatthew wadibana nomhlobo wakhe omdala waza wamchazela zonke iingxaki zakhe. Le ndoda yayikhe yafundisisa namaNgqina kaYehova. Xa uMatthew waboniswa eyesi-2 kuTimoti 3:1-5 wayethe khamnqa yindlela iBhayibhile eyayichane ngayo xa ichaza iimeko zehlabathi. Xa wafunda ngeNtshumayelo yaseNtabeni wachukumiseka. (Mateyu, isahluko 5-7) Ekuqaleni, wathandabuza kuba wayefunde iincwadi ezithile ezazigxeka amaNgqina kaYehova, kodwa ekugqibeleni wagqiba kwelokuba aye kwiintlanganiso kwiHolo yoBukumkani ekufuphi.

UMatthew wakuvuyela oko wakuva waza waqalisa ukufundisisa iBhayibhile nomnye wabadala ebandleni. Kungekudala wafumanisa ukuba oko wayekufunda koko kanye wayekufuna, ukuphendulwa komthandazo wakhe nguThixo. Kwamnceda gqitha ukuyishiya imikhwa yakhe yangaphambili eyayingamkholisi uYehova. Njengoko wayehlakulela uloyiko olufanelekileyo ngoThixo, wabuguqula ubomi bakhe ukuze buvisisane nemithetho kaThixo. UMatthew wafumanisa ukuba obu bomi bunenjongo yokwenene.—INtshumayeli 12:13.

Akuzange kumiselwe kwangaphambili ukuba uMatthew okanye abanye abakhankanywe kweli nqaku baya kufumana indlela eyanelisayo yobomi. Sekunjalo, bafunda ukuba uYehova uThixo unenjongo entle ngabo bonke abakhetha ukuthobela imithetho yakhe. (IZenzo 10:34, 35) Loo njongo iquka ubomi obungenasiphelo kwihlabathi elingenamfazwe, nakugula nandlala—kwanokufa kuphelile. (Isaya 2:4; 25:6-8; 33:24; Yohane 3:16) Ngaba leyo yinto oyifunayo? Ukuba kunjalo, unokufunda okungakumbi ngendlela yokufumana ubomi obanelisayo ngokuya kwiintlanganiso ekufundwa kuzo iBhayibhile kwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova. Umenywa ngokufudumeleyo ukuba wenjenjalo.

[Umfanekiso okwiphepha 7]

Thandaza ngokunyaniseka kuThixo, usebenzisa igama lakhe

[Umfanekiso okwiphepha 7]

Fundisisa iBhayibhile nabo bakufundisa ngokunyaniseka oko ikuquletheyo

[Imifanekiso ekwiphepha 7]

Yiya kwiintlanganiso kwiHolo yoBukumkani

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 4]

Hiker: Chad Ehlers/Index Stock Photography

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share