“Sondelani KuThixo, Naye Uya Kusondela Kuni”
Ngaphambi Nasemva—Ixesha Langaphambili Elalimfiliba, Nekamva Eliqaqambileyo
“ILIZWI likaThixo liphilile, linamandla yaye libukhali ngaphezu kwalo naliphi na ikrele elintlangothi-mbini . . . yaye liyakwazi ukuphicotha iingcamango notyekelo lwentliziyo.” (Hebhere 4:12) Watsho njalo umpostile uPawulos xa ethetha ngamandla asebenzayo esigidimi sikaThixo. Amandla aso okufikelela intliziyo abonakala ngokukhethekileyo ebudeni benkulungwane yokuqala kwiXesha Eliqhelekileyo. Phezu kwayo nje impembelelo embi yelo xesha, abo baba ngamaKristu bambatha ubuntu obutsha.—Roma 1:28, 29; Kolose 3:8-10.
Ilizwi likaThixo elinamandla okuguqula abantu, njengoko kubhalwe eBhayibhileni, amandla alo ayabonakala nanamhlanje. Ngokomzekelo, cinga ngemeko yendoda eyayinde neyayomelele, uRichard. Ekubeni wayecaphuka msinya, uRichard wayedla ngokulwa enoba ucatshukiswe yinto nje engenamsebenzi. Wayephila ubomi obudlongodlongo. URichard wade waqalisa ukuba yimbethi-manqindi. Wayezilolonga gqitha kangangokuba waba yinjinga yodidi oluphezulu kwezamanqindi eWestphalia, eJamani. Kwakhona uRichard wayeyindla-manzi yaye wayedla ngokuxambulisana nabanye. Ngesinye isihlandlo, kwabulawa umntu, yaye uRichard waphantse waphelela entolongweni.
Kuthekani ngomtshato kaRichard? URichard uthi: “Ngaphambi kokuba mna noHeike sifundisise iBhayibhile, mntu ngamnye wayeziphilela ubomi bakhe. UHeike wayechitha ixesha elininzi kunye nabahlobo bakhe ngoxa mna ndisenza imisetyenzana yam yokuzonwabisa—ngokuyintloko ndandidlal’ amanqindi, ndidlala emanzini ngeplanga (surfing) yaye ndintywila (diving).”
Xa uRichard noHeike baqalisa ukufundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova, uRichard wayengacingi ukuba angakwazi ukwenza iinguqulelo ezibonakalayo ukuze aphile ngokuvisisana nemilinganiselo ephakamileyo ekwiLizwi likaThixo. Noko ke, njengoko wayeya emazi ngakumbi uYehova uThixo, uRichard waba nomnqweno onzulu wokumkholisa. URichard waqonda ukuba uThixo akabathandi abantu abathanda ugonyamelo okanye abo balwenza indlela yabo yokuzonwabisa. URichard wafunda ukuba, “umphefumlo [kaYehova] umthiyile ngokuqinisekileyo nabani na othanda ugonyamelo.”—INdumiso 11:5.
Ngaphezu koko, ithemba lokuphila ngonaphakade kumhlaba oyiparadesi labachulumancisa uRichard noHeike. Bobabini babefuna ukuphila kuwo! (Isaya 65:21-23) Isimemo esithi “sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni” samchukumisa ngokunzulu uRichard. (Yakobi 4:8) Wakubona ukuxabiseka kokuphulaphula esi siluleko siphefumlelweyo esithi: “Musa ukuyimonela indoda enogonyamelo, unganyuli nayiphi na kwiindlela zayo. Kuba umntu otenxayo uyinto ecekisekayo kuYehova, kodwa ukusondelelana naye kokwabo bathe tye.”—IMizekeliso 3:31, 32.
Phezu kwawo nje umnqweno onzulu awayenawo wokuguqula iindlela zakhe, uRichard waqonda ukuba oko wayengenakukwenza ngamandla akhe. Wayiqonda imfuneko yokufuna uncedo lukaThixo ngomthandazo. Ngaloo ndlela wenza ngokuvisisana namazwi kaYesu awawathetha kubapostile Bakhe esithi: “Nithandaze ngokuqhubekayo, ukuze ningangeni ekuhendweni. Kambe ke, umoya unentumekelelo, kodwa inyama ibuthathaka.”—Mateyu 26:41.
Emva kokufunda indlela uThixo alujonga ngayo ugonyamelo nokugqajukelwa ngumsindo, ngokuqinisekileyo uRichard waqonda ukuba akufanelekanga ukuba yimbethi-manqindi. Ngoncedo oluvela kuYehova nangokhuthazo oluvela kwabo babefundisisa naye iBhayibhile, uRichard wayeka ukuba nogonyamelo. Wayeka ukuba yimbethi-manqindi nokuthanda ukulwa waza wagqiba kwelokuba aphucule ubomi bentsapho yakhe. URichard, ngoku ongumveleli onobulali kwelinye lamabandla amaNgqina kaYehova uthi: “Ukufunda inyaniso yeBhayibhile kuye kwandinceda ukuze ndicinge ngaphambi kokuba ndenze.” Wongezelela esithi: “Kulwalamano lwam nomfazi wam nabantwana bam, ngoku ndikhokelwa ngumgaqo wothando nentlonelo. Ngenxa yoko, intsapho yethu imanyene.”
Abantu abangenalwazi maxa wambi baye batyhola amaNgqina kaYehova ngokuchitha iintsapho. Noko ke, imizekelo yabantu abanjengoRichard ilingqina libubuxoki elo bango. Eneneni, inyaniso yeBhayibhile inokuphumela kwintsapho ezinzileyo nakwikamva eliqaqambileyo kwabo izinto zazibonakala zimfiliba ngaphambili.—Yeremiya 29:11.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 9]
“Ithemba lokuphila eparadesi yasemhlabeni landinika amandla okuguqula ubomi bam”
[Ibhokisi ekwiphepha 9]
Ukusebenza Kwemigaqo YeBhayibhile
IBhayibhile inokuba nempembelelo enamandla kubomi babantu. Nantsi eminye imigaqo yeZibhalo eye yanceda abantu ababenogonyamelo ukuba baguquke:
“Ozeka kade umsindo ulunge ngakumbi kunendoda enamandla, yaye owulawulayo umoya wakhe ungaphezu kothimba isixeko.” (IMizekeliso 16:32) Umsindo ongalawulekiyo luphawu lobuthathaka, kungekhona olwamandla.
“Ingqiqo yomntu ngokuqinisekileyo imenza azeke kade umsindo.” (IMizekeliso 19:11) Ukuyazi nokuyiqonda imeko ethile kunokunceda ubani abone esona sizathu esibangele loo ngxabano yaye oko kunokumenza angabi nomsindo ngokukhawuleza.
‘Musa ukuba liqabane lakhe nabani na onomsindo khon’ ukuze ungaqhelani neendlela zakhe.’ (IMizekeliso 22:24, 25) Ngobulumko amaKristu ayakuphepha ukunxulumana nabo badla ngokuba nomsindo.