Ithini IBhayibhile Ngokuba Nomsindo?
Impendulo YeBhayibhile
IBhayibhile ifundisa ukuba xa umntu enomsindo ongalawulekiyo, loo nto iba yingozi kuye nakubantu abasondele kuye. (IMizekeliso 29:22) Nangona ngamanye amaxesha umntu enokuba nesizathu esivakalayo sokuba nomsindo, iBhayibhile ithi abantu abasoloko ‘begqajukelwa ngumsindo’ abazukubufumana ubomi obungunaphakade. (Galati 5:19-21) IBhayibhile inemigaqo enokunceda umntu akwazi ukulawula umsindo.
Ngaba ukuba nomsindo kusoloko kuyinto embi?
Hayi. Ngamanye amaxesha, unokuba nesizathu esivakalayo sokuba nomsindo. Ngokomzekelo, xa enye indoda eyayithembekile uNehemiya yevayo ukuba abantu abakhonza nayo babephethwe kabuhlungu ‘yacaphuka kakhulu.’—Nehemiya 5:6.
Ngamanye amaxesha, noThixo ukhe acaphuke. Ngokomzekelo, amaSirayeli ayemthembise ukuba aza kukhonza yena kuphela kodwa zange ayenze loo nto kuba aqalisa ukukhonza oothixo bobuxoki. “Amcaphukisa kakhulu uYehova.” (ABagwebi 2:13, 14) Kodwa uYehova akafane acaphuke. Usoloko enesizathu esivakalayo sokucaphuka ibe uyakwazi ukuwulawula umsindo wakhe.—Eksodus 34:6; Isaya 48:9.
Kuxa kutheni apho ukuba nomsindo kurongo?
Umsindo ubarongo xa umntu enawo ngaphandle kwesizathu esivakalayo, okanye xa engawulawuli, ibe yenzeka kakhulu loo nto ebantwini kuba benesono. Nanku umzekelo:
UKayin “wacaphuka kakhulu” xa uThixo engazange awuthande umnikelo wakhe. Umsindo wakhe wamenza ukuba abulale umntakwabo.—Genesis 4:3-8.
Umprofeti uYona “waba nomsindo” xa uThixo waxolela abantu baseNineve. UThixo wamlungisa uYona emchazela ukuba ‘akanasizathu sibambekayo sokucaphuka kangaka’, nokuba umele abe novelwano kubantu baseNineve abaguqukayo.—Yona 3:10–4:1, 4, 11.a
Le mizekelo ibonisa ukuba njengabantu abanesono, “ukucaphuka akumenzi abe lilungisa umntu emehlweni kaThixo.”—Yakobi 1:20.
Unokuwulawula njani umsindo?
Yazi indlela ekuyingozi ngayo ukungawulawuli umsindo. Abanye abantu basenokucinga ukuba xa besenza izinto bengawulawuli umsindo wabo babonisa indlela abanamandla ngayo. Inyaniso kukuba umntu ongakwaziyo ukuwulawula umsindo wakhe akomelelenga tu. “Unjengesixeko esityhoboziweyo esingenaludonga, umntu ongakwaziyo ukuwubamba umsindo.” (IMizekeliso 25:28; 29:11) Kodwa eyona nto isenza sikwazi ukucinga kakuhle nokubonisa indlela esomelele ngayo, kukukwazi ukuwulawula umsindo wethu. (IMizekeliso 14:29) IBhayibhile ithi: “Umntu ongakhawulezi acaphuke ungcono kunendoda enamandla.”—IMizekeliso 16:32.
Wulawule umsindo wakho ngaphambi kokuba wenze into oza kuzisola ngayo. INdumiso 37: 8, ithi: “Wuyeke umsindo, uyilahle nengqumbo; sukucaphuka uze wenze izinto ezimbi.” Qaphela ukuba xa sinomsindo, sinako ukukhetha ukuyeka ukucaphuka ngaphambi kokuba ‘senze into embi.’ NamaEfese 4:26 athi, “Caphukani, kodwa ningoni.”
Ukuba kunokwenzeka, hamba kuloo ndawo xa uqalisa ukuba nomsindo. IBhayibhile ithi: “Ukuqala umlo kufana nokuvula umnyango wezikhukula; ngoko hamba ingekaqali ingxabano.” (IMizekeliso 17:14) Kubalulekile ukulungisa iingxabano nabanye ngokukhawuleza, kodwa wena naloo mntu kufuneka uyilungise naye kufuneka nizole kuqala ngaphambi kokuba nithethe.
Yazi eyona nyani. IMizekeliso 19:11 ithi: “Ingqiqo imenza angakhawulezi acaphuke umntu.” Siya kuba silumkile ukuba siqale siyazi yonke inyani ngaphambi kokuba senze isigqibo. Xa simamelisisa kakuhle size siwuqonde umcimbi macala onke, asizukwazi ukuvele sibe nomsindo singenasizathu sibambekayo.—Yakobi 1:19
Thandazela ukuba noxolo lwengqondo. Umthandazo unokukunceda ube noxolo lukaThixo “oluyodlulayo indlela yabantu yokucinga.” (Filipi 4:7) Umthandazo yenye yezinto esenza sifumane umoya oyingcwele kaThixo, sibe neempawu ezintle zikaThixo ezifana noxolo umonde nokukwazi ukuzibamba.—Luka 11:13; Galati 5:22, 23.
Bakhethe kakuhle abahlobo. Sidla ngokufana nabantu esivana nabo. (IMizekeliso 13:20; 1 Korinte 15:33) IBhayibhile isilumkisa isithi: “Sukuhlobana nomntu okhawuleza abe nomsindo okanye uhlobane nomntu okhawulezayo ukucaphuka.” Ngoba? “Ukuze ungafundi iindlela zakhe kuze oko kube ngumgibe kuwe.”—IMizekeliso 22:24, 25.
a Kubonakala ukuba uYona wavuma xa wayelungiswa ibe wayeka ukuba nomsindo, kuba uThixo wamsebenzisa ukuze abhale incwadi eseBhayibhileni enegama lakhe.